Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeThupha 2017
Ukuphila uBomi obuNgcwele
Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele impembelelo yokwazi into ekumele wabelane ngayo. Ingaba ukuqonda injongo yeQumrhu Lamanina ingazilungiselela njani iintsikelelo zobomi banaphakade iintombi zikaThixo?
Ukholo Usapho Uncedo
“Ukungcwalisa kukubeka bucala okanye kukwenza umnikelo wento ize ibengcwele, isengelwe/eeyenzelwe injongo ezingcwele,” watsho uMdala D. Todd Christofferson weQumrhu labaPostile Abalishumi Nambini. “Eyona mpumelelo yokwenyani kobu ubomi iza xa singcwalisa ubomi bethu—ukutsho, ixesha lethu nokukhetha kwethu—kwinjongo zika Thixo.”1
uMdala Neal A. Maxwell (1926–2004) weQumrhu labaPostile Abalishumi Nambini wathi, “sidla ngoku cinga ngokungcwalisa njengokunikezela kuphela, xa siyalelwe ngunkulunkulu, izinto zethu ezibonakalayo/zasemhlabeni. Kodwa isiphelo sokungcwalisa kukuzinikela wena kuThixo/kukunikela ngesiqu sakhokuThixo.”2
Xa sizingcwalisa kwinjongo zika Thixo, ukholo lwethu kuYesu Krestu nakuMnikelo waKhe/ nakwintlawulelo yakhe luyenyuka. Xa siphila ubomi obungcwalisiweyo, singangcwaliswa kwezo zenzo.
Carole M. Stephens, uMcebisi wokuqala kuBongameli be Qumrhu Lamanina, uthe: “uMdala Robert D. Hales wafundisa, ‘xa sisenza kwaye sigcine iminqophiso, siyaphuma ehlabathini kwaye singene kubukumkani buka Thixo.’
“Siyaguquka. Sijongeka/ Sikhangeleka sahlukile, sisebenza hlukileyo/senza okwahlukileyo. Izinto esizimamelayo nesizifundayo nesizi thethayo zahlukile, kwaye nesikunxibayo kwahlukile ngoba siye sibe zinzwakazi zikaThixo sibotshelelwe Kuye ngumnqophiso.”3
Ukungcwalisa ngumnqophiso uThixo awenzayo “kunye nendlu ka Sirayeli; Emva kwezo ntsuku, yathi Inkosi, Ndizaku beka umyalelo wam kwiziphakathi zabo, kwaye ndibhale ezintliziyweni zabo; kwaye ndibe ngo Thixo wabo, kwaye baya kuba ngabantu bam” (Yeremiya 31:33). Ukuphila ubomi obungcwalisiweyo kuyavumelana necebo lika Thixo ngathi.
IziBhalo Ezongezelelweyo
1 Tesalonika 1:3; Imfundiso NeMinqophiso 105:5;
© 2017 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kushicilelwe e-USA Isivumelo sesiNgesi: 6/17. Isivumelo senguqulelo: 6/17. Inguqulelo yawo Visiting Teaching Message, August 2017. Xhosa. 97928 774