UmyalezowoBongameli BokuQala, uMqungu 2017
Ukujolisa eziko
Mandulo, ndibukele iqela labantu befunda ubuchule bokutola. Nje ngokubabukela, kuye kwacaca kum ukokuba xa ufuna ngokwenyaniso ukuba yinkosi yetola nesaphetha, kuthatha ixesha nokwenza.
Andiqondi ungakwazi uku zuza isidima sobuchwepheshe bokutola ngokudubula eludongweni olungenanto uze uzobe isanqa singqunge amatola. Kufuneka ufunde ubuchule boku fumana iziko uchane isidiki-diki salo.
Ukuzoba Amaziko
Ukudubula kuqala uze uzobe iziko emveni koko kujongeka ngathi kunobudenge, kodwa maxawambi thina ngokunokwethu sinempawu zesisenzo kwezinye iimeko zobomi.
Nje ngamalungu enkonzo, sinotyekelo lozinamathelisa neenkqubo zevangeli, imiba, kunye nokuba ziimfundiso ezibonakala zinika umdla, zibalulekile, okanye zisonwabisa. Siyahendeka Ukuba sizobe amaziko angqunga zona, zisenze sikholelwe ukuba sijolise kwiziko levangeli.
Oku kulula ukwenza.
Kuyo yonke iminyaka sifumene ingcebiso ezibalaseleyo kwane mvuselelo kubaprofeti baka Thixo. Si kwafumene nendlela ne ngcaciso kwamaqela oshicelelo, iincwadi zemigaqo-siseko, kunye neencwadana ze Bandla. Singa khetha lula esizithandayo izihloko zevangeli, sizobe isidiki-diki seziko singqunge yona, senze inqaku lokuba silichongile iziko levangeli.
Umsindiso Uyacacisa
Lena asiyongxaki yentsuku zethu zodwa. Mandulo, inkokheli zonqulo zachitha ixesha elininzi zenza uluhlu, ziseya, kwaye zinengxoxo yokuba ngeyiphi kulemiyalelo ingamakhulu eyayiyeyona ibalulekileyo.
Ngenye imini iqaqobana labafundi onqulo azama uku tsalela Umsindisi kule mpikiswano. Bamcela abenegalelo kumba owawunabambalwa abebevumelana.
“Nkosi” baza baMbuza, “Ngowuphi oyena ubalulekileyo umyalelo emithethweni?”
Sonke siyamazi uYesu waphendula njani: “Uyakuthi uthande Inkosi uThixo ngentliziyo yakho iphela, kwaye ngawo wonke umphefumlo wakho, kwaye ngayo yonke ingqondo yakho.
“lo ngowokuqala kwanowona umkhulu umyalelo.
“Futhi owesibini uyafana nawo, Uyakumthanda umelwane wakho njengoba uzithanda.
“Kulemiyalelo mibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti”1
Nceda uqaphele ukuba isivakalisi sokugqibela: “Kulemiyalelo mibini kuxhomekeke uphela umyalelo nabaprofeti”
Umsindisi akasibonisi kuphela iziko, kodwa ukwa chonga nesidiki-diki seziko.
Ukuchana iZiko
Njengamalungu eBandla, senza umnqophiso wokuthabathela kuthi igama lika Yesu Krestu. Ubukweka kulomnqophiso kukuqonda ukuba sizama ukufunda ngo Thixo, Ukumthanda, ukwandisa ukholo lwethu Kuye, ukumbonisa imbeko, ukuhamba ngendlela yakhe, nokuma buqina njengama ngqina aKhe.
Ngokungakumbi sifunda ngo Thixo kwaye sive uthando Lwakhe kuthi, kungakumbi sibona ukuba umbingelelo wanaphakade ka Yesu Krestu usisipho esingcwele sika Thixo. Kwaye uthando luka Thixo lusilondolozela ukusebenzisa indlela yenguquko enyanisileyo, eyothi isikhokelele kumangaliso woxolelo. Lenkqubo isibangela ukuba sibenothando olukhulu kwaye nemfesane kwabo basingqungileyo. Sizofunda ukubona ngaphaya kwe leybhile. Sizo xhathisa kwizilingo zoku mangalela okanye ukugweba abanye nge zono zabo, iintsilelo, iimpazamo, ityekele zopolitiko zabo, iinkolelo, ubuhlanga okanye ibala lolusu.
Sizombona wonke umntu esidibana naye njengo mntwana ka Bawo Wethu Osemazulwini -ubhuti wethu okanye udade wethu.
Sizo fikelela kwabanye ngokuqonda nangothando – nakunye nakubo abo kungelulanga kanye ukubathanda. Sizo zila nabo bazilayo kwaye sithuthuzele abo bathi badinge ukuthuthuzelwa2
Kwaye sizo qaphela ukuba akukho ndingo yokuba sigcume ngenxe yelona ziko levangeli.
Imiyalelo emikhulu emibini yiyo eliziko. Kuyo lemiyalelo mibini kuxhomekeke yonke imithetho iphela nabaprofethi.3 Xa sikwamkela oku, konke okunye ukulungileyo kuzowela endaweni.
Ukuba ingqalasela ephambili yethu, iingcinga, kunye nemizamo isingise ekukhuliseni uthando luka Thixo uSomandla nokwandisa iintliziyo zethu kwabanye, singazi elona ziko lilungileyo kwaye sijolise kwisiphakathi seziko – ukuba ngabenyani abafundisi baka Yesu Krestu.
2017 ngoIntellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe e-USA Isivumelo sesiNgesi 6/16. Isivumelo senguqulelo 6/16. Inguqulelo yo First Presidency Message, January 2017. Xhosa 12870 774