2014
Umthandazo Wokholo
Okthoba 2014


Umyalezo woBongameli Bokuqala, eyeDwarha 2014

Umthandazo Wokholo

Umfanekiso
UMongameli Henry B. Eyring

Umthandazo wogqitha amazwi esiwathetha kuThixo. Yindlela-bubini yonxibelelwano phakathi kukaThixo nabantwana baKhe.

Xa umthandazo usebenza ngendlela ekumele ngayo, siye sivakalise izimvo zeentliziyo zethu ngamazwi alula. UBawo oseZulwini uphendula njengesiqhelo ngokufaka iingcinga ezingqondweni zethu ezihamba nemizwa. Yena usoloko ewuva umthandazo onyanisekileyo esiwunika xa sithandaza ngomnikezelo wokumthobela, nokuba yintoni impendulo yaKhe kwaye nanini na xa isiza.

INkosi yenza esi sithembiso kubo bonke abafunda kwaye bathandaze ngeNcwadi kaMormoni:

“Kwaye xa sukuba niya kuzifumana ezi zinto, ndiza kuniyala okokuba nize nibuze kuThixo, uBawo onguNaphakade, ngegama likaKrestu, ukuba ezi zinto aziyonyani kusini na; kwaye ukuba niya kubuza ngentliziyo enyanisekileyo, ngenjongo yokwenene, ninokholo kuKrestu, uya kubutyhila ubunyani bazo kuni, ngamandla oMoya oyiNgcwele.

“Kwaye ngamandla oMoya oyiNgcwele ninokwazi ngobunyani bazo zonke izinto” (Moronayi 10:4–5).

Eso sithembiso siqinisekile. Izigidi zabantu zisivavanyile kwaye zasibona eso sithembiso simangalisayo esingomthandazo ngokufumana intsikelelo eye yagcwalisa ubomi babo ngovuyo kunye nolonwabo olungapheliyo. Eso sithembiso sisebenza kwimithandazo yethu yonke ukuze sazi ingqondo kunye nentando kaThixo kuthi. Singasisebenzisa nanini na sifumana ingcebiso ephuma kwisicaka sikaThixo esigunyazisiweyo ukusinika umgaqo. Ngomzekelo, singaxhomekeka kuso xa simamele intshumayelo kwinkomfa yajikelele. Singasisebenzisa xa sifundiswa ngabafundisi belizwi ababizwe nguThixo ngomprofethi ophilayo. Siyasebenza kwakhona kwingcebiso esiyifumana kwinkokheli yethu okanye kumongameli wesebe.

Ukuze umthandazo usebenze ebomini bethu, imithetho ilula. Kufuneka sibuze ukuze sazi into eyinyani ngokuthandaza kuBawo egameni likaYesu Krestu. Kufuneka sibuze ngentliziyo enyanisekileyo, oko kutsho ukuthi kufuneka sibene njongo enyanisekileyo ekwenzeni nantoni na impendulo kaThixo eyidingayo kuthi. Kwaye injongo yokwenene yethu kufuneka ixhume kukholo lwethu kuYesu Krestu.

Umphandi ofunda iNcwadi kaMormoni phambili kokuba abhapatizwe kwaye aphehlelelwe angafumana isiqinisekiso sokuba incwadi iyinyani kwaye ibubungqina bokuba uJoseph Smith wayiguqulela ngamandla kaThixo. Emva kokuphehlelelwa njengelungu leBandla, singabanoMoya oyiNgcwele njenge qabane lethu lokungqina obunye ubunyani. Ngoko, nanini na xa sithandaza ekholweni, singalindela ukuba uMoya oyiNgcwele uya kungqina kuthi ukuba uYesu unguKrestu, ukuba uThixo uBawo uyaphila, kwaye Bona bayasithanda kunye nabantwana bonke bakaBawo oseZulwini.

Eso sisizathu esinye sokubakhona kwesithembiso kwiNcwadi kaMormoni sokuba siya kubanothando lwenene ezintliziyweni zethu njengokuba uMoya oyiNgcwele uvelisa ubungqina kuthi bokuba uYesu unguKrestu: “Ukuba umntu unobulali kwaye uthobekile entliziyweni, kwaye aze avume ngamandla oMoya oyiNgcwele okokuba uYesu unguKrestu, kuyimfuneko ukuba abe nothando lwenene” (Moronayi 7:44).

Kunethuba elikhulu lokukhula ngokwase moyeni rhoqo ngeCawa yokuzila ukutya. ICawa yokuzila ukutya ingasinceda sijongane namava ka-Alma noonyana bakaMozaya, abathi bathandaza kwaye bazila ukutya ukuze bazi inyani engunaphakade khona ukuze bafundise amaLeymenayithi ngamandla, ngegunya, kunye nangothando (bona Alma 17:3, 9).

NgeCawa yokuzila ukutya sidibanisa umthandazo kunye nokuzila ukutya. Kwintsikelelo yabo bahluphekileyo, sinikela umnikelo wozilo lokutya ofanelekileyo kwinkokheli okanye kumongameli wesebe olingana malunga nexabiso lezidlo ezibini esithi singazityi. Iingcinga zethu kunye nemithandazo yethu ijongiswe kuMsindisi kunye nabo Yena angathanda ukuba sibancede ngokuxazulula izidingo zabo zomoya kunye nezethutyana.

Imithandazo yethu kunye neminqweno yethu iye isondele ekufaneni nemithandazo kunye neminqweno yoMsindisi njengoko sizila ukutya ukuze sibeno bulali, sifundiseke, kwaye sithande. Kwaye njengoko Yena wenza, siyathandaza ukuze sazi intando kaBawo ngathi kunye nokuyenza.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Eyring ufundisa ukuba umthandazo kunye nokuzila ukutya kungasinceda “sazi inyaniso yangonaphakade.” Cingisisa apho ubungqina babo ubandwendwelayo bungadinga ukomelezwa khona kwaye ulungise isifundo koloo daba. Ngokomzekelo, ukuba umntu omndwendwelayo uphulukane nomhlobo asondelene naye okanye ilungu losapho, cingisisa ngokuxoxa ngobomi obungunaphakade kunye nangobomi emva kokufa. Ubunganikela ngokuzila ukutya nabo ubandwendwelayo khona ukuze ubancede bafumane ubungqina baloo mfundiso.