2013
Andisoze ndikuphoxe, kwaye ndikushiye
Novemba 2013


Umyalezo woBongameli BokuQala beCawa, eyeNkanga 2013

“Andisoze ndikuphoxe, okanye ndikushiye”

UBawo wethu osemaZulwini … uyazi ukuba siyafunda kwaye siyakhula somelele xa sijongana kwaye soyise ubunzima esithi sidlule kubo.

Kwincadi yobomi bam ngokuhlwa nje, Ndiyakubhala, “Le ibe yeyona yenye eziphembelelayo kule nkomfa kazwelonke endithe ndayizimasa. Yonke into ibe yaba yabankulu kakhulu ngokwasemoyeni.

Bazalwane nabodade, kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo njengokuba besihlangene kwinkomfa kazwelonke, unkosikazi wam othandekayo, uFrances, ubelele esibhedlele, emva kokuba ethe wawa ezintsukwini ezimbalwa ezandulela oko. KwekaCanzibe, emva kweeveki zokusokoliswa zintlungu, uye walandulela eli. Ukutshona kwakhe kuye kwamangalisa. Mna naye sasitshatele kwiTempile yaseSalt Lake kweyeDwarha 7, ngo 1948. Ngomso bekuya kube sigqiba iminyaka engamashumi asithandathu anantlanu sitshatile. Ebeluthando lobomi bam, oyena mhlobo wam osondeleyo kakhulu kum, kwaye othembekileyo. Ukutsho ukuba ndiyamkhumbula akuqali nokuveza ubunzulu bemizwa yam.

Le nkomfa iphawula iminyaka engamashumi amahlanu sukela ndabizelwa nguMongameli David O. McKay kwiQumrhu labaPostile abalishumi elinambini. Kuyo yonke le minyaka ayikho enye into endandiyiva ngaphandle kwenkxaso eyoneleyo yeqabane lam elithandekayo. Azibaleki iinzame athe wazenza ukuze ndikwazi ukufezekisa ubizo lwam. Zange ndava nazwi linye lokukhalaza njengokuba ndandimane ndichitha iintsuku ngamanye amaxesha iiveki kude kuye nakubantwana bethu. Ebeyi ngelosi, ngokwenene.

Ndinqwenela ukuvakalisa umbulelo wam, ngakumbi kwabo besapho lwam, ngothando olumangalisayo abathe balubonakalisa ngokushiywa kwethu nguFrances. Amakhulu ngamakhulu wamakhadi neencwadi ezincinane ezithe zathunyelwa zibuya kumhlaba jikelele zivakalisa uvelwano lwabo kusapho lwethu. Sifumane inqwaba yentyatyambo ezintle kakhulu. Siyabulela ngeminikelo emangalisayo ethe yanikelwa egameni lakhe kwiMali yobuFundisi Jikelele ebandleni. Egameni labo athe wabashiya ngasemva, ndithanda ukuvakalisa umbulelo ongazenzisiyo ngobubele benu nangovelwano lwentliziyo zenu.

Eyona nto ethuthuzelayo kum ngelixesha lokundulukelwa kuye yabangumqondiso wevangeli kaYesu Krestu nolwazi endinalo lokuba uFrances wam usaphila. Ndiyazi ukuba ukwehlukana kwethu kokwethutyana. Sasingcitywe endlini kaThixo ngumntu owayenegunya lokudibanisa emhlabeni nasezulwini. Ndiyazi ukuba siyakuphinda simanyane ngenye imini kwaye singaphinde sehlukane. Olu lolona lwazi olundikhuthazayo.

Bazalwane nabodade, singafane sitsho ukuba akunamnye umntu okhe waphila ngaphandle kokuhlupheka nobuhlungu, okanye akuzange kube nexesha kwimbali yomntu apho angazange abene mbandezelo nentlupheko.

Xa indlela yobomi ithatha eyona ndlela embi, siyathanda ukubuza umbuzo “Kutheni mna?” Ngamanye amaxesha kubonakala kungena kukhanya ekupheleni kwendlela, kungena kukhanya ekupheleni kobusuku obumnyama. Siziva singxwelerhekile kukuphoxakala kwamaphupha awangafezekanga nangokunyamalala kwamathemba. Siyangenela kweso sicelo sasebhayibhileni, “Ingaba akunancedo eGilede?”1 Siziva silahliwe, siphuke intliziyo, sisodwa. Sibona ngathi sinamashwa ngoba sibona ukuba akusoze kulunge. Siphulukana nomonde kwisisombululo sengxaki zethu, silibale ukuba rhoqo eyona nto edingekayo ezulwini lumonde.

Ubunzima obuza kuthi busibonisa olona vavanyo lwenene lokuba ingaba sizakufikelela ekugqibeleni. Owona mbuzo osamelwe ukuphendulwa sithi sonke: Ingaba ndizokreqa, okanye ndizogqibelela? Abanye bayakreqa njengokuba bezifumana bengakwazi ukumelana nemicelingeni yabo. Ukugqibelela kuquka ukufikelela ekupheleni kobomi bona buqu.

Njengokuba sicinga ngezinto ezithe zasehlela, nathi singatsho noYobhi wakudala, “Umntu uzalelwe kwimbandebezelo.”2 UYobhi ubeyindoda ‘elungileyo endilisekileyo’ indoda ‘ebimoyika uThixo, kwaye ebuthiyile ububi.3 Ubedelekile ngokwempatho yakhe, indoda enobutyebi, uYobhi wayejongene nolona vavanyo olwaluno kutshabalalisa nokuba ngubani na. Konke obenako uye waphuncukana nako, ehlekwa ngabangane bakhe, engcungcuthekiswa zintlungu zakhe, ebhutyungelwe kukulahlekelwa lusapho lwakhe, wakhuthazwa ukuba “aqalekise uThixo, afe.”4 Uye wakuchasa oku kuhendwa kwaye watsho ezantsi emphefumlweni wakhe omhle:

“Yabonani, ubungqina bam busezulwini, kwaye incwadi yam ikophezulu.”5

“Ndiyazi ukuba umsindisi wam uyaphila.”6

UYobhi walugcina ukholo. Ingaba sizokwenza njalo na xa sijongene nemicelingeni yethu?

Nanini na xa siziva sibandezekile zizinto zobomi, masikhumbuleni abo bathe badlula kwindlela efanayo, abathe bafikelela, kwaye baze boyisa.

Imbali yale libandla, kwezintsuku zokufezekiswa kwamaxesha, igcwele amava walabo abathe basokola kwaye bambelela ngokunyanisekile kwaye begcobile. Isizathu? Benze ivangeli kaYesu Krestu uqilima lobomi babo. Yiyo lonto eyakuthi isincede nokuba yintoni na eza kuthi. Sisezakujongana nemicelingeni enzima, kodwa sizakwazi ukujongana nayo, sidibane nayo ngeentloko, kwaye siyoyise.

Kwibhedi yentlungu, kwimiqamelo emanzi zinyembezi, siphakanyiselwa ezulwini yilongqiniseko kwaye nesithembiso esihle: ““Andisoze ndikuphoxe, okanye ndikushiye”7 Intuthuzelo enjalo ayinaxabiso.

Njengoko ndithe ndahamba hamba kude kumhlaba jikelele ndifezekisa imisebenzi yobizo lwam, ndiye ndazi izinto ezininzi eziquka ukudana nokuhlupheka kuyinto yelizwe jikelele. Andinakuqala nokulinganisa ubuhlungu beentliziyo endithe ndabubona njengokuba ndandindwenwela abo babejongene nentlungu, bephethwe zizigulo, bejongene nokuphelelwa kwemitshato, behlutshwa ngunyana okanye intombi yabo ethe yaphulukana nesimilo, okanye iimpumo zesono. Lo mngcelele ungaqhubeka ngonaphakade, ngoba kunengxaki ezingabalekiyo ezisehlelayo. Ukuba ndikhethe umzekelo omnye wazo kunzima, kodwa nanini na xa ndicinga ngemicelingeni, iingcinga zam zibhekisa kumzalwane uBrems, omnye owayengumfundisi ntsapho kwisikolo sangeCawe. Ubeli lungu lebandla elinyanisekileyo, indoda ebinentliziyo yegolide. Yena nenkosikazi yakhe, babena bantwana abasibhozo, uninzi lwabo yayizintanga kwintsapho yethu.

Emveni kokuba mna noFrances sitshatile siye sahamba, besidla ngokubonana nomzalwane uBrems nodade uBrems namalungu osapho lwakhe emitshatweni nasemingcwabeni, nakwezinye iintlangano.

Ngo 1968, umzalwane uBrems uye washiywa ngunkosikazi wakhe, uSadie. Abantwana ababini kwabo basibhozo nabo bathe balandulela eli ekuhambeni kweminyaka.

Ngenye imini kangangeminyaka eli 13 eyadlulayo, isizukulwana sakamzalwana uBrems sanditsalela umnxeba. Wandichazela ukuba utat’ omkhulu wakhe ukuba waye fike kwiminyaka engama 105. Wathi ke, “Uhlala kwiziko logcino oluncinane kodwa uthi adibane nosapho lwakhe rhoqo ngeCawe, apho abelana nabo ngemfundiso yevangeli.” Waqhubeka watsho, “Kule Cawe igqithileyo, uTat’ omkhulu wasazisa, ‘Bantwana bam, ndizokufa kule veki. Ndicela nindibezele uTommy Monson. Yena uzakwazi ukuba enzeni.”

Ndamndwendwela umzalwana uBrems ngobusuku obulandelayo. Besendinethuba ndingasamboni. Bendingakwazi ukuthetha naye, njengokuba wayesele phulukene nokuva kwakhe. Ndandingena kwazi ukumbhalela nomyalezo afunde, ngoba ebesele engasaboni nokubona. Ndaxelelwa ukuba usapho lwakhe lwalunxulumana naye ngokuthatha umnwe wakhe wesandla sasekunene bawubeke kwisandla sasekhohlo baze babhale igama lomntu omndwendweleyo. Nawuphi umyalezo wakhe wawudluliswa ngale ndlela. Nam ndalandela le ndlela ngokuthatha umnwe wakhe ndabhala T-O-M-M-Y-M-O-N-S-O-N, igama ebendazi ngalo. Umzalwane uBrem uye wavuya, kwaye wathatha izandla zam, wazibeka phezulu kwentloko yakhe. Ndandiwazi umnqweno wakhe wokufumana intsikelelo yobubingeleli. Umqhubi endindahamba naye, wangenelela ngokubeka izandla zakhe phezulu kwentloko kamzalwane uBrems, sambeka iizandla samthandazela sampha intsikelelo ebeyilangazelela. Emva kwaloko, iinyembezi ziye zazehlela kwamehlo wakhe awangasaboniyo. Waxhawula izandla zethu ebulela. Nangona wayengazange ave intsikelelo esampha yona, uMoya wawunamandla, kwaye ndiyakholwa wachukunyiswa ukuba ayazi sampha intsikelelo ebeyidinga. Le ndoda ithadekayo ibingesaboni. Ebengasava nokuva. Ebevalelwe busuku nemini kwindlu encinci kwiziko lokulondolozwa. Kunjalonje uncumo lobuso bakhe namazwi awawathethayo andichukumisa entliziyweni yam. “Enkosi,” watsho. “UBawo wam oseMazulwini undiphethe kakuhle.”

Kwakulo veki, njengoba umzalwana uBrems wayetshilo, wasandulela. Zange abebambelela kwizinto owayeziswela; ngaphandle nje kokuba wayesoloko ebulelela kakhulu ngeentsikelelo zakhe.

UBawo wethu oseMazulwini, othi asiphe okuninzi okosonwabisayo, uyazi ukuba siyafunda kwaye siyakhula somelele xa sijongana kwaye soyise nobunzima esithi sidlule kubo. Siyazi ukuba kunamaxesha apho siziva siphulwa intliziyo zintlungu, apho sikhala khona, kwaye apho sivavanywa kude kubesekupheleni. Kodwa, ubunzima obunjalo busivumela ukuba sitshintshe sibengcono, ukuba sakhe ubomi bethu futhi ngendlela uBawo wethu oseMazulwini athi asifundise ngayo, kwaye sehluke kulento besiyiyo sibengcono nakuqala, siqonde ukwedlula ngaphambili, sibenovelwano, nemiqondiso eyomeleleyo kunakuqala.

Oku kumele kube yinjongo yethu— ukunyamezela kwaye sifikelele ekuqgibeleni, ewe, kodwa sicoceke kakhulu ngokwasemoyeni njengoba siqhubela phambili ekukhanyeni nasebubini. Ukuba bekungekho micelingeni yokoyiswa nengxaki zokusombululwa, besizakuhlala sinjalo, sifunde luncinci okanye singakhuli nakanjani na. Imbongi yavakalisa iingcinga ezifanayo ngala mazwi:

Iinkuni ezintle azikhuli ngokulula,

Umoya onamandla, imithi eyomeleleyo.

Isibhakabhaka esikude, ubude obukhulu.

Isichotho esikhulu, amandla amaninzi.

Elangeni nasekubandeni, emvuleni nasekhephini,

Emithini nasebantwini iinkuni ezintle ziyakhula.8

NguMphathi omkhulu qha owazi ubunzulu bezilingo zethu, iintlungu zethu, nokusokola kwethu. Nguye yedwa osinikeza uxolo lwangonaphakade kumaxesha wobunzima. Nguye yedwa ochukumisa imiphefumlo yethu ekhathazekileyo ngamazwi wakhe athuthuzelayo.

“Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.

“Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum, ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo: noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.

“Kuba idyokhwe yam ilula, nomthwalo wam ukhaphu-khaphu.”9

Kumaxesha amahle nakumaxesha amabi, uhlala enathi. Usithembisile ukuba oko soze kutshintshe.

Bazalwane nabodade bam, yanga singaba nomnqophiso noBawo wethu osemaZulwini ongazukuphela eminyakeni okanye utshabalale nengxwelerha zobomi bethu. Akumelanga ukuba sibesebunzimeni ukuze simkhumbule, masingaqhutyelwa kwintobeko phambili kokuba sinikele ukholo nethemba lethu kuYe.

Yanga singazama ukuzisondeza kuBawo wethu oseMazulwini. Ukwenza njalo, kufuneka sithandaze kuYe kwaye simamele kuYe yonke imihla. Simdinga ngeyure zonke, nokuba ziyure zokukhanya kwelanga okanye zemvula. Yanga isithembiso saKhe singaba lilizwi lokhuseleko kuthi: “Andisoze ndikuphoxe, okanye ndikushiye”10

Ngamandla womphefumlo wam onke, ndiyangqina ukuba uThixo uyaphila kwaye uyasithanda, kwaye uNyana waKhe weNtanda waphila kwaye wasifela, kwaye nevangeli kaYesu Krestu ikukukhanya okubonakala ebumnyameni bobomi bethu. Kwanga kungabanjalo, ngumthandazo wam egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.