2013
inxaso ngokukhathalela
Agasti 2013


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Agasti 2013

inxaso ngokukhathalela

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze oodade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo Usapho Uncedo

Iinjongo zenkqubo yempilo yeCawa kukunceda amalungu ukuba akwazi ukuzimela nokuzenzela, kukukhathalelana namahlwempu nabasweleyo, kwaye nokupha inkonzo yoncedo. Inkqubo yempilo isembindini womsebenzi woMbutho wooMama. Mongameli Henry B. Eyring, Isekela LokuQala kwisiMongameli SokuQala seCawa, ufundise ukuba:

“[INkosi] ukusukela ekuqaleni kwexesha isinike iindlela zokuba abalandeli Bakhe basincede. Umeme abantwana Bakhe ukuba bancame njengomnikelo ixesha labo, inzame zabo abanazo, kwaye neziqu zabo zokuba bamanyane kunye Naye ekukhonzeni abanye. …

Umeme kwaye wasiyalela ukuba sithathe inxaxheba emsebenzini Wakhe wokuphakamisa abo basweleyo. Senza umnqophiso wokwenza oko emanzini obhatizo kwaye nasezitempileni zikaThixo ezingcwele. Sihlaziya umnqophiso ngeeCawa xa sithatha umthendeleko.1

Ngaphantsi kobishophu okanye umongameli wesebe, iinkokheli zengingqi zinceda ngempilo yomoya neyexeshana. Amathuba okukhonza ikakhulu aqala ngabandwendweli makhaya abafuna impembelelo yokukwazi ukuphendulana neentswelo zodade ngamnye abamndwendwelayo.

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Luka 10:25–37; Yakobi 1:27; Mozaya 4:26; 18:8–11; Imfundiso neMinqophiso 104:18

Kuphuma Embalini Yethu

NgoJuni 9, 1842, uMprofeti Joseph Smith wanika oodade umsebenzi kuMbutho wooMama ukuba “bamphumze abahluphekayo” kwaye “basindise imiphefumlo.”2 Ezi njongo zisesentliziyweni yoMbutho wooMama kwaye zibonakaliswa yinkolelo yethu yalamazwi ef Society, “Uthando lweNkosi alusoze loyisakale” (1 AbaseKorinte 13:8).

Esethu sesihlanu isimongameli sajikelele soMbutho wooMama fifth, Emmeline B. Wells, kunye nabasekeli bakhe baqalisa lenkolelo yethu ngo1913 njengesikhumbuzo zemigaqo siseko yethu: “Siyayayichaza ukuba yinjongo yethu uku… [bambelela] uqinisekwiimfundiso eziphenjelelweyo zoMprofeti u Joseph Smith xa watyhila icebo abafazi abomelezwa ngalo ngobizo lwababingeleli ababeza kuqokelelwa babe ngamaqela amisiweyo kumalungiselelo enjongo yokushumayela kwabagulayo, benceda abasweleyo, bethuthuzela abagugileyo, belumkisa abangazihluphiyo, kwaye baphilise iinkedama.”3

Namhlanje uMbutho wooMama ufikelela kwilizwe gabalala njengokuba oodade besandisa uthando lukaKrestu, uthando olunyulu lukaKrestu, kubamelwane babo, (bona Moronayi 7:46–47).

Izikhumbuzo

  1. Henry B. Eyring, “Opportunities to Do Good,” Liahona kunye ne Ensign, Meyi

  2. Joseph Fielding Smith, in Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 97.

  3. Daughters in My Kingdom, 3.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndikulungiselela njani ukuzikhathalela nosapho sapho lwam ngokomoya nangokwenyama kwexeshana?

  2. Ndingawulandela njani na umzekelo kaMsindisi njengokuba ndinceda ukufeza iintswelo zoodade endibagadayo?