2013
Intobeko Izisa Iintsikelelo
Meyi 2013


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, ngoMeyi 2013

Intobeko Izisa Iintsikelelo

Ulwazi lwenyaniso kunye neempendulo zemibuzo yethu ziza kuthi xa sithobela imithetho kaThixo emikhulu.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndibulela ukuba ndinani ngalentsasa. Ndikhangela umdla kukholo nemithandazo yenu xa ndiphendula ithuba eliyintsikelelo lokuthetha phambi kwenu nakunye nani.

Kuwo onke amaxesha eminyaka, abantu abangamadoda nabangoomama bakhangele ulwazi nokuqonda malunga ngobomi basehlabathini nendawo yabo nenjongo yabo phakathi kulo, kunye nendlela eya ekuxoleni nasekonwabeni. Olu khangelo lwenziwa sithi umntu ngamnye kuthi.

Olu lwazi nokuqonda kuyafumaneka kulo lonke uluntu. Zigcinakele kwiinyaniso zanaphakade. Kwi Mfundiso neMinqophiso icandelo 1, vesi 39, safunda, “Niyabonani, kwaye khona apho, iNkosi nguThixo, kwaye uMoya ungqina ngokugcinakeleyo, kwaye okugcinakeleyo yinyaniso, futhi inyaniso ihlala oonaphakade banaphakade.”

Imbongi yabhala:

Nangona amazulu esahlukana kwaye imithombo yomhlaba igqabhuka,

Inyaniso, isibalo sobukho bendalo, iyakoyisa ezona zakhe zambi,

Unaphakade, akatshintshi, kude kube ngonaphakade.1

Abanye bayakubuza, “Izakufumaneka phi loo nyaniso injalo, futhi siyakuyibona njani?” Kwisityhilelo esanikwa ngoMprofeti Joseph Smith eKirtland, eOhio, ngoMeyi ka1833, iNkosi Yathi:

“Inyaniso lulwazi lwezinto njengokuba zinjalo, kwaye nanjengokuba zazinjalo, kwaye nanjengokuba ziyakubanjalo; … …

”Umoya wenyaniso ngokaThixo. …

“Kwaye akukho mntu ofumana okupheleleyo de abe ugcina imithetho yakhe.

“Lowo ogcina [kaThixo] imiyalelo wamkela inyaniso nokukhanya, de anikwe uzuko enyanisweni kwaye azazi zonke izinto.”2

Isithembiso Esinozuko! “Lowo ogcina [kaThixo] imiyalelo yakhe wamkela inyaniso nokukhanya, de anikwe uzuko enyanisweni kwaye azazi zonke izinto.”

Akukho mfuneko yokuba wena okanye mna, kwelixesha lolwazi olulumkisayo, xa uzalekiso lwevangeli lubuyisiwe, ukuba sihambe amalwandle esingawaziyo okanye sihambe iindlela ezingaphawulwanga sikhangela inyaniso. Ngokuba uBawo waseZulwini osithandayo uyisekile indlela yethu kwaye wasinika imephu nenkokhelo engawiyo phantsi—kanye intobeko! Ulwazi lwenyaniso kunye neempendulo zemibuzo emikhulu yethu iza kuthi xa sithobela imithetho kaThixo.

Sifunda ukuthobeka ubomi bethu bonke. Ukuqala sisebancinci, abo abaphethe umthwalo wokusikhulisa babeka phambili iindlela nemithetho ukuqinisekisa ukhuseleko lwethu. Ubomi bebuzakuba lula ukuba thina sonke besinokuthobela imithetho ngokugqibeleleyo. Abaninzi bethu, kodwa, bafunda ngamava nobulumko bokuthobela.

Ngoku Ndandisakhula, qho ehlotyeni ukuqala kuka Julayi de kubesekuqaleni kukaSeptemba, usapho lwam lwaluhlala kurontawuli wethu eVivian Park e Provo Canyon eUtah (Yutha).

Omnye weetshomi zam zokwenene ngezo mini ezazikhaphukhaphu ecanyon yayingu Danny Larsen, usapho lwakhe naye lwalunorontawuli phaya eVivian Park. Mini nganye mna naye sasizulazula kwiparadesi yalenkwenkwe, siloba intlazi emfuleni nasemlanjeni, siqokelela amatye nezinye iindyebo, sihamba, siqabela, kwaye sivuyelela umzuzu ngamnye weyure yemini nganye.

Ngenye intsasa u Danny kunye Nam sagqiba ukuba sifuna ukubasa nomlilo ngaloo njikalanga kunye nazo zonke iitshomi zethu ezasise canyon. Sasiswele nje ukuqoqosha indawana eyayisebaleni elikufutshane apho sazizakukwazi ukudibana ndawon’ inye. Ingca yangoJuni eyayigquma ibala yayiseyomile kwaye ihlaba, isenza elo bala ukuba ingabiyiyo indawo efanelekileyo yendibano yethu. Saqala ukuncothula loo ngca yayinde, sizimisele ukuqoqosha indawo enkulu, eyayisisangqa. Sayincothula sayixhwitha ngamandla wethu wonke, kodwa sasifumana nje amacwentswana okhula olukhuni awayengange zandla ezifumbathe lona. Sasiyazi ukuba lomsebenzi wawuzakuthatha imini yonke, kwaye kakade amandla wethu kunye nemincili yethu yayiseyisihla ngokuhla.

Ke emva koko eNdacinga ukuba yayilicebo eliphilileyo lwafika kwiingcingo zengqondo yam zoneminyaka esibhozo. Ndathi kuDanny, “Inye qha into efunekayo kukuba sitshise olukhula ngomlilo kube kanye. Siyakuvela nje sizitshise isangqa esisekhuleni!” Wavuma ngoko nangoko, ze Ndabaleka ukuya kurontawuli uyokuthatha imicinga embalwa yomatshisi.

Nina ke abacinga ukuba kwiminyaka ethambileyo esibhozo sasivunyelwe na ukuba sisebenzise umatshisi, Ndifuna ukuyicacisa into yokuba sobabini noDanny sasingavumelekanga ukusebenzisa umatshisi bengekho abazali. Sobabini salumkiswa kaninzi ngeengozi zomlilo. Kodwa, Ndandiyazi ukuba yayihlala phi imatshisi ekhaya, futhi kwakufuneka ba sicoce elaa bala. Singacinganga tu, Ndabaleka ukuya kurontawuli wethu ndanqakula imicinga yematshisi nje embalwa, ndiqinisekisa ba akho ‘mntu ondibonileyo. Ndayifihla msinyane epokothweni yam.

Ndabaleka ukubuyela kuDanny, ndinemincili yokuba epokothweni yam ndandinesisombululo sengxaki yethu. Ndiyakhumbula Ndicinga ba la mlilo wawuzakutshisa apho esasifuna khona qha emva koko ngomnye nje ummangaliso wawuzakuzicimela.

Ndaqhwitha umcinga elityeni ndatshisa loo ngca yomileyo yangoJuni. Wavutha ngathi wawugalelwe iparafini. Kuqala mna noDanny sasivuya njengokuba sasibukele ukhula lunyamalala, kodwa msinyane kwacaca ukuba loo mlilo wawungakazicimi. Saphathwa luvalo xa ngoku sasesiqonda ukuba kwentaba nto esinokuyenza ukuwunqanda. Amadangatya avuthayo aqala alandela ingca enkulu yasendle ngasecaleni lentaba, ubeka engozini imithi yamapayina nayo yonke enye into esendleleni yayo.

Ekugqibeleni sasingenalo elinye icebo ngaphandle kokubaleka uyokucela uncedo. Msinyane onke amadoda noomama ababekho e Vivian Park babesehla benyuka neebhegi zamanzi, betshiza amadangatye bezama ukuwacima. Emva kweeyure eziliqela amalahle abomvu acinywa. Imithi emidala yamapayina yasindiswa, namakhaya awayenokufunyanwa ngalaa malangatye ekugqibeleni.

UDanny Nam safunda izifundo eziliqela ezinzima kodwa ezibalulekileyo ngala mini— kwakungekho nesinye kuzo esogqitha ukubaluleka kwentobelo.

Kukho imiqathango emisiweyo nemithetho yokusinceda eqinisekisa ukukhuseleka kweziqu zethu. Nangoko, iNkosi isinike inkokhelo nemithetho ukuqinisekisa ukhuseleko lwethu ngokoMoya ukuze ngempumelelo sihambe ngokunyathela kakuhle indlela enobungozi kubomi basehlabathini obunesimenyo kwaye ekugqibeleni sibuyele kubawo wethu waseZulwini.

Kwiinkulungwana ezadlulayo, kwisizukulwana esithe gabhu ekunikeleni ngezilwanyane, uSamuweli ngobukroti wathi, “Ukuthobela nokumamela, kubhetele kuneeminekelo ngamafutha eenkunzi zeebhokhwe.”3

Kwesi sizukulwana, iNkosi yatyhilela uMprofeti Joseph Smith ukuba Yena ufuna “intliziyo nengqondo evumayo; kwaye abavumayo nabathobelayo bayakutya okulungileyo komhlaba weZayoni kwezintsuku zokugqibela.”4

Bonke abaprofeti, bamandulo nabakamva nje, babesazi ukuba ukuthobela kuyimfuneko entsindisweni yethu. Nefayi wathi: “Ndiyakuhamba kwaye ndenze izinto iNkosi endiyalele zona.”5 Nangona abanye bebetheka kukholo lwabo nentobelo yabo, zange nakanye uNifayi ayisakale ukwenza lonto INkosi eyayimcele ukuba ayenze. Izizukulwana ezingenakubalwa ziye zasikelelwa ngenxa yalonto.

Ibali elingentobeko elichukumisa umphefumlo leliya likaAbraham noIsake. Inoba kwakubuhlungu kunzima njani kuAbraham, ukuthobela umyalelo kaThixo, ukuba athathe unyana wakhe amthandayo uIsake amse kumhlaba waseMoriya ayokumnikela njengomnikelo. Singakhe sibenomfanekiso ngqondweni wokusinda kwentliziyo kaAbraham xa wayesluhambweni oluya kwindawo eyayisekiwe? Ngokuqinisekileyo unxunguphalo lwaduba umzimba wakhe lwangcuncuthekisa iingcinga zakhe ngoku wayebophelela uIsake e, naxa wayethatha imela ezakumxhela. Ngokholo olungahexiyo nethemba elingaphakathi eNkosini, wawuphendula umyalelo weNkosi. Inokuba esi saziso sasinozuko, kwaye samkelwa ngokumangala okunjani ukufika kwaso: “Ungasibeki isandla enkwenkweni, ungakhe wenze nanto kuye: okwangoku Ndiyayazi ukuba uyamoyika uThixo, ukubona ukuba akhange umbange unyana wakho kum.”6

U Abraham wayezanyiwe kwaye elingiwe, kwaye ngenkolelo nentobeko iNkosi yamnika esi sithembiso sinozuko: “Kwimbewu yakho zonke izizwe zehlabathi ziyakusikelelwa; ngenxa yokuba wena uye wathobela ilizwi lam.”7

Nangona singacelwa ukuba sibonakalise intobelo yethu ngaloo ndlela inzima olo hlobo kwaye exhela intliziyo njalo, intobelo nakuthi iyafuneka.

Watsho uMongameli uJoseph F. Smith ngoOkhthoba 1873, “Intobelo ngumthetho wokuqala wezulu.”8

Wathi uMongameli Gordon B. Hinckley, “Ulonwabo lwabangcwele beNtsuku zokuGqibela, uxolo lwaBangcwele beNtsuku Zokugqibela, inkqubela phambili kwaBangcwele beNtsuku Zokugqibela kunye nokwanda kwaBangcwele beNtsuku ZokuGqibela, kunye nentsindiso kwaye ubuqhaqhawuli babantu bulele ekuhambeni kwintobelo yeengcebiso zika …Thixo.”9

Intobelo luphawu olukhulu lwabaprofeti; lunike ukomelela nolwazi ngawo onke amaxesha. Kuyimfuneko ukuba thina sibone ukuba thina, kwakhona, sineemfanelo kulentsusa yokomelela nolwazi. Ikhona ilungele ukuba siyifumane nanamhlanje xa sithobela imithetho ka Thixo.

Kuyo yonke le minyaka, Yokwazi abantu abaninzi angabalekiyo inani labo ababe nenkolelo kanye nentobeko. Ndisikelelwe ndaphenjelelwa ngabo. Ndinganabela ibali labantu abanjalo.

UWalter Krause wayelilungu leCawa eliqinileyo yena, nosapho lwakhe, waphila kwindawo eyaye yaziwa ngokuba yiJamani yaseMpuma emva kweMfazwe yeLizwe yeSibini. Ngaphandle kobunzima awayejongene nabo ngenxa yokungabikho kwenkululeko kula ndawo yehlabathi ngelaxesha, uMzalwane uKrause wayeyindonda eyayithanda ukukhonza iNkosi. Ngenkolelo nangokusebenzisa ingqondo yakhe waphumeza wonke umsebenzi awayewunikiwe.

Enye indoda, uJohann Denndorfer, owazalelwa eHungary, waguqulekela eCaweni eJamani wabhaptizwa khona ngo1911 eneminyaka eyi17 ubudala. Kungekudalanga wabuyela eHungary. Emva kweMfazwe yeHlabathi Yesibini, wazifumana elibanjwa elizweni awazalelwa kulo, kwisixeko iDebrecen.labathi bhaptizwa khona ngo1911 eneminyaka eyi17 ubudala. Inkululeko nayo yayisusiwe ebantwini baseHungary.

UMzalwane Walter Krause, owayengamazi uMzalwane Denndorfer, wamkela umsebenzi wokuba ngumfundisi wakhe wasekhayeni lakhe nokuba amndwendwele kaninzi. Umzalwane Krause wafonela iqabane lakhe andwendwela nalo amakhaya waze wamxelela ukuba, “Sifumane umsebenzi wokundwendwela uMzalwane Johann Denndorfer. Ungakwazi ukuya Nam kule veki uyokumbona kwaye umnike umyalezo wevangeli?” Kwaye emva koko wadibanisa, “Umzalwane Denndorfer uhlala eHungary.”

Iqabane lakhe elothukileyo labuza, “Sizakuhamba nini?”

“Ngomso”, yavela impendulo kuMzalwane uKrause.

“Sizakubuyela nini ekhaya?” labuza iqabane.

Umzalwane u Krause waphendula, “Oh, emva kweveki — ukuba sizokubuya.”

Bekude ababini abafundisi makhaya bayokutyelela uMzalwane Denndorfer, behamba ngololiwe nebhasi bevela kumantla-mpuma engingqi yeJamani ukuya Debrecen, Hungary— uhambo olucacileyo. Umzalwane uDenndorfer wayengazange abenabo abafundisi makhaya ukusukela ngaphambi kwemfazwe. Ngoku, xa wayebona abakhonzi beNkosi, wayeyongamelwe ngumbulelo kuba bezile. Ekuqaleni wala ukubabulisa ngokubaxhawula izandla. Kodwa wavela waya ekamereni yakhe wathatha kwikabhathi encinane ibokisi enezishumi zakhe awayeyigcinele eyiqokelela kangangeminyaka. Wabonisa abafundisa makhaya bakhe ze wathi, “Ngoku ndisendaweni elungileyo neNkosi. Ngoku Ndiva ndifanelekile ukuxhawulana nabo izandla zabakhonzi beNkosi!” Umzalwane Krause wandixelela emva kwexesha ukuba wayechukumisekile ngaphaya kwamazwi ukucinga lo mzalwane, owayengenayo indlela yokunxulumana neCawa iminyaka emininzi, ngentobelo nangomonde wathabatha kwintlawulo yakhe encinanana isiqingatha sokubhatala isishumi sakhe. Wayeyigcinile engayazi ukuba wayezakubanalo nini Na ithuba lokuyibhatala yona.

UMzalwane Walter Krause wasweleka kwiminyaka esithoba Wakhonza ngokholo nagentobelo kubo bonke ubomi bakhe kwaye wayeyimpembelelo kum nakubo ababemazi. Xa wayecelwa ukuba aphumeze imisebenzi, zange abuze, zange ambombozele, kwaye zange abe ezulisa exoxa ba akazukwazi.

Bazalwane noodade bam, olona vavanyo lukhulu bobubomi yintobelo. “Siyakubabonisa ngoku apha,” yatsho iNkosi, “ukubabona ukuba bayakuzenza zonke na izinto noba yintoni na iNkosi uThixo wabo ayakubayalela yona bona.”10

Wachaza uMsindisi, “Kubo bonke abo abayakuba nentsikelelo ngezandla zam bayakuthobela umthetho owasekwayo esekelwa loo ntsikelelo, kwaye neemeko zawo ke ngoko, njengokuba simisiwe ngakwaphambili kwesiseko sehlabathi.”11

Akukho mzekelo mkhulu wumbi wentobelo okhona kunalowo kaMsindisi. Ngaye Yena, uPawulosi waqwalasela

“Nangona wayenguNyana, kodwa wafunda intobelo ngezinto awaphila phantsi kwazo ezamhluphayo.

“Kwaye enziwe ukuba agqibelele, waba ngumbhali wentsindiso yanaphakadekubo bonke abamthobelayo yena.”12

Wabonakalisa uthando lwenene lukaThixo ngophila ubomi obunyulu obugqibeleleyo, ngokuba athobele ubufundisi obungcwalisekileyo obabuboBakhe. Akazange Abenalo ikratshi. Akazange abenamatshamba neqhayiya. Akazange Anganyaniseki. Wayesoloko ezithobile. Wayesoloko enyanisekile. Wayehlala Enentobeko.

Nangona Wayehendiwe yila nkosi yobuxoki, yena kanye usathana; nangona wayephelelwe ngamandla ngenxa yokuba wazila ukutya kangangentsuku ezingamashumi amane kunye nobusuku obabungange mini ezingamashumi amane kwaye wayelambile, de kwathi ngoku lowo okhohlakeleyo walinga uYesu ngezona zicelo ezaziloba nezihendayo, Wasinika umzekelo wezulu wentobeko ngokuba ale ukuphambuka kwinto awayeyazi ukuba ilungile.13

Ngoku Wayejongene nentlungu yaseGetsemane, apho wanyamezela eyona ntlungu de wade umbilo wakhe wabangamachaphaza amakhulu egazi ephalala phantsi emhlabeni, Wabangumzekelo woNyana othobelayo wathi, “Bawo, ukuba uyathanda, yisuse lendebe kum: kodwa asiyontando yam, kodwa eyakho, mayenzeke.”1415

Njengokuba uMsindisi wayalela abaPostile Bakhe basekuqaleni, kengoko uyalela wena nam, “Ndilandeleni.”16 Ingaba siyathanda ukuthobela?

Ulwazi esilukhangelayo, iimpendulo esizilangazelelayo, kwaye namandla esiwanqwenelayo namhlange ukumelana nobunzima behlabathi elixhakaxhaka nelitshintshayo kungaba ngokwethu xa sivuma lula ukuthobela imithetho yeNkosi. Ndiyacaphula kwakhona amazwi eNkosi: “Lowo ugcina [kaThixo] imithetho wamkela inyaniso nokukhanya, ade abe uyazukiswa enyanisweni kwaye azazi zonke izinto.”17

Ngumthandazo wam othebekileyo ukuba sisikelelwe ngemivuzo etyebileyo ethenjiswe abanentobeko. Ngegama likaYesu Khrestu, iNkosi noMsindisi, amen.