2012
Usuku Olugqibeleleyo Lwangaphambili KweKhrismesi
Disemba 2012


ulutsha

Usuku Olugqibeleleyo Lwangaphambili KweKhrismesi

Ngoku Ndandikhula, enye yezinto eziphezulu ezenzekayo kunyaka ngamnye rhoqo yayiLusuku LwangaPhambili KweKhrismesi. Usapho lwam kwaye Nam sayenza i-pizza, sahamba sicula iingoma zeKhrismesi, kwaye ze sadibana kunye kumnikelo weKhrismesi. Sacula amaculo ngengoma eyahlulwe kane engcangcazelayo kwaye sagqumisa amaculo eKhrismesi ngezixhobo zomculo zethu ezi zintlobo ngeentlobo. Utata wayesoloko ephelisa injikela langa ngengcinga yeKhrisimesi eyayisoloko isishiya sinyembezana kukonwaba. Ubomi babungayogqithi tu imini YangaPhambili KweKhrismesi.

Ngoku Ndandisendikhulile ubudala, umama wam waqala ngoku wagadana nommelwane wam owayesemncinci, uKelly. U-Kelly wayesoloko esiza rhoqo ngemini endlwini yethu emva kokuphuma kwesikolo kuba umama wakhe, uPatty, wayesebenza. U-Kelly wayesoloko elandelelana nam njengentshontsho lenja—engxola kwaye endifekethela. Nandikhululeka qho xa uPatty ezokulanda umntwana wakhe kwaye eshiya ikhaya lam nosapho exolweni.

Ngomnye uDisemba, Ndoyika xa umama wamema uPatty kunye noKelly ukuba babekunye nathi ngenjikalanga yangaphambili kosuku lweKrismesi. Yam Injikalanga Yangaphambili kwe Khrismesi. Umama wancuma kwaye wandiqinisekisa, “Ayizokutshintsha nto.” Kodwa ndandisazi bhetele. Babeza kutya yonke ipizza yethu. UKelly wayezakuhlekisa ngokucula kwethu. Ndavuma ngaphakathi kum ukuba Ndandizakuba nenjikalanga yangaphambili kweKhrismesi eyona yona ‘yakhe yabambi endakhe ndabanayo.

Ukufika kwalo njikalanga, uPatty noKelly bafika, kwaye sancokola kwaye sahleka kwaye sacula. Umama wam wayenyanisile. Yona yayi gqibelele. Ezinzulwini zobusuku basibulela basishiya kumnandi bengafuni ukwahlukana nathi. Ndayolala ebhedini nentliziyo egcweleyo exolileyo. Ndafumanisa ukuba ngenyaniso izipho ezixabisekileyo zeKhrismesi azicuntsuleki xa kusabelwana ngazo. Endaweni yalonto ziske zimnandise kwaye zande xa siphisa ngazo.