2012
Undwendwelo Lokufundisa, Umsebenzi Ongcwalisekileyo
Juni 2012


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Juni 2012

Undwendwelo Lokufundisa —nguMsebenzi Ongcwalisekileyo

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Isivalo soMbutho wooMama

Ukholo, Usapho Uncedo

Njengabandwendweli makhaya, sinomsebenzi wobufundisi ekufuneka siwuzalisekile. “UBishophu, osekwe wamiswa ukuba abe ngumelusi wewadi, akanokukwazi ukujonga zonke izimvu zeNkosi ngexesha elinye. Uxhomekeke kubandwendweli makhaya abafumana impembelelo ba bamncedise.”1 Ukukhangela kwaye nokwamkela utyhilelo ngokuba ngubani omakajongane noodade ngamnye kubalulekile.

Impembelelo iqala xa amalungu esimongameli soMbutho wooMama ethandaza kwaye bexoxa ngeemfuno zabantu kwaye nezamasapho apho. Emva koko, ngemvume kaBishophu, isimongameli soMbutho wooMama sinika umsebenzi nomyalelo ngendlela enceda oo dade baqonde ukuba undwendwelo makhaya lokufundisa ngumthwalo nomsebenzi womoya obalulekileyo.2

Abandwendweli makhaya ngokunyanisekileyo baye bamazi kwaye bamthande udade ngamnye, bamncede ukuba omeleze ukholo lwakhe, kwaye anikele ngenkonzo efunekayo xa ifuneka. Bakhangela impembelelo eyokukwazi ukuba mabaziphendule njani iimfuno zomoya kwaye nezenyama zo dade ngamnye abamndwendwelayo.3

“Undwendwelo makhaya luye lube ngumsebenzi weNkosi xa injongo yethu isebantwini kunokuba ibe semananini abantu. Enyanisweni, undwendwelo makhaya alugqibeki. Yindlela esiphila ngayo ayingomsebenzi.”4

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Matewu 22:36–40; Yohane 13:34–35; Alma 37:6–7

Kuphuma Embalini Yethu

Eliza R. Snow, isekela lesibini kwisimongameli sajikelele soMbutho wooMama wafundisa, “i-ofisi yokufundisa ndiyibona isesona sikhundla siphezulu kwaye esingcwele.” Wacebisa abandwendweli makhaya “ukuba mabagcwale nguMoya kaThixo, woBulumko, wentobeko, wothando” phambi kokuba bandwendwele amakhaya ukuze bakwazi ukuqinisekisa kwaye nokufezekisa iintswelo zomoya kwaye nezenyama zabo babandwendwelayo. Wathi, “Ningava ukuba manithethe amazwi oxolo kwaye nawentuthuzelo, kwaye ukuba nifumana udade egodola, mthatheni nimfake entliziyweni yenu njengoba ninokwenza emntaneni nimthathele esifubeni kwaye [yena] nimfudumeze.”5

Njengokuba sibheka phambili ngokholo njengoo dade bokuqala bangaphambili boMbutho woMama, siyakuba noMoya oyiNgcwele kunye nathi kwaye sikhuthazwe sifumane impembelelo ngendlela esinomnceda ngayo udade ngamnye esimndwendwelayo. “Masi [thina] khangele ubulumko endaweni yamandla,” watsho uDade Snow, “kwaye [thina] siyakuba nawo onke amandla [thina] sinobulumko bokusebenza.”6

Izikhumbuzo

  1. Julie B. Beck, “Umbutho wooMama: Ngumsebenzi Ongcwalisiweyo,” Liahona, Nov. 2009, 111.

  2. Bona Handbook 2: Administering the Church (2010), 9.4.2.

  3. Bona Handbook 2, 9.5.1.

  4. Julie B. Beck, Liahona, Nov. 2009, 114.

  5. Eliza R. Snow, in Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 108.

  6. Eliza R. Snow, in Daughters in My Kingdom, 108.