2011
Thatha iLinge Lombulelo
Disemba 2011


ulutsha

Thatha iLinge Lombulelo

Masingathethi nje ngokubala iintsikelelo zethu—masenze! Bhala uluhlu lwezinto ezilikhulu onombulelo wazo. Ukuba inani lazo ingathi likhulu, zama oku:

  1. Bhala izinto eziyi 10 okwaziyo ukuzenza ngomzimba wakho.

  2. Bhala izinto onazo zexabiso onombulelo wazo.

  3. Bhala abantu abaphilayo abayi 10 onombulelo ngabo.

  4. Bhala abantu abayi 10 abaswelekileyo onombulelo ngabo.

  5. Bhala izinto eziyi 10 ezingendalo onombulelo ngazo.

  6. Bhala izinto eziyi 10 ezenzeke namhlanje onombulelo ngazo.

  7. Bhala iindawo eziyi 10 emhlabeni onombulelo ngazo.

  8. Bhala phantsi izinto zanamhlanje eziyimveliso yakutsha nje onombulelo ngazo.

  9. Bhala iintlobo zokutya eziyi 10 onombulelo ngazo.

  10. Bhala izinto eziyi 10 ngevangeli onombulelo ngazo.

Xa sisenza uluhlu lwezi zinto olufana nolu, siye sifumanise ukuba uluhlu lwezinto eziyi-100 ayiqalisi nokuqala tu ukukrwela umphezulu wazo zonke izinto uThixo asinike zona.