2011
Iintsikelelo Zenani leshumi
Juni 2011


UMyalezo wesiMongameli Sokuqala, Juni 2011

Iintsikelelo Zenani leshumi

Injongo kaThixo yokusinika imithetho kukusisikelela. Ufuna ukusinika ubomi banaphakade kunye Naye, esona sipho sikhulu kunazo zonke izipho Zakhe (bona Imfundiso Neminqophiso 14:7). Ukwamkela isipho sokuphila Naye unaphakade singamasapho kwikumkani Lakhe, kufuneka ukuba sikwazi ukuphila imithetho yeloo kumkani.(bona Imfundiso Neminqophiso 88:22).

Usinike imithetho kobu bomi ukusinceda ukuba sikhulise loo mandla. Umthetho wenani leshumi ngomnye waloo mithetho yokusilungiselela. Umthetho kukuba sinikele eNkosini inani leshumi kumvuzo wethu wonke. Oku kucace gca kangangokuba nomntwana uyakwazi ukuwuqonda lo mthetho. Ndibabonile abantwana benika ubishophu imvulophu yokweshumi ephethe inani leshumi lamasentana abazisebenzeleyo ukuyifumana.

Enye yentsikelelo eziza ngokubhatala okweshumi okupheleleyo kukukhulisa ukholo lokuphila umthetho ongaphezulu kunalo. Ukuze siphile kwikumkani likaThixo, kufuneka siphile umthetho wokunikela. Apho kufuneka sikwazi ukuvakalelwa ukuba konke esikuko yonke into esiyiyo kwaye nako konke esinako kokukaThixo.

Kukho iindlela ezintathu esilungiselelwa zona apha kobubomi xa sibhatalaokweshumi ukuvakalelwa into ekufuneka siyive xa samkela isipho sobomi banaphakade kunye noThixo.

Okokuqala, xa sibhatala okweshumi kwethu eCaweni, uBawo wethu waseZulwini uphokoza phezu kwethu iintsikelelo. Nabani na obhatala isishumi esipheleleyo uyayazi ukuba oku kuyinyaniso. Iintsikelelo ngamanye amaxesha zezomoya kwaye ngamanye amaxesha zezasemhlabeni. Zifika ngexesha leNkosi kwaye zixhomekeke kwinto Ayaziyo ukuba isifanele.

Njengokuba ezo ntsikelelo zisiza, ukholo lwethu luyanda ukuba uThixo yimveliso yayo yonke into elungileyo esebomini bethu. Kuye kubelula ukubona lula ukuba umnikelo yimbonakaliso yenyaniso yokuba yonke indalo kaThixo yeYakhe. Usenza ukuba sive umbulelo kuba Ucela nje 10 lamapesenti kuyo yonke into Asesinike yona. Ke ngoko silungiselelwe kakuhle ukuphila umtheto womnikelo xa ngoko siyakucelwa ukuba siwuphile.

Okwesibini, sonke abo babhatala okweshumi rhoqo siva ukuzithemba okukhulu xa simcela uThixo oko sikusweleyo kunye nokuswelwe ngamasapho ethu. Usithembisile iintsikelelo ezingaphezulu kunezo esinokukwazi ukuzamkela xa sikholosile sikholelwa emnqophisweni wethu wokuba sibhatale okweshumi.(bona Malakhay 3:10). Ke ngoko enye yeentsikelelo zokweshumi kukuthembela kokuzayo okuphethwe likamva. Nokuba iimeko zethu zinjani na, izinto ziyakulunga kakuhle. Njengokuba sigcina izithembiso zethu, Uyakuzigcina eZakhe. Ukuva uxolo yenye yeentsikelelo zokubhatala okweshumi okupheleleyo. Abo abawuthobelayo lomthetho wesishumi bangangqina ukuba intsikelelo yoxolo yinyaniso kwaye ixabisekile.

Okwesithathu, abo babhatala isishumi bava ulwando lothando lwabo kuThixo kwaye nasebantwaneni bakaThixo bonke. Oko kwanda kothando kuza ngokuqonda indlela uBawo asebenzisa ngayo izishumi esizinikelayo ukunceda abantu kwelihlabathi kwaye nangonaphakade.

Ngabakhonzi Bakhe abasekileyo, izishumi Uzichitha ngenkathalo enkulu. Umbhatali wesishumi unceda iNkosi ukuba yakhe iitempile, apho iintsapho zikwaziyo ukutywinwa ngonaphakade. Umbhatali wesishumi uyaMnceda ukuba athumele ivangeli ebantwini kwiindawo zonke. Umbhatali wesishumi uyaMnceda ukuba akhulule abo balambileyo kwaye basokolayo ngendlela Yakhe kwaye nangaBakhonzi Bakhe. Nabani na wabo bakhonzi bangakuxelela indlela uthando olwande ngayo ngenxa yokuba izishumi zisetyenziswe ekusikeleleni abantu. Kwaye ngoko angakwazi umbhatali wokweshumi onokholo.

Ukulungiswa nokucwangciswa kokubhatala okweshumi kuza kwenzeka emva kwenyanga ezizayo. Ndiyathandaza kuba wena nosapho lwakho niyakuqala ngoku ukuceba, ukucwangcisa kwaye nokulungiselela ukuzifanela iintsikelelo uThixo aziphokoza kubo bonke abanokuzichaza Kuye njengababhatali bokweshumi okupheleleyo.

Ukufundisa ngaloMyalezo

  • Ngamanye amaxesha indlela efanelekileyo yokufundisa umgaqo othile kukuwubonakalisa nokuwulandela (bona Teaching, No Greater Call [1999], 164). Cinga ngokucela ilungu losapho libonise into eyinani leshumi. Elo lungu losapho lingabonakalisa ngokuthabatha into enye kwizinto ezi-10 ezidibeneyo. Ukugqibezela, cinga ngokumema ilungu losapho ukuba libonise indlela eligcwaliswa ngalo iphepha lokubhatala okweshumi.

  • “Abo ubafundisayo bayakuzuza lukhulu ekuthabatheni kwabanye inxaxheba kulomyalezo.” (Teaching, No Greater Call, 63). Mema amalungu osapho ukuba babelane ngokuba ingaba bakholelwa ukuba uthetha ukuthini na uMongameli Eyring kulo mgca “ sive ekufuneka sikuvile xa sisamkela ubomi banaphakade kunye noThixo.” Cinga ngokuxoxa ngezandlela zintathu esilungiselelwa zona ngokubhatala okweshumi ukuze sivakalelwe sive ekufuneka sikuvile xa sisamkela iintsikelelo zikaThixo.