2011
INkosi Ifuna Abafundisi
Janyuwari 2011


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Janyuwari 2011

INkosi Ifuna Abafundisi

Kwikomfa yajikelele yangoOkhthoba Ndiye Ndabiza Abanye abafundisi ukuba baze babe baninzi. Wonke ofanelekileyo, okwaziyo umfana kufanele alungiselele ukuba aye ebufundisini becawa. Le nkonza ngumsebenzi wababingeleli—sisinyanzelo umsebenzi iNkosi esilindela ukuba siwenze thina abanikwe kakhulu. Bafana, Ndiyanixelela ndiningxolisa ukuba nilungiselele inkonzo yobufundisi emaniyenze. Zigcineni nicocekile kwaye ninyulu kwaye nifanelekile ukuba nimele iNkosi. Gcinani kakuhle impilo yenu kunye nokomelela kwenu. Fundani izibhalo ezingcwele. Apho zikhona izifundo zolutsha kunye nezabafana namantombazana angaphantsi kwiminyka eyi – 18 thathani inxaxheba kuzo. Zifundiseni niziqhelise la ncwadi yabefundisi i-Preach My Gospel.

Boo dade, Kuba ningenabo ububingeleli nomsebenzi wabo njengabafana abafanele ukuba bayokuba ngabafundisi abapheleleyo, nani niyanikela okuxatyiswe kakhulu ngokuba nibe ngabafundisi, kwaye siyayamkela inkonzo yenu.

Kwabadala abazalwane noo dade beCawa, Ndiyanikhumbuza ukuba iNkosi iyanifuna uninzi lwenu, abaninzi kakhulu benu ukuba baye ebufundisini obupheleleyo. Ukuba anikafiki exesheni lobomi lokuba nikhonze ningamaqabane atshatileyo, Ndiyanikhuthaza ukuba nilungiselele la mini ngoku apho iimeko zizakube zivuma khona, wena kunye nowakwakho ningenza njalo. Kukho amaxesha ambalwa ebomini benu apho niyakonwabela umoya omnandi kunye nokwanele okuza nokukhonza ebufundisini okupheleleyo emsebenzini woMsindisi.

Ngoku, abanye benu bangabantu beentloni ngendalo okanye bazibona bebuthathaka ukuphendula ngokuqiniseka ubizo lokukhonza. Khumbulani ukuba ngumsebenzi weNkosi, kwaye xa sithunywe yiNkosi, silufanele uncedo lweNkosi. INkosi iyakuwubumba umqolo ukuze ukwazi ukuthwala oko kubekwa phezu kwawo.

Abanye, nangona befanele ukukhonza, bangaziva benezinye izinto ezibalulekileyo zokwenza. Kakuhle ndiyasikhumbula isithembiso seNkosi: “Ngokuba abo abandibekayo phezulu Nakum bayakubekeka” (1 Samuweli 2:30). Akekho nomnye kuthi oyakubeka phezulu uBawo wethu waseZulwini kunye noMsindisi ngaphezu kokuba ngumkhonzi ongumfundisi ozinikeleyo, onemfesane.

Umzekelo wenkonzo enjalo yayingamava kaJulius kunye noDorothy Fussek ababiziwe ukuba bayokuba ngabafundisi ePoland. Umzalwane Fussek wazalwa ePoland. Wayethetha ulwimi lwabo. Wayebathanda abantu. Udade Fussek wazalwa eNgilani kwaye wayenofifi nje ngePolandi kwaye engazi nto ngabantu bakhona. Bethembela eNkosini, baqalisa umsebenzi wabo ababewunikiwe. Lo msebenzi wawu nomvandedwa, umsebenzi wabo wawumkhulu kakhulu Ngoko ubufundisi babungakabikho ePolandi Umsebenzi owanikwa abakwaFussek yayikukuba balungiselele indlela ukuba ubufundisi buqaliswe.

Ingaba uMdala noDade Fussek banxunguphala na ngenxa yomthwalo womsebenzi wabo? Abazange nakancinci. Babesazi ukuba ubizo lwabo luvela kuThixo. Bathandazela uncedo Lwakhe lwezulu, kwaye bazinikela ngentliziyo zabo zonke emsebenzini wabo.

Ngexesha iiGosa Russell M. Nelson weQumrhu laBaPostile aBalishumi Elinesibini; iiGosa Hans B. Ringger, ngoko owaye liilungu laBalishumi ElineSixhenxe; kunye Nam, kunye noMdala Fussek, saba nentlanganiso noMphathi wemicimbi engcwele, Adam Wopatka, kaRhulumente wasePowlish. Samva esithi, “ICawa yakho yamkelekile apha. Ningakha izakhiwo zenu; ningathumela abafundisi benu. “Le ndoda, elatha uJuliusz Fussek, “uyikhonze kakuhle kakhulu icawa yakho. Unganombulelo womzekelo kwaye nomsebenzi wakhe.”

NjengabakwaFusseks, masenze ekufaneleke ukuba sikwenze emsebenzini weNkosi. Emva koko singakwazi, kunye no Juliusz no Dorothy Fussek, ukucengceleza Indumiso:

“Uncedo lwam luvela eNkosini, owadala izulu nomhlaba.

“… Lowo okugcinayo akayokuphathwa bubuthongo.

“Bonani, lowo ugcina uIzirayeli akasoze abiwe bubuthongo okanye alale” (Indumiso 121:2–4).

Ukufundisa ngaloMyalezo

Teaching, No Greater Call states: “Yabelana ngoluvo lwakho lwendlela ivangeli elikusikelele ngalo ngokuba uphile imigaqo yalo. Mema abo ubafundisayo ukuba bathethe ngamava noluvo lwabo” ([1999], 159). Funda lo myalezo emva koko ubuze amalungu osapho ukuba ngoobani athi uMongameli Monson mababe ngabafundisi Yabelana ngamava wakho obenawo wena okanye amava abanye abasebufundisini. Okanye yabelana ngecebo lakho lokuba ukhonze ebufundisini kwi kamva lakho. Cela amalungu osapho ukuba abelane nawe ngamacebo nezicwangciso zabo kunye namava wabo akhuthazayo.