2010
Yongeza uKholo kunye noBulungisa Bakho
Agasti 2010


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Agasti 2010

Yongeza uKholo kunye noBulungisa Bakho

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze oodade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Relief Society seal

Ukholo • Usapho • Inkonzo

Kuphuma kwizibhalo ezingcwele

Izaya 2:2–3; Imfundiso neMinqophiso 109:22–23; 110:8–10

Umsebenzi Wethu Wokuba Sifanele uNkqulo lweTempile

“Iminqophiso esiyenzayo ehamba nemimiselo esiyamkelayo etempileni iye ibe bubungqina beemfanelo zethu zokungena ebukhweni bukaThixo. Leminqophiso iyasinyusa isinyusele ngaphaya kwemida yamandla ethu kunye nokubona kwethu. Senza iminqophiso ukubonakalisa ukuzinikela kwethu ekwakhweni ikumkani. Siye sibe ngabantu bomnqophiso njengokuba sibekwa phantsi komnqophiso noThixo. Zonke iintsikelelo esizithenjisiweyo zezethu ngokokholo lwethu kuleminqophiso. …

“Ingaba oomama BeCawa bangenza ntoni ukuthabathela kubo iintsikelelo zetempile?

“Ngabaprofeti Bakhe, iNkosi imema abo abangakazamkeli iintsikelelo zetempile ukuba benze lonto ibalulekileyo ukuba bafanele ukuzamkela. Umema abo abasele bezifumene ezi ntsikelelo ukuba babuyele kanga maxesha amaninzi apho kwenzekayo ukuba bayokonwabela kwakhona loo mava, ukongeza umbono wabo kunye nokuqonda kwabo icebo Lakhe lanaphakade.

“Masikufanele ukuba nesivumelo esifanelekileyo esisebenzayo sokungena etempileni. Masiye etempileni siyokumanyanisa sitywine iintsapho zethu ngonaphakade. Masibuyele etempileni kangangoko iimeko zethu zisivumela. Masinike abantakwethu abangasekhoyo ithuba lokwamkela imimiselo yoobuqhaqhawuli buka Thixo. Masonwabele ukomelela komoya nokutyhilelwa esikwamkelayo xa sisiya etempileni rhoqo.” Masibe nokholo kwaue senze kwaye sigcine iminqophiso yasetempileni ukuze samkele iintsikelelo ezipheleleyo zeNtlawulo.”1

Silvia H. Allred, isekela lokuqala kwisimongameli sajikelele soMbutho wooMama.

Kuphuma Embalini Yethu

UMongameli Gordon B. Hinckley (1910–2008) wafundisa ukuba Umbutho wooMama ukhula ngenxa yolangazelelo loodade lokuba bankqule etempileni:

“Ngelixesha kwakusakhiwa iTempile yaseKirtland oomama babizwa ukuba bacubhe ipleyiti zabo zexabiso zeglasi ukuze zibe ngamaqhekeza amancinci axutywa neplasta esetyenziswa emadongeni etempile, eyayizaku bamba ukukhanya kwelanga kunye nokwenyanga kwaye kubonakalise oko kukhanya ukuhombisa imbonakalo yesakhiwo esiyitempile.

“Ngaloo maxesha, ngoku kwakukho imali encinci kodwa ukholo lona lwalukho luluninzi kakhulu, abakhi banikela ngamandla abo kunye nezixhobo zabo ekwakhiweni kwendlu yeNkosi. Oomama banikela ngokutya, okona kumnandi ababekwazi ukulungisa. Edward W. Tullidge wanika ingxelo ethi ngelixesha oomama ababethunga ngalo izigqumathelo zetepile, uJoseph Smith, ebaqwalasele bona, wathi, ‘Kuhle ke, bodade ukuba nisoloko nisisandla. Oodade basoloko bengabokuqala kwaye bephambili kakhulu kuyo yonke imisebezi elungileyo. UMariya wayengowokuqala kuvuko; kwaye oodade ngoku ngabokuqala ukusebenza ngaphakathi etempileni.’ …

“Kwakhona eNavoo, xa itempile yayiphantsi kolwakhiwo, oomama abambalwa badibana kunye benzela abakhi ihempe. Sisiphumo sezimeko esadala ukuba abangamashumi amabini badibana ngoLwesine, 17 Matshi 1842, kwigumbi eliphezulu elugcinweni likaMprofeti.”2 Waqala njalo ke Umbutho wooMama.

Singenza Ntoni?

  1. Ngeyiphi inkxaso endinganikela ngayo ukunceda oodade ukuba balungiselele kwaye ukuba baye etempileni?

  2. Ndingaba ngumzekelo njani welifa loodade bakuqala abanikelayo ukuze bafumane iintsikelelo zetempile?

  3. Ndingazithathela njani iintsikelelo zetempile?

Izikhumbuzo

  1. Silvia H. Allred, “Holy Temples, Sacred Covenants,” Liahona, Nov. 2008, 113, 114.

  2. Gordon B. Hinckley, “Ambitious to Do Good,” Ensign, Mar. 1992, 2.