“Ungalindi!” Yiba Njengabalusi, Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha EyoMnga 2022. UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMnga 2022 Luka 2:8–20 Ungalindi! Yiba Njengabalusi NguEric B. Murdock; imizobo nguDarren Rawlings Umfanekisoabalusi Ngobusuku obuzolileyo kudala, abalusi babeyigade ngenkuthalo imihlambi yabo. Umfanekisoiigusha Abalusi babenomsebenzi obalulekileyo. Iigusha zazifuna ukutya, amanzi nokukhuselwa kwingozi. Umfanekisoingelosi Ngesaquphe, kwavela ingelosi! “Musani ukoyika, kuba yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. … Ngokuba nizalelwe namhlanje …uMsindisi, onguKrestu iNkosi.” Umfanekisoingelosi Ingelosi yabaxelela abalusi ukuba bayakufumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali eBhetelehem. Umfanekisoikwayara yeengelosi Ikwayara yeengelosi yasigcwalisa isibhakabhaka yangenelela ingelosi idumisa uThixo. “Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.” Umfanekisoabalusi “Masiye kwelase Bhetelehem siyobona oko sikwazisiweyo yiNkosi.” Umfanekisoabalusi balandela inkwenkwezi Abalusi abazange balinde. Oku kwakubaluleke kakhulu! Beza “ngobungxamo” kwelase Bhetelehem. UmfanekisoAbalusi emkhumbini wesitali Abalusi bamfumana uYesu esongelwe eziqhiyeni, elele emkhumbini wesitali, njengoko ibitshilo ingelosi. Umfanekisousana olunguYesu Nguye lo uMesiya owathenjiswayo ukuba uyakuza abe nguMsinidisi noMkhululi wehlabathi azise uvuyo oluyinyaniso! Umfanekisoabalusi Abalusi babechwayitile! Babelana ngoko bakuvileyo nabakubonileyo. “UMsindisi wehlabathi uzelwe!” “UMesiya ude wafika!” Umfanekisoumfana omncinane efunda izibhalo Abalusi beza “ngobungxamo” kuYesu. Nawe unakho! Ungafunda ngaYe. Umfanekisoumfana omncinane echeba ingca Unga mkhonza ngoku khonza abanye. UmfanekisoIntombi encinane isabelana ngeNcwadi kaMormoni nomfana omncinane Ungangqina ngaYe. © 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, December 2022. Xhosa. 18318 774