“U-Abraham noSara,” UMyalezo weNyanga Umhlobo , EyeSilimela 2022
“URute noNahomi”
UMyalezo weNyanga Umhlobo , EyeSilimela 2022
URute noNahomi
UNahomi nosapho lwakhe baya kwilizwe elitsha ngenxa yendlala. Bahlangana nentwazana ebizwa ngokuba nguRute. URute watshata unyana kaNahomi.
Emva koko umyeni kaRute waye wasweleka. URute wayekhathazeke kakhulu.
UNahomi naye kananjalo wayekhathazeke kakhulu. Wayenangenalo usapho olushiyekileyo oluzakumkhathalela. Wagqiba kwelokuba abuyele kwilizwe awayesuka kulo.
UNahomi waxelela uRute okokuba abuyele kusapho lwakhe. Kodwa uRute wayemthanda uNahomi. Yena wathembisa ukuhamba noNahomi aze amkhathalelel.
URute noNahomi babengamahlwempu. Ngoko ke uRute wayesebenza nzima ekubafuneleni ukutya.
Ngenye imini indoda egama lingu Bhohazi yabona uRute eqokelela iinkozo ezishiyekileyo kwenye yeentsimi zakhe.
UBhohazi wayenobubele Yena waxelela abasebenzi bakhe ukuba bamshiyele ukutya okuthe chatha uRute.
Kamva uRute noBhohazi baye batshata. Bona babanosana oluyinkwenkwe. UNahomi wancedisa ukulikhathalela.
Ndinganceda ekukhathaleleni abanye. Ndingaba nobubele kwabo bakwimfuno.
Iphepha lokufakela Imibala
NgingabaKhathalela Abanye
Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.
Umzobo ngu-Apryl Stott
Ngubani onokumnceda?
© 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, June 2022. Xhosa. 18315 774