Imimiselo neZibhengezo
ISibhengezo esiseMthethweni soBuyiselo


UBuyiselo Olupheleleyo lweVangeli kaYesu Krestu

ISibhengezo esiseMthethweni seSikhumbuzo seMinyaka engaMakhulu Amabini kwiHlabathi

Esi sibhengezo sisemthemthweni sasifundwe nguMongameli Russell M. Nelson njengenxalenye yomyalezo wakhe kwiNkomfa yaJikelele yemiNyaka eli-190, ngosuku lwesi-5 kuTshazimpunzi ka-2020, eSalt Lake City, Utah.

Ngokundilisekileyo siyabhengeza ukuba uThixo uyabathanda abantwana baKhe kwizizwe zonke zehlabathi. UThixo uYise usinike ukuzalwa okusulungkileyo, ubomi obungenakuthelekiswa nanto, kunye nedini lentlawulelo elingenasiphelo loNyana waKhe oyiNtanda, uYesu Krestu. Ngamandla kaYise, uYesu wavuka kwakhona kwaye wazuza uloyiso ngapha kokufa. UnguMsindisi wethu, unguMzekelo kuthi, kunye noMkhululi wethu.

Kwiminyaka engamakhulu amabini eyadlulayo, kwintsasa emyoli yentwasahlobo ka-1820, uJoseph Smith omncinane, efuna ukwazi ukuba azibandakanye naliphi na ibandla, waye wayokuthandaza kwihlathana elibumgama nakowabo kumantla weNew York, USA. Yena wayenemibuzo malunga nentsindiso yomphefumlo wakhe kwaye wayethemba ukuba uThixo wayeya kumkhombisa.

Ngokuzithoba, siyabhengeza ukuba kwimpendulo yomthandazo wakhe, uThixo uYise kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu, baye bazibonakalisa kuJoseph kwaye basungula “ukubuyiswa kweento zonke” (Izenzo 3:21) njengoko kwakuxeliwe kwangaphambili eBhayibhileni. Kulo mbono, waye wafunda okokuba emva kokufa kwaBapostile bokuqala, iBandla likaKrestu leTestamente eNtsha laye lalahleka emhlabeni. UJoseph wayeya kuba sisixhobo ekubuyisweni kwalo.

Siyaqinisekisa ukuba ngaphantsi kwesikhokelo sikaYise noNyana, izithunywa zezulu zeza kuyalela uJoseph kwaye zaseka kwakhona iBandla likaYesu Krestu. UYohane uMbhaptizi ovukileyo kwabafileyo wabuyisa igunya lokubhaptiza ngontywiliselo ukuze kuxolelwe izono. Abathathu baBapostile bakuqala—uPetros, noYakobi, kunye noYohane—baye babuyisa ubupostile kunye nezitshixo zegunya lobubingeleli. Nabanye beza kananjalo, kuquka noEliya owaye wabuyisa igunya lokuhlanganisa iintsapho ngonaphakade kubudlelwane banaphakade obuthi budlule ngaphaya kokufa.

Siyangqina kwakhona ukuba uJoseph Smith waye wanikwa isipho kunye namandla kaThixo wokokuba aguqule uxwebhu lwamandulo: iNcwadi kaMormoni—Enye iTestamente kaYesu Krestu. Amaphepha walombhalo ungcwele aquka ingxelo yolungiselelo yabuqu lukaYesu Krestu phakathi kwabantu kwiCala laseNtshona loMhlaba kamsinya emva koVuko lwaKhe kwabafileyo. Yona ifundisa ngenjongo yobomi kwaye icacisa imfundiso kaKrestu, esembindini kuloo njongo. Njengesibhalo esingcwele esihambelana neBhayibhile, iNcwadi kaMormoni iyangqina ukuba bonke abantu bangoonyana neentombi zoYise onothando oseZulwini, okokuba Yena unecebo elisikelelekileyo ngobomi bethu, kwaye nokokuba uNyana waKhe, uYesu Krestu, uyathetha namhlanje ngokufanayo nakwiintsuku zamandulo.

Siyabhengeza ukuba iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, elasekwa ngomhla we-6 kuTshazimpunzi, 1830, liBandla likaKrestu leTestamente eNtsha elibuyisiweyo. Eli Bandla lisekwe phezu kobomi obugqibeleleyo belitye lalo lembombo, uYesu Krestu, nakwiNtlawulelo yaKhe engenasiphelo nakuVuko lwakhe kwabafileyo. UYesu Krestu uye waphinda wabiza kwakhona aBapostile kwaye ubanike igunya lobubingeleli. Yena uyasimema sonke ukuba size kuYe nakwiBandla laKhe, ukuze sifumane uMoya oyiNgcwele, nemimiselo yosindiso, kwakunye nokuzuza uvuyo olungapheliyo.

Iminyaka engamakhulu amabini ngoku igqithile kusukela oko uBuyiselo lwaluqalwe nguThixo uBawo kunye noNyana waKhe oyiNtanda, uYesu Krestu. Izigidi ngezigidi kwihlabathi liphela ziye zalwamkela ulwazi lwezi ziganeko zaziprofethiwe.

Sibhengeza ngovuyo okokuba uBuyiselo olwaluthenjisiwe luyaqhubekela phambili ngesityhilelo esiqhubekayo. Umhlaba awusoze uphinde ufane kwakhona, njengoko uThixo eya “kuhlanganisela zonke izinto kuye uKrestu” (Abase-Efese 1:10).

Ngentlonelo nangombulelo, thina njengaBapostile baKhe simema bonke ukuba bazi—njengoko nathi sisazi—ukuba amazulu avulekile. Siyangqina ukuba uThixo wazisa ngentando yaKhe koonyana neentombi zaKhe eziyintanda. Siyangqina ukuba abo bafunda benomthandazo umyalezo woBuyiselo kwaye bathabathe amanyathelo benokholo baya kusikelelwa ukuze bazuze ubungqina obubobabo bobukho bukaThixo kuwo nenjongo yalo ukulungiselela ihlabathi ukuBuya kweSibini okwakuthenjisiwe kweNkosi yethu noMsindisi wethu, uYesu Krestu.