UYesu Krestu
UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile


UKrestu Ophilayo

Ubungqina BabaPostile

Njengokuba sikhumbuzela ukuzalwa kukaYesu Krestu kwiminyaka engamawaka amabini adlulayo, sinika ubungqina benyaniso ngobomi Bakhe obungalinganisekiyo kwaye nokulunga kwakhe okungapheliyo bokuncama ngentlawulo Yakhe enkulu Akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu phezu kwabo bonke abaphilileyo kwaye abasezakuphila phezu komhlaba.

WayenguYehova omkhulu weTestamente Endala, uMesiya weNtsha. Ngaphantsi kwenkokhelo kaBawo Wakhe, Wayengu mdali womhlaba. “Zonke izinto zenziwa nguye; kwaye ngaphandle kwakhe kwakungekho nto yenziweyo eyenziwayo” (Yohane 1:3). Nangona wayengenaso isono, Wabhaptizwa ukuzalisekisa bonke ubulungisa. Wa “hamba - hamba esenza okulungileyo” (Izenzo 10:38), kodwa wacatshukelwa ngenxa yoko. Ivangeli Lakhe yayingumyalezo woxolo namandla wobulungisa. Wacela bonke ukuba balandele umzekelo Wakhe. Wahamba kwiindlela zasePalestine, ephilisa abagulayo, ebanga imfama uk’ba zibone, kwaye evusa abafileyo. Wasifundisa iinyaniso zanaphakade, ubunene bobomi bethu bangaphimbili, injongo yobomi bethu emhlabeni, kwaye namandla apheleleyo oonyana namantombazana kaThixo ebomini obuzayo.

Waqalisa umthendeleko njengesikhumbuzo seNtlawulo Yakhe enkulu engumnikelo. Wabanjwa kwaye waqalekiswa ngamatyala angekhoyo, wagwetywa ukwanelisa ibubu, kwaye wagwetywa ngokufa emnqamlezweni eKhalvari. Wanikela ngobomi Bakhe ukuhlawula izono zoluntu lonke. Okwakhe yayisisipho sothunyiweyo esenzela bonke abo abayakuphila emhlabeni.

Siyangqina ngokusulungekileyo ukuba ubomi Bakhe, obusesidikidikini kwembali yonke yoluntu, obungazange buqale eBhetelehem futhi abagqitywa eKhalvari. Waye ngumntana wokuqala kaBawo, Oyena Ekukuphela kwakhe okhethiweyo uNyana osenyameni, uMkhululi wehlabathi

Wavuka engcwabeni ukuze “abe ziziqhamo zokuqala zabo bonke abaleleyo” (1 AbaseKorinte15:20). NjengeNkosi Evukileyo, Wandwendwela phakathi kwabo Wayebathanda emhlabeni. Kwaye washumayeza phakathi kweZakhe “ezinye iimvu” (Yohane 10:16) eMelika yamandulo. Kwihlabathi elitsha, Yena noBawo wakhe bavela enkwenkweni uJoseph Smith, esandulela isithembiso esenziwa kudala “sexesha lokuzakaliseka kwamaxesha” (AbaseEfese 1:10).

NgoKrestu Ophilayo, uMprofeti Joseph wabhala: Amehlo Wakhe ayenjenge dangatye lomlilo; iinwele zentloko yakhe zazimhlophe njenge khephu elimhlophe; ubuso bakhe babumenyezela ngaphezulu kokukhanya kwelanga; kwaye ilizwi lakhe lalisisandi samanzi amaninzi abalekayo, kanye ilizwi likaYehova, lisithi:

“NdingowokuqaIa kwaye nowokugqibela; Nginguye lo ophilayo, Ndinguye lo owabulawayo; Ndingumthetheleli wenu kunye noBawo” (Imfundiso neMinqophiso 110:3–4).

Ngaye uMprofeti kwakhona wasazisa: “Kwaye ngoku, emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina, bokugqibela kubo bonke, esibunikayo ngaye: Ukuba uyaphila!

“Ngokuba sambona, kanye kanye ecaleni kwase sandleni sasekunene sikaThixo; kwaye sava ilizwi lingqina ngokugciniweyo ukuba kukuphela koNyana kaBawo—

“Ukuba ngaye, kwaye nangaye, kwaye ngokwakhe, amahlabathi akhona kwaye adalwa, kwaye abahlali bawoo nabo bangonyana kunye namantombazana kaThixo” (Imfundiso neMinqophiso 76:22–24).

Siyanazisa ngamazwi asulungekileyo ukuba ububingeleli Bakhe kunye neCawa Yakhe zibuyisiwe emhlabeni— “zakhiwe phezu kwesiseko sa … bapostile kunye nabaprofeti, uYesu Krestu yena ngobuqu lilitye lekona elikhulu eliyinkosi” (AbaseEfese 2:20).

Siyangqina ukuba Uyakubuyela emhlabeni ngenye imini. “Kwaye uzuko lweNkosi luyakutyhilwa, kwaye yonke imizimba yenyama iyakulubona kunye” (Izaya 40:5). Uyakulawula njengeKumkani yooKumkani kwaye aphathe njengeNkosi yeeNkosi, kwaye lonke idolo liyakugoba kwaye onke amalwimi ayakuthetha enkqula phambi Kwakhe. Umntu ngamnye kuthi uyakumela ukugwetywa Nguye ngokwemisebenzi yethu kwaye neminqweno yeentliziyo zethu.

Siyangqina, njengabaPostile Bakhe abamiswe nguye—ukuba uYesu unguKrestu Ophilayo, uNyana wanaPhakade kaThixo. UnguKumkani omkhulu uImanyuwel, oma namhlanje kwisandla sasekunene sikaThixo. Ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi. Indlela yakhe yindlelana ekhokelela elonwabeni kobu bomi kwaye nakubomi banaphakade kunye noThixo kwihlabathi elizayo. UThixo makabulelwe ngesiphiwo esingalinganisekiyo esinguNyana Wakhe wezulu.

IsiMongameli SokuQala

Umfanekiso
iisayina

Janyuwari 1,2000

IQumrhu LabaLishumi nambili

Umfanekiso
ukusayina kwabalishumi nambili
Umfanekiso
ukusayina kwabalishumi nambili 2