Imimiselo neZibhengezo
ISibhengezo soSapho


USapho

ISibhengezo kwiHlabathi

UBongameli bokuQala neQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela

Thina, uBongameli bokuQala neQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, ngokundilisekileyo siyabhengeza ukuba umtshato phakathi kwendoda nomfazi umiselwe nguThixo kwaye nokokuba usapho lubaluleke kakhulu kwicebo loMdali lolwazelelo lwanaphakade lwabantwana baKhe.

Wonke umntu—indoda nomfazi—udalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Omnye ngamnye uyintandane engunyana okanye eyintombi ngokwasemoyeni yabazali basezulwini, kwaye, ngokunjalo, umntu ngamnye unemvelo yobuThixo nolwazelelo. Isini siluphawu olubalulekileyo somntu ngamnye sobomi bangaphambili, sobomi basemhlabeni, kunye nesazisi sanaphakade nenjongo.

Ebomini bangaphambili, oonyana neentombi zomoya babemazi kwaye babemnqula uThixo njengoYise wabo onguNaphakade kwaye babelamkele icebo laKhe elalibonelela ukuba abantwana baKhe babenokufumana umzimba wenyama kwaye bazuze amava asemhlabeni ukuze baqhubekele kwingqibelelo kwaye nasekugqibeleni bafikelele kulwazelelo lwabo njengeendlalifa zobomi banaphakade. Icebo lobuThixo lovuyo lenza ubudlelwane beentsapho ukuba budlulele ngapha kwengcaba. Imimiselo engcwele neminqophiso efumaneka kwiitempile ezingcwele yenza abantu bakwazi ukubuyela kubukho bukaThixo kunye neentsapho ukuba zimanywe ngonaphakade.

Umyalelo wokuqala uThixo owawunika uAdam noEva wawumayelene nokokuba babenokuba ngabazali njengendoda nomfazi. Siyabhengeza ukuba umthetho kaThixo ebantwaneni baKhe wokuba bande bawuzalise umhlaba usasebenza. Siyabhengeza ngakumbi ukuba uThixo uye wayalela okokuba ulwabelwano lwesondo lunyulu kumele lusetyenziswe phakathi kwendoda nomfazi, abatshate ngokusemthethweni njengomyeni nenkosikazi.

Siyabhengeza ukuba indlela ubomi emhlabeni obudalwe ngayo buhleliwe nguThixo. Siyangqina ngobungcwele bobomi kunye nokubaluleka kwabo kwicebo likaThixo lanaphakade.

Umyeni nenkosikazi banoxanduva olundilisekileyo lokokuba bathandane kwaye bakhathalelane kunye nabantwana babo. “Abantwana balilifa leNkosi” (thelekisa IiNdumiso 127:3). Abazali banomsebenzi ongcwele wokukhulisa abantwana babo ngothando nangobulungisa, bababonelele ngeemfuno zokwenyama nezokomoya, kwaye babafundise ukuba bathandane bancedane, baqwalasele imithetho kaThixo, kwaye babengabemi abathobela imithetho yalapho bahlala khona. Abayeni namakhosikazi—oomama nootata—baya kuziphendulela phambi kukaThixo ngokufezekisa olu xanduva.

Usapho lumiselwe nguThixo. Umtshato phakathi kwendoda nomfazi uyinxalenye ebalulekileyo kwicebo laKhe lanaphakade. Abantwana banelungelo lokuzalelwa ebazalini abatshatileyo, kwaye bakhuliswe ngutata nomama abahlonipha izifungo zomtshato ngokunyaniseka okugqibeleleyo. Ulonwabo kubomi losapho lungaphunyezwa ngokugqibeleleyo xa lusekelwe phezu kweemfundiso zeNkosi uYesu Krestu. Imitshato neentsapho eziphumeleleyo zisekwa kwaye zilondolozwa kwimigaqo yomthandazo, yokholo, yenguquko, yoxolelwano, yentlonipho, yothando, yemfesane, yomsebenzi, kunye nemisebenzi yokuzonwabisa enempilo. Ngecebo likaThixo, ootata kumele bongamele kwiintsapho zabo ngothando nangobulungisa kwaye banoxanduva lokubonelela ngeemfuneko zobomi nokhuselo lweentsapho zabo. Uxanduva loomama olungundoqo kukondla abantwana babo. Ootata noomama, kolu xanduva banyanzelekile ukuba bancedane njengamaqabane alinganayo. Ukukhubazeka, ukufa, okanye ezinye iimeko zingenza kube yimfuneko yokuba niziqhelanise nazo ekukhathaleleni usapho. Ezinye izalamane kumele zincede xa kunemfuneko yoko.

Siyalumkisa ukuba abantu abathi bophule iminqophiso yobunyulu, baxhaphaze abalingane babo okanye abantwana babo, okanye abathi bohluleke ukuzalisekisa uxanduva losapho baya kuziphendulela kuThixo ngenye imini. Ngaphezulu koko, siyalumkisa ukuba uqhekeko losapho luya kwehlisa izihelegu ebantwini, eluntwini, nasemazweni ezazixelwe kwangaphambili ngabaprofeti bamandulo nabanamhlanje.

Simema abemi abanenkathalo kunye namagosa karhulumente kuyo yonke indawo ukuba bakhuthaze loo manyathelo awacwangciselwa ukugcina nokomeleza usapho njengelungu elisisiseko soluntu.