Izibhalo
Moses 8


Isahluko 8

(Februwari 1831)

UMethusela uyaprofetha—UNowa noonyana bakhe bashumayela ivangeli—Inkohlakalo enkulu iyoyisa—Ubizelo enguqukweni alunyamekelwa—UThixo umisela ukutshatyalaliswa kwayo yonke inyama ngoNogumbe.

1 Kwaye imihla iyonke kaEnoki yaba ngamakhulu amane anamashumi amathathu eminyaka.

2 Kwaye kwenzekile okokuba auMethusela, unyana kaEnoki, wayengathatyathwanga, ukuze iminqophiso yeNkosi ibe nokuzalisekiswa, eyayiyenze kuEnoki; kuba yanqophisana ngenene noEnoki okokuba uNowa abe ngowesiqhamo sesinqe sakhe.

3 Kwaye kwenzekile okokuba uMethusela waprofetha okokuba esinqeni sakhe kuya kuvela zonke izikumkani zomhlaba (ngoNowa), kwaye wathabathela uzuko kuyo.

4 Kwaye kweza ngaphambili indlala enkulu elizweni, kwaye iNkosi yaqalekisa umhlaba ngesiqalekiso esibuhlungu, kwaye abemi bawo abaninzi bafa.

5 Kwaye kwenzekile okokuba uMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi asixhenxe, waza wazala uLameki.

6 Kwaye uMethusela wahlala, emva kokuba ezele uLameki, iminyaka engamakhulu asixhenxe anamashumi asibhozo anesibini, kwaye wazala oonyana neentombi;

7 Kwaye imihla iyonke kaMethusela yaba ngamakhulu alithoba anamashumi amathandathu anethoba eminyaka, waza ke wafa.

8 Kwaye uLameki wahlala ikhulu elinamashumi asibhozo anesibini eminyaka, waza wazala unyana.

9 Kwaye wathi igama lakhe anguNowa, esithi: Lo nyana uya kusithuthuzela ngokunxulumene nomsebenzi wethu ube ngumsebenzi wezandla zethu, ngenxa yomhlaba iNkosi bewuqalekisileyo.

10 Kwaye uLameki wahlala, emva kokuba ezele uNowa, iminyaka engamakhulu amahlanu anamashumi alithoba anesihlanu, kwaye wazala oonyana neentombi;

11 Kwaye imihla iyonke kaLameki yaba ngamakhulu asixhenxe anamashumi asixhenxe anesixhenxe eminyaka, waza ke wafa.

12 Kwaye uNowa wayeneminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu ubudala, waza awazala uYafete; kwaye emva kweminyaka engamashumi amane anesibini wazala buShem kuye awayengunina kaYafete, kwaye xa wayeneminyaka engamakhulu amahlanu ubudala wazala cuHam.

13 Kwaye auNowa noonyana bakhe bbayiphulaphula iNkosi, baza banika inyameko, kwaye babebizwa ukuba cngoonyana bakaThixo.

14 Kwaye xa aba bantu bandayo ebusweni bomhlaba, kwaye neentombi zazalwa ngabo, aoonyana babantu babona ezoo ntombi ukuba zazintle, baye bazithatha bazenza abafazi, nkqu njengoko befuna.

15 Kwaye iNkosi yathi kuNowa: Iintombi zoonyana bakho azizithengisile; qaphela kuba umsindo wam uyavutha ngokuchasene noonyana babantu, kuba bengayi kuphulaphula ilizwi lam.

16 Kwaye kwenzekile okokuba uNowa waprofetha, kwaye wafundisa izinto zikaThixo, nkqu njengoko kwakunjalo ekuqalekeni.

17 Kwaye iNkosi yathi kuNowa: UMoya wam awuyi kusoloko ausebenza nomntu, kuba iya kwazi ukuba yonke binyama iya kufa; kanti ke imihla yakhe iya kuba likhulu elinamashumi amabini eminyaka; kwaye ukuba abantu abaguquki, ndiya kubathumela cunogumbe phezu kwabo.

18 Kwaye ngaloo mihla kwakukho aizigebenga emhlabeni, kwaye zazifuna ukuthabatha ubomi bukaNowa; kodwa iNkosi yayikunye noNowa, bnamandla eNkosi ayephezu kwakhe.

19 Kwaye iNkosi ayammisela buNowa cngokohlobo olulolwayo, kwaye yamyalela ukuba uya kuya phambili aze dabhengeze iVangeli yayo ebantwaneni babantu, nkqu njengoko yayinikwe uEnoki.

20 Kwaye kwenzekile okokuba uNowa wabiza abantwana babantu ukuba amabaguquke; kodwa abazange bawaphulaphule amazwi akhe;

21 Kananjalo, emva kokuba bemvile, beza phezulu phambi kwakhe, besithi: Qaphela, singoonyana bakaThixo; asithathelanga na kuthi iintombi zabantu? Kwaye aasidli kwaye asiseli na, kwaye asitshati nokunikela emtshatweni na? Kwaye abafazi bethu basizalela abantwana, nangokunjalo ebantwini abanamandlakazi, abafana nabantu bakudala, abantu bodumo olukhulu. Kwaye ke abawaphulaphulanga amazwi kaNowa.

22 Kwaye uThixo wabona ukuba ainkohlakalo yabantu iya ibankulu emhlabeni; kwaye wonke umntu wayephakanyiselwe phezulu kukuyila bkweengcinga zentliziyo yakhe, ibububi bodwa imihla yonke.

23 Kwaye kwenzekile ukuba uNowa waqhubeka aukushumayela kwakhe ebantwini, esithi: Phulaphulani, nize ninike inyameko emazwini am;

24 aKholwani nize niguquke ezonweni zenu nize bnibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, uNyana kaThixo, nkqu njengoobawo bethu, kwaye niya kwamkela uMoya oyiNgcwele, ukuze nibe nokuba nezinto zonke zenziwe czibonakaliswe; kwaye ukuba anikwenzi oku, unogumbe uya kuza phezu kwenu; nangona kunjalo abaphulaphulanga.

25 Kwaye uNowa waba lusizi, nentliziyo yakhe yaba buhlungu kuba iNkosi yamenza umntu emhlabeni, kwaye oku kwamhlungisa entliziyweni.

26 Kwaye iNkosi yathi: Ndiya akumtshabalalisa umntu endimdalileyo, ebusweni bomhlaba, kunye umntu nesilo, nezinto ezinambuzelayo, neentaka zezulu; kuba kwenze lusizi uNowa ngokuba ndabadalayo, nokokuba ndabenzayo; kwaye ubabizele kum; kuba befune ubomi bakhe.

27 Kwaye njalo uNowa wafumana aubabalo emehlweni eNkosi; kuba uNowa wayeyindoda elungileyo, nesizukulwana sakhe bsasigqibelele; kwaye cwahamba kunye noThixo, njengoko benza kanjalo oonyana bakhe abathathu, uShem, uHam, noYafete.

28 Umhlaba awawonakele phambi koThixo, kwaye wawuzele lugonyamelo.

29 Kwaye uThixo wajonga phezu komhlaba, kwaye, qaphela, wawonakele, kuba yonke inyama iwonakalisile umendo wayo phezu komhlaba.

30 Kwaye uThixo wathi kuNowa: Isiphelo sayo yonke inyama size phambi kwam, kuba umhlaba uzele lugonyamelo, kwaye qaphela ndiya akuyitshabalalisa yonke inyama isuke emhlabeni.