Izibhalo
Moses 7


Isahluko 7

(Disemba 1830)

UEnoki ufundisa, ukhokela abantu, aze ashukumise iintaba—Isixeko seZiyon siyamiswa—UEnoki ubona kwangaphambili ukuza koNyana woMntu, idini lentlawulelo Lakhe, novuko lwabangcwele—Ubona kwangaphambili ubuyiselo, ukuhlanganiswa, ukuBuya kweSibini, nokubuyiswa kweZiyon.

1 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki waqhubeka nentetho yakhe, esithi: Qaphelani, ubawo wethu uAdam wafundisa ezi zinto, kwaye abaninzi bakholwa baza baba angoonyana bakaThixo, kwaye abaninzi abakholwanga, baza batshabalalela ezonweni zabo, kwaye bejonge phambili bngoloyiko, kwintuthumbo, kuba ingqumbo etshisayo yomsindo kaThixo ithululelwe phezu kwabo.

2 Kwaye ukusuka kweloo xesha ukuya phambili uEnoki waqalisa ukuprofetha, esithi ebantwini, okokuba: Njengoko ndandihambahamba, ndaye ndema phezu kwendawo iMahujah, ndaze ndakhala eNkosini, kweza ilizwi liphuma ezulwini, lisithi—Jika wena, uze uye phezu kwentaba iSimon.

3 Kwaye kwenzekile okokuba ndajika kwaye ndenyuka entabeni; kwaye njengoko ndema phezu kwentaba, ndabona amazulu evuleka, ndaye ndanxityiswa angobuqaqawuli;

4 Kwaye ndabona iNkosi; kwaye ke yema phambi kobuso bam, yaye yathetha nam, nkqu njengomntu ethetha omnye nomnye, aubuso ngobuso; kwaye yathi kum: bKhangela, ndaye ndiya kubonisa ihlabathi isithuba sezizukulwana ezininzi.

5 Kwaye kwenzekile okokuba ndabona intlambo yeShum, kwaye ndabona, abantu abakhulu ababehlala ezintenteni, eyayingabantu baseShum.

6 Kwaye kwakhona iNkosi yathi kum: Khangela; ndaye ndajonga ngasentla, kwaye ke ndabona abantu baseKanan, ababehlala ezintenteni.

7 Kwaye iNkosi yathi kum: Profetha; ndaye ndaprofetha, ndisithi: Qaphelani abantu baseKanan, abaninzi, baya kuya ngaphambili bekuluhlu lwemfazwe ngokuchasene nabantu baseShum, kwaye baya kubabulala ukuze babe baya kubatshabalalisa ngokupheleleyo; nabantu baseKanan baya kuzahlula elizweni, nelizwe liya kuba ngumqwebedu lize lingavelisi ziqhamo, kwaye akukho abanye abantu abaya kuhlala apho ngaphandle kwabantu baseKanan;

8 Kuba qaphelani, iNkosi iya kuliqalekisa ilizwe ngobushushu obugqithisileyo, nobumqwebedu balo buya kuya phambili ngonaphakade; kwaye ke kwabakho aubumnyama obeza phezu kwabo bonke abantwana baseKanan, ukuze babe nokucekiseka phakathi kwabo bonke abantu.

9 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathi kum: Khangela; ndaye ndajonga, kwaye ndabona ilizwe laseSharon, nelizwe likaEnoki, nelizwe likaOmna, nelizwe likaHeni, nelizwe likaShem nelizwe likaHaneri, nelizwe likaHananiha, nabo bonke abemi bawo;

10 Kwaye iNkosi yathi kum: Yiya kwaba bantu, uze uthi kubo—aGuqukani, hleze ndiphume ndize ndibabethe ngesiqalekiso, baze bafe.

11 Kwaye wandinika umyalelo okokuba ndiya akubhaptiza egameni loYise, neloNyana, elizele blubabalo nenyaniso, cneloMoya oyiNgcwele, onika ubungqina boYise noNyana.

12 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki waqhubeka ebiza bonke abantu, ukuba baguquke, ngaphandle kwabo babengabantu baseKanan;

13 Kwaye ke lwaba lukhulu njalo aukholo lukaEnoki kuba wakhokela abantu bakaThixo, neentshaba zabo zeza kulwa ngokuchasene nabo; kwaye wathetha ilizwi leNkosi, nomhlaba wangcangacazela, bneentaba zasaba, nangokomyalelo wakhe; cnemilambo yamanzi yajika yaphuma endleleni yawo; nomgqumo weengonyama waviwa uphuma entlango; nezizwe zonke zoyika kakhulu, laba dnamandla ngokunjalo ilizwi likaEnoki, namandla olwimi amakhulu kangako uThixo awayemnike wona.

14 Kanjalo apho kwenyuka ilizwe liphuma enzulwini yolwandle, kwaye lwaba lukhulu kangako uloyiko lweentshaba zabantu bakaThixo, kuba basaba kwaye bema kude kwaye baya elizweni elanyukayo liphuma enzulwini yolwandle.

15 Kwaye aizigebenga zelizwe, kanjalo, zema kude; nalapho kweza ngaphambili isiqalekiso phezu kwabo bonke abantu abalwa ngokuchasene noThixo;

16 Kwaye ukususela ngeloo xesha ukuya phambili kwabakho iimfazwe nempalalo-gazi phakathi kwabo; kodwa iNkosi yeza yaze yahlala nabantu bayo, baza bahlala ebulungiseni.

17 aUloyiko lweNkosi lwaluphezu kwazo zonke izizwe, lwaba lukhulu njalo uzuko lweNkosi olwaluphezu kwabantu bayo. Kwaye iNkosi byalisikelela ilizwe, kwaye besikelelekile ke phezu kweentaba, naphezu kweendawo eziphezulu, baze ke bachuma.

18 Kwaye iNkosi yathi abantu bayo ayiZiyon, ngenxa yokuba bbabenentliziyo enye nengqondo enye, baye bahlala ebulungiseni; kwaza akwabakho mahlwempu phakathi kwabo.

19 Kwaye uEnoki waqhubeka eshumayela ebulungiseni kubo abantu bakaThixo. Kwaye kwenzekile kwimihla yakhe, okokuba wakha isixeko esabizwa iSixeko sobuNgcwele, nkqu iZiyon.

20 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wathetha kunye neNkosi; kwaye ke wathi eNkosini: Ngokwenene aiZiyon iya kuhlala elukhuselekweni ngonaphakade. Kodwa iNkosi yathi kuEnoki: IZiyon ndiyisikelele, kodwa intsalela yabantu ndiyiqalekisile.

21 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yabonisa uEnoki bonke abemi bomhlaba; kwaye waqaphela, kwaye wabona, iZiyon, ekuhambeni kwexesha, ayathatyathelwa phezulu ezulwini. Kwaye iNkosi yathi kuEnoki: Qaphela indawo yam yokuhlala ngonaphakade.

22 Kananjalo uEnoki wabona intsalela yabantu eyayingoonyana baka-Adam; kwaye babengumxube wembewu ka-Adam ngaphandle kwembewu kaKayin, kuba imbewu kaKayin ayayimnyama, kwaye yayingenandawo phakathi kwabo.

23 Kwaye emva kokuba iZiyon yathatyathelwa aphezulu, ezulwini, uEnoki bwaqaphela, kwaye wabona, czonke izizwe zomhlaba zaziphambi kwakhe;

24 Kwaye apho kweza isizukulwana phezu kwesizukulwana; kwaye uEnoki wayephezulu kwaye aephakanyisiwe, nkqu esifubeni soYise, nesoNyana woMntu; waza waqaphela, amandla kaSathana awayephezu kwabo bonke ubuso bomhlaba.

25 Kwaye wabona iingelosi zisehla ziphuma emazulwini; kwaye weva ilizwi elikhulu lisithi: Yeha, yeha kubo abemi bomhlaba.

26 Kwaye wabona uSathana; waye aenetyathanga elikhulu esandleni sakhe, kwaye laligubungele bonke ubuso bomhlaba bngobumnyama; kwaye wajonga phezulu waza wahleka, cneengelosi zakhe zivuya.

27 Kwaye uEnoki wabona aiingelosi zisehla ziphuma emazulwini, zinika bubungqina boYise noNyana; noMoya oyiNgcwele wehla kwabaninzi, kwaye baxwilelwa eZiyon ngamandla asezulwini.

28 Kwaye kwenzekile okokuba uThixo wamazulu wajonga phezu kwentsalela yabantu, kwaye ke walila; waze ke uEnoki wanika ubungqina boko, esithi: Kwenzeka njani ukuba amazulu alile, abe achithela ngaphambili iinyembezi zawo njengemvula phezu kweentaba?

29 Kwaye uEnoki wathi eNkosini: Kwenzeka njani ukuba wena ungenako aukulila, ndibona ukuba wena ungcwele, yaye ususela kuwo onke amaphakade kuye kuwo onke amaphakade?

30 Kwaye kunokwenzeka na ukuba umntu abenako ukubala amasuntswana omhlaba, ewe, izigidi azemihlaba ezinje ngale, ibingayi kuba sisiqalo eqeleni blendalo yakho; kwaye izigqumathelo zakho zisanabele ngaphandle; kwaye wena uselapho, nesifuba sakho silapho; kananjalo wena ulilungisa; wena unenceba nokulunga ngonaphakade;

31 Kwaye iZiyon uyithabathele esifubeni esisesakho, kuyo yonke indalo yakho, ukususela kuwo onke amaphakade kuye kuwo onke amaphakade; kwaye kungekho nto kodwa ailuxolo, bubulungisa, kwaye cinyaniso ingummi wetrone; kwaye uxolo luya kuya phambi kobuso bakho ize ingabi nasiphelo; kwenzeka njani ukuba wena ungenako ukulila?

32 INkosi yathi kuEnoki: Qaphela aba ngabazalwana bakho; bangumsebenzi awezandla ezizam, kwaye ndabanika bulwazi lwabo, ngawo umhla endabadalayo; kwaye eMyezweni we-Eden, ndamnika igunya lakhe clokuzikhethela;

33 Kwaye ke kuba abazalwana bakho ndithe, kananjalo ndinike umyalelo, ukuba baya akuthandana, nokokuba baya kukhetha mna, uYise wabo; kodwa qaphela, abanabubele, kwaye balithiyile igazi elilelabo;

34 Kwaye aumlilo womsindo wam uyavutha ngokuchasene nabo; kwaye ekungakholisekeni kwam okushushu ndiya kuthumela bunogumbe phezu kwabo, kuba umsindo wam owoyikekayo uyavutha ngokuchasene nabo.

35 Qaphela, ndinguThixo; aiNdoda yobuNgcwele ligama lam; iNdoda yeCebiso ligama lam; noNgenasiphelo naNgonaphakade kanjalo, bligama lam.

36 Ngako oko, ndinako ukolulela ngaphambili izandla zam ndize ndiphathe yonke indalo endiyenzileyo; aneliso lam linako ukubagqobhoza kanjalo, naphakathi kwawo wonke umsebenzi wezandla zam akuzange kubekho enkulu kangako binkohlakalo njengaphakathi kwabazalwana bakho.

37 Kodwa qaphela, izono zabo ziya kuba phezu kweentloko zooyise; uSathana uya kuba nguyise wabo, nenkxwaleko iya kuba ngumgwebo wabo; namazulu onke aya kulila phezu kwabo, nkqu wonke umsebenzi wezandla zam; ngako oko awayi kulila na amazulu, ebona aba abaya kubulaleka?

38 Kodwa qaphela, aba amehlo akho aphezu kwabo baya kutshabalala kunogumbe; kwaye qaphela, ndiya kubavalela; ndibalungiselela aintolongo.

39 Kwaye alowo endimkhethileyo ucenge phambi kobuso bam. Ngako oko, ubulalekele izono zabo; njengokuba beya kuguquka ngomhla bendiBakhethileyo bam abaya kubuyela kum, kwaye ke kude kube nguloo mhla baya kuba ckwintuthumbo;

40 Ngako oko, ngoku amazulu aya kulila, ewe, nawo wonke umsebenzi wezandla zam.

41 Kwaye kwenzekile ukuba iNkosi yathetha kuEnoki, kwaye yaxelela uEnoki zonke izenzo zabantwana babantu; ngako oko uEnoki wazi, waye wajonga phezu kwenkohlakalo yabo, nenkxwaleko yabo, kwaye walila waye olulele ngaphambili iingalo zakhe, kwaye aintliziyo yakhe yakhukhumala ngokubanzi njengephakade; nezibilini zakhe zalangazelela; nawo onke amaphakade ashukuma.

42 Kwaye uEnoki kanjalo wabona auNowa, bnosapho lwakhe; nokokuba izizukulwana zabo bonke oonyana bakaNowa ziya kusindiswa ngosindiso lwexeshana;

43 Ngako oko uEnoki wabona okokuba uNowa wakha aumkhombe; nokokuba iNkosi yancuma phezu kwawo, kwaye yawuphatha esandleni esisesayo; kanti ke phezu kwentsalela yabakhohlakeleyo kweza unogumbe waza wabaginya.

44 Nanjengokuba uEnoki wabona oku, waba nobukrakra bomphefumlo, kwaye ke walila ngabazalwana bakhe, kwaye wathi kuwo amazulu: Ndiya akwala ukuthuthuzeleka; kodwa yathi iNkosi kuEnoki: Phakamisela phezulu intliziyo yakho, uze uvuye; uze ujonge.

45 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wajonga; yaye ke ukususela kuNowa, wabona zonke iintsapho zomhlaba, yaye ke wakhala eNkosini, esithi: Iya kufika nini imini yeNkosi? Xa igazi laMalungisa liya kuphalala, ukuze bonke abo balilayo babe anokungcwaliswa baze babe nobomi obungunaphakade?

46 Kwaye iNkosi yathi: Kuya kuba njalo ngexesha alobungangamsha, ngemihla yenkohlakalo nempindezelo.

47 Kwaye qaphela, uEnoki wawubona umhla wokuza koNyana woMntu, nkqu esenyameni; kwaye umphefumlo wakhe wagcoba, esithi: Amalungisa anyuselwe phezulu, aneMvana ibulewe ukususela kwisiseko sehlabathi; kwaye ngokholo ndisesifubeni sikaBawo, kwaye qaphela, biZiyon ikunye nam.

48 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wajonga phezu akomhlaba; kwaye weva ilizwi livela ezibilinini zawo, lisithi: Yeha, yeha ndim, unina wabantu; ndihlungisiwe, ndidiniwe, ngenxa yenkohlakalo yabantwana bam. Ndiya bkuphumla nini, ndize ndicocwe ckubunyhuku-nyhuku obuhambele phambili buphuma kum? UMdali wam uya kundingcwalisa nini, ukuze ndibe nokuphumla, buze ubulungisa okwexesha buhlale phezu kobuso bam?

49 Waza xa uEnoki weva umhlaba uzilile, walila, kwaye wakhala eNkosini, esithi: Owu Nkosi, awunayo na imfesane ngomhlaba? Akusayi kubasikelela na abantwana bakaNowa?

50 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki waqhubekekisa isikhalo sakhe eNkosini, esithi: Ndicela wena, Owu Nkosi, egameni lowakho oKuphela koZelweyo, nkqu uYesu Krestu, okokuba ube uya kuba nenceba phezu koNowa nembewu yakhe, ukuze umhlaba ube awunakuze kwakhona ugqunyelelwe ngunogumbe.

51 Kwaye iNkosi ayizange ibenako ukuzibamba; kwaye yanqophisana kunye noEnoki, kwaye yafunga kuye ngesifungo, okokuba iya kumphelisa aunogumbe; kuba iya kubiza abantwana bakaNowa;

52 Kwaye yathumela phambili ummiselo ongenakuguqulwa, okokuba aintsalela yembewu yakhe iya kufunyanwa rhoqo phakathi kwazo zonke izizwe, kangangokuba umhlaba uya kuma;

53 Kwaye iNkosi yathi: Usikelelekile lowo ngembewu yakhe uMesiya aya kuza; kuba ithi—andinguMesiya, buKumkani weZiyon, ciLiwa leZulu, obanzi njengephakade; lowo ungena ngesango aze danyuke ngam akasayi kuwa; ngako oko, basikelelekile abo ndithethe ngabo, kuba baya kuza ngaphambili engeengoma zokugcoba kwanaphakade.

54 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wakhala eNkosini, esithi: Xa uNyana woMntu esiza esenyameni, umhlaba uya kuphumla na? Ndiyakuthandaza, ndibonise ezi zinto.

55 Kwaye iNkosi yathi kuEnoki: Khangela, kwaye wakhangela kwaye wabona auNyana woMntu enyuselwe bemnqamlezweni, ngokohlobo lwabantu;

56 Kwaye weva ilizwi elikhulu; namazulu ayegutyungelwe; nendalo yonke kaThixo yazila; nomhlaba awagcuma; namatye ayeqhekekile; nabangcwele bbavuka, kwaye cbabethweswe dekunene koNyana woMntu, ngezithsaba zozuko;

57 Kwaye njengabaninzi aboomoya bababesentolongweni beza ngaphambili, kwaye bema ekunene kukaThixo; nentsalela yayigcinwe emakhamandeleni obumnyama kude kube ngumgwebo womhla omkhulu.

58 Kwaye kwakhona uEnoki walila kwaye wakhala eNkosini, esithi: Uya kuphumla nini umhlaba?

59 Kwaye uEnoki wabona uNyana woMntu enyukela phezulu kuBawo; kwaye wabiza eNkosini, esithi: Akusayi kuza na kwakhona phezu komhlaba? Ngenxa yokuba wena unguThixo, ndaye ndikwazi wena, kwaye wena wafunga kum, kwaye wandiyalela ukuba ndiya kucela egameni lowakho oKuphela koZelweyo; wena undenzile, waza wandinika ilungelo etroneni yakho, kwaye ingekokwam, kodwa ngobabalo olulolwakho; ngako oko, ndiyakubuza ukuba akuyi kuza na kwakhona emhlabeni.

60 Kwaye iNkosi yathi kuEnoki: Njengoko ndiphila, nkqu kunjalo ndiya kuza akwimihla yokugqibela, ngemihla yenkohlakalo nempindezelo, ukuzalisekisa isifungo endandisenze kuwe ngokunxulumene nabantwana bakaNowa;

61 Kwaye umhla uya kuza oyakuthi umhlaba auphumle ngawo, kodwa phambi kwaloo mhla amazulu aya kwenziwa bmnyama, cnesigqumathelo sobumnyama siya kuwugubungela umhlaba; kwaye amazulu aya kunyikima, nomhlaba kanjalo; neenkxwaleko ezinkulu ziya kuba phakathi kwabantwana babantu, kodwa abantu bam ndiya dkubalondoloza;

62 Kwaye ndiya kuthumela ezantsi aubulungisa buphuma ezulwini; bnenyaniso ndiya kuyithumela phambili iphuma cemhlabeni, ukunika dubungqina bowam oKuphela koZelweyo; euvuko lwakhe kwabafileyo; ewe, novuko lwabo bonke abantu kanjalo; kwaye ndiya kwenza ubulungisa nenyaniso zitshayele umhlaba njengokungathi kungonogumbe, fndihlanganisela abanyulwa bam kuzo zone iimbombo zomhlaba, kwindawo endiya kubalungiselela yona, iSixeko esiNgcwele, ukuze abantu bam babe nokubhinqa izinqe zabo, baze bajonge phambili ixesha lokuza kwam; kuba uya kubalapho umnquba wam, kwaye uya kubizwa ngokuba yiZiyon, giYerusalem eNtsha.

63 Kwaye iNkosi yathi kuEnoki: Ngoko wena anesixeko sakho sonke niya kuhlangana nabo apho, kwaye siya kubamkelela ezifubeni zethu, kwaye baya kusibona; kwaye siya kuwela phezu kweentamo zabo, kwaye baya kuwela phezu kweentamo zethu, kwaye siya kwangana;

64 Kwaye iya kuba lapho indawo yam yokuhlala, kwaye iya kuba yiZiyon, eya kuza phambili iphuma kuyo yonke indalo endiyenzileyo; kwaye kangangesithuba aseminyaka eliwaka umhlaba uya bkuphumla.

65 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wabona umhla awokuza koNyana woMntu, ngemihla yokugqibela, ezokuhlala emhlabeni ebulungiseni isithuba seminyaka eliwaka;

66 Kodwa phambi kwaloo mhla wabona iinkxwaleko ezinkulu phakathi kwabakhohlakeleyo; kananjalo wabona ulwandle, olwalungaxolanga, neentliziyo zabantu ziya akoyika, zijonge phambili ngoloyiko bimigwebo kaThixo uSomandla, eziya kuza phezu kwabakhohlakeleyo.

67 Kwaye iNkosi yabonisa uEnoki zonke izinto, nkqu ukuya kwisiphelo sehlabathi; kwaye wabona umhla wamalungisa, ilixa lenkululeko yabo, kwaye bafumana auvuyo olupheleleyo;

68 Kwaye imihla yonke ayeZiyon, ngemihla kaEnoki, yayingamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesihlanu.

69 Kwaye uEnoki nabantu bakhe bonke abahamba noThixo, kwaye wahlala phakathi kweZiyon; kwaye kwenzekile okokuba iZiyon yathi shwaka, kuba uThixo wayamkelela phezulu esifubeni esisesakhe; kwaye ukususela ngoko kuye phambili kwathiwa, iZiyon yaBaleka.