Izibhalo
Moses 6


Isahluko 6

(Novemba–Disemba 1830)

Imbewu ka-Adam igcina incwadi yeenkumbulo—Isizukulwana sakhe esilungileyo sishumayela inguquko—UThixo uzityhila ngeNkqu kuEnoki—UEnoki ushumayela ivangeli—Icebo losindiso latyhilwa kuAdam—Wafumana ubhaptizo nobubingeleli.

1 Kwaye auAdam waphulaphula ilizwi likaThixo, kwaye wabizela oonyana bakhe ekuguqukeni.

2 Kwaye uAdam wamazi umkakhe kwakhona, kwaye ke wazala unyana, kwaye wathi igama lakhe anguSete. Kwaye uAdam walizukisa igama likaThixo; kuba wathi: UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli, lowo uKayin wambulalayo.

3 Kwaye uThixo wazityhila kuSete, kwaye akazange avukele, kodwa wanikela aidini elamkelekileyo, njengelomntakwabo uAbheli. Kwaye kuye kanjalo kwazalwa unyana, kwaye wathi igama lakhe nguEnoshe.

4 Kwaye ngoko baqala aba bantu aukubiza egameni leNkosi, kwaye iNkosi yabasikelela.

5 Kwaye aincwadi yeenkumbulo yagcinwa, kuyo kwabhalwa, ngolwimi luka-Adam, kuba yayinikwa abaninzi njengoko babebiza uThixo babhale ngomoya bwempembelelo;

6 Kwaye ngabo abantwana babo babefundiswa ukufunda nokubhala, benolwimi olwalusulungekile kwaye lungangcolisekanga.

7 Ngoku obu aBubingeleli bufanayo, obabukho ekuqalekeni, buya kubakho esiphelweni sehlabathi kananjalo.

8 Ngoku uAdam wathetha esi siprofetho, njengoko eqhutywa anguMoya oyiNgcwele, kwaye bnomlibo cwabantwana bakaThixo wawugciniwe. Kwaye wona dwawuyincwadi yezizukulwana zika-Adam, esithi: Ngawo umhla uThixo awadala umntu, wamenza ngemfano kaThixo;

9 aNgokomfanekiselo womzimba ongowakhe, bwabadala, indoda nomfazi, kwaye wabasikelela, kwaye wathi cigama labo nguAdam, ngawo umhla xa babedalwa baza baba dyimiphefumlo ephilileyo emhlabeni phezu kwawo ekusisihlalo seenyawo zikaThixo.

10 Kwaye auAdam waphila ikhulu elinamashumi amathathu leminyaka, kwaye wazala unyana kwimfano eyiyeyakhe, bngokomfanekiselo ongowakhe, kwaye wathi igama lakhe nguSete.

11 Kwaye imihla ka-Adam, emva kokuba efumene uSete, yayingamakhulu asibhozo eminyaka, kwaye ke wazala oonyana abaninzi neentombi;

12 Kwaye yonke imihla uAdam awayiphilayo yayingamakhulu alithoba anamashumi amathathu eminyaka, waza wafa.

13 USete waphila ikhulu elinesihlanu leminyaka, kwaye wazala uEnoshe, kwaye ke waprofetha kuyo yonke imihla yakhe, nokuba wafundisa unyana wakhe uEnoshe ezindleleni zikaThixo; ngako oko uEnoshe kanjalo waprofetha.

14 Kwaye uSete waphila, iminyaka engamakhulu asibhozo anesixhenxe, emva kokuba wazala oonyana abaninzi neentombi.

15 Kwaye abantwana babantu babebaninzi phezu kobuso bomhlaba. Kwaye kuloo mihla uSathana awayenobukhosi phakathi kwabantu, kwaye edwanguza ezintliziyweni zabo; kwaye ukususela ngoko kuye phambili kweza iimfazwe nempalalo-gazi; kwaye isandla somntu sasichasene nomntakwabo, ekwenzeni ukufa, ngenxa byemisebenzi efihlakeleyo, befuna amandla.

16 Yonke imihla kaSete yayingamakhulu alithoba aneshumi elinesibini eminyaka, waza wafa.

17 Kwaye ke uEnoshe waphila amashumi alithoba eminyaka, waza wazala auKenan. Kwaye uEnoshe nentsalela yabantu bakaThixo baphuma elizweni, elalibizwa ngokuba yiShulon, kwaye wahlala elizweni lesithembiso, awalibiza emva konyana ongowakhe, awayemthiye ngokuba nguKenan.

18 Kwaye uEnoshe waphila, iminyaka engamakhulu asibhozo aneshumi elinesihlanu, emva kokuba wazala uKenan, waza wazala oonyana abaninzi neentombi. Kwaye iyonke ke imihla kaEnoshe yayingamakhulu alithoba anesihlanu eminyaka, waza wafa.

19 Kwaye uKenan waphila amashumi asixhenxe eminyaka, kwaye wazala uMahalaleli; kwaye uKenan waphila iminyaka engamakhulu asibhozo anamashumi amane emva kokuba wazala uMahalaleli, waza wazala oonyana neentombi. Kwaye iyonke imihla kaKenan yayingamakhulu alithoba aneshumi eminyaka, waza wafa

20 Kwaye uMahalaleli waphila iminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu, kwaye wazala uYerede; kwaye uMahalaleli waphila, iminyaka engamakhulu asibhozo anamashumi amathathu, emva kokuba wazala uYerede, waza wazala oonyana neentombi. Kwaye iyonke imihla kaMahalaleli yayingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba anesihlanu eminyaka, waza wafa.

21 Kwaye uYerede waphila ikhulu elinamashumi amathandathu anesibini eminyaka, kwaye wazala auEnoki, waza wazala oonyana neentombi. Kwaye uYerede wafundisa uEnoki ezindleleni zikaThixo.

22 Kwaye lo mlibo woonyana baka-Adam, aowayengunyana kaThixo, uThixo, ubuqu bakhe, wawuncokola kunye naye.

23 Kwaye ababengabashumayeli bobulungisa, babethetha yaye bbeprofetha, kwaye babebiza bonke abantu, ezindaweni zonke, cbaguquke; dnokholo lwalufundiswa ebantwaneni babantu.

24 Kwaye kwenzekile okokuba iyonke imihla kaYerede yayiyiminyaka engamakhulu alithoba anamashumi amathandathu anesibini, waza wafa.

25 Kwaye uEnoki waphila iminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu, kwaye ke wazala auMethusela.

26 Kwaye kwenzekile okokuba uEnoki wahambahamba elizweni, phakathi kwabantu; nanjengoko ehambahamba, uMoya kaThixo wehla uphuma ezulwini, kwaye wahlala phezu kwakhe.

27 Kwaye weva ilizwi livela ezulwini, lisithi: Enoki, nyana wam, profetha kwaba bantu, uze uthi kubo—Guqukani, kuba itsho njalo iNkosi: aNdinomsindo ngaba bantu, kwaye umsindo wam owoyikekayo uphenjelelwe ngokuchasene nabo; kuba iintliziyo zabo ziqalise ukuba lukhuni, bneendlebe zabo zithe nkqi, namehlo abo cakanako ukubona kude;

28 Kwaye kwezi zizukulwana zininzi, ukususela ngomhla endabadalayo, bathe abalahleka, kwaye bandikhanyela, baze bafuna iingcebiso ezizezabo emnyameni, namasikizi angawabo aqulunqe ubugebenga, baze abayigcina imiyalelo, endayinika uyise wabo, uAdam.

29 Ngako oko, bazifungele tanci, kwaye angesifungo sabo, bazizisele phezu kwabo ukufa; kwaye ndibalungiselele bisihogo, ukuba abaguquki;

30 Kwaye lo ngummiselo, endiwuthumele ngaphambili ekuqalekeni kwehlabathi, uvela emlonyeni ongowam, ukususela kwisiseko salo, nangemilomo yezicaka zam, ooyihlo, ndiwumisele, nkqu njengoko uya kuthunyelwa ngaphambili ehlabathini, kuye eziphelweni zalo.

31 Kwaye xa uEnoki wathi weva la mazwi, waqubuda emhlabeni, phambi kweNkosi, waye wathetha phambi kweNkosi, esithi: Kungokuba kutheni ndifumene ukuthandwa ebusweni bakho, ndaye kodwa ndingumfana, kwaye bonke abantu bayandicaphukela; kuba andilithintitha; ngako oko ke ndisiso na isicaka sakho?

32 Kwaye iNkosi yathi kuEnoki: Yiya phambili uze wenze njengoko ndikuyaleleyo, kwaye akukho mntu uya kukugqobhoza. Vula aumlomo wakho, kwaye uya kuzaliswa, ndaye ndiya kukunika intetho, kuba yonke inyama isezandleni zam, ndaye ndiya kwenza njengoko ndikubona kulungile.

33 Yithi kwaba bantu: aZikhetheleni ngale mini, ukukhonza iNkosi uThixo owanenzayo.

34 Qaphela uMoya wam uphezu kwakho, ngako oko onke amazwi akho ndiya kuwalungisa; aneentaba ziya kusaba phambi kwakho, bnemilambo iya kujika endleleni yawo; kwaye wena uya kuhlala kum, ndize ndibe kuwe; ke ngoko chamba kunye nam.

35 Kwaye iNkosi yathetha kuEnoki; yaze yathi kuye: Qaba amehlo akho ngodaka, uze uwahlambe, kwaye uya kubona. Kwaye ke wenza njalo.

36 Kwaye wabona aoomoya uThixo awathi wabadala; kananjalo wabona izinto ezazingabonakali kwiliso blendalo; kwaye ukususela oko beza intetho ngaphesheya elizweni: cImboni iNkosi iyiphakamisile ebantwini bayo.

37 Kwaye kwenzekile ukuba uEnoki waya ngaphambili elizweni, phakathi kwabantu, esima phezu kweenduli neendawo eziphakamileyo, uye wakhala ngelizwi elikhulu, engqina ngokuchasene nemisebenzi yabo; kwaye bonke abantu ababekhubekile ngenxa yakhe.

38 Kwaye beza ngaphambili bezokumphulaphula, phezu kweendawo eziphezulu, besithi kubagcini beentente: Hlalani nina apha nize nigcine iintente, xa siya ngaphaya sibone imboni, kuba iyaprofetha, kwaye kukho into engaqhelekanga elizweni; umntu oyindlobongela uze phakathi kwethu.

39 Kwaye kwenzekile xa bamvayo, akukho mntu wabeka izandla kuye; kuba uloyiko lweza kubo bonke abamvayo; kuba wayehamba noThixo.

40 Kwaye apho kwaphuma umntu weza kuye, ogama lakhe lalingu Mahijah, waza wathi kuye: Sixelele ngokucacileyo wena ungubani, kwaye uvela phi?

41 Kwaye wathi kubo: Ndivela kwilizwe likaKenan, ilizwe loobawo, ilizwe lobulungisa kude kube ngulo mhla. Kwaye ubawo wandifundisa ezindleleni zikaThixo.

42 Kwaye kwenzekile, njengoko ndandihambahamba ukusuka elizweni likaKenan, ngolwandle lwasempumalanga, ndabona umbono; kwaye yabona, ndabona amazulu, kwaye iNkosi yathetha nam, yaye yandinika umyalelo; ngako oko, ngenxa yale njongo, ndithetha ngaphambili la mazwi, ukugcina umyalelo.

43 Kwaye ke uEnoki waqhuba intetho yakhe, esithi: INkosi eyathetha nam, ikwa nguThixo wamazulu, kwaye unguThixo wam, noThixo wenu, kwaye ningabazalwana bam, kwaye kungokuba kutheni anizicebisa ngokwenu, nibe niphika uThixo wamazulu?

44 Wenza amazulu; aumhlaba bsisihlalo seenyawo zakhe; nesiseko sawo sesakhe. Qaphelani, wasibeka, wazisa phezu kobuso bawo isihlwele sabantu.

45 Kwaye ukufa kweza phezu koobawo; nangona kunjalo siyabazi, kwaye asinako ukuphika, nabo bonke nkqu abokuqala babo siyabazi, nkqu uAdam.

46 Kuba incwadi ayeenkumbulo siyibhalile phakathi kwethu, ngokomfuziselo onikwe ngomnwe kaThixo; kwaye inikwe ngolwimi lwethu.

47 Kwaye njengoko uEnoki wathetha ngaphambili amazwi kaThixo, abantu bangcangcazela, kwaye babengenako ukuma ebusweni bakhe.

48 Kwaye wathi kubo: Ngokuba ke uAdam awawayo, sikho; nangokuwa kwakhe kweza bukufa; kwaye senziwe abaxhamli benkxwaleko neenkathazo.

49 Qaphelani uSathana uthe weza phakathi kwabantwana babantu, yaye awabahenda ukuze banqule yena; kwaye abantu babe bsenyameni, cbasendalweni baza babudemoni, kwaye dbavalelwe ngaphandle ebusweni bukaThixo.

50 Kodwa uThixo wenze kwazeka koobawo bethu okokuba bonke abantu bamele ukuguquka.

51 Kwaye wabiza ubawo wethu uAdam ngelizwi elilelakhe, esithi: NdinguThixo; ndenza ihlabathi, anabantu bphambi kokuba babe senyameni.

52 Kwaye wathi kanjalo kuye: Ukuba uya kubuyela kum, kwaye uphulaphule ilizwi lam, uze ukholwe, uze uguquke kuzo zonke izigqitho zakho, uze aubhaptizwe, nakuwo amanzi, egameni lowam oKuphela koZelweyo uNyana, ozele blubabalo nenyaniso, conguYesu Krestu, okuphela dkwegama eliya kunikwa phantsi kwamazulu, ngalo eusindiso luya kuza ebantwaneni babantu, uya kwamkela isipho soMoya oyiNgcwele, ucela zonke izinto egameni lakhe, kwaye nantoni na oya kuyicela, uya kuyinikwa.

53 Kwaye ubawo wethu uAdam wathetha eNkosini, kwaye wathi: Kungokuba kutheni okokuba abantu bemele ukuguquka baze babhaptizwe emanzini? Kwaye iNkosi yathi kuAdam: Qaphela andikuxolele isigqitho sakho eMyezweni wase-Eden.

54 Ukususela ngoko kweza intetho ngaphandle phakathi kwabantu, okokuba auNyana kaThixo bufele ityala lemvelo, kuko izono zabazali azinako ukuphendulelwa phezu kweentloko czabantwana, kuba bakhululekile esisekweni sehlabathi.

55 Kwaye iNkosi yathetha kuAdam, isithi: Njengokuba abantwana bezalelwa esonweni, nakuba kunjalo xa beqalisa ukukhula, aisono siyadaleka ezintliziyweni zabo, baze bangcamle bubukrakra, ukuze babe nokukwazi ukuxabisa ukulunga.

56 Kwaye kunikiwe kubo ukwazi ukulunga ebubini; ngako oko aamandla akubo, kwaye ndininike omnye umthetho nomyalelo.

57 Ngako oko wufundiseni kubo abantwana benu, ukuze bonke abantu, ezindaweni zonke, bamele aukuguquka, okanye abanako nangayiphi na indlela ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo, kuba ayikho into bengacocekanga enokuhlala apho, okanye cukuhlala ebusweni bakhe; kuba, kulwimi luka-Adam, duMntu wobuNgcwele ligama lakhe, negama lowakhe oKuphela koZelweyo elinguNyana woMntu, nkqu uYesu Krestu, fuMgwebi olungileyo, oya kuza ngexesha lobungangamsha.

58 Ke ngoko ndininika umyalelo, nifundise ezi zinto ngokukhululekileyo aebantwaneni benu, nisithi:

59 Kuba ngesizathu sesigqitho kweza ukuwa, siwo eso sizise ukufa, kwaye njengokuba nizalelwe kulo ihlabathi ngamanzi, negazi, anomoya, endiwenzileyo, kwaza njalo bokuluthuli kwaba ngumphefumlo ophilileyo, nkqu kunjalo nimele cukuzalwa kwakhona kubukumkani bamazulu, dngamanzi, nangoMoya, nize nihlanjululwe ngegazi nkqu ngegazi lowam oKuphela koZelweyo; ukuze nibe nokungcwaliswa kuso sonke isono, nize enivuyele famazwi obomi obungunaphakade kweli hlabathi, nobomi obungunaphakade kwilizwe elizayo, nkqu gubuqaqawuli obungafiyo;

60 Kuba angamanzi nigcina umyalelo; ngoMoya bniyagwetyelwa, cnangegazi dniyangcwaliswa;

61 Ke ngoko kunikiwe ukuhlala kuni; imbali yamazulu; auMonwabisi; izinto ezinoxolo zobuqaqawuli obungafiyo; inyaniso yezinto zonke; oko kudlisa ubomi zonke izinto, okwenza ziphile zonke izinto; owazi zonke izinto nonamandla onke ngokobulumko, inceba, inyaniso, ubulungisa, nomgwebo.

62 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe: Eli alicebo losindiso kubo bonke abantu, ngegazi lowam boKuphela koZelweyo, uya kuza ngexesha lobungangamsha.

63 Kwaye qaphela, zonke izinto zinokufana kwazo, kwaye zonke izinto zidalwe zaye zenziwa aukunika ubungqina ngam, kunye izinto ezizezenyama, nezinto ezizezomoya; izinto ezisemazulwini ngentla, nezinto ezisemhlabeni, nezinto ezikuwo umhlaba, nezinto eziphantsi komhlaba, kunye ngentla nangaphantsi: zonke izinto zinika ubungqina ngam.

64 Kwaye kwenzekile, xa iNkosi yathethayo noAdam, ubawo wethu, okokuba uAdam wakhala eNkosini, kwaye waxwilwa anguMoya weNkosi, kwaye wathwalelwa phantsi emanzini, kwaye ke wabekwa phantsi bkwamanzi, wabe wakhutshelwa ngaphandle kwamanzi.

65 Kwaye njalo waba ubhaptiziwe, noMoya kaThixo wehlela phezu kwakhe, njalo waba auzelwe ngokoMoya, waza waba nokudliswa ubomi bemntwini bongaphakathi.

66 Kwaye weva ilizwi liphuma emazulwini, lisithi: Wena aubhaptizwe ngomlilo, nangoMoya oyiNgcwele. Obu bbubungqina boYise, noNyana, ukususela ngoku nangonaphakade;

67 Kwaye wena emva akohlobo lwakhe lowo ungenaso isiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka, ukusuka kuwo onke amaphakade kuye kuwo onke amaphakade.

68 Qaphela, wena aumnye nam, unyana kaThixo; nangokunjalo bonke banokuba bngoonyana bam. Amen.