Izibhalo
Moses 5


Isahluko 5

(Juni–Oktobha 1830)

UAdam noEva bazala abantwana—uAdam wanikela ngedini waza wakhonza uThixo—UKayin noAbheli bayazalwa—UKayin uvukela, uthanda uSathana ngaphezu kukaThixo, aze abe nguNyana weSihogo—Ubugebenga nenkohlakalo zanaba—Ivangeli ishunyayelwe ukususela ekuqalekeni.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba mna, iNkosi uThixo, ndithe ndabagxotha, uthe uAdam waqalisa ukusebenza umhlaba, nokuba anobukhosi phezu kwezinto zonke eziphilileyo zasendle, nokuba adle ukudla kwakhe ngokubila kwebunzi lakhe, njengoko mna iNkosi ndamyalelayo. No-Eva, kanjalo, umkakhe, wasebenza kunye naye.

2 Kwaye uAdam wamazi umkakhe, kwaye awamzalela oonyana bneentombi, kwaye baqalisa cukwanda nokuwuzalisa umhlaba.

3 Kwaye ukususela kweloo xesha kuye phambili, oonyana aneentombi zika-Adam baqalisa ukuzahlula ngambini ngambini elizweni, nokusebenza umhlaba, nokwalusa imihlambi, kwaye bazala kanjalo oonyana neentombi.

4 Kwaye uAdam noEva, umkakhe, babiza egameni leNkosi, kwaye beva ilizwi leNkosi livela endleleni engaseMyezweni awe-Eden, lithetha kubo, baye bengamboni; kuba babevalelwe ngaphandle bebusweni bakhe.

5 Kwaye wabanika imiyalelo, okokuba abanqule iNkosi uThixo wabo baze banikele bngamazibulo emihlambi yabo, angumnikelo eNkosini. Kwaye uAdam cwathobeka kuyo imiyalelo yeNkosi.

6 Kwaye emva kweentsuku ezininzi aingelosi yeNkosi yabonakala kuAdam, isithi: Kungokuba kutheni na unikela bamadini eNkosini? Kwaye uAdam wathi kuyo: Andazi, ngaphandle kokuba iNkosi indiyalele.

7 Kwaye ngoko ingelosi yathetha, isithi: Le nto akukufana bkwedini loKuphela koZelweyo kaYise, ozele cubabalo nenyaniso.

8 Ngako oko, wena uya kwenza konke okwenzayo aegameni loNyana, kwaye wena uya bkuguquka uze cubize kuThixo egameni loNyana ngonaphakade.

9 Kwaye kuwo loo mhla auMoya oyiNgcwele wehla phezu ko-Adam onika ubungqina boYise noNyana, usithi: bNdingoKuphela koZelweyo kaBawo ukususela ekuqalekeni, kuye phambili nangonaphakade, kuba njengoko wena cuwile umele ube dnokukhululwa, nalo lonke uluntu, nkqu njengoko kwabaninzi kuya kwenziwa.

10 Kwaye kuwo loo mhla uAdam wasikelelwa nguThixo kwaye awazaliswa, kwaye waqalisa bukuprofetha ngokunxulumene nazo zonke iintsapho zomhlaba, esithi: Malisikelelwe igama likaThixo, kuba ngenxa yezigqitho zam amehlo am avulekile, kwaye kobu bomi ndiya kuba cnovuyo, kwaye kwakhona ndiya kumbona uThixo dndisenyameni.

11 Kwaye auEva, umkakhe, waziva zonke ezi zinto kwaye wayevuya, esithi: Ukuba bekungesiso isigqitho sethu ngesingazange sibe bnembewu, kwaye ngesingazange sikwazi okulungileyo nokubi, novuyo lokukhululwa kwethu, nobomi obungunaphakade uThixo abunika kubo bonke abathobekileyo.

12 Kwaye uAdam noEva balisikelela igama likaThixo, kwaye benza zonke izinto azazeke koonyana babo neentombi zabo.

13 Kwaye auSathana weza phakathi kwabo esithi: Ndingunyana kaThixo kanjalo; kwaye wabayalela, esithi: Sanukukholelwa; kwaye babakukholelwanga, kwaye cbathanda uSathana ngaphezu koThixo. Kwaye abantu baqalisa ukususela kweloo xesha ukuya phambili dbangabenyama, bemvelo, nababudemoni.

14 Kwaye iNkosi uThixo yababiza abantu angoMoya oyiNgcwele kwiindawo zonke kwaye yabayalela okokuba baguquke;

15 Kwaye njengabaninzi aabakholwayo kuNyana, kwaye abaguqukayo ezonweni zabo, baya bkusindiswa; kwaye njengabaninzi babengakholwa, kwaye abaguquka, babeya ckugwetywa; namazwi aphuma emlonyeni kaThixo esemmiselweni ongqingqwa; ngako oko amele ukuzalisekiswa.

16 Kwaye uAdam noEva, umkakhe, abazange bayeke ukubiza uThixo. Kwaye uAdam wamazi uEva umkakhe, kwaye wamitha waza wazala auKayin, kwaye wathi: Ndizuze indoda eNkosini; ngako oko ize ingabi nakuwala amazwi ayo. Kodwa qaphela, uKayin akawaphulaphulanga, esithi: Ngubani iNkosi emandiyazi?

17 Kwaye kwakhona wamitha waza wazala umntakwabo auAbheli. Kwaye uAbheli bwaphulaphula elizwini leNkosi. Kwaye uAbheli waba ngumalusi wezimvu, kanti uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.

18 Kwaye uKayin awathanda uSathana ngaphezulu koThixo. Kwaye uSathana wamyalela esithi: bYenza umnikelo eNkosini.

19 Kwaye ke ekuhambeni kwexesha kwaye kwenzeka okokuba uKayin azise iziqhamo zomhlaba zingumnikelo eNkosini.

20 Kwaye uAbheli, kanjalo wazisa amazibulo omhlambi wakhe, natyebileyo awo. Kwaye iNkosi yamhlonela uAbheli, anomnikelo wakhe;

21 Kodwa ayizanga imbeke uKayin, anomnikelo wakhe. Ngoku uSathana wakwazi oku, kwaye kwamkholisa. Kwaye ke uKayin waba nomsindo kakhulu, kwaye ubuso bakhe basangana.

22 Kwaye yathi iNkosi kuKayin: Yini na ukuba uqumbe? Yini na ukuba busangane ubuso bakho?

23 Ukuba uthe walungisa, uya akwamkeleka. Kwaye ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, kwaye uSathana unqwenela ukukufumana; kwaye ngaphandle kokuba ube uya kuphulaphula imiyalelo yam, ndiya kukukhulula, kwaye kuya kuba njalo kuwe ngokomnqweno wakhe. Kwaye wena uya kulawula phezu kwakhe.

24 Kuba ukususela kweli xesha kuye phambili uya kuba nguyise wobuxoki bakhe; uya kubizwa aiSihogo; kuba kanjalo wawukho phambi kwehlabathi.

25 Kwaye kuya kuthiwa kwixesha elizayo—Okokuba la amasikizi afunyanwa kuKayin; kuba wala icebiso elikhulu ngakumbi elalifunyanwa kuThixo; kwaye esi sisiqalekiso endiya kusibeka phezu kwakho, ngaphandle kokuba uyaguquka.

26 Kwaye ke uKayin wayequmbile, kwaye akamamelanga ngakumbi elizwini leNkosi, nakuAbheli, umntakwabo, owahamba ebungcweleni phambi kweNkosi.

27 Kwaye uAdam nomkakhe bazila phambi kweNkosi, ngenxa kaKayin nabazalwana bakhe.

28 Kwaye kwenzekile okokuba uKayin wathatha enye yeentombi zabantakwabo ukuba ibe ngumfazi, kwaye abathanda uSathana ngaphezu kunoThixo.

29 Kwaye uSathana wathi kuKayin: Funga kum, ngomqala wakho kwaye ukuba uyaxela uya kufa; kwaye ufunge abazalwana bakho ngeentloko zabo, nangoThixo ophilileyo, okokuba bangasixeli; kuba ukuba bayasixela, baya kufa ngokuqinisekileyo; ukuze esi uyihlo angabi nakusazi; kwaye ngale mini ndiya kumnikela umntakwenu uAbheli ezandleni zakho.

30 Kwaye uSathana wafunga kuKayin ukuba uya kwenza ngokwemiyalelo yakhe. Kwaye zonke ezi zinto zenziwa emfihlakalweni.

31 Kwaye uKayin wathi: Inene ndinguMahan, umongameli wemfihlakalo enkulu, ukuze ndibe anokubulala ndize ndifumane inzuzo. Ngako oko uKayin kwathiwa nguMongameli bMahan, kwaye waziqhayisa ngenkohlakalo yakhe.

32 Kwaye uKayin waya endle, kwaye uKayin wathetha noAbheli, umntakwabo. Kwaye kwenzekile okokuba xa babesendle, uKayin wamvukela uAbheli, umntakwabo, kwaye wambulala.

33 Kwaye uKayin awaziqhayisa ngoko wayekwenzile, esithi: Ndikhululekile, ngokuqinisekileyo imihlambi yomntakwethu iwela ezandleni zam.

34 Kwaye iNkosi yathi kuKayin: Uphi na uAbheli, umntakwenu? Kwaye wathi: Andazi. aNdingumgcini womntakwethu yini na?

35 Kwaye iNkosi yathi: Wenze ntoni na? Izwi legazi lomntakwenu liyakhala emhlabeni kum.

36 Kwaye ngoku uya kuqalekiswa emhlabeni okhamise umlomo wawo walithabatha igazi lomntakwenu esandleni sakho.

37 Xa usebenza umhlaba awusayi kukunika amandla awo. Uya kuba asisibhadubhadu nomphalaphali emhlabeni.

38 Kwaye uKayin wathi eNkosini: USathana awandihenda ngenxa yemihlambi yomntakwethu. Kwaye kanjalo ndandiqumbile; kuba wamkele umnikelo wakhe waza awawamkela owam; ityala lam likhulu kunokuba ndinokulithwala.

39 Yabona undigxothile namhla ebusweni beNkosi, nasebusweni bakho ndiya kusithela; kwaye ndiya kuba sisibhadubhadu nomphalaphali emhlabeni; kwaye kuya kwenzeka, okokuba lowo undifumanayo uya kundibulala, ngenxa yobugwenxa bam, kuba ezi zinto azifihlakalanga eNkosini.

40 Kwaye mna iNkosi ndathi kuye: Nabani na okubulalayo, impindezelo iya kwenziwa kuye kasixhenxe. Kwaye mna, iNkosi ndimisele aumqondiso kuKayin, hleze nabanina omfumanayo uya kumbulala.

41 Kwaye ke uKayin wavalelwa ngaphandle aebusweni beNkosi, kwa kunye nomkakhe nabaninzi babazalwana bakhe bahlala elizweni likaNod, kwimpumalanga yase-Eden.

42 Kwaye uKayin wamazi umkakhe, kwaye wamitha waza wazala uEnoki, kwaye kanjalo wazala oonyana abaninzi neentombi. Kwaye wakha isixeko, kwaye igama alesixeko walithiya emva kwegama lonyana wakhe, uEnoki.

43 Kwaye uEnoki wazala uIradi, nabanye oonyana neentombi. Kwaye uIradi wazala uMehuyaheli, nabanye oonyana neentombi. Kwaye uMehuyaheli wazala uMetusaheli nabanye oonyana neentombi. Kwaye uMetusaheli wazala uLameki.

44 Kwaye uLameki wazithathela abafazi ababini; igama lomnye linguAda, negama lomnye, linguZila.

45 Kwaye uAda wazala uYabhali; wayenguyise wabo bonke abahlala ezintenteni, kwaye babengabagcini bezilo ezizitho zine; kwaye igama lomntakwabo lalinguYubhali, owayenguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.

46 Kwaye uZila, kanjalo wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi, Nodade boTubhalekayin ebenguNahama.

47 Kwaye uLameki wathi kubafazi bakhe, uAda noZila: Liveni ilizwi lam, bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam; kuba sendibulele indoda yenxeba lam, nandodana ngenxa yomvumbo wam.

48 Kuba uKayin uya kuphindezelwa kasixhenxe, ngenene uLameki uya kuba angamashumi asixhenxe anesixhenxe;

49 Kuba uLameki engene akumnqophiso noSathana, emva kohlobo lukaKayin, apho abe nguMongameli Mahan, umongameli walaa mfihlakalo inkulu eyanikwa uKayin nguSathana; noIradi, unyana kaEnoki, besazi imfihlakalo yabo, baqalisa ukuyityhilela oonyana baka-Adam;

50 Ngako oko uLameki enomsindo, wambulala, engafani noKayin, kumntakwabo uAbheli, ngenxa yokufumana inzuzo, kodwa wambulalela isizathu sesifungo.

51 Kuba, ukususela kwimihla kaKayin, kwakukho aamayelenqe afihlakeleyo, kwaye imisebenzi yawo yayisemnyameni, kwaye babesazi okokuba wonke umntu ungumzalwana.

52 Ngako oko iNkosi yamqalekisa uLameki, nendlu yakhe, nabo bonke abathe banqophisana noSathana; kuba abayigcinanga imiyalelo kaThixo, kwaye oko akumkholisanga uThixo, kwaye ke akafundisanga kubo bonke, kwaye imisebenzi yabo yayingamasikizi, kwaye ke kwaqala ukunaba phakathi kwabo bonke aoonyana babantu. Kwaye ke kwaba phakathi koonyana babantu.

53 Kwaye phakathi kweentombi zabantu ezi zinto zazingathethwa, ngenxa yokuba uLameki wayethe wayithetha imfihlelo kubafazi bakhe, kwaye bamvukela, kwaye bazibhengeza ezi zinto phandle, baza ababi namfesane;

54 Ngako oko uLameki wacekiswa, kwaye waphoselwa ngaphandle, kwaye akeza phakathi koonyana babantu, hleze abe uya kufa.

55 Kwaye njalo imisebenzi ayobumnyama yaqalisa ukoyisa phakathi koonyana babantu.

56 Kwaye uThixo wawuqalekisa umhlaba ngesiqalekiso esibuhlungu, kwaye enomsindo kwabakhohlakeleyo, nabo bonke oonyana babantu awabenzayo;

57 Kuba babengaphulaphulanga elizwini lakhe, bengakholelwanga kowakhe aoKuphela koZelweyo uNyana, nkqu lowo ambhengeze ekubeni uya kuza ngexesha eligqibeleleyo, owayelungiselelwe ukususela phambi kwesiseko sehlabathi.

58 Kwaye njalo aiVangeli yaqaliswa ukushunyayelwa, ukususela ekuqalekeni, ibhengezwa bziingelosi ezingcwele ezithunyelwe ngaphambili zivela ebusweni bukaThixo, nangelizwi elilelakhe, cnangesipho soMoya oyiNgcwele.

59 Kwaye njalo zonke izinto zaqiniselwa kuAdam ngommiselo ongcwele, kwaye iVangeli yashunyayelwa, nommiselo wathunyelwa ngaphambili, ukuze ube uya kuba sehlabathini, kude kube sisiphelo salo; kwaye ke kwaba njalo. Amen.