Izibhalo
Moses 2


Isahluko 2

(Juni–Oktobha 1830)

UThixo udala amazulu nomhlaba—Zonke iintlobo zobomi zidaliwe—UThixo wenza umntu aze amnike ubukhosi phezu kwento zonke.

1 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha noMoses, isithi: Qaphela, andityhila kuwe ngokunxulumene neli bzulu, nalo cmhlaba; bhala amazwi endiwathethayo. NdiSisiqalo neSiphelo, uThixo duSomandla; ngowam eoKuphela koZelweyo fndadala ezi zinto; ewe, ekuqalekeni ndadala izulu, nomhlaba wena omi phezu kwawo.

2 Kwaye aumhlaba wawungenamo, kwaye usenyanyeni; kwaye ndenza ubumnyama buze phezu kobuso benzulu; kwaye uMoya wam wafukama phezu kobuso bamanzi; kuba ndinguThixo.

3 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho aukukhanya; kwaza kwakho ukukhanya.

4 Kwaye mna, Thixo, ndabona ukukhanya; nokokuba ukukhanya akwakulungile. Kwaye mna, Thixo, ndahlula ukukhanya ebumnyameni.

5 Kwaye mna, Thixo ndathi ukukhanya yiMini; nobumnyama, ndathi buBusuku; kwaye oku ndakwenza angelizwi lamandla am, kwaye yenzeka njengoko bndathethayo; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba clusuku lokuqala.

6 Kwaye kwakhona, mna, Thixo, ndathi: Makubekho aisibhakabhaka phakathi kwamanzi kwaye kwaba njalo, nkqu njengoko ndathethayo; kwaye ndathi: Masahlule amanzi emanzini; kwaye kwenzeka;

7 Kwaye mna, Thixo ndenza isibhakabhaka ndahlula aamanzi, ewe, amanzi amakhulu phantsi kwesibhakabhaka avela emanzini awayengentla kwesibhakabhaka, kwaye ayenjalo nkqu njengoko ndathethayo.

8 Kwaye mna, Thixo, ndathi isibhakabhaka aliZulu; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesibini.

9 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makahlanganisane kunye aendaweni enye amanzi angaphantsi kwezulu, kwaye kwaba njalo; kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho umhlaba owomileyo; kwaye kwaba njalo.

10 Kwaye mna, Thixo, ndathi indawo eyomileyo anguMhlaba; kwaye intlanganisela kunye yamanzi, ndathi luLwandle; kwaye mna, Thixo, ndabona ukuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile.

11 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Umhlaba mawuphume auhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo evelisa iziqhamo, ngohlobo lwayo, nemithi evelisa iziqhamo, embewu yayo imele ukuba yona iphezu komhlaba, kwaye kwaba njalo nkqu njengoko ndathatheyo.

12 Kwaye umhlaba waphuma uhlaza, yonke imifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi evelisa iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile;

13 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesithathu.

14 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zahlule imini kubusuku, kwaye mazibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha, zibe zezemihla, neminyaka;

15 Kwaye mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise emhlabeni; kwaye kwaba njalo.

16 Kwaye mna, Thixo, ndenza izikhanyiso ezikhulu zazibini; aisikhanyiso esikhulu ngakumbi silawule imini, kwaye isikhanyiso esinganeno silawule ubusuku, kwaye isikhanyiso esikhulu ngakumbi saba lilanga, kwaye isikhanyiso esinganeno saba yinyanga; kwaye neenkwenkwezi kanjalo zenziwa nkqu ngokwelizwi lam.

17 Kwaye mna, Thixo ndazibeka esibhakabhakeni samazulu ukuze zikhanyisele umhlaba,

18 Lize ilanga lilawule imini, nenyanga ilawule ebusuku nokwahlula ukukhanya ebumnyameni; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile;

19 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesine.

20 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Amanzi makavelise inyakanyaka yendalo enobomi, kwaye neentaka eziphaphazela phezu komhlaba esibhakabhakeni sezulu.

21 Kwaye mna, Thixo, ndadala aiminenga emikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, eyanyakazela emanzini, ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endandizidalile zazilungile.

22 Kwaye, mna, Thixo, ndazisikelela, ndisithi: Qhamani, anande, nize niwazalise amanzi aselwandle; neentaka mazande emhlabeni;

23 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesihlanu.

24 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Umhlaba mawuvelise imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo, izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, kwaza kwaba njalo;

25 Kwaye mna, Thixo, ndenza izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba ezi zinto zazilungile.

26 Kwaye mna, Thixo, ndathi kowam aoKuphela koZelweyo, owaye kunye nam ukususela ekuqalekeni: bMasenze umntu cngokomfanekiselo wethu, ngokufana nathi; kwaye kwaba njalo. Kwaye mna, Thixo, ndathi: Mababe dnobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nakwizinto ezizitho zine, naphezu komhlaba wonke, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni.

27 Kwaye, mna, aThixo, ndadala umntu ngokomfanekiselo ongowam, ngokufana nowam oKuphela koZelweyo ndamdala; ndadala indoda nomfazi.

28 Kwaye mna, Thixo, ndibasikelele kwaye ndathi kubo: Qhamani, anande, nize niwuzalise umhlaba, nize niweyise, nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo.

29 Kwaye mna, Thixo, ndathi ebantwini: Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esebusweni bawo wonke umhlaba, nayo yonke imithi eya kuba neziqhamo evelisa imbewu; ziya kuba akukudla kuni.

30 Kwaye kuzo zonke izinto eziphilileyo zomhlaba, nakuzo zonke iintaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzela emhlabeni, kuzo endinike ubomi, ndiya kuzinika yonke imifuno eluhlaza ibe kukudla kuzo; kwaye kwaba njalo, nkqu njengoko ndathethayo.

31 Kwaye mna, Thixo, ndabona ukuba yonke into endiyenzileyo, kwaye, yabonani, zonke izinto endizenzileyo azazilungile; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba blusuku lwesithandathu.