Izibhalo
Moses 1


Okukhethiweyo
kwiNcwadi kaMoses

Isicatshulwa esivela kuguqulelo lweBhayibhile njengoko yatyhilwa kuJoseph Smith uMprofeti, Juni 1830–Februwari 1831.

Isahluko 1

(Juni 1830)

UThixo uzityhila ngeNkqu kuMoses—UMoses wenziwa kumila kumbi—Ujongana noSathana—UMoses ubona amazwe amaninzi anabahlali—Amazwe angenakubaleka edalwe nguNyana—Umsebenzi kaThixo nozuko kukwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu.

1 Amazwi kaThixo, aawathetha bkuMoses ngexesha xa uMoses waxhwilelwa entabeni ephakame ngokugqithisileyo,

2 Kwaye awabona uThixo bubuso ngobuso, kwaye wathetha naye, lwaze cuzuko lukaThixo lwaba phezu koMoses; ke ngoko uMoses waba nako dukumelana nobuso bakhe.

3 Kwaye uThixo wathetha kuMoses, esithi: Qaphela, ndiyiNkosi uThixo auSomandla, kwaye buOngenasiphelo ligama lam; kuba andinasiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka; kwaye oku asikuko ukungabi nasiphelo?

4 Kwaye, qaphela, ungunyana wam; ngako oko akhangela, kwaye ndiya kukubonisa umsebenzi bwezandla zam; kodwa ingabi yiyo yonke, kuba cimisebenzi yam dayinasiphelo, kananjalo enamazwi am, kuba ayipheli.

5 Ngako oko, akukho mntu unako ukukhangela yonke imisebenzi yam, ngaphandle kokuba ukhangela lonke uzuko lwam; kwaye akukho mntu unako ukukhangela lonke uzuko lwam, aze emva koko asale esenyameni emhlabeni.

6 Kwaye ndinomsebenzi wakho, Moses, nyana wam; kwaye wena aukwimfano yowam boKuphela koZelweyo; kwaye owam oKuphela koZelweyo unguye kwaye uya kuba cnguMsindisi, kuba uzaliswe dngobabalo enenyaniso; kodwa fakukho Thixo ngaphandle kwam, kwaye zonke izinto zikho ngam, kuba gndiyazazi zonke.

7 Kwaye ngoku, qaphela, le nto inye ndiyibonisa kuwe, Moses, nyana wam, kuba wena usehlabathini, kwaye ngoku ndiyibonisa kuwe.

8 Kwaye kwenzekile ukuba uMoses wajonga, waza wabona aihlabathi awayedalwe phezu kwalo; kwaye uMoses bwabona ihlabathi neziphelo zalo, nabo bonke abantwana babantu abakhoyo, nababedaliwe; ngokukwanjalo cwamangaliswa kwaye wathi nqa.

9 Kwaye ubuso bukaThixo barhoxa kuMoses, kuba uzuko lwakhe lwalungekho phezu koMoses; kwaye uMoses washiyeka enguye. Kwaye njengoko wayeshiyeke enguye, wawela emhlabeni.

10 Kwaye kwenzekile okokuba kwaba sisithuba samaxa amaninzi phambi kokuba uMoses afumane kwakhona aukomelela kwasendalweni okunjengomntu; kwaye wathi esiqwini sakhe: Ngoku, ngenxa yesi sizathu ndiyazi okokuba umntu bakayonto, nto leyo endingazange ndiyicingele.

11 Kodwa ngoku amehlo angawam abone auThixo; kodwa ingengawo bawasendalweni, kodwa ingamehlo am asemoyeni, kuba amehlo am asendalweni angengambonanga; kuba cngendibunile kwaye ndaze dndafela ebusweni bakhe; kodwa uzuko lwakhe lwaluphezu kwam; ndaye ndabona eubuso bakhe, kuba ndandenziwe fkumila kumbi phambi kwakhe.

12 Kwaye kwenzekile okokuba xa uMoses wathi wathetha la mazwi, qaphela auSathana weza bemlinga, esithi: Moses, nyana womntu, nqula mna.

13 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wajonga uSathana kwaye wathi: Ungubani wena? Kuba qaphela, andingunyana kaThixo, kwimfano yoKuphela koZelweyo wakhe; kwaye luphi uzuko lwakho, ukuze ndibe ndinqula wena?

14 Kuba qaphela, bendingenako ukujonga uThixo, ngaphandle kokuba uzuko lwakhe lube luze phezu kwam, yaye ndenziwe akumila kumbi phambi kwakhe. Kanti ndinako ukujonga wena ndikumntu wemvelo. Akunjalo, ngokuqinisekileyo?

15 Malisikelelwe igama likaThixo wam, kuba uMoya wakhe awuthanga ngokupheleleyo warhoxa kum, okanye luphi uzuko lwakho, kuba bubumnyama kum? Ndaye ndinako ukohlula phakathi kwakho noThixo; kuba uThixo wathi kum: aNqula uThixo, kuba uya bkukhonza yena kuphela.

16 Suka umke, Sathana; ungandikhohlisi; kuba uThixo wathi kum:Wena usemva akwemfano yowam oKuphela koZelweyo.

17 Kwaye kanjalo wandinika imiyalelo xa wandibizayo akwityholo elivuthayo, esithi: bBiza kuThixo egameni lowam oKuphela koZelweyo, uze unqule mna.

18 Kwaye kwakhona uMoses wathi: Andiyi kuyeka ukubiza kuThixo, ndinezinye izinto emandizibuze kuye: kuba uzuko lwakhe lube phezu kwam, ngako oko ndinako ukugweba phakathi kwakhe nawe. Suka umke, Sathana.

19 Kwaye ngoku, xa uMoses wathi wathetha la mazwi, uSathana wakhala ngelizwi elikhulu, kwaye waxokozela phezu komhlaba, kwaye wayalela, esithi: aNdingoKuphela koZelweyo, nqula mna.

20 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses waqalisa ukoyika ngokugqithisileyo; kwaye njengoko waqalisa ukoyika, wabona ubukrakra abesihogo. Nangona kunjalo, bebiza kuThixo, wafumana ukomelela, kwaye wayalela, esithi: Suka kum, Sathana, kuba ngulo mnye kuphela uThixo endiya kumnqula, onguThixo wozuko.

21 Kwaye ngoku auSathana waqalisa ukungcangcazela, kwaye umhlaba washukuma; kwaye uMoses wafumana ukomelela, kwaye wabiza kuThixo, esithi:Egameni loKuphela koZelweyo, suka umke, Sathana.

22 Kwaye kwenzekile okokuba uSathana wakhala ngelizwi elikhulu, ngesikhalo nesijwili, anokutshixiza kwamazinyo; kwaye wasuka wemka, nkqu ebusweni bukaMoses, kuba akazange ambone.

23 Kwaye ngoku okwale nto uMoses wenza ubungqina; kodwa ngenxa yenkohlakalo ayizange ibekho phakathi kwabantwana babantu.

24 Kwaye kwenzekile okokuba xa uSathana wathi wemka ebusweni bukaMoses, waza uMoses wawaphakamisela phezulu amehlo akhe ezulwini, ezaliswe anguMoya oyiNgcwele, owanika ubungqina ngoYise noNyana.

25 Kwaye ebiza egameni likaThixo, wabona uzuko lwakhe kwakhona, kuba lwaba phezu kwakhe; kwaye weva ilizwi, lisithi: Usikelelekile wena, Moses, kuba mna, Somandla, ndikukhethile, kwaye wena uya kwenziwa womelele ngakumbi akunamanzi amaninzi; kuba aya kuthobela bumyalelo wakho njengokungathi wena cunguThixo.

26 Kwaye yabona, ndikunye nawe, nkqu kuye esiphelweni semihla yakho; kuba wena uya akukhulula abantu bam bebukhobokeni, nkqu abam cabakhethiweyo duSirayeli.

27 Kwaye kwenzekile, njengoko ilizwi lalisathetha, uMoses waphosa amehlo akhe kwaye awabona umhlaba, ewe, nkqu uwonke; kwaye kwakungekho nesuntswana lawo angalibonanga, ewunakana ngomoya kaThixo.

28 Kwaye wabona kanjalo abemi bawo, kwaza akwabikho mphefumlo angawubonanga; kwaye wayinakana ngoMoya kaThixo; kwaye amanani awo ayemakhulu, nkqu engabaleki njengentlabathi phezu konxweme lolwandle.

29 Kwaye wabona amazwe amaninzi; kwaye ilizwe ngalinye lalibizwa aumhlaba, kwaye kwakukho abemi ebusweni bawo.

30 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wabiza kuThixo, esithi: Ndixelele, ndiyakuthandaza, kutheni ezi zinto zinje, kwaye wena uzenze ngantoni?

31 Kwaye qaphela, uzuko lweNkosi lwaluphezu koMoses, kangangokuba uMoses wema ebusweni bukaThixo, kwaye wathetha naye aubuso ngobuso. Kwaye iNkosi uThixo yathi kuMoses: Ngenxa byesizathu sam ndenze ezi zinto. Nabu ubulumko kwaye busala bukum.

32 Kwaye angelizwi lamandla am, ndizidalile, elowam oKuphela koZelweyo uNyana, ozaliswe bngobabalo cnenyaniso.

33 Kwaye aamazwe angenakubaleka bndiwadalile; kananjalo ndawadalela injongo eyiyeyam; nangoNyana ndawadala ongowam coKuphela koZelweyo.

34 Kwaye aumntu wokuqala wabo bonke abantu ndimthiye buAdam, othetha cuninzi.

35 Kodwa kuphela kwenkcazo yalo mhlaba, nabemi bawo, endiyinika kuwe. Kuba qaphela, kukho amazwe amaninzi adlulileyo ngelizwi lamandla am. Kwaye kukho amaninzi ngoku amileyo, kwaye akanakubaleka emntwini; kodwa zonke izinto zibaliwe kum, kuba zezam ndaye andiyazazi.

36 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wathetha neNkosi, esithi: Yiba nenceba esicakeni sakho, Owu, Thixo, uze undixelele ngokunxulumene nalo mhlaba, nabemi bawo, kananjalo namazulu, kwaye ngoko isicaka sakho siya koneliseka.

37 Kwaye iNkosi uThixo yathetha kuMoses, isithi: aAmazulu maninzi, kwaye akanako ukubaleka emntwini; kodwa ayabaleka kum, kuba ngawam.

38 Kwaye njengokuba umhlaba omnye uya kudlula, namazulu awo nkqu kunjalo omnye uya kuza; kwaye akukho asiphelo emisebenzini yam, singekho nasemazwini am.

39 Kuba qaphela, lo angumsebenzi wam bnozuko lwam—ekwenzeni kubekho cukungafi dnobomi obungunaphakade bomntu.

40 Kwaye ngoku, Moses, nyana wam, ndiya kuthetha nawe ngokunxulumene nalo mhlaba wena ome phezu kwawo; kwaye wena uya akubhala izinto endiya kuzithetha.

41 Kwaye ngemini xa abantwana babantu baya kuthatha amazwi am njengelize baze abathathe amaninzi awo encwadini oya kuyibhala, qaphela, ndiya kuphakamisa omnye bonjengawe; kwaye cbaya kufunyanwa kwakhona phakathi kwabantwana babantu—phakathi kwabaninzi njengoko beya kukholwa.

42 (La mazwi aathethwe kuMoses entabeni, igama layo elingayi kwaziwa phakathi kwabantwana babantu. Kwaye ngoku athethwa kuwe. Ungawabonisi kuye nabanina ngaphandle kwabo bakholwayo. Nkqu kunjalo. Amen.)