Izibhalo
Abraham 5


Isahluko 5

OoThixo bakugqiba ukuceba Kwabo okwendalo yazo zonke izinto—Bayenza iNdalo ngokwamacebo Abo— UAdam wathiya yonke imiphefumlo ephilileyo.

1 Kwaye njalo siya kuwagqiba amazulu nomhlaba, nayo yonke imikhosi yazo.

2 Kwaye ooThixo bathi phakathi kwabo: aNgexesha lesixhenxe siya kuwugqiba umsebenzi wethu, esiwucebileyo; kwaye siya kuphumla ngexesha lesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wethu ebesiwucebile.

3 Kwaye ooThixo bagqiba ngexesha lesixhenxe, ngokuba ngexesha lesixhenxe beya akuphumla kuyo yonke imisebenzi yabo bona (ooThixo) abacebisene phakathi kwabo ekuwenzeni; bnokuwungcwalisa. Kwaye njalo yaba zizigqibo zabo ngeloo xesha ababecebisene phakathi kwabo ekwenzeni amazulu nomhlaba.

4 Kwaye ooThixo beza ezantsi kwaye benza ezi zizukulwana zamazulu nezomhlaba, xa zazisenziwa ngomhla ooThixo abenza umhlaba namazulu,

5 Ngokunxulumene nako konke abakuthethayo ngokwezityalo zonke zasendle aphambi kokuba zibekho emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle phambi kokuba ikhule; kuba ooThixo abenzanga kune phezu komhlaba xa babecebisana ukwenza, kwaye bengekenzi mntu ukuba alime umhlaba.

6 Kodwa ke apho kwanyuka inkungu emhlabeni, kwaye yankcenkceshela bonke ubuso bomhlaba.

7 Kwaye aooThixo babumba umntu bngothuli lomhlaba, kwaye bathabatha cumoya wakhe (oko kukuthi, umoya womntu), baza bawubeka kuye; kwaye baphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi, kwaye umntu waba dngumphefumlo ophilileyo.

8 Kwaye ooThixo batyala umyezo, ae-Eden ngasempumalanga, baza apho babeka umntu, onomoya ababewubeke emzimbeni ababewubumbile.

9 Kwaye emhlabeni ooThixo benza kwantshula yonke imithi enqwenelekayo ngokwenkangeleko nelungele ukudliwa; aumthi wobomi, kanjalo, phakathi emyezweni, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.

10 Kwabakho umlambo ophuma e-Eden, wokuwunyakamisa umyezo, kwaye ukusuka apho wahluka kwaye waba ziimbaxa ezine.

11 Kwaye ooThixo bamthabatha umntu baza bambeka eMyezweni we-Eden, ukuba awusebenze aze awugcine.

12 Kwaye ooThixo bayalela umntu, besithi: Kuyo yonke imithi yomyezo ungayidla ngokukhululekileyo,

13 Ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi, uze ungawudli; kuba ngexesha othe wadla kuwo, uya kufa ngokwenene. Ngoku mna, Abraham, ndabona okokuba akwakungokwexesha leNkosi, elalingokwexesha blikaKolob; kuba kwakungekade konyulelwe kuAdam ngooThixo ukubala kwakhe.

14 Kwaye ooThixo bathi: Masimenzeleni umntu umncedi onguwabo, kuba akulungile ukuba umntu abe yedwa, ke ngoko siya kubumba umncedi onguwabo.

15 Kwaye ooThixo bawisa ubuthongo obukhulu phezu akoAdam; kwaye walala, kwaye ke bathabatha lwalunye lweembambo zakhe, kwaye avingca ngenyama esikhundleni salo;

16 Kwaye ngobambo ooThixo abaluthabathe endodeni, babumba aumfazi, kwaye bamzisa endodeni.

17 Kwaye uAdam wathi: Eli ibilithambo lasemathanjeni am, nenyama yasenyameni yam; ngoku uya kubizwa Mfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni;

18 Ke ngoko indoda iya kumshiya uyise nonina, ize ainamathele kumkayo, kwaye baya kuba bnyama-nye.

19 Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, baye bengenazintloni.

20 Kwaye emhlabeni ooThixo babumba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, baye bazizisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza; ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ize ibe ligama lazo.

21 Kwaye uAdam wanika amagama zonke izinto ezizitho zine, kwiintaka zasezulwini, kuzo zonke izinto eziphilileyo zasendle; nokuba uAdam, apho wafunyanelwa umncedi onguwabo.