Izibhalo
Abraham 2


Isahluko 2

UAbraham ushiya iUre esiya eKanan—UYehova ubonakala kuye eHaran—Zonke iintsikelelo zevangeli zithenjiswa kwimbewu yakhe nangembewu yakhe kubo bonke—Uyahamba uya eKanan kwaye aqhubekeke aye eYiputa.

1 Ngoku iNkosi uThixo yenza indlala ibe buhlungu elizweni laseUre, nanjengokuba auHaran, umntakwethu, wafayo; kodwa buTera, ubawo, ebesahlala elizweni laseUre, yamaKhaledi.

2 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Abraham, ndathabatha auSarayi ndamenza umfazi, bnoNehore, umntakwethu, wathabatha uMilka wamenza umfazi, owayeyintombi kaHaran.

3 Ngoku iNkosi ayayithe kum: Abraham, phuma elizweni lakho, nakuzo izalamane, nasendlwini kayihlo, uye kwilizwe endiya kukubonisa lona.

4 Ke ngoko ndalishiya ilizwe alaseUre, lamaKaledi, ndaya elizweni lakwaKanan; kwaye ndathabatha uLote, unyana womntakwethu, nomfazi wakhe, noSarayi umfazi wam; kananjalo bubawo walandela emva kwam, ukuya kwilizwe esalibiza ngokuba yiHaran.

5 Kwaye indlala yadamba; kwaye ubawo wasala eHaran kwaye wahlala apho, njengoko kwakukho imihlambi emininzi eHaran; kwaye ubawo waguqukela kwakhona akwizithixo zakhe, ke ngoko waqhubeka eHaran.

6 Kanti ke mna, Abraham, anoLote, unyana womntakwethu, sathandaza eNkosini, kwaye iNkosi byabonakala kum, yaye yathi kum: Phakama, uze uthathe uLote kunye nawe; kuba ndinenjongo yokukuthatha uphume umke eHaran, kwaye ndikwenze umfundisi wokuphatha cigama lam dkwilizwe lasemzini endiya kulinika imbewu yakho emva kwakho libe lilifa lakho lanaphakade, xa beliphulaphula ilizwi lam.

7 Kuba ndiyiNkosi uThixo wakho; ndihlala ezulwini; umhlaba asisihlalo seenyawo zam; ndolulela isandla sam phezu kolwandle, luze luthobele ilizwi lam; ndenza umoya nomlilo zibe byinqwelo yam; ndithi ezintabeni—Sukani kule ndawo—kwaye qaphela, zithatyathelwa kude sisaqhwithi, ngephanyazo, ngokukhawuleza.

8 Igama lam ndingu aYehova, ndaye bndazi isiphelo ukususela ekuqalekeni; ke ngoko isandla sam siya kuba phezu kwakho.

9 Kwaye ndiya kukwenza isizwe esikhulu, ndaye ndiya akukusikelela ngaphezu komlinganiselo, ndize ndenze igama lakho libe likhulu phakathi kwazo zonke izizwe, kwaye uya kuba yintsikelelo kwimbewu yakho emva kwakho, kuba ezandleni zabo baya kuphatha obu bufundisi bnoBubingeleli kuzo zonke izizwe;

10 Kwaye ndiya kubasikelela ngegama lakho; kuba njengokuba abaninzi besamkela le aVangeli baya kubizwa ngegama lakho, kwaye kubalelwa bkwimbewu yakho, kwaye baya kuphakama baze basikelele wena, cnjengoyise wabo;

11 Kwaye ndiya akubasikelela abasikelela wena, ndize ndibaqalekise abaqalekisa wena; kwaye kuwe (oko kukuthi, kuBubingeleli bakho) nakuyo bimbewu yakho (oko kukuthi, uBubingeleli bakho), kuba ndikunika isithembiso okokuba eli clungelo liya kuqhubekeka kuwe, nasembewini yakho emva kwakho (oko kukuthi, imbewu ngokwenene, okanye imbewu yomzimba) zonke iintsapho zomhlaba ziya kusikelelwa, nkqu ngeentsikelelo zeVangeli, ezizintsikelelo zosindiso, nkqu ezobomi obungunaphakade.

12 Ngoku, emva kokuba iNkosi iyekile ukuthetha kum, kwaye irhoxise ubuso bayo kum, ndathi entliziyweni yam: Isicaka sakho asikufune ngokunyanisekileyo; ngoku sikufumene;

13 Wena wathumela ingelosi yakho aindikhulule kwizithixo zikaElikena kwaye ndiya kwenza kakuhle ekuphulaphuleni ilizwi lakho, ke ngoko isicaka sakho masiphakame size simke ngoxolo.

14 Njalo mna, Abraham, ndemka njengoko iNkosi yatshoyo kum, nakuLote kunye nam; kwaye mna, Abraham, andandineminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala xa ndaphumayo eHaran.

15 Kwaye ndathabatha auSarayi, endandimthathe ndamenza umfazi xa bndandiseUre, eKhaledi, noLote, unyana womntakwethu, nezinto zethu zonke esasizihlanganisile, nemiphefumlo cesasisiyizuzile eHaran, kwaye seza ngaphambili ngendlela eya kwilizwe dlakwaKanan, kwaye sahlala ezintenteni njengoko seza ngendlela yethu;

16 Ke ngoko, iphakade lalisisigqumathelo sethu aneliwa lethu nosindiso lwethu, njengoko sasihamba sivela eHaran ngendlela yakwaJershon, ukuza elizweni lakwaKanan.

17 Ngoku mna, Abraham, ndakha aisibingelelo elizweni lakwaJershon, kwaye ndenza umnikelo eNkosini, kwaye ndathandaza okokuba bindlala ibe nokugxothwa endlwini kabawo, ukuze bangabi nokutshabalala.

18 Kwaye ngoko sadlula eJershon sicanda kwilizwe eliya kwindawo yaseShekem; yayakhiwe emathafeni akwa More, kwaye sasisele sifike kwimida yelizwe alamaKanan, kwaye ndanikela bidini apho kumathafa akwaMore, kwaye ndabiza eNkosini ngokungazenzisiyo, ngokuba sasisele sifike elizweni lesi sizwe sinqula izithixo.

19 Kwaye iNkosi yabonakala kum iphendula imithandazo yam, kwaye yathi kum: Imbewu yakho ndiya kuyinika eli alizwe.

20 Kwaye mna, Abraham, ndaphakama endaweni yesibingelelo endandisakhele iNkosi, kwaye ndemka kuloo ndawo ndisiya entabeni empumalanga ayaseBheteli, kwaye ndamisa intente yam apho, entshonalanga eBheteli, bnaseHayi empumalanga; ndaye apho ndakhela esinye isibingelelo kuyo iNkosi, kwaye cndabiza kwakhona egameni leNkosi.

21 Kwaye mna, Abraham, ndahamba, ndisaya emazantsi; kwaye kwakukho ukuqhubeka kwendlala elizweni; kwaye mna, Abraham, ndagqiba ukuya ezantsi eYiputa, ndahlala ithutyana apho, kuba indlala yaba buhlungu kakhulu.

22 Kwaye kwenzekile xa ndafika kufutshane nokungena eYiputa, iNkosi yathi kum: Qaphela, auSarayi, umfazi wakho, ungumfazi omhle kakhulu imbonakalo;

23 Ke ngoko kuya kwenzeka, xa amaYiputa eya kumbona, aya kuthi—Ungumfazi wakhe; kwaye ke aya kukubulala, kodwa aya kumsindisa aphile; ke ngoko bona okokuba ukwenza oku ngobulumko:

24 Makathi kuwo amaYiputa, ungudade wenu, kwaye umphefumlo wakho uya kuphila.

25 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Abraham, ndaxelela uSarayi, umfazi wam, konke oko iNkosi ikuthethileyo kum—Ke ngoko yithi kuwo, ndiyanithandaza, yena ungudade wethu, ukuze kulunge kum ngenxa yakho, kwaye umphefumlo wam uya kuphila ngenxa yakho.