Izibhalo
Abraham 1


INcwadi ka-Abraham

Iguqulelwe Isuka kwiPapirasi, nguJoseph Smith

Uguqulelo lweeMbali ezithile, zamandulo ezazithe zawela ezandleni zethu zivela kumangcwaba angaphantsi aseYiputa. Imibhalo ka-Abraham ngethuba awayeseYiputa, lwabizwa ngokuba yiNcwadi ka-Abraham, ibhalwe ngesandla esisesakhe, phezu kwepapirasi.

Isahluko 1

UAbraham ufuna iintsikelelo zohlobo lukasolusapho—Uyatshutshiswa ngababingeleli bobuxoki eKaledi—UYehova uyamsindisa—Iimvelaphi noburhulumente baseYiputa buyachazwa kwakhona.

1 Kwilizwe alamaKaledi, endaweni yokuhlala yoobawo, mna, bAbraham, ndabona okokuba kuyimfuneko kum ukufumana enye indawo cyokuhlala;

2 Kwaye, ndifumene ukuba kwabakho kum aulonwabo olukhulu ngakumbi noxolo bnokuphumla, ndafuna iintsikelelo zoobawo, nelungelo endiya kumiselwa kulo ekulungiseleleni okufanayo; ekubeni isiqu sam ndingumlandeli cwobulungisa, kanjalo ndinqwenela ndibe ngomnye onokuba dnobulumko obukhulu, kwaye ndibe ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa, nokuba nobulumko obukhulu ngakumbi, kwaye ndibe nguyise wezizwe ezininzi, inkosana yoxolo, kwaye ndinqwenela ukwamkela imiyalelo, nokugcina imiyalelo kaThixo, ndaba yindlalifa yenene, euMbingeleli oMkhulu, ophethe filungelo elileloobawo.

3 aLanikwa mna livela koobawo; lize lisehla livela koobawo, ukususela ekuqalekeni kwexesha, ewe, nkqu ekuqalekeni, okanye phambi kwesiseko somhlaba, ukuya ezantsi kwixesha elikhoyo, nkqu ilungelo bowamazibulo, okanye umntu wokuqala, conguAdam, okanye ubawo wokuqala, ngoobawo ukuza kum.

4 Ndafuna okwam aukunyulwa kuBubingeleli ngokokunyula kukaThixo kubo oobawo ngokwembewu.

5 aOobawo, bemkile ebulungiseni babo, nakwimiyalelo engcwele iNkosi uThixo wabo eyabanika yona, baya bekunqulweni kwezithixo zabahedeni, abavumanga ngokupheleleyo ukuphulaphula ilizwi lam;

6 Kuba iintliziyo zabo zazizimisele ukwenza ububi, kwaye zaziguqukele ngokupheleleyo akwisithixo sikaElikena, nesithixo sikaLibhina, nesithixo sikaMahamakhra, nesithixo sikaKorashe, nesithixo sikaFaro, ukumkani waseYiputa;

7 Ke ngoko baguqulele iintliziyo zabo kumadini abahedeni ngokunikela abantwana babo kwezi zithixo zizizimumu, kwaye abaliphulaphulanga ilizwi lam, kodwa bazama ukuthabatha ubomi bam ngesandla sombingeleli wase-Elikena. Umbingeleli wase-Elikena kanjalo wayengumbingeleli kaFaro.

8 Ngoku, ngeli xesha yayilisiko lombingeleli kaFaro, ukumkani waseYiputa, ukunikela phezu kwesibingelelo esasakhiwe elizweni laseKaledi, ukunikela kwaba thixo bangaqhelekanga, amadoda, abafazi, nabantwana.

9 Kwaye kwenzekile ukuba umbingeleli wenza umnikelo kwisithixo sikaFaro, kananjalo kwisithixo sikaShagrile, nkqu ngokohlobo lwamaYiputa. Ngoku isithixo sikaShagrile sasililanga.

10 Nkqu umnikelo wombulelo womntwana umbingeleli kaFaro ebewunikela phezu kwesibingelelo esasimi ngasendulini ekuthiwa yiNduli kaPotifare, entloko yethafa laseOlishem.

11 Ngoku, lo mbingeleli unikele phezu kwesibingelelo iintombi ezintathu ngexesha elinye, ezaziziintombi zikaOnita, enye iyeyomnombo wobukhosi ngokuthe ngqo ukususela kwisinqe asikaHam. Ezi ntombi zazinikelwe ngenxa yobumsulwa bazo; zazingavumanga bukuqubuda zinqule izithixo zomthi okanye zelitye, ke ngoko zabulawelwa phezu kwesi sibingelelo, kwaye kwenziwa ngohlobo lwamaYiputa.

12 Kwaye kwenzekile okokuba ababingeleli bandibamba ngogonyamelo, ukuze kanjalo babe nokundibulala, njengoko benzayo kwezoo ntombi phezu kwesi sibingelelo; ukuze nibe nolwazi lwesi sibingelelo, ndiya kunibhekisela kwinkcazelo ekuqaleni kwale mbali.

13 Sasenziwe ngokohlobo lwebhedi, kanye njengoko sasinjalo phakathi kwamaKaledi, kwaye sasime phambi kwezithixo zikaElikena, Libhina, Mahamakhra, Korashe, kananjalo isithixo esifana neso sikaFaro, ukumkani waseYiputa.

14 Ukuze nibe nako ukuqonda ezi zithixo, ndininike uhlobo lwazo ngamanani ekuqaleni, indlela leyo yamanani kuthiwa yiRahalinoshe yamaKaledi, exela imifanekiso emele amagama kumaxesha akudala.

15 Kwaye njengokuba babephakamisela izandla zabo phezu kwam, ukuze babe nokundinikela baze bathathe ubomi bam, qaphelani, ndaphakamisela ilizwi lam phezulu eNkosini uThixo wam, kwaye iNkosi ayaphulaphula kwaye yeva, kwaye ke yandizalisa ngombono kaSomandla, nesithunywa sobuso bakhe sema ecaleni kwam, saza ngokukhawuleza bsakhulula izibophelelo zam;

16 Kwaye ilizwi lakhe laba kum: Abraham, Abraham, qaphela, igama lam andinguYehova, ndaye ndikuvile, kwaye ndize ezantsi ndikukhulule, nokukuthabatha umke endlwini kayihlo, nakuzo zonke izizalwana zakho, uye belizweni lasemzini ongalaziyo;

17 Kwaye ngoku kungenxa yokuguqulela iintliziyo zabo kude kum, bakhonze isithixo sikaElikena, nesithixo sikaLibhina, nesithixo sikaMahamakhra, nesithixo sikaKorashe, nesithixo sikaFaro, ukumkani waseYiputa; ke ngoko ndihlele ezantsi ukubatyelela, nokumtshabalalisa lowo uphakamisele phezulu isandla ngokuchasene nawe, ukuze athabathe ubomi bakho, Abraham, nyana wam.

18 Qaphela, ndiya kukhokela ngesandla sam, ndaye ndiya kukuthabatha, ndibeke phezu kwakho igama lam, nkqu auBubingeleli bukayihlo, kwaye amandla am aya kuba phezu kwakho.

19 Njengoko kwakunjalo kuNowa kuya kuba njalo kuwe; kodwa ngobulingiseleli bakho aigama lam liya kwaziwa emhlabeni ngonaphakade, kuba ndinguThixo wakho.

20 Qaphela, iNduli kaPotifare yayiselizweni alaseUre, lamaKhaledi. Kwaye iNkosi yaphula isibingelelo sikaElikena, nezezithixo zelizwe, kwaye wazitshabalalisa ngokupheleleyo, kwaye wabetha umbingeleli waza wafa; kwaye kwabakho ukuzila okukhulu eKhaledi, kananjalo entendelezweni kaFaro; uFaro obonisa ubukumkani ngegazi lobukhosi.

21 Ngoku lo kumkani waseYiputa wayesisizukulwana esivela esinqeni asikaHam, kwaye wayengumxhamli wegazi blamaKanan ngokokuzalwa.

22 Kulo mnombo kwaphuma onke amaYiputa, kwaye njalo igazi lamaKanan lalondolozwa elizweni.

23 Ilizwe alaseYiputa lilelokuqala ukufunyanwa ngumfazi, owayeyintombi kaHam, nentombi kaYiputasi, kwisiKaledi ithetha Yiputa, ithetha oko kwalelweyo;

24 Xa lo mfazi wabhaqa ilizwe laliphantsi kwamanzi, owathi emveni koko wahlalisa oonyana bakhe kulo; kwaye njalo, kuHam, kwaphuma isizwe esalondoloza isiqalekiso elizweni.

25 Ngoku urhulumente wokuqala waseYiputa wamiswa nguFaro, oyena mdala unyana kaYiputasi, intombi kaHam, kwaye babungohlobo loburhulumente bukaHam, obabuyimo kasolusapho.

26 UFaro, eyindoda elungileyo, wamisa ubukumkani bakhe, kwaye wagweba abantu bakhe ngokulumkileyo nangokulungileyo yonke imihla yakhe, efuna ngokunyanisekileyo ukulinganisa olo hlobo lwamiswa ngooyise kwizizukulwana zokuqala, ngemihla yolawulo lokuqala lobusolusapho, nkqu kulawulo luka-Adam, kananjalo noNowa, uyise, owamsikelelayo angeentsikelelo zomhlaba, nangeentsikelelo zobulumko, kodwa wamqalekisa ngokuphathelele kuBubingeleli.

27 Ngoku, uFaro engowaloo mlibo angenako ngawo ukufumana ilungelo aloBubingeleli, nangona ooFaro banqwenela ukububanga nobukaNowa, ngoHam, ke ngoko ubawo wakhokelelwa kude ngokukhonza izithixo kwabo;

28 Kodwa ndiya kuzama, ngoku nakwixesha elizayo, ukunika ingxelo ngolandelelwano loluhlu lweziganeko ukubheka emva ukususela kum kuye ekuqalekeni kwendalo, kuba aiimbali zize ezandleni zam, endiziphetheyo kulo eli xesha likhoyo.

29 Ngoku, emva kokuba umbingeleli uElikena wabethwayo waza wafa, kwabakho ukuzalisekiswa kwezo zinto ezazithethiwe kum ngokunxulumene nelizwe lamaKaledi, khonukuze kube kuya kubakho indlala elizweni.

30 Njengokuba indlala yayongamile kulo lonke ilizwe lamaKaledi, nobawo wayethuthumba kabuhlungu ngenxa yendlala, kwaye waba lusizi ngobubi awayebucebile ngokuchasene nam, ukuba athabathe aubomi bam.

31 Kodwa iimbali zoobawo, nkqu oosolusapho, ngokwelungelo loBubingeleli, iNkosi uThixo wam wazilondoloza ezandleni ezizezam; ke ngoko ulwazi lwasekuqalekeni kwendalo, kananjalo aolweeplanethi, nolweenkwenkwezi, njengoko zenziwe zaziwa koobawo, ndizigcine kwade kwanguwo lo mhla, kwaye ndiya kuzama ukubhala ezinye zezi zinto phezu kwale mbali, ukunceda isizukulwana sam esiya kuza emva kwam.