Izibhalo
IziVumo zoKholo 1


IziVumo zoKholo
zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela

Isahluko 1

1 aSikholelwa bkuThixo, uBawo wanaPhakade, cnakuNyana Wakhe, uYesu Krestu, dnakuMoya oyiNgcwele.

2 Sikholwa ekubeni abantu baya kohlwayelwa aizono ezizezabo, kwaye ingabi bkukukreqa kuka-Adam.

3 Sikholwa ekubeni angeNtlawulelo kaKrestu, lonke uluntu blunokusindiswa, cngokuthobela dimithetho nemimiselo eyeVangeli.

4 Sikholwa ekubeni imigaqo yokuqala nemimiselo ayeVangeli yile: okokuqala, buKholo eNkosini uYesu Krestu; okwesibini, cukuGuquka; okwesithathu, duBhaptizo ngontywiliselo elokuxolelwa kwezono; okwesine; ukuBekelwa fizandla gisipho soMoya oyiNgcwele.

5 Sikholwa ekubeni indoda imele aukubizwa nguThixo bngesiprofetho, nangokubekwa ckwezandla ngabo dbasemagunyeni, ukuze eishumayele iVangeli ize ilungiselele fkwimimiselo yayo.

6 Sikholelwa kwa akulungiselelo olwalukho kwiBandla laMandulo, ababizwa ngolu hlobo, babapostile, cabaprofeti, dabelusi, abafundisi, eabavangeli nanjalo-njalo.

7 Sikholelwa akwisipho bseelwimi, csokuprofetha, dsesityhilelo, eimibono, fukuphilisa, gukucaciswa kweelwimi, na njalo-njalo.

8 Sikholwa ukuba aiBhayibhile ekubeni blilizwi likaThixo njengoko iguqulelwe cngokuchanekileyo; kanjalo sikholwa ukuba diNcwadi kaMormoni ibe ililizwi likaThixo.

9 Sikholwa kuko konke aakutyhilileyo uThixo, konke akutyhila ngoku, kwaye sikholwa kukuba usaya bkutyhila izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo.

10 Sikholelwa aekuhlanganisweni ncam kukaSirayeli nasekubuyiselweni bkweZizwe eziLishumi; kuba ciZiyon (iYerusalem eNtsha) iya kwakhiwa phezu kwelizwekazi iAmerika; kuba uKrestu uya dkulawula ubuqu phezu komhlaba; nokuba, umhlaba uya ekwenziwa mtsha uze ufumane fubuqaqawuli bawo gbeparadesi.

11 Sibanga ailungelo elilodwa lokunqula uThixo uSomandla bngokolawulo clwesazela esisesethu, size sivumele bonke abantu ilungelo elilodwa elikwafanayo, sibavumela dukukhonza ngokokuzikhethela, apho banokuzikhethela, okanye oko banokuzikhethela.

12 Sikholelwa ekubeni phantsi kwezikumkani, oomongameli, abalawuli, noomantyi, ngokuthobela, ukubeka, nokuxhasa aumthetho.

13 Sikholelwa aekunyanisekeni, kwinene, bebumsulweni, ekubeni nesisa, ekulungeni kanye, cnasekwenzeni ukulunga kubo bonke abantu; ngenene, sinokuthi okokuba silandela disiyalo sikaPawulos—Sikholwa zizinto zonke, esithemba iinto zonke, sinyamezele iinto ezininzi, size sithembe ekubeni nako fukunyamezela iinto zonke. Ukuba kukho nakuphina gukulunga kanye, ubuhle, okanye ingxelo elungileyo okanye okuncomekayo, sifuna ezi zinto.

Joseph Smith.