Uncedo lweZifundo
GJS, IiNdumiso 24


GJS, IiNdumiso 24:7–10. Thelekisa neNdumiso 24:7–10

UKumkani woZuko uya kukhulula abantu Bakhe ekubuyeni Kwakhe.

7 Phakamisani iintloko zenu, Owu zizukulwana zikaYakobi; nize niziphakamise; neNkosi eyomeleleyo nenamandlakazi; iNkosi eyomeleleyo emfaweni, ngubani na ke ukumkani wozuko, oya kukumisa ngonaphakade.

8 Kwaye uya kusonga amazulu; kwaye uya kuhla akhulule abantu bakhe; anenzele igama lanaphakade; animise phezu kolwalwa lwanaphakade.

9 Phakamisani iintloko zenu, Owu zizukulwana zikaYakobi; phakamisani iintloko zenu, zizukulwana zanaphakade, neNkosi yemikhosi, nokumkani wookumkani;

10 Nkqu ukumkani wozuko uya kuza kuni; kwaye uya kukhulula abantu bakhe, kwaye uya kubamisa ebulungiseni. Phakamisani.