Uncedo lweZifundo
GJS, IEksodus 34


GJS, IEksodus 34:1–2, 14. Thelekisa ne-Eksodus 34:1–2, 14; I&M 84:21–26

UThixo kwakhona ubhala umthetho emacwecweni elitye alungiswe nguMoses kodwa uthatha uBubingeleli bukaMelkitsedeke nemimiselo yabo kubantwana bakaSirayeli. Ubanika umthetho wemiyalelo yenyama endaweni yabo.

1 Kwaye iNkosi yathi kuMoses, Ziqingqele amanye amacwecwe amabini elitye, afana nawokuqala, kwaye ndiya kubhala kanjalo phezu kwawo, amazwi omthetho, kwa njengawo abebhalwe kumacwecwe okuqala, wena owaqhekezeleyo; kodwa ingabi njengawokuqala, kuba andisayi kubuthabatha ububingeleli phakathi kwabo; ke ngoko ucwangco lwam olungcwele, nemimiselo yalo, luya kuhamba phambi kwabo; kuba ubuso bam abuyi kuhamba phakathi kwabo, hleze ndibatshabalalise.

2 Kodwa ndiya kuba nika umthetho njengasekuqaleni, kodwa uya kuba ngokomyalelo wenyama; kuba ndifungile kwingqumbo yam, okokuba abayi kungena ebusweni bam, ekuphumleni kwam, kwimihla yabo yokundwendwela. Ke ngoku yenza njengoko ndikuyalele, kwaye ulunge kusasa, unyuke kusasa uye entabeni yaseSinayi, kwaye uzise isiqu sakho apho kum, encotsheni yentaba.

UYehova ligama elinye abantu beTestamente eNdala abayazi ngalo iNkosi uYesu Krestu.

14 Kuba akusayi kunqula thixo wumbi; kuba iNkosi, egama linguYehova nguThixo onekhwele.