Uncedo lweZifundo
GJS, IEksodus 33


GJS, IEksodus 33:20, 23. Thelekisa ne-Eksodus 33:20, 23

Akukho mntu ongumoni unako ukububona ubuso bukaThixo aze aphile.

20 Kwaye wathi kuMoses, Wena akunako ukububona ubuso bam ngeli xesha, hleze umsindo wam uvuthe kanjalo ngokuchasene nawe, ndize ndikutshabalalise, nabantu bakho; kuba akuyi kubakho mntu phakathi kwabo obona mna ngeli xesha, aze aphile, kuba banezono ngokugqithisileyo. Kwaye akukho mntu ongumoni onako nangaliphi na ixesha, kungasayi kubakho nawuphi na umntu ongumoni nangaliphi na ixesha, oya kubona ubuso bam aze aphile.

23 Kwaye ndiya kususa isandla sam, kwaye uya kubona umva wam, kodwa ubuso bam abuyi kubonwa, njengakwamanye amaxesha; kuba ndinomsindo ngabantu bam amaSirayeli.