Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 84


Icandelo 84

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Septemba 22 no23, 1832. Ngexesha lenyanga kaSeptemba, abadala baqalise ukubuya kwiimishini zabo kwiziteyiti ezisempumalanga nokwenza iingxelo zemisebenzi yabo. Kungethuba babekunye ngeli xesha lovuyo ekwathi unxibelelwano olulandelayo lwafunyanwa. UMprofeti wasalathela esi sityhilelo kububingeleli.

1–5, IYerusalem eNtsha netempile ziya kwakhiwa eMissouri; 6–17, Umkrozo wobubingeleli ukusuka kuMoses ukuya kuAdam unikiwe; 18–25, Ububingeleli obukhulu buphethe isitshixo solwazi lukaThixo; 26–32, Ububingeleli obunganeno buphethe isitshixo solungiselelo lweengelosi nolwevangeli elungiselelayo; 33–44, Abantu bazuza ubomi obungunaphakade ngesifungo nangomnqophiso nobubingeleli; 45–53, UMoya kaKrestu ukhanyisela abantu, kwaye ihlabathi lilele esonweni; 54–61, AbaNgcwele bamele ukunika ubungqina bezoo zinto bazifumeneyo; 62–76, Bamele ukushumayela ivangeli, nemiqondiso iya kulandela; 77–91, Abadala bamele ukuya ngaphambili ngaphandle kwesipaji okanye isipaji sempahla kwaye iNkosi iya kukhathalela iintswelo zabo; 92–97, Izibetho neziqalekiso zilindele abo bangafuni vangeli; 98–102, Ingoma entsha yokukhululwa kweZiyon inikiwe; 103–110, Wonke umtu makame eofisini eyiyeyakhe aze asebenze kubizo olulolwakhe; 111–120, Izicaka zeNkosi zimele ukubhengeza isikizi lenkangala yemihla yokugqibela.

1 Isityhilelo sikaYesu Krestu kwisicaka sakhe uJoseph Smith, Omnci., nabadala abathandathu, njengokuba bamanyanisa iintliziyo zabo baze abanyusela amazwi abo kophezulu.

2 Ewe, ilizwi leNkosi ngokunxulumene nebandla layo, lasekelwa aukubuyiselwa kwabantu bayo ngemihla yokugqibela, njengoko yathethayo ngomlomo bwabaprofeti bayo, nokuhlanganiswa ckwabangcwele bayo beme phezu dkweNtaba yeZiyon, eya kuba sisixeko eseYerusalem eNtsha.

3 Sixeko eso esiya kwakhiwa, siqalela aesizeni setempile, esonyulwe ngomnwe weNkosi, kwimida esentshonalanga yeSteyiti seMissouri, kwaye sangcwaliswa ngesandla sikaJoseph Smith, Omnci., nabanye iNkosi ekholisiweyo ngabo.

4 Inene eli lilizwi leNkosi, okokuba isixeko aseYerusalem eNtsha siya kwakhiwa ngokuhlanganiswa kwabangcwele, siqala kule ndawo, nkqu kwindawo byetempile, tempile leyo eya kumiswa kwesi sizukulwana.

5 Kuba inene esi sizukulwana asiyi kudlula sonke kude kube indlu iya kwakhelwa eNkosini, kwaye ilifu liya kuphumla phezu kwayo, lifu elo liya kuba aluzuko nkqu lweNkosi, oluya kuzalisa indlu.

6 Kwaye oonyana bakaMoses ngokunxulumene noBubingeleli obuNgcwele awabufumana phantsi akwesandla sikayise-zala, buYitro;

7 Kwaye uYitro wabufumana phantsi kwesandla sikaKhalebhi;

8 Kwaye uKhalebhi wabufumana phantsi kwesandla sikaElihu;

9 NoElihu phantsi kwesandla sikaYeremi;

10 NoYeremi phantsi kwesandla sikaGadi;

11 NoGadi phantsi kwesandla sikaEsayasi;

12 Kwaye uEsayasi wabufumana phantsi kwesandla sikaThixo.

13 Kanjalo uEsayasi waphila kwimihla ka-Abraham, kwaye wayesikelelwe ngaye—

14 aUAbraham lowo wafumana ububingeleli buvela bkuMelkitsedeke, owabufumana ngomlibo wooyise, nkqu ukuya ckuNowa;

15 Kwaye ukususela kuNowa ukuya akuEnoki, ngomlibo wooyise;

16 Kwaye ukususela kuEnoki kuye akuAbheli, owabulawa bngeyelenqe lomntakwabo, cowafumana ububingeleli ngemiyalelo kaThixo, ngesandla sikayise duAdam, owayengumntu wokuqala—

17 aUbubingeleli obo buqhubekeka ebandleni likaThixo kuzo zonke izizukulwana, kwaye abunasiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka.

18 Kwaye iNkosi yaqinisela aububingeleli kanjalo phezu bkoAron nembewu yakhe, kuzo zonke izizukulwana zabo, ububingeleli obo kanjalo buqhubekeka kwaye cbuhleli ngonaphakade nobubingeleli obusemva kohlobo olulolona lungcwele lukaThixo.

19 Kwaye obu bubingeleli bukhulu ngakumbi busebenza ivangeli nokuphatha isitshixo aseemfihlelo zobukumkani, nkqu isitshixo bsolwazi lukaThixo.

20 Ke ngoko, akwimimiselo yabo, amandla obuthixo ayabonakaliswa.

21 Kwaye ngaphandle kwemimiselo yabo, kwaye anegunya lobubingeleli, amandla obuthixo akabonakaliswa ebantwini enyameni;

22 Kuba ngaphandle koku akukho amntu unako ukubona ubuso bukaThixo, nkqu uBawo, aze aphile.

23 Ngoku lo aMoses wafundisa ngokucacileyo ebantwaneni bakaSirayeli entlango, waza wafuna ngenkuthalo bukungcwalisa abantu bakhe ukuze babe cnokubona ubuso bukaThixo;

24 Kodwa abaziqaqadekisa iintliziyo zabo baze ababinako ukunyamezela ubuso bakhe; ke ngoko, iNkosi bikwingqumbo yayo, kuba umsindo wayo wawuphenjelelwe ngokuchasene nabo, yafunga ukuba abamele ckungena ekuphumleni kwayo ngethuba ababesentlango, luphumlo olo ikukuzalisekiswa kobuqaqawuli bayo.

25 Ke ngoko, yathabatha auMoses yamkhupha phakathi kwabo, kanjalo bnoBubingeleli obuNgcwele;

26 Kwaye aububingeleli obunganeno baqhubekeka, bubingeleli obo buphethe bisitshixo csolungiselelo lweengelosi nevangeli elungiselelayo;

27 Vangeli leyo iyivangeli ayenguquko bneyobhaptizo, cneyokuxolelwa kwezono, dnomthetho wemiyalelo eyenyama, eyenziwa yiNkosi isemsindweni wayo owenziwa uqhubeke kunye nendlu ka-Aron phakathi kwabantwana bakaSirayeli kwade kwafikelela fuYohane, lowo uThixo wamphakamisayo, gezaliswe nguMoya oyiNgcwele esuka esizalweni sikanina.

28 Kuba wabhaptizwa ngexesha wayesesebuntwaneni bakhe, waza wamiselwa yingelosi kaThixo kweli gunya ngexesha awayeneentsuku ezisibhozo ubudala, ukubhukuqa ubukumkani bamaYuda, aze aatyeneneze indlela yeNkosi phambi kobuso babantu bayo, abalungiselele ukuza kweNkosi, esandleni sayo inikwe bonke amandla.

29 Kwaye kwakhona, iiofisi zabadala nobhishophu azizizihlomelo ezifanelekileyo ezizezobubingeleli obukhulu.

30 Kwaye kwakhona, iiofisi zobutitshala nobudikoni zizizihlomelo ezifanelekileyo ezizezobubingeleli obunganeno, bubingeleli obo baqiniselwa phezu ko-Aron noonyana bakhe.

31 Ke ngoko, njengoko ndatshoyo ngokunxulumene noonyana bakaMoses—kuba oonyana bakaMoses kananjalo oonyana baka-Aron baya kunikela aumnikelo owamkelekileyo nedini endlwini yeNkosi, ndlu leyo iya kwakhelwa eNkosini kwesi sizukulwana, phezu bkwendawo engcwalisiweyo njengoko ndalathileyo—

32 Kwaye oonyana bakaMoses noAron baya kuzaliswa abubuqaqawuli beNkosi, phezu bkweNtaba iZiyon endlwini yeNkosi, enonyana bayo ababini; kanjalo nabaninzi endibabizileyo ndaza ndabathumela ngaphambili ekwakheni cibandla lam.

33 Kuba nobanina aabathembekileyo ekufumaneni obu bbubingeleli bubini endithethe ngabo, nasekukhuliseni ubizo lwabo, cbangcwaliswe nguMoya ekuhlaziyweni kwemizimba yabo.

34 Baba ngoonyana bakaMoses nabaka-Aron anembewu bka-Abraham, nebandla nobukumkani, cnabanyulwa bakaThixo.

35 Kananjalo bonke abamkela obu bubingeleli bamkela mna, itsho iNkosi;

36 Kuba lowo wamkela izicaka zam awamkela mna;

37 Kwaye lowo awamkela mna wamkela uBawo;

38 Kwaye lowo wamkela uBawo wamkela ubukumkani bukaBawo; ke ngoko akonke oko uBawo anako kuya kunikwa yena.

39 Kwaye oku kunxulumene anesifungo nomnqophiso ongowobubingeleli.

40 Ke ngoko, bonke abo bamkele ububingeleli, bamkela esi sifungo nomnqophiso kaBawo, angenako ukuwaphula, engenako nakuwususa.

41 Kodwa lowo awaphula lo mnqophiso emva kokuba ewamkele, aze ngokupheleleyo ajike kuwo, bakayi kuba noxelelo lwezono kweli lizwe nakwilizwe elizayo.

42 Kwaye yeha kubo bonke abo bangeziyo kubo obu bubingeleli enibamkeleyo, endibuqiniselayo ngoku phezu kwenu enikhoyo ngalo mhla, ngelizwi elilelam liphuma emazulwini; kwaye nkqu ndinike uxanduva izihlwele zasezulwini aneengelosi zam ngokunxulumene nani.

43 Kwaye ngoku ndininika umyalelo ukuba nilumke ngokunxulumene neziqu zenu, ninike ngenkuthalo ainyameko amazwi obomi obungunaphakade.

44 Kuba niya akuphila ngamazwi onke abheka phambili evela emlonyeni kaThixo.

45 Kuba ailizwi leNkosi liyinyaniso, kwaye nantoni na beyinyaniso ikukukhanya, kwaye nantoni na ekukukhanya inguMoya, nkqu uMoya kaYesu Krestu.

46 Kwaye uMoya unika aukukhanya kuye bwonke umntu oza ehlabathini; kwaye uMoya ukhanyisela wonke umntu kulo lonke ihlabathi, ophulaphula ilizwi loMoya.

47 Kwaye wonke ubani ophulaphula ilizwi loMoya uza kuThixo, nkqu uBawo.

48 Kwaye uBawo aumfundisa bokomnqophiso awuhlaziyileyo waza wawuqinisela phezu kwenu, oqiniselwe phezu kwenu ngenxa yenu, kwaye ingasikuko okwenxa yenu kuphela, kodwa ngenxa yehlabathi lonke.

49 Kwaye lonke aihlabathi lihleli esonweni, kwaye ligcuma phantsi bkobumnyama naphantsi kobukhoboka besono.

50 Kwaye ngoku ninokwazi ukuba baphantsi akobukhoboka bbesono, ngenxa yokuba abezi kum.

51 Kuba lowo ungezi kum uphantsi kobukhoboka besono.

52 Kuba lowo ungalamkeliyo ilizwi lam akaqhelananga anelizwi lam, kwaye akanguye owam.

53 Kwaye ngoku ninokwazi abalungileyo kwabakhohlakeleyo, nokokuba aihlabathi lonke bligcuma phantsi ckwesono nobumnyama nkqu ngoku.

54 Kwaye iingqondo zenu kumaxesha adlulileyo bezenziwa mnyama ngenxa ayokungakholwa, nangenxa yokuba nithathe lula izinto enizamkeleyo—

55 aMampunge lawo nokungakholwa okuzise ibandla lonke phantsi kwesigwebo.

56 Kwaye esi sigwebo sihleli phezu kwabantwana beZiyon, nkqu bonke.

57 Kwaye baya kusala phantsi kwesi sigwebo bade baguquke kwaye bakhumbule aumnqophiso omtsha, nkqu biNcwadi kaMormoni nemiyalelo cyangaphambili endibanike yona, ingekuko ukuthi kuphela, kodwa dukwenza ngokunxulumene noko ndikubhalileyo—

58 Ukuze babe nokuzisa ngaphambili isiqhamo esilungele ubukumkani boYise wabo; ngamanye amazwi apho kusele isibetho nomgwebo ukuba zithululelwe phezu kwabantwana beZiyon.

59 Kuba abantwana bobukumkani beya kungcolisa umhlaba ongcwele? Inene, ndithi kuni, Hayi.

60 Inene, inene, ndithi kuni abaphulaphule ngoku aamazwi am, alilizwi lam, nisikelelekile nina njengokuba nisamkela ezi zinto;

61 Kuba ndiya akunixolela okwezono zenu ngalo myalelo—ukuze nihlale niqinile ezingqondweni zenu bekundilisekeni nakumoya womthandazo, ninika ubungqina kulo lonke ihlabathi bezo zinto ezithethwe kuni.

62 Ke ngoko, ayiyani kulo lonke ihlabathi; kwaye kuyo nayiphina indawo eningenako ukuya kuyo niya kuthumela, ukuze ubungqina bube nokuhamba busuka kuni busiya kulo lonke ihlabathi kuzo zonke izidalwa.

63 Kwaye njengoko ndatshoyo kubapostile bam, nkqu kunjalo ndithi kuni, kuba aningabapostile bam, nkqu ababingeleli abakhulu bakaThixo; ningabo abo uBawo babanike mna; cningabahlobo bam;

64 Ke ngoko, njengoko ndatshoyo kubapostile bam nditsho kuni kwakhona, okokuba wonke aumphefumlo bokholelwayo emazwini enu, kwaye ubhaptizelwe ngamanzi cuxolelo lwezono, uya kwamkela duMoya oyiNgcwele.

65 Kwaye le amiqondiso iya kubalandela abakholwayo—

66 Egameni lam baya kwenza aimisebenzi emininzi emangalisayo;

67 aEgameni lam baya kukhupa oomtyholi;

68 Egameni lam baya akuphilisa imilwelwe;

69 Egameni lam baya kuvula amehlo eemfama, baze bavule iindlebe zezithulu;

70 Kwaye ulwimi lwezimumu luya kuthetha;

71 Nokokuba nabanina oya kubanika aityhefu ayisayi kubenzakalisa;

72 Kwaye ityhefu yenyoka ayisayi kuba namandla okubenzakalisa.

73 Kodwa ndibanika umyalelo, okokuba abayi akugwagwisa iziqu zabo ngezi zinto, bangathethi nanye ngazo phambi kwehlabathi; kuba ezi zinto nizinikelwe inzuzo yenu nina nosindiso.

74 Inene, inene, ndithi kuni, abo bangakholelwayo emazwini enu, baze abangabhaptizelwa emanzini egameni lam, uxolelo lwezono zabo, ukuze babe nokwamkela uMoya oyiNgcwele, baya bkugwetywa, kwaye abayi kuza ebukumkanini bukaBawo apho uBawo nam sikhoyo.

75 Kwaye esi sisityhilelo kuni, nomyalelo, usebenza ukususela kweli lixa kanye kulo lonke ihlabathi, nevangeli ikubo bonke abangayamkelanga.

76 Kodwa, inene ndithi kubo bonke abo ubukumkani bunikelwe kubo—ukusuka kuni imele ukushunyayelwa kubo, ukuze babe baya kuguquka kwimisebenzi yabo yangaphambili ekhohlakeleyo; kuba bamele ukungcikivelwa iintliziyo zabo ezikhohlakeleyo zokungakholwa, nabazalwana benu eZiyon ngovukelo lwabo ngokuchasene nani ngexesha endanithuma ngalo.

77 Kwaye kwakhona ndithi kuni, bahlobo bam, kuba ukususela ngoku kuye phambili ndiya kunibiza abahlobo, kufanelekile ukuba ndininike lo myalelo, okokuba nibe nkqu njengabahlobo bam kwimihla xa ndandikunye nabo, nihamba nishumayela ivangeli emandleni am;

78 Kuba andivumelanga ukuba babe anesipaji okanye isipaji sempahla, nazidyasi zimbini.

79 Qaphelani, ndinithumela ngaphandle ukubonisa ihlabathi, nomsebenzi uwufanele aumvuzo wakhe.

80 Kwaye nabani na oya kuhamba aze aashumayele le bvangeli yobukumkani, aze angasileli ukuqhubekeka ngokuthembeka kuzo zonke izinto, akayi kudinwa engqondweni, angabi nakwenziwa mnyama, ingekuko emzimbeni, ilungu, nasidibanisi; cnonwele lwentloko yakhe aluyi kuwa emhlabeni lungaqapheleki. Kwaye abayi kulamba, nakunxanwa.

81 Ke ngoko, musani aukucingela ingomso, ukuba nodla ntoni na, okanye nosela ntoni na, okanye niya kombathiswa ngantoni na.

82 Kuba, cingani iinyibiba zethafa, ukuba zikhula njani na, azisebenzi, zingenzi nakuluka; nezikumkani zehlabathi, kubo bonke ubuqaqawuli bazo, abuboniswanga njengobunye bobu.

83 Kuba auYihlo, osezulwini, buyazi ukuba unentswelo yezi zinto zonke.

84 Ke ngoko, yekani ingomso alixhalele izinto zalo.

85 Nakuxhalela ngaphambili aoko niya kuthetha; kodwa blondolozelani ezingqondweni zenu ngokuqhubekekayo amazwi obomi, kwaye kuya ckunikwa kuni ngelixa kanye eso sabelo siya kwabelwa kuwo wonke umntu.

86 Ke ngoko, ningavumeli mntu phakathi kwenu, kuba lo myalelo uya kubo bonke aabathembekileyo ababizwe nguThixo ebufundisini ebandleni, ukususela kweli lixa bathathe isipaji okanye isipaji sempahla, abahambela ngaphambili ukubhengeza le vangeli yobukumkani.

87 Qaphelani, andinithumela ngaphandle nikhalimele ihlabathi kuzo zonke izenzo zalo ezingalunganga, nokulifundisa ngomgwebo ozayo.

88 Kwaye lowo aunamkelayo, apho kanjalo ndiya kubakho, kuba ndiya kuhamba phambi kobuso benu. Ndiya kuba sekunene kwenu nasekhohlo kwenu, kwaye uMoya wam uya kuba sezintliziywenu zenu, bneengelosi zam ziningqonge, zinixhase.

89 Lowo unamkelayo wamkela mna; kwaye okwanjalo uya kunondla, aze anambese, aze aninike imali.

90 Kwaye lowo unondlayo, okanye onambesayo, okanye oninika imali, akayi akulahlekelwa ngumvuzo wakhe nangayiphina indlela.

91 Kwaye lowo ungazenziyo ezi zinto akanguye umfundisi wam; ngoku ninokubazi aabafundi bam.

92 Lowo unganamkeliyo, mkani kuye ninodwa iziqu zenu, nize anicoce iinyawo zenu nkqu ngamanzi, amanzi acocekileyo, nokokuba kusebushushwini okanye engqeleni, nize ninike ubungqina boko kuYihlo osezulwini, nize ningabuyeli kwakhona kuloo mntu.

93 Kwaye kuyo nayiphina idolophana okanye isixeko eningena kuso, yenzani kwa njalo.

94 Nangona kunjalo, funani ngenkuthalo kwaye ningashiyeleli; kwaye yeha kuloo ndlu, okanye loo dolophana okanye isixeko esinalayo, okanye amazwi enu, okanye ubungqina benu ngokunxulumene nam.

95 Yeha, nditsho kwakhona, kuloo ndlu, okanye loo dolophana okanye isixeko esinalayo, okanye amazwi enu, okanye ubungqina benu ngam;

96 Kuba mna, auSomandla, ndibeke izandla zam phezu kwezizwe, bukuzibethela cinkohlakalo yazo.

97 Kwaye izibetho ziya kuya ngaphambili, kwaye aziyi kuthathwa emhlabeni ndide ndibe ndiwugqibile umsebenzi wam, oya akunqanyulwa ebulungiseni—

98 Kude bonke babe baya kundazi, ohleliyo, nkqu ukususela koyena mncinane kuye koyena mkhulu, kwaye baya kuzaliswa ngolwazi lweNkosi, kwaye baya akubona ngasonye, kwaye baya kuphakamisela phezulu amazwi abo, baze bbavume kunye ngelizwi le ngoma entsha, besithi:

99 INkosi ibuyise kwakhona iZiyon;INkosi aikhulule abantu bayo, buSirayeli,cNgokwalatha dkobabalo,Olwaphunyezwa ngokholoeNomnqophiso wooyise.

100 INkosi ibakhulule abantu bayo;NoSathana aubotshiwe nexesha alisekho.INkosi ihlanganisele zonke izinto bzabanye.INkosi ithobele phantsi ciZiyon ukusuka ngasentla.INkosi dise phezulu iZiyon ukusuka ngaphantsi.

101 aUmhlaba unenimba Waza wazisa ngaphambili ukomelela kwawo;Nenyaniso imisiwe ezibilinini zawo;Namazulu ancumile phezu kwawo;Kwaye wambathiswe bngobuqaqawuli bukaThixo wawo;Kuba umi esazulwini sabantu bakhe.

102 Uzuko, nembeko, namandla, namandlakazi,Makube kuThixo wethu; kuba uzaliswe ayinceba,Ubulungisa, ubabalo nenyaniso, bnoxolo.Ngonaphakade kanaphakade, Amen.

103 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni, kufanelekile okokuba wonke umntu oya ngaphambili abhengeze ivangeli yam yanaphakade, ukuze njengokuba beneentsapho, babe bazuze imali ngesipho, babe bamele ukuyithumela kuzo okanye bayisebenzisele uncedo lwabo, njengoko iNkosi iya kubalathela, kuba kubonakala njalo kulungile kum.

104 Kwaye vumelani abo bangenazo iintsapho, abazuza aimali, mabayithumele phezulu kubhishophu eZiyon, okanye kubhishophu eOhio, ukuze ibe nokungcwaliselwa ukuzisa ngaphambili okwezityhilelo nopapasho lwazo, nokumisa iZiyon.

105 Kwaye xa nawuphina umntu eya kunika nabani na ongowenu idyasi, okanye isuti, thabatha ezindala uze uziphosele aemahlwempini, uze uhambe endleleni yakho ugcobile.

106 Kwaye xa nawuphina umntu phakathi kwenu omelele eMoyeni, mvumeleni aathathe kunye naye lowo ubuthathaka, ukuze abe nokuhlaziyeka kubo bonke bubulali, ukuze babe nokomelela kanjalo.

107 Ke ngoko, thabathani kunye nani abo bamiselwe akububingeleli obunganeno, nize nibathumele phambi kwenu ukwenza izigqibo zokudibana, nokulungisa indlela, nokuzalisa izigqibo zokudibana eningakwaziyo nina iziqu zenu ukuzizalisa.

108 Qaphelani, le yindlela abapostile bam, kwimihla yamandulo, abakhela ibandla lam kum.

109 Ke ngoko, vumelani wonke umntu eme eofisi eyiyeyakhe, aze asebenze kubizo olulolwakhe; nize ningavumeli intloko ithi ezinyaweni ayinayo intswelo yeenyawo; kuba ngaphandle kweenyawo umzimba uya kuba nako njani ukuma?

110 Kanjalo umzimba unentswelo yawo onke aamalungu, ukuze onke abe nokuhlaziyeka kunye, ukuze okwenziwe ngendlela emisiweyo kube nokugcinwa kugqibelele.

111 Kwaye qaphelani, aababingeleli abakhulu bamele ukuhamba, nabadala kanjalo, bnababingeleli abanganeno kanjalo, kodwa cabadikoni dnootitshala bamele ukonyulwa ebajonge ibandla, babe ngabefundisi abamileyo ebandleni.

112 Kwaye ibhishophu, uNewel K. Whitney, kanjalo umele ukuhamba ejikeleza naphakathi kwamabandla onke, ephanda amahlwempu aelungiselela iimfuno zawo bngokuthoba izityebi nabanekratshi.

113 Umele kanjalo aqeshe aiarhente yokuthabatha uxanduva nokwenza imicimbi yakhe yomhlaba njengoko eya kwalatha.

114 Nangona kunjalo, vumelani ubhishophu aye esixekweni saseNew York, kanjalo esixekweni saseAlbany, kananjalo esixekweni saseBoston, aze alumkise abantu bezoo zixeko ngesandi sevangeli, ngelizwi elikhulu, alenkangala nokubhangiswa kuphela okubalindeleyo ukuba bayazala ezi zinto.

115 Kuba xa bezala ezi zinto ilixa lomgwebo wabo likufuphi, nendlu yabo iya kushiyelwa kubo aiyinkangala.

116 Mvumeleni aathembele kum kwaye akayi bkubhidaniswa; cnonwele lwentloko yakhe aluyi kuwa emhlabeni lungaqapheleki.

117 Kwaye inene ndithi kuni, ntsalela yezicaka zam, yiyani ngaphambili njengoko iimeko zenu ziya kunivumela, kumaqela obizo lwenu, kwizixeko needolophana ezinkulu nezibalulekileyo, nikhalimela ihlabathi kuko konke ukungalungisi kwalo nezenzo ezingahloneli thixo, lize ebulungiseni nibhengeze ngokucacileyo nangokuqonda inkangala yesikizi ngemihla yokugqibela.

118 Kuba, ngani itsho iNkosi uSomandla, ndiya akuzikrazula izikumkani zabo; andiyi bkuwugungqisa kuphela umhlaba, kodwa amazulu neenkwenkwezi aya kunyikima.

119 Kuba mna, iNkosi, ndibeke ngaphambili isandla sam ukuxinzelela amandla ezulu; aninako ukubona oko ngoku, kanti ethubeni elincinane yaye niya kukubona, nize nazi ukuba ndinguye, nokokuba ndiya akuza ndize bndilawule kunye nabantu bam.

120 aNdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo. Amen.