Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 76


Icandelo 76

Umbono onikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eHiram, eOhio, Februwari 16, 1832. Etshayelela umbhalo walo mbono, imbali kaJoseph Smith ichaza nje: “Ekubuyeni kwam ndivela enkomfeni eAmherst, ndaqalisa uguqulelo lweZibhalo. Ukususela kwizityhilelo ngezityhilelo ezithe zafunyanwa, kwakucacile okokuba amanqaku amaninzi abalulekileyo achaphazela usindiso lomntu, athatyathwe eBhayibhileni, okanye alahlekayo phambi kokuba aqokelelwe. Kubonakale kucacile ukususela kwiinyaniso ezo zazishiyelelwe, okokuba ukuba uThixo wavuza wonke ubani ngokunxulumene nezenzo ezenziweyo emzimbeni igama ‘iZulu,’ njengoko lilungiselelwe ikhaya lanaphakade labaNgcwele, limele liquke ubukumkani obungaphezu kobunye. Ngokunxulumene, … ngethuba ndiguqulela iVangeli kaYohane oNgcwele, mna noMdala uRigdon sabona umbono olandelayo.” Ngexesha lo mbono wawunikwa, uMprofeti wayeguqulela uYohane 5:29.

1–4, INkosi nguThixo; 5–10, Iimfihlelo zobukumkani ziya kutyhilwa kubo bonke abathembekileyo; 11–17, Bonke baya kuza ngaphambili eluvukweni lwamalungisa okanye abangalunganga; 18–24, Abemi bamahlabathi amaninzi ngabazelweyo oonyana neentombi kuThixo ngentlawulelo kaYesu Krestu; 25–29, Ingelosi kaThixo yawa yaza yaba ngumtyholi; 30–49, Oonyana besihogo babulaleka ngumgwebo wanaphakade; bonke abanye bazuza iqondo elithile losindiso; 50–70, Ubuqaqawuli nomvuzo wesiqu eziphakanyiselwe ebukumkanini beselestiyali buyachazwa; 71–80, Abo baya kufumana ilifa ubukumkani betherestiyali buyachazwa; 81–113, Ubume babo basebuqaqawulini bethelestiyali, netherestiyali, nobeselestiyali, buyachazwa; 114–119, Abathembekileyo banokubona nokuqonda iimfihlelo zobukumkani bukaThixo ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 aPhulaphulani, Owu nina mazulu, kwaye ninike indlebe, Owu mhlaba, nize nigcobe nina bemi bawo, kuba iNkosi binguThixo, kwaye ngaphandle kwayo cakukho dMsindisi.

2 aBukhulu ubulumko bayo, bzingummangaliso iindlela zayo, nobungakanani bezenzo zayo akukho namnye unako ukubufumana.

3 aIinjongo zayo azisileli, kungekho nabanina unako ukusibamba isandla sayo.

4 Ukususela ephakadeni kuye ephakadeni aukwanguye, neminyaka yakhe ayiyi bkuphela.

5 Kuba itsho njalo iNkosi—Mna, iNkosi, andinenceba nobubele kwabo bbandoyikayo, ndivuyela ukubeka abo cbandikhonza besebulungiseni nasenyanisweni kuye esiphelweni.

6 Uya kuba mkhulu umvuzo wabo kwaye auzuko lwabo luya kuba lolwanaphakade.

7 Kwaye kubo ndiya akutyhila zonke biimfihlelo, ewe, zonke iimfihlelo ezifihlakeleyo zobukumkani bam ukususela kwimihla yakudala, nezeminyaka ezayo, ndiya kwenza kwazeke kubo ubuncwane obulungileyo bentando yam ngokunxulumene nezinto zonke ezinxamnye nobukumkani bam.

8 Ewe, nkqu imimmangaliso yanaphakade baya kuyazi, nezinto ezizayo ndiya kubabonisa, nkqu izinto zezizukulwana ezininzi.

9 Kwaye aubulumko babo buya kuba bukhulu, bnokuqonda kwabo kuya kufikelela ezulwini; kwaye phambi kwabo ubulumko bezilumko buya ckutshabalala, nokuqonda kwabalumkileyo kuya kuba yinto engento.

10 Kuba angoMoya wam ndiya kuba bkhanyisela, kwaye cngamandla am ndiya kwenza kwenzeke kubo iimfihlelo zentando yam—ewe, nkqu ezo zinto dneliso lingazibonanga, nandlebe izivileyo, zingekangeni entliziyweni yomntu.

11 Thina, uJoseph Smith Omnci., noSidney Rigdon, asiseMoyeni ngomhla weshumi elinesithandathu kaFebruwari, kunyaka weNkosi yethu wewaka elinamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anesibini—

12 Ngamandla aoMoya bamehlo ethu avuleka nokuqonda kwethu kwatyhilwa, ukuze sibone size siqonde izinto zikaThixo—

13 Nkqu nezoo zinto zazikho ukususela ekuqalekeni phambi kokuba ihlabathi libekho, ezazimiselwe nguBawo, ngoNyana wakhe eKuphela koZelweyo, owayesesifubeni sikaBawo, nkqu ukususela aekuqaleni;

14 Ngaye sinika ubungqina; kwaye ubungqina esibunikayo kukuzalisekiswa kwevangeli kaYesu Krestu, onguNyana, lowo sambonayo nalowo asancokola naye bembonweni wezulu.

15 Kuba xa sasisenza umsebenzi awoguqulelo, iNkosi eyathi yawonyulela thina, saya kufika kwivesi yamashumi amabini anesithoba yesahluko sesihlanu sikaYohane, eyanikwa thina njengokulandelayo—

16 Ithetha ngovuko lwabafileyo, ngokunxulumene nabo baya akuliva ilizwi bloNyana woMntu:

17 Kwaye kuya kuza ngaphambili; abo benze angokulungileyo, beluvukweni clwamalungisa; kwa nabo benze ububi, eluvukweni lwabangemalungisa.

18 Ngoku oku kwasenza sammangaliswa, kuba sakunikwa ngoMoya.

19 Kwaye xa asicinga nzulu ngezi zinto, iNkosi yachukumisa amehlo okuqonda kwethu aze avuleka, nobuqaqawuli beNkosi baqaqamba bungqongile.

20 Kwaye saqaphela aubuqaqawuli boNyana, bekunene ckukaBawo, saze safumana ukuzaliseka kwakhe;

21 Kwaye sabona aiingelosi ezingcwele, kwaye nabo bbangcwalisiweyo phambi kwetrone yakhe, zinqula uThixo, neMvana, cemnqula ngonaphakade nangonaphakade.

22 Kwaye ngoku, emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu abubungqina bokugqibela babo bonke, esibunika ngaye: Bokokuba buyaphila!

23 Kuba asambona, nkqu ekunene bkukaThixo; kwaye saliva ilizwi linika ubungqina ukuba cuKuphela koZelweyo kaBawo—

24 Okokuba angaye, nangaye, nangokukokwakhe, bamahlabathi akho kwaye adalwa, nabemi bawo cbangoonyana neentombi ezizelweyo kuThixo.

25 Kwaye oku kanjalo sakubona, saza sanika ubungqina, okokuba aingelosi kaThixo eyayisegunyeni ebusweni bukaThixo, eyavukela ngokuchasene noNyana oKuphela koZelweyo lowo uBawo wamthandayo nalowo wayesesifubeni sikaBawo, yakhahlelwa phantsi isuke ebusweni bukaThixo noNyana,

26 Kwaye yabizwa uMtyholi, kuba amazulu alila phezu kwakhe—ayayinguLusifa, unyana wesifingo.

27 Kwaye saqaphela, kwaye yabona, auwile! uwile, nkqu unyana wesifingo!

28 Kwaye xa sasiseseMoyeni, iNkosi yasiyalela ukuba simele ukuwubhala umbono; kuba sabona uSathana, loo anyoka indala, nkqu bmtyholi, cowavukela ngokuchasene noThixo, waza wafuna ukuthabatha ubukumkani bukaThixo wethu noKrestu wakhe—

29 Ngako oko, wenza aimfazwe nabangcwele bakaThixo, aze abangqinge ngapha naphaya.

30 Kwaye sabona umbono weembandezelo zabo wenza nabo imfazwe waza woyisa, kuba leza njalo ilizwi leNkosi kuthi:

31 Itsho njalo iNkosi ngokunxulumene nabo bonke abawaziyo amandla am, kwaye bathe benziwa abaxhamli awo, baze baziyekela ngamandla omtyholi babe nokoyiswa, baze abakhanyela inyaniso, baze badela amandla am—

32 Bangabo aobangoonyana bbomtyholi, endithi ngabo okokuba ngekubalungele ngakumbi ukuba babengathanga bazalwe;

33 Kuba bazizitya zomsindo, bagwetyelwe ukubandezelwa ngumsindo kaThixo, kunye nomtyholi neengelosi zakhe ephakadeni;

34 Ngokunxulumene nalowo endithe aakanakuxolelwa kweli hlabathi nakwihlabathi elizayo—

35 Ethe awawukhanyela uMoya oyiNgcwele emva kokuba ewamkele, aze athi akhanyele uNyana oKuphela koZelweyo kaBawo, ethe bwambethelela emnqamlezweni ehlazweni eliphandle.

36 Aba ngabo baya kuya aedikeni lomlilo nesalfure, kunye nomtyholi neengelosi zakhe—

37 Kwaye abo kuphela aukufa kwesibini kuya kuba nawaphina amandla;

38 Ewe, inene, abo akuphela bangayi kukhululwa kwixesha elifanelekileyo leNkosi, emva kweembandezelo zomsindo wakhe.

39 Kuba bonke abaseleyo baya akuziswa ngaphambili bngovuko lwabafileyo, ngoloyiso nobuqaqawuli cbeMvana, eyabulawayo, eyayisesifubeni sikaBawo phambi kokuba amahlabathi enziwe.

40 Kwaye le ayivangeli, iindaba zovuyo, ngazo ilizwi eliphuma emazulwini nika ubungqina kuthi—

41 Kuba weza ehlabathini, nkqu uYesu, ukuze aabethelelelwe emnqamlezweni ihlabathi, aze bathwale izono czehlabathi, aze dalingcwalise ihlabathi, aze ealihlambulule kubo bonke ububi;

42 Ukuze ngaye bonke babe anokusindiswa abo uBawo ababeke emandleni akhe baze benziwa nguye;

43 Lowo uzukisa uBawo, aze asindise yonke imisebenzi yezandla zakhe, ngaphandle kwaboo nyana bomtyholi abamkhanyelayo uNyana emva kokuba uBawo emtyhilile.

44 Ngako oko, usindisa bonke ngaphandle kwabo—baya kuya akwisohlwayo bsanaphakade, esisisohlwayo esingapheliyo, esisisohlwayo sanaphakade, balawule kunye cnomtyholi neengelosi zakhe ephakadeni, apho dumbungu ungafiyo, nomlilo awucimi, oko okuyintuthumbo yabo—

45 Kwaye aisiphelo soko, nanye indawo yoko, futhi nentuthumbo yabo, okukho mntu waziyo;

46 Kungekho nanye ityhiliweyo, ingekho, nanye iya kutyhilwa emntwini, ngaphandle kwabo benziwe abathathi-abaxhamli boko;

47 Nangona kunjalo, mna, iNkosi ndikubonisa ngombono kwabaninzi, kodwa kwangoko ndiwuvale kwakhona;

48 Ngako oko, isiphelo, ububanzi, umphakamo, aubunzulu nenkxwaleko yoko, abaziqondi, kungekho namnye umntu ngaphandle kwabo bbamiselwe kulo cmgwebo.

49 Kwaye seva ilizwi, lisithi: Bhala umbono, kuba yabona, esi sisiphelo sombono weembandezelo zokungahloneli thixo.

50 Kwaye kwakhona sanika ubungqina—kuba sabona saze seva, kwaye obu abubungqina bevangeli kaKrestu malunga nabo abo baya kuza ngaphambili beluvukweni lwamalungisa—

51 Bangabo abo bafumana ubungqina bukaYesu, kwaye abakholelwe egameni lakhe baze bbabhaptizwa cngokohlobo lokungcwatywa kwakhe, dbengcwatyelwa emanzini egameni lakhe, nangokunxulumene nomyalelo athe wawunika—

52 Kuba ngokugcina imiyalelo abanganokuhlanjwa kwaye bbahlanjululwe kuzo zonke izono, baze bamkele uMoya oyiNgcwele ngobeko clwezandla zalowo dumiselweyo waza watywinelwa kweli egunya;

53 Nalowo woyisa ngokholo, aze aatywinwe bngoMoya oyiNgcwele wesithembiso, lowo uBawo wawuthulula ngaphambili phezu kwabo bonke abo balungileyo kwaye benyanisekile.

54 Bangabo abo balibandla alamaZibulo.

55 Bangabo abo ezandleni zabo uBawo anikele azonke izinto—

56 Bangabo abo abangababingeleli nookumkani, abafumene ukuzaliseka kwakhe, nokobuqaqawuli bakhe;

57 Kwaye abangababingeleli boseNyangweni, emva kohlobo lukaMelkitsedeke, olwalusemva kohlobo blukaEnoki, olwalusemva ckohlobo loNyana oKuphela koZelweyo.

58 Ngako oko, njengoko kubhaliwe, abangoothixo, nkqu boonyana cbakaThixo

59 Ngako oko, azonke izinto zezabo, nokokuba bubomi okanye ukufa, okanye izinto ezikhoyo ngoku, okanye izinto ezisezayo, zonke zezabo kwaye zezikaKrestu, noKrestu ungokaThixo.

60 Kwaye baya akoyisa zonke izinto.

61 Ngako oko, makungabikho mntu auzizukisa ebantwini, kodwa kulunge bezizukisa kuThixo, oya ckuzoyisela zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe.

62 Aba baya akuhlala bebusweni bukaThixo noKrestu wakhe kuse ngonaphakade kanaphakade.

63 Aba angabo baya kuziswa kunye naye, xa eya bkuza emafini ezulu calawule emhlabeni phezu kwabantu bakhe.

64 Aba ngabo baya kuba nenxaxheba aeluvukweni lokuqala.

65 Aba ngabo baya kuza ngaphambili aeluvukweni lwamalungisa.

66 Aba ngabo baya kuza akwiNtaba byeZiyon, nasesixekweni sikaThixo ophilileyo, indawo yasezulwini, eyona ingcwele kuzo zonke.

67 Aba ngabo bathe beza kwisihlwele esingabalekiyo seengelosi, engqungqutheleni jikelele nebandla alikaEnoki, bnelamaZibulo.

68 Aba ngabo amagama aabhalwe ezulwini, apho uThixo noKrestu bbangabagwebi babo bonke.

69 Aba ngabo aabangabantu abalungileyo abenziwa bbagqibelela ngoYesu umthetheleli cwomnqophiso omtsha, owakhandaniselwa le dntlawulelo igqibeleleyo ngokuphalaza eigazi elilakhe.

70 Aba ngabo imizimba yabo aiyiselestiyali, bubuqaqawuli babo bobo cbelanga, nkqu ubuqaqawuli bukaThixo, ophezu konke, obuqaqawuli bakhe ililanga lesibhakabhaka ekubhalwe ngabo njengobubona-bona.

71 Kwaye kwakhona, sabona ihlabathi aletherestiyali, kwaye qaphelani kwaye yabonani, ezi zezo zetherestiyali, ezibuqaqawuli bazo bohlukileyo kobo bebandla lamaZibulo ezifumene ukuzaliseka kukaBawo, nkqu njengoko bbenyanga bohlukileyo kobelanga esibhakabhakeni.

72 Qaphelani, aba ngabo bafa angaphandle bkomthetho;

73 Kananjalo abo abangoomoya babantu abagcinwe bentolongweni, abo uNyana wabandwendwelayo, waza cwashumayela divangeli kubo, ukuze babe nokugwetywa ngokwabantu enyameni;

74 Abangazange bamkela aubungqina bukaYesu enyameni, kodwa emva koko babamkela.

75 Aba ngabo bangabantu ababekekileyo bomhlaba, ababemfanyekiswe bubuqhetseba babantu.

76 Aba ngabo bafumana ubuqaqawuli bakhe, kodwa ingebubo obokuzaliseka kwakhe.

77 Aba ngabo bafumana oboNyana ubuso, kodwa ingebubo obokuzaliseka kukaBawo.

78 Ngako oko, abaziziqu zetherestiyali, kwaye bengezoziqu zeselestiyali, kwaye bohlukile ebuqaqawulini njengoko inyanga yohlukile elangeni.

79 Aba ngabo abangakhaliphanga kubungqina bukaYesu; ngako oko, abazuzi sithsaba phezu kobukumkani bukaThixo wethu.

80 Kwaye ngoku esi sisiphelo sombono esawubonayo setherestiyali, iNkosi eyasiyalela ukuba siwubhale xa sasiseseMoyeni.

81 Kwaye kwakhona, sabona ubuqaqawuli abethelestiyali, buqaqawuli obo bunganeno ngakumbi, nkqu njengobuqaqawuli beenkwenkwezi bohlukile kobo buqaqawuli benyanga esibhakabhakeni.

82 Aba ngabo abangazange bayamkele ivangeli kaKrestu, anabungqina bukaYesu.

83 Aba ngabo abangawukhanyeliyo uMoya oyiNgcwele.

84 Aba ngabo abaphoselwe ezantsi aesihogweni.

85 Aba ngabo abangasayi kukhululwa akumtyholi kude kube bluvuko lokugqibela, ide iNkosi, nkqu uKrestu ciMvana, eya kuba egqibe umsebenzi wakhe.

86 Aba ngabo abangafumananga ukuzaliseka kwakhe kwihlabathi lanaphakade, kodwa okoMoya oyiNgcwele ngenkonzo yetherestiyali;

87 Kwaye eyetherestiyali angenkonzo yeselestiyali.

88 Kananjalo abathelestiyali babufumana ngolungiselelo lweengelosi ezinyulelwe ukulungiselela bona, okanye ezinyulelwe ukulungiselela oomoya ngazo; kuba baya kuba ziindlalifa zosindiso.

89 Kwaye njalo sabona, kumbono wasezulwini, ubuqaqawuli bethelestiyali, owogqitha konke ukuqonda;

90 Kwaye akukho mntu ubaziyo ngaphandle kwalowo uThixo awutyhile kuye.

91 Kwaye njalo sabona ubuqaqawuli betherestiyali obugqithe kwizinto zonke ubuqaqawuli bethelestiyali, nkqu ebuqaqawulini, nasemandleni, nasekomeleleni, nasebukhosini.

92 Kwaye njalo sabona ubuqaqawuli beselestiyali, obugqithe zonke izinto—apho uThixo, nkqu uBawo, alawula phezu kwetrone yakhe ngonaphakade kanaphakade;

93 Phambi kwetrone yakhe zonke izinto ziqubuda angenzolo ethobekileyo, zimnika uzuko ngonaphakade kanaphakade.

94 Abo bahlala aebusweni bakhe libandla blamaZibulo; kwaye babona njengoko bebonwa, kwaye cbazi njengoko besaziwa, befumene ukuzaliseka kwakhe dnobabalo lwakhe;

95 Kwaye ubenza abalingane emandleni, nasekomeleleni, nasebukhosini.

96 Kwaye ubuqaqawuli beselestiyali bunye, nkqu njegobuqaqawuli abelanga bubunye.

97 Kwaye ubuqaqawuli betherestiyali bunye, nkqu njengobuqaqawuli benyanga bubunye.

98 Kwaye ubuqaqawuli bethelestiyalii bunye, nkqu njengobuqaqawuli beenkwenkwezi bubunye; njengokuba inkwenkwezi enye yohlukile kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli, nkqu kunjalo yohlukile enye kwenye ngobuqaqawuli kwihlabathi lethelestiyali;

99 Kuba aba ngabo aabangabakaPawulos, nabangabaka-Apolo, nabangabakaKefas.

100 Aba ngabo abathi bangabanye babanye nabathile babambi—abanye bakaKrestu nabanye bakaYohane, nabanye bakaMoses, nabanye bakaEliyasi, nabanye bakaEsayasi, nabanye bakaIsaya, nabanye bakaEnoki;

101 Kodwa abayamkelanga ivangeli, nabungqina bukaYesu, nabaprofeti, anamnqophiso wanaphakade.

102 Ekugqibeleni kwako konke, bonke aba ngabo abo abaya kuhlanganiswa kunye nabangcwele, abaxwilelwe bebandleni lamaZibulo, baze bamkelelwe elifini.

103 Aba angabo babangamaxoki, nabakhafuli, cnabakrexezi, nabenzi bombulo, nabanina othanda aze enze ubuxoki.

104 Aba ngabo ababandezeleka angumsindo kaThixo emhlabeni.

105 Aba ngabo ababandezeleka angempindezelo yomlilo ongunaphakade.

106 Aba ngabo abaphoselwa phantsi aesihogweni baza bbabandezeleka ngumsindo ckaThixo uSomandla, kude kube dyinzaliseko yamaxesha, xa uKrestu eya kube eezoyisele zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe, kwaye eya kuba fewufezekisekile umsebenzi wakhe;

107 Xa eya kukhulula ubukumkani, aze abunikele kuBawo, bungenachaphaza, esithi: Ndoyisile ndaze andanyathela bisixovulelo sewayini ndodwa, nkqu isixovulelo sewayini soburhalarhume bomsindo kaThixo uSomandla.

108 Ngoko uya kuthweswa ngesithsaba sobuqaqawuli bakhe, ahlale aetroneni yamandla akhe alawule ngonaphakade kanaphakade.

109 Kodwa qaphelani, kwaye yabonani, sabona ubuqaqawuli nabemi behlabathi bethelestiyali, okokuba babengabaleki njengeenkwenkwezi esibhakabhakeni sezulu, okanye njengentlabathi phezu konxweme lolwandle;

110 Kwaye seva ilizwi leNkosi lisithi: Bonke aba baya kugoba idolo, kwaye ulwimi ngalunye luya akuxela kuye ohleli phezu kwetrone kuse ngonaphakade kanaphakade;

111 Kuba baya kugwetywa ngokunxulumene nemisebenzi yabo, kwaye wonke umntu uya kwamkela ngokunxulumene anemisebenzi eyiyeyakhe, ubukhosi obubobakhe, bezindaweni zokuhlala ezilungisiweyo;

112 Kwaye baya kuba zizicaka zoseNyangweni; kodwa aapho uThixo noKrestu bbahlala khona abanako ukuza, amazwe angenasiphelo.

113 Esi sisiphelo sombono esawubonayo, esayalelwa ukuba siwubhale xa sasiseMoyeni.

114 Kodwa amikhulu kwaye iyammangalisa imisebenzi yeNkosi, bneemfihlelo zobukumkani azibonakalise kuthi, egqitha konke ukuqonda ebuqaqawulini, nasekomeleleni, nasebukhosini;

115 Oko asiyalele kona asimele ukukubhala ngethuba siseMoyeni, kwaye akukho amthethweni ukuba umntu akuthethe;

116 Kungekho namntu aunako ukubenza baziwe, kuba kuphela ibonwe kwaye biqondwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, uThixo awanika kwabo bamthandayo, kwaye abazihlambululayo iziqu zabo phambi kwakhe;

117 Kuba unika ilungelo elilodwa lokubona nelokuziqondela;

118 Ukuze ngamandla nangokubonakaliswa koMoya, ngethuba besenyameni, banokuba nako ukumelana nobuso bakhe kwilizwe lobuqaqawuli.

119 Kwaye kuThixo nakwiMvana makubekho uzuko, nembeko, nobukhosi kuse ngonaphakade kanaphakade. Amen.