Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 64


Icandelo 64

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kubadala beBandla, eKirtland, Ohio, Septemba 11, 1831. UMprofeti wayelungiselela ukuya eHiram, eOhio, ukuya kuhlaziya umsebenzi wakhe kuguqulelo lweBhayibhile, olusabekelwe bucala ngethuba ebeseMissouri. Iqela labazalwana ababeyalelwe ukuhamba baye eZiyon (Missouri) lazibophelela ngokunyanisekileyo ekwenzeni amalungiselelo okunduluka ngo-Oktobha. Ngeli xesha lixakekileyo, isityhilelo safunyanwa.

1–11, AbaNgcwele bayalelwa ukuxolelana, hleze kubo apho kuhlale isono esikhulu ngakumbi; 12–22, Abangaguqukiyo baziswa phambi kweBandla; 23–25, Lowo unikela isishumi akayi kutshiswa ekuzeni kweNkosi; 26–32, AbaNgcwele bayalunyukiswa ngokuchasene netyala; 33–36, Abavukeli baya kusikelwa ngaphandle kweZiyon; 37–40, IBandla liya kugweba izizwe; 41–43, IZiyon iya kudubula.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi uThixo wenu kuni, Owu nina badala bebandla lam, mamelani nina nize nive, kwaye nifumane intando yam ngokunxulumene nani.

2 Kuba inene ndithi kuni, ndinga okokuba aningoyisa ihlabathi; ngako oko ndiya kuba bnemfesane phezu kwenu.

3 Kukho abo phakathi kwenu bathe bona; kodwa inene ndithi, ngoku kanye, angokobuqaqawuli bam, nangosindiso lwemiphefumlo, bndizixolele izono zenu.

4 Ndiya kuba nenceba kuni, kuba ndininike ubukumkani.

5 Kwaye aizitshixo zeemfihlelo zobukumkani aziyi kuthatyathwa kwisicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ngendlela endiyonyulileyo, ngexesha ephila, nanjengokuba ethobela bimimiselo yam.

6 Kukho abo bafune ithuba ngokuchasene naye ngaphandle kwesizathu;

7 Nangona kunjalo, wonile; kodwa inene ndithi kuni, mna, iNkosi, andixolela izono kwabo bbazivumayo izono zabo phambi kwam baze bacele uxolelo, abo bangonanga kude kuye cekufeni.

8 Abafundi bam, ngemihla yakudala, bafuna aithuba ngokuchasene omnye nomnye baza abaxolelana omnye nomnye ezintliziyweni zabo; baze ngobu bubi babebandezelekile baze bbohlwaywa kabuhlungu.

9 Ngako oko, ndithi kuni, okokuba nina nimele aukuxolelana omnye nomnye; kuba lowo bungamxoleliyo umzalwana wakhe izono zakhe umi egwetyiwe phambi kweNkosi; kuba apho kuye kusele esona sikhulu isono.

10 Mna, iNkosi, ndiya akuxolela lowo ndiya kumxolela, kodwa okwenu kufuneka bnixolele bonke abantu.

11 Kwaye nifanele ukuthi ezintliziyweni zenu—uThixo amakagwebe phakathi kwam nawe, kwaye akuvuze ngokunxulumene bnezenzo zakho.

12 Kwaye lowo ungaguqukiyo ezonweni zakhe, aze angazivumi, niya kumzisa phambi akwebandla, nize nenze kuye njengoko izibhalo zisitsho kuni, nokokuba kungomyalelo okanye isityhilelo.

13 Kwaye oku niya kukwenza ukuze uThixo abe nokuzukiswa—ingekuba anixoleli, aninamfesane, kodwa ngokuba nibe nokugwetywa emehlweni omthetho, ukuze nibe aniyi kumkhathaza lowo ungummisi-mthetho wenu—

14 Inene ndithi, ngenxa yesi sizathu niya kwenza ezi zinto.

15 Qaphelani, mna, iNkosi, ndandinomsindo kuye lowo wayesisicaka sam uEzra Booth, kananjalo isicaka sam uIsaac Morley, kuba abagcinanga mthetho, namyalelo;

16 Bafuna ububi ezintliziyweni zabo, kwaye mna, iNkosi, ndawubamba uMoya wam. aBagwebela ububi loo nto kuyo kwakungekho bubi; nangona kunjalo ndisixolele isicaka sam uIsaac Morley.

17 Kananjalo isicaka sam auEdward Partridge, qaphelani, wonile, kwaye buSathana ufuna ukutshabalalisa umphefumlo wakhe; kodwa xa ezi zinto zenziwe zaziwa kubo, baze baguquke ebubini, baya kuxolelwa.

18 Kwaye ngoku, inene ndithi okokuba kufanelekile kum okokuba isicaka sam uSidney Gilbert, emva kweveki ezimbalwa, uya kubuyela kwishishini lakhe, nakubuarhente bakhe kumhlaba waseZiyon;

19 Nako oko akubonileyo kwaye wakuva kunga kugenziwa kwazeke kubafundi bam, ukuze bangatshabalali. Kwaye ngesi sizathu ndithethe ezi zinto.

20 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, okokuba isicaka sam uIsaac Morley aakanakuhendwa ngaphezu koko anako ukukuthwala, aze acetyiswe ngokungalunganga entlungwini yenu, ndanika umyalelo wokuba ifama yakhe imele ithengiswe.

21 Andiyi kwenza okokuba isicaka sam uFrederick G. Williams sithengise ifama yaso, kuba mna, iNkosi, ndiya kugcina indawo eyomeleleyo kumhlaba iKirtland, isithuba seminyaka emihlanu, kuwo endingayi kubhukuqa abakhohlakeleyo, ukuze apho ndibe nokusindisa abanye.

22 Kwaye emva kwaloo mhla, mna, iNkosi, andiyi kubamba nabani na aonetyala oya kuhamba enentliziyo evulekileyo ukunyukela kumhlaba weZiyon; kuba mna, iNkosi, ndifuna biintliziyo zabantwana babantu.

23 Qaphelani, ngoku kuthiwa akunamhlanje kude bkuze uNyana woMntu, kwaye inene ngumhla wokwenza cidini, nomhla wokunikela izishumi zabantu bam; kuba lowo duhlawula isishumi akayi ekutsha ekuzeni kwakhe.

24 Kuba emva kwanamhlanje kuza aukutsha—oku kukuthetha emva kohlobo lweNkosi—kuba inene ndithi, ngomso bonke babanekratshi nabo benze ngokukhohlakeleyo baya kuba njengeendiza; kwaye ndiya kubatshisa, kuba ndiyiNkosi yeMikhosi; kwaye andiyi kusindisa nabani na osele ceBhabhilon.

25 Ngako oko, ukuba niyandikholelwa, niya kusebenza ngethuba kusathiwa namhlanje.

26 Kwaye akufanelekanga okokuba izicaka zam, auNewel K. Whitney noSidney Gilbert, bathengise bivenkile yabo nezinto zabo apha; kuba obu ayibobulumko kude kube intsalela yebandla, esele kule ndawo, iya kunyukela kumhlaba weZiyon.

27 Qaphelani, kuthiwe emithethweni yam, okanye kwalelwe, ukwenza aityala kwiintshaba zenu;

28 Kodwa qaphelani, akutshiwongo nangaliphina ixesha ukuba iNkosi ayimele kuthabatha xa ithanda, ize ihlawule njengoko kubonakala kuyo kulungile.

29 Ngako oko, njengokuba nina niziarhente, nisemsebenzini weNkosi; kwaye nantonina eniyenzayo ngokunxulumene nentando yeNkosi ingumsebenzi weNkosi.

30 Kwaye nithumelele ukubonelela abangcwele bakhe kule mihla yokugqibela, ukuze babe nokuzuza ailifa emhlabeni weZiyon.

31 Kwaye qaphelani, mna, iNkosi, ndibhengeza kuni, kwaye aamazwi am aqinisekile kwaye akayi bkusilela, bade babe baya kulizuza.

32 Kodwa zonke izinto zimele ukudlula ngexesha labo.

33 Ngako oko, musani aukudinwa kukwenza okulungileyo, kuba nibeka isiseko somsembenzi omkhulu. Kwaye bkwizinto ezincinane kophuma oko kukhulu.

34 Qaphelani, iNkosi aifuna bintliziyo nengqondo ezithandelayo; kwaye abazithandelayo cnabathobekileyo baya kudla ukulunga komhlaba weZiyon kule mihla yokugqibela.

35 Kwaye aabavukeli baya bkusikelwa ngaphandle komhlaba weZiyon, kwaye baya kuthunyelwa kude, kwaye abayi kuwudla ilifa umhlaba.

36 Kuba, inene ndithi okokuba abavukeli abangabo abegazi alikaEfrayim, ngako oko baya kukhutshelwa ngaphandle.

37 Qaphelani, mna, iNkosi, ndenze ibandla lam kule mihla yokugqibela njengomgwebi ehleli endulini, okanye kwindawo ephezulu, egweba izizwe.

38 Kuba kuya kwenzeka okokuba abemi beZiyon baya akugweba zonke izinto eziphathelele eZiyon.

39 Kwaye amaxoki nabahanahanisi baya kubonakaliswa ngabo, nabo bangengabo aabapostile nabaprofeti baya kwaziwa.

40 Kwaye nkqu aubhishophu, bongumgwebi, nabacebisi bakhe, ukuba abathembekanga cebugoseni babo baya kugwetywa, kwaye dabanye baya kutyalwa endaweni zabo.

41 Kuba, qaphelani, ndithi kuni okokuba aiZiyon iya kudubula, kwaye bubuqaqawuli beNkosi buya kuba phezu kwayo;

42 Kwaye iya kuba ayibhanile ebantwini, kwaye apho kuya kuza kuyo kuphuma kuyo sonke isizwe phantsi kwezulu.

43 Kwaye umhla uya kuza xa izizwe zomhlaba ziya akungcangcazela ngenxa yakhe, kwaye ziya koyika ngenxa yaboyikekayo bakhe. INkosi ikuthethile. Amen.