Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 56


Icandelo 56

Esi sityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, Kirtland, eOhio, Juni 15, 1831. Esi sityhilelo sohlwaya uEzra Thayre ngokungathobeli isityhilelo esingaphambili (“umyalelo” ubhekisele kwivesi 8), awathi uJoseph Smith wasifumanela yena, siyalela uThayre ngokunxulumene nemisebenzi yakhe kwifama kaFrederick G. Williams apho wayehlala khona. Isityhilelo esilandelayo kanjalo sirhoxisa ubizo lukaThayre ekubeni ahambele eMissouri noThomas B. Marsh (bona icandelo 52:22).

1–2, AbaNgcwele bamele ukuthabatha iminqamlezo yabo baze balandele iNkosi ukuzuza usindiso; 3–13, INkosi iyayalela kwaye irhoxise, kwaye abangathobeliyo baphoselwa ngaphandle; 14–17, Yeha kwabo bazizityebi abangayi kunceda amahlwempu, kwaye yeha kwabo bangamahlwempu abaneentliziyo ezingophukanga; 18–20, Basikelelekile abangamahlwempu abahlambulukileyo intliziyo, ngokuba baya kuwudla ilifa umhlaba.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu ababhengeza igama lam, itsho iNkosi uThixo wenu; kuba qaphelani, umsindo wam uphenjiwe ngokuchasene nabavukelayo, kwaye baya kuyazi ingalo yam nengqumbo yam, ngomhla bwokundwendwela nowomsindo phezu kwezizwe.

2 Kwaye lowo ungazi kuwuthabatha aumnqamlezo wakhe aze bandilandele, aze agcine imiyalelo yam, onjalo akayi kusindiswa.

3 Qaphelani, mna, iNkosi, ndiyayalela; kwaye lowo ungayi akuthobela uya bkukhutshelwa ngaphandle ngexesha lam elifanelekileyo, emva kokuba ndiyalele waza umyalelo wophulwa.

4 Ngako oko, mna iNkosi ndiyayalela ndize andirhoxise, njengoko kubonakala kulungile kum, kwaye konke oku kuya kuphendulwa phezu kweentloko bzabavukelayo, itsho iNkosi.

5 Ngako oko, ndirhoxisa umyalelo owawunikwe izicaka zam auThomas B. Marsh noEzra Thayre, ndize ndinike umyalelo omtsha kwisicaka sam uThomas, wokokuba uya kuthabatha uhambo olungxamisekileyo ukuya kumhlaba waseMissouri, waye isicaka sam uSelah J. Griffin kanjalo uya kuhamba naye.

6 Kuba qaphelani, ndirhoxise umyalelo owawunikwe izicaka zam uSelah J. Griffin noNewel Knight, ngezizathu zokuqina kweentamo zabantu bam abaseThompson, nokuvukela kwabo.

7 Ngako oko, vumelani isicaka sam uNewel Knight asale nabo; kwaye njengokuba beya kubabaninzi abaya kuhamba mabahambe, abo batyumkileyo phambi kwam baze bakhokelwe nguye ukuya kwilizwe endilinyulileyo.

8 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, okokuba isicaka sam uEzra Thayre umele ukuguquka aekratshini lakhe, nasekuzicingeleni isiqu sakhe, aze athobele umyalelo ongaphambili ebendimnike wona ngokunxulumene nendawo ahlala kuyo.

9 Kwaye ukuba uya kwenza oku, njengokuba kungayi kubakho zahlulo zenziwayo emhlabeni, uya konyulelwa abe usaya kumhlaba waseMissouri;

10 Ngenye indlela uya kufumana imali ayihlawuleyo, kwaye uya kuyishiya indawo, kwaye uya akukhutshelwa ngaphandle kwebandla lam, itsho iNkosi uThixo wemikhosi;

11 Kwaye nangona izulu nomhlaba zidlula, la mazwi akayi akudlula, kodwa aya kuzalisekiswa.

12 Kwaye ukuba isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., unyanzeleke ahlawule imali, qaphelani, mna, iNkosi, ndiya kuyihlawula kuye kwakhona kumhlaba waseMissouri, ukuze ababo aya kubafumana babe nokuvuzwa kwakhona ngokunxulumene noko bakwenzayo;

13 Kuba ngokunxulumene noko bakwenzayo baya kufumana, nkqu kwimihlaba yelifa labo.

14 Qaphelani, itsho njalo iNkosi ebantwini bam—ninezinto emanizenze nemaniziguqukele; kuba qaphelani, izono zenu zinyukele phezulu kum, kwaye azixolelwanga, ngenxa yokuba nifuna aukucebisa ngeendlela ezizezenu.

15 Kwaye iintliziyo zenu azonelisekanga. Kwaye aniyithobeli inyaniso, kodwa aninovuyo koko kungebubo ubulungisa.

16 Yeha kuni abantu bazizityebi, eningayi bkunikela ngezinto zenu cemahlwempini, kuba dubutyebi benu buya kubolisa imiphefumlo yenu; kwaye oku kuya kuba sisililo senu ngemini yovelelo, neyomgwebo, neyengqumbo: eUkuvuma kudlulile, ihlobo liphelile, kwaye umphefumlo wam awusindiswanga!

17 Yeha kuni abantu bangamahlwempu, abantliziyo zingaphukanga, abamimoya ingatyumkanga, nabazisu zingonelisekanga, nabazandla zingathintelwanga ekuthabatheni izinto zabanye abantu, abamehlo azaliswe bkukunyoluka, nabo bangayi kusebenza ngezandla zabo!

18 Kodwa basikelelekile aabangamahlwempu abahlambulukileyo intliziyo, abantliziyo bzophukileyo, nabamimoya ityumkileyo, kuba baya kububona cubukumkani bukaThixo busiza emandleni nakubuqaqawuli obukhulu kuhlangulo lwabo kuba ukutyeba dkomhlaba kuya kuba kokwabo.

19 Kuba qaphelani, iNkosi iya kuza, kwaye aumvuzo wayo uya kuba nayo, kwaye iya kuvuza wonke umntu, kwaye amahlwempu aya kugcoba;

20 Kwaye izizukulwana ziya kuwudla ailifa umhlaba ukususela kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, ngonaphakade kanaphakade. Kwaye ngoku ndenze isiphelo sokuthetha nani. Nkqu kunjalo. Amen.