Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 5


Icandelo 5

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Matshi 1829, ngesicelo sikaMartin Harris.

1–10, Esi sizukulwana siya kufumana ilizwi leNkosi ngoJoseph Smith; 11–18, Amangqina amathathu aya kungqina ngeNcwadi kaMormoni; 19–20, Ilizwi leNkosi liya qinisekiswa njengakumaxesha adlulileyo; 21–35, UMartin Harris unokuguquka abe ngomnye wamangqina.

1 Qaphela, ndithi kuwe, njengokuba isicaka sam auMartin Harris sinqwenele ubungqina esandleni sam, okokuba wena, sicaka sam Joseph Smith, Omnci., bunamacwecwe ngawo ongqine waza wenza imbali yokokuba uwafumane kum;

2 Kwaye ngoku, qaphela, oku uya kuthetha kuye—lowo wathethayo kuwe, wathi kuwe: Mna, iNkosi, ndinguThixo, kwaye ndinikele ezi zinto kuwe, sicaka sam Joseph Smith, Omnci., ndaza ndakuyalela okokuba ume anjengengqina lezi zinto;

3 Kwaye ndikwenze ukuba ungene kuwo umnqophiso kunye nam, wokokuba awuyi kuzibonisa ngaphandle kwabo abantu endithe ndakuyalela ngabo; kwaye bawunamandla phezu kwazo ngaphandle kokuba ndiwanikele kuwe.

4 Kwaye unesipho sokuguqula amacwecwe; kwaye esi sisipho sokuqala endithe ndasimisela phezu kwakho; kwaye ndiyalele okokuba ungazenzi ngathi unesinye isipho kude kube injongo yam izalisekile kule nto; kuba andisayi kukunika nasiphina isipho kude kube kugqityiwe.

5 Inene, ndithi kuwe, yeha oko kuya kuza kubemi bomhlaba ukuba aabayi kuwaphulaphula amazwi am;

6 Kuba emva koku uya akumiselwa uze uhambele ngaphambili uhambisa bamazwi am ebantwaneni babantu.

7 Qaphela, ukuba abayi akukholewa amazwi am, abayi kukukholelwa, sicaka sam Joseph, ukuba kunokwenzeka okokuba ubabonise zonke ezi zinto endithe ndakubophelela ngazo.

8 Owu, esi sizukulwana asingakholwayo kwaye bsiintamo zilukhuni—umsindo wam uyavutha ngokuchasene nabo.

9 Qaphela, inene ndithi kuwe, andizigcinile ezo zinto endithe ndazinikela kuwe, sicaka sam Joseph, zenjongo elumkileyo ekum, kwaye kuya kwenziwa kwazeke kwizizukulwana zexesha elizayo;

10 Kodwa esi sizukulwana siya kufumana ilizwi lam ngawe;

11 Kwaye ukongeza kubungqina bakho, aubungqina bezicaka zam ezithathu, endiya kuzibiza ndize ndizimisele, kuzo ndiya kubonisa ezi zinto, kwaye ziya kuhambela phambili kunye namazwi am athe anikwa ngawe.

12 Ewe, baya kwazi ngokwenene okokuba ezi zinto ziyinyani, kuba emazulwini ndiya kukubhengeza kubo.

13 Ndiya kubanika amandla wokokuba babenokuqaphela baze bazijonge ezi zinto njengoko zinjalo;

14 Kwaye aandisayi kunika la mandla kuye namnye, ukuba afumane obu bukwanje ubungqina phakathi kwesi sizukulwana, koku kukuqala kokunyukela phezulu nokuza ngaphambili bkwebandla liphuma entlango—licace cnjengenyanga, kwaye lilihle njengelanga, kwaye lisoyikeka njengomkhosi oneebhanile.

15 Kwaye ubungqina abamangqina amathathu ndiya kuthumela ngaphambili ngabo ilizwi lam.

16 Kwaye qaphela, abo bathe abakholelwa emazwini am, abo ndiya bkubatyelela cngokubonakala dkoMoya wam; kwaye baya ekuzalwa ngokokwam, nkqu ngokwamanzi nangokoMoya—

17 Kwaye kumele ulinde nje ithutyana, kuba awukathi aumiselwe

18 Kwaye ubungqina babo kanjalo buya kuya ngaphambili aekugwetyweni kwesi sizukulwana ukuba bazenza lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene nabo;

19 Kuba aisibetho sentshabalalo siya kuya ngaphambili phakathi kwabemi bomhlaba, kwaye siya kuqhubekeka sithululwa amaxesha ngamaxesha, ukuba babaguquki, kude umhlaba cungabi nanto, kwaye abemi ngoko ke baginyiwe kwaye batshatyalaliswe ngokupheleleyo kukuqaqamba dkokuza kwam.

20 Qaphela, ndikuxelela ezi zinto, kwananjengoko andixelela kanjalo abantu bentshabalalo yeYerusalem; kwaye bilizwi lam liya kuchaneka ngeli xesha njengoko bathi apha naphaya lachaneka.

21 Kwaye ngoku ndiyakuyalela, sicaka sam Joseph, ukuba uguquke uze uhambe ngokuthe tye ngakumbi phambi kwam, kwaye uze ungakekeleli kwiimpembelelo zabantu kwakhona;

22 Kwaye uze ungashenxi aekuyigcineni imiyalelo endikuyalele ngayo; kwaye ukuba wenza oku, qaphela ndikunika ubomi obungunaphakade, nokokuba ungaba bubulewe.

23 Kwaye ngoku, kwakhona, ndithetha kuwe, sicaka sam Joseph, ngokunxulumene anomntu onqwenela ingqina—

24 Qaphela, ndithi kuye, ukuzinika ubuqaqawuli aze angazithobi ngokwaneleyo phambi kwam; kodwa ukuba uya kuqubuda phantsi phambi kwam, aze azithobe ngomthandazo onamandla amakhulu nokholo, ekunyanisekeni kwentliziyo yakhe, ngoko ndiya kumnika aukubona izinto anqwenela ukuzibona.

25 Kwaye ngoko uya kuthi ebantwini besi sizukulwana: Qaphelani, ndibone izinto iNkosi ethe yazibonisa uJoseph Smith Omnci., kwaye andazi ngokwenene okokuba ziyinyani, kuba ndizibonisile, kuba ziboniswe kum ngamandla kaThixo kwaye ingengawo amntu.

26 Kwaye mna iNkosi ndiyalela yena, uMartin Harris isicaka sam, okokuba akasayi kuthetha nto kubo ngokunxulumene nezi zinto, ngaphandle kokuba uya kuthi: Ndizibonile, kwaye zibonisiwe kum ngamandla kaThixo; kwaye la ngamazwi aya kuwathetha.

27 Kodwa ukuba uyakuphika oku uya kwaphula umnqophiso athe wanawo phambi kokuba anqophisane nam, kwaye qaphela, uya kugwetywa.

28 Kwaye ngoku, ngaphandle kokuba azithobe aze avume kum izinto athe wazenza ezingalunganga, kwaye anqophisane nam okokuba uya kugcina imiyalelo yam, kwaye asebenzise ukholo kum, qaphela, ndithi kuye, akasayi kukufumana oko kubona kunjalo, kuba andisayi kumnika ukubona izinto ezo ndithethe ngazo.

29 Kwaye ukuba ke oku kuyenzeka, ndiyakuyalela, sicaka sam Joseph, oko uya kuthetha kuye, okokuba akasayi kwenza ngakumbi, nakundikhathaza nangayiphina imo ngokunxulumene nalo mba.

30 Kwaye ukuba oku kuyenzeka, qaphela, ndithi kuwe wena Joseph, xa uthe waguqulela amaphepha ambalwa angaphezulu uze ukhe uthi nqumama okwethutyana, kangangokude ndikuyalele wena kwakhona; ngoko uya kuthi uguqulele kwakhona.

31 Kwaye ngaphandle kokuba wenze oku, qaphela, awusayi kuba naso isipho, kwaye ndiya kuzihlutha izinto endikunike zona wena.

32 Kwaye ngoku, ngenxa yokuba ndibona kwangaphambili oko kuya kwenzeka ukukutshabalalisa, ewe, ndibona kwangaphambili okokuba ukuba isicaka sam uMartin Harris akazithobi aze afumane ingqina esandleni sam, okokuba uya kuwela esonweni;

33 Kwaye baninzi abalaleleyo belinde aukutshabalalisa wena usuke ebusweni bomhlaba; kwaye ngesi sizathu, sokokuba imihla yakho inokwandiswa, ndinikele kuwe le miyalelo.

34 Ewe, ngenxa yesi sizathu ndithe: Yima, uze ume uzole ndide ndikuyalele wena, kwaye ndiya akunika iindlela apho ngazo unokuphumelelisa into endikuyaleleyo ngayo.

35 Kwaye ukuba authembekile ekugcineni imiyalelo yam, uya bkuphakanyiswa ngomhla wokugqibela. Amen.