Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 38


Icandelo 38

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFayette, eNew York, Januwari 2, 1831. Isehlo sasiyinkomfa yeBandla.

1–6, UKrestu wadala zonke izinto; 7–8, Uphakathi kwabaNgcwele Bakhe, abaya kumbona Yena kamsinyane; 9–12, Yonke inyama yonakele phambi Kwakhe; 13–22, Ugcinele abaNgcwele Bakhe ilizwe lesithembiso exesheni nasephakadeni; 23–27, AbaNgcwele bayalelwa ukuba babebanye kwaye bathathane njengabazalwana; 28–29, Iimfazwe zaziwa kwangaphambili; 30–33, AbaNgcwele baya kunikwa amandla avela phezulu kwaye baye ngaphambili phakathi kwezizwe zonke; 34–42, IBandla liyalelwa ukukhathalela amahlwempu nabasweleyo kwaye lifune ubutyebi banaphakade.

1 Itsho njalo iNkosi uThixo wakho, nkqu uYesu Krestu, oMkhulu auNdinguye, uAlfa no-Omega, bisiqalo nesiphelo, ikwanguye owajonga phezu kwephakade elibanzi elikhulukazi, cnezihlwele zonke zeesarafi zezulu, dphambi ekokwenziwa kwehlabathi;

2 Ikwanguye aowazi zonke izinto, kuba bzonke izinto zikhona phambi kwamehlo am;

3 Ndikwanguye lowo wathethayo, kwaye ihlabathi alenzeka, nazo zonke izinto zeza ngam.

4 Ndikwanguye lowo wathabathela aiZiyon kaEnoki esifubeni esisesam; kwaye inene, ndithi, nkqu njengabaninzi abathi bbakholelwa egameni lam, kuba ndinguKrestu, kwaye egameni elilelam, ngenxa cyegazi endaliphalazayo, ndabacengela phambi koBawo.

5 Kodwa qaphela, intsalela ayabakhohlakeleyo ndiyigcine bkumatyathanga obumnyama kude kube ngumhla omkhulu cwomgwebo, oya kuza ekupheleni komhlaba;

6 Kwaye nkqu kunjalo ndiya kwenza abakhohlakeleyo bagcinwe, abo bangasayi kuliva ilizwi lam kodwa baziqaqadekise iintliziyo zabo, kwaye yeha, yeha, yeha, isiphelo sabo.

7 Kodwa qaphelani, inene, inene, ndithi kuni okokuba aamehlo am aphezu kwenu. bNdiphakathi kwenu kwaye aninako ukundibona;

8 Kodwa umhla uyeza kamsinya eniya akundibona, kwaye nazi okokuba ndinguye; kuba ikhuselo lobumnyama kamsinya liya kukrazulwa, kwaye lowo bungahlanjululwanga akayi ckuyinyamezela imini.

9 Ngako oko, bhinqani izinqe zenu kwaye nizilungiselele. Qaphelani, aubukumkani bobenu, kwaye utshaba aluyi koyisa.

10 Inene ndithi kuni, anicocekile, kodwa ingenini nonke; kwaye akukho namnye ongomnye bendikholisiweyo nguye;

11 Kuba yonke ainyama yonakalisiwe phambi kwam; kwaye amandla bobumnyama ayoyisa phezu komhlaba, phakathi kwabantwana babantu, kubukho bezihlwele zonke zezulu—

12 Ezibangela ukuzola kulawule, kwaye lonke iphakade aliva ubuhlungu, bneengelosi zilindele umyalelo omkhulu cuvunele phantsi umhlaba, uhlanganise dumdiza ukuze ube enokutshiswa; kwaye, qaphelani, utshaba luhlangene.

13 Kwaye ngoku ndikubonise imfihlelo, into ibikumagumbi afihlakeleyo, ukuzisa nkqu aintshabalalo yenu ekuhambeni kwexesha, kwaye anikwazanga oko;

14 Kodwa ngoku ndikuthetha oko kuni, kwaye nisikelelekile, akungenxa yobugwenxa benu, nakungakholelwa kweentliziyo zenu; kuba inene abanye benu banetyala phambi kwam, kodwa ndiya kuba nenceba ebuthathakeni benu.

15 Ke ngoko, ayomelelani ukususela ngoku; bningoyiki, kuba ubukumkani bobenu.

16 Kwaye ngosindiso lwenu ndininika umyalelo, kuba ndiyivile imithandazo yenu, anamahlwempu akhalazile phambi kwam, bnezityebi zenziwe ndim, kwaye yonke inyama yeyam, kwaye candikhethi buso bamntu.

17 Kwaye ndiwenze umhlaba watyeba, kwaye qaphela ausisihlalo seenyawo zam, ngako oko, kwakhona ndiya kuma phezu kwawo.

18 Kwaye ndibeka ngaphambili kwaye ndicinga ukuba kufanelekile ukuninika ubutyebi obungakumbi, nkqu ilizwe lesithembiso, ilizwe elibaleka amasi nobusi, phezu kwalo akuyi kubakho siqalekiso xa iNkosi ifika;

19 Kwaye ndiya kuninika ibe lilizwe lelifa lenu ukuba niyalifuna ngentliziyo yenu yonke.

20 Kwaye oku kuya kuba ngumnqophiso wam kunye nani, niya kulifumana libe lilizwe lelifa lenu, anelelifa labantwana benu ngonaphakade, ngexesha umhlaba uya kuma, kwaye uya kulibanga kwakhona ephakadeni, alisayi kuphinda lidlule.

21 Kodwa, inene ndithi kuni okokuba ethubeni anisayi kuba nakumkani namlawuli, kuba ndiya kuba angukumkani wenu kwaye ndinilinde.

22 Ngako oko, yivani ilizwi lam nize anindilandele, kwaye niya kuba bngabantu abakhululekileyo, kwaye anisayi kuba namithetho kodwa imithetho yam xa ndifikile, kuba cndingummisi mthetho wenu, kwaye yintoni enako ukubamba isandla sam?

23 Kodwa, inene ndithi kuni, afundisanani ngokunxulumene neofisi endithe ndananyulela kuyo;

24 Kwaye vumelani wonke umntu aathathe umzalwana wakhe njengesiqu sakhe, kwaye asebenzise bisidima cnobungcwele phambi kwam.

25 Kwaye kwakhona ndithi kuni, vumelani wonke umntu athathe umzalwana wakhe njengesiqu sakhe.

26 Kuba yeyiphi indoda phakathi kwenu ithi inoonyana abalishumi elinesibini, ize ingabi ngumkhethi, kwaye beyikhonza ngokuthobekileyo, kwaye ize ithi komnye: Mawunxityiswe ingubo uze uhlale wena apha, ize komnye: Mawunxityiswe amadlavu uze uhlale wena phaya—ize ibajonge oonyana bayo ithi ndililungisa?

27 Qaphelani, oku ndininika njengomzekeliso, kwaye unjengam nkqu. Ndithi kuni, ayibani banye; kwaye ukuba anikho banye aningabo abam.

28 Kwaye kwakhona, ndithi kuni okokuba utshaba olusemagumbini afihlakeleyo lufuna aubomi benu.

29 Niva angeemfazwe kumazwe akude, kwaye nithi okokuba kamsinya kuya kubakho iimfazwe ezinkulu kumazwe akude, kodwa anizazi iintliziyo zabantu elizweni elilelenu.

30 Ndinixelela ezi zinto ngenxa yemithandazo yenu; ngako oko, alondolozani bubulumko ezifubeni zenu, hleze inkohlakalo yabantu izityhile ezi zinto kuni ngenkohlakalo yabo, ngohlobo oluya kuthetha ezindlebeni zenu ngelizwi elikhwaza ngakumbi kunelo liya kugungqumisa umhlaba; kodwa ukuba nizilungiselele anisayi koyika.

31 Nokokuba nibe nokuphuncuka emandleni otshaba, kwaye nihlanganisele kum abantu abalungileyo, aabangenachaphaza natyala—

32 Ngako oko, ngale njongo ndaninika umyalelo wokokuba nifanele ukuya aeOhio; kwaye apho ndiya kuninika bumthetho wam; kwaye apho niya ckuphiwa amandla avela phezulu;

33 Kwaye ukususela apho, nabanina oya akuya ngaphambili phakathi kwazo zonke izizwe, kwaye baya kuxelelwa abaya kukwenza; kuba ndinomsebenzi omkhulu oseselugcinweni, kuba uSirayeli uya bkusindiswa, kwaye ndiya kubakhokela naphina apho ndiya kuthanda, kwaye akukho mandla aya ckubamba isandla sam.

34 Kwaye ngoku, ndinika ibandla kwezi ndawo umyalelo, wokokuba amadoda athile phakathi kwabo aya kunyulwa, kwaye aya kunyulwa angelizwi lebandla;

35 Kwaye aya kukhathalela amahlwempu nabasweleyo, aze abalungiselele ukuba aphumza ukuze bangabi nakubandezeleka; kwaye babathumele ngaphambili kwindawo endibayalele yona;

36 Kwaye lo iya kuba ngumsebenzi wabo, ukulawula imibandela yezinto zeli bandla.

37 Kwaye abo baneefama ezingenako ukuthengiswa, bavumeleni bashiyeke okanye ziqeshiswe njengoko kubonakala kulungile kubo.

38 Bonani ukuba zonke izinto zilondoloziwe; kwaye xa amadoda aephiwe amandla avela phezulu aze athunyelwa ngaphambili, zonke ezi zinto ziya kuhlanganiselwa esifubeni sebandla.

39 Kwaye ukuba nifuna aubutyebi obuyintando kaBawo abunikele kuni; niya kuba ngabona bazizityebi kubo bonke abantu, kuba niya kufumana ubutyebi banaphakade; kwaye kumele okokuba bubutyebi bomhlaba ndibunikele ngokwentando yam; kodwa lumkelani cikratshi, hleze nibe dnjengamaNifayithi akudala.

40 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndininika umyalelo, wokokuba wonke umntu, kunye umdala, umbingeleli, utitshala, kananjalo ilungu, aqalise ngamandlakazi akhe, ngomsebenzi awezandla zakhe, ukulungiselela nokufezekisa izinto endiziyaleleyo.

41 Kwaye yenzani aukushumayela kwenu kube lilizwi belilumkisayo, umntu wonke kummelwane wakhe, ekuthambeni nakubulali.

42 Kwaye hambani ngoko aniphume phakathi kwabakhohlakeleyo. Zisindiseni. Cocekani nina eniphethe izitya zeNkosi. Nkqu kunjalo. Amen.