Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 35


Icandelo 35

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, kufuphi okanye eFayette, eNew York, Disemba 7, 1830. Ngeli xesha, uMprofeti wayebambeka phantse yonke imihla ekwenzeni uguqulelo lweBhayibhile. Uguqulelo lwaqala kusekutsha nje ngoJuni 1830, kwaye bobabini uOliver Cowdery noJohn Whitmer babesebenza njengoonobhala. Ukususela ngoku bathe bababizela kweminye imisebenzi, uSidney Rigdon wabizwa ngonyulo olunyulu ukuba asebenze njengonobhala woMprofeti kulo msebenzi (bona ivesi 20). Njengentshayelelo kwimbali yesi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichazanje: “NgoDisemba uSidney Rigdon wafika [evela eOhio] ezokubuza iNkosi, kwafika kunye naye uEdward Partridge. … Kufutshane nje emva kokufika kwaba bazalwana babini, kungoko yathethayo iNkosi.”

1–2, Amadoda angaba ngoonyana bakaThixo njani; 3–7, USidney Rigdon ubizelwa ukubhaptiza nokunikezela uMoya oyiNgcwele; 8–12, Imiqondiso nemimangaliso ziza ngokholo; 13–16, Izicaka zeNkosi ziya kubhula izizwe ngamandla oMoya; 17–19, UJoseph Smith uphethe izitshixo zeemfihlelo; 20–21, Abonyulwa baya kuyinyamezela imini yokuza kweNkosi; 22–27, USirayeli uya kusindiswa.

1 Mamelani ilizwi aleNkosi uThixo wenu, nkqu buAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, comgaqo wakhe ungumjikelo omnye wanaphakade, dukwanguye namhlanje njengayizolo nangonaphakade.

2 NdinguYesu Krestu, uNyana kaThixo, aowabethelelelwa izono zehlabathi, nkqu njengabaninzi beya bkukholelwa egameni lam, okokuba babe cngoonyana bakaThixo, nkqu domnye okum njengoko mna endimnye kuBawo, njengoBawo emnye kum, ukuze sibe banye.

3 Qaphela, inene, inene, ndithi kwisicaka sam uSidney, ndikukhangele wena nemisebenzi yakho. Ndiyivile imithandazo yakho, ndaza ndakulungiselela umsebenzi omkhulu ngakumbi.

4 Wena usikelelwe, kuba wena uya kwenza izinto ezinkulu. Qaphela wena wathunyelwa ngaphambili, nkqu anjengoYohane, ukulungisa indlela phambi kwam, naphambi bkoEliya oya kuza, kwaye wena akukwazanga oko.

5 Wena wabhaptizela inguquko ngamanzi, kodwa aabawufumana uMoya oyiNgcwele;

6 Kodwa ngoku ndinika wena umyalelo, wokokuba uya akubhaptiza ngamanzi, kwaye baya kufumana buMoya oyiNgcwele ngokubeka cizandla, nkqu njengabapostile bakudala.

7 Kwaye kuya kwenzeka okokuba kuya kubakho umsebenzi omkhulu elizweni, nkqu phakathi akweeNtlanga, kuba ubuyatha babo namasikizi abo aya kwenziwa abonakale emehlweni abo bonke abantu.

8 Kuba ndinguThixo, kwaye ingalo yam aayimfutshane; kwaye ndiya kubonisa bimimangaliso, cimiqondiso, neminqa, kubo bonke abo dbakholelwa egameni lam.

9 Kwaye noobani na abaya kuyicela egameni lam abeselukholweni, baya bkukhupha coomtyholi; baya dkuphilisa imilwelwe; baya kwenza iimfama zifumane ukubona, nezithulu zive, nezidenge zithethe, neziqhwala zihambe.

10 Kwaye ixesha ngokukhawuleza liyeza lokuba izinto ezinkulu ziya kuboniswa ngaphambili ebantwaneni babantu;

11 Kodwa angaphandle kokholo akukho nto iya kuboniswa ngaphambili ngaphandle bkweentshabalalo phezu ckweBhabhilon, ezifana nezo zenza zonke izizwe zasela kwiwayini yengqumbo dyobuhenyu bazo.

12 Kwaye aakukho namnye owenza okulungileyo ngaphandle kwabo balungele ukwamkela ivangeli yam epheleleyo, leyo endiyithumele ngaphambili kwesi sizukulwana.

13 Ngako oko, ndibiza izinto aezibuthathaka zehlabathi, ezo bzingenamfundo kwaye zicekiswa, zize zibhule izizwe ngamandla oMoya wam;

14 Kwaye ingalo yabo iya kuba yingalo yam, kwaye ndiya kuba alikhaka labo nombophi wabo; kwaye ndiya kubhinqisa izinqe zabo, kwaye baya kundilwela ngokukhalipha; kwaye bneentshaba zabo ziya kuba phantsi kweenyawo zabo; kwaye ndiya kuliyeka ikrele cliwe egameni labo, kwaye dngomlilo womsindo wam ndiya kubalondoloza.

15 Kwaye aamahlwempu bnabanobulali baya kuba nevangeli ishunyayelwe kubo, kwaye baya ckujonga ngaphambili ixesha lokuza kwam, kuba dlikufutshane

16 Kwaye baya kufunda umzekeliso awomkhiwane, kuba nkqu ngoku sele ihlobo likufuphi.

17 Kwaye ndithumele ngaphambili aivangeli yam epheleleyo ngesandla sesicaka sam buJoseph; kwaye ebuthathakeni ndithe ndamsikelela;

18 Kwaye ndinikele kuye aizitshixo zemfihlelo zezoo zinto bebezitywiniwe, nkqu izinto ebezivela ckwisiseko zehlabathi, nezinto eziya kuza ukususela kweli xesha kude kube lixesha lokuza kwam, ukuba uhlala kum, kwaye ukuba akunjalo, omnye ndiya kumbeka endaweni yakhe.

19 Ngako oko, mkhuseleni ukuze ukholo lwakhe lungasileli, kwaye oko kuya kunikwa angoMonwabisi, buMoya oyiNgcwele, owazi zonke izinto.

20 Kwaye umyalelo endimnika wona—kukuba nina niya akubhalela yena; kwaye izibhalo ziya kunikwa, nkqu njengoko zinjalo esifubeni esisesam, elusindisweni blwabanyulwa bam kanye;

21 Kuba baya kuliva ailizwi lam, kwaye baya kundibona, kwaye abasayi kulala, kwaye baya bkuyinyamezela imini cyokuza kwam; kuba baya kuhlanjululwa, nkqu njengoko dndihlambulukile.

22 Kwaye ngoku ndithi akuni, hlalani kunye naye, kwaye uya kuhamba kunye nam; ningamshiyi, kwaye ngokuqinisekileyo ezi zinto ziya kuzalisekiswa.

23 Kwaye anjengokuba ningabhali, qaphelani, kuya kunikelwa kuye aprofethe; kwaye nina niya kushumayela ivangeli yam nize nibize bkubaprofeti abangcwele ekuqinisekiseni amazwi akhe, njengoko aya kinikwa yena.

24 aGcinani yonke imiyalelo neminqophiso nina enibotshelelwe ngayo; kwaye ndiya kuwenza amazulu bashukumele ukulunga kwenu, kwaye cuSathana uya kunkwantya neZiyon iya dkugcoba phezu kweenduli ize ichume;

25 Kwaye auSirayeli uya bkusindiswa ngexesha lam kanye elifanelekileyo; kwaye cngezitshixo endithe ndazinika baya kukholelwa, kwaye akasayi kubhidaniswa kwakhona konke-konke.

26 Phakamisani iintliziyo zenu nize nivuye, aukukhululwa kwenu kuyasondela.

27 Musa ukoyika, mhlambi omncinane, aubukumkani bobakho ndide ndifike. Qaphelani, bndiyeza kamsinya. Nkqu kunjalo. Amen.