Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 34


Icandelo 34

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOrson Pratt, eFayette, eNew York, Novemba 4, 1830. Umzalwana uPratt wayeneminyaka elishumi elinesithoba ngeloo xesha. Wayeguqulwe waza wabhaptizwa ngumntakwabo omdala kunaye, uParley P.Pratt, xa waqala ukuva ngokushunyayelwa kwevangeli ebuyiselweyo, kwiiveki ezintandathu ngaphambili. Esi sityhilelo safunyanwa kwikhaya likaPeter Whitmer Omkhulu.

1–4, Abathembekileyo baba ngoonyana bakaThixo ngeNtlawulelo; 5–9, Ukushunyayelwa kwevangeli kulungisa indlela yokuBuya kweSibini; 10–12, Isiprofetho siza ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 Nyana wam aOrson, phulaphula kwaye uve uze uqaphele oko mna, iNkosi uThixo, ndiya kuthetha kuwe, nkqu uYesu Krestu uMkhululi wakho;

2 aUkukhanya nobomi behlabathi, ukhanyiselo olwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa;

3 Lowo awalithanda ihlabathi bwade cwancama ubomi obubobakhe, okokuba njengokuba beya kuba baninzi abaya kukholelwa babe nokuba dngoonyana bakaThixo. Ngako oko ungunyana wam;

4 Kwaye ausikelelwe wena ngenxa yokuba uthe wakholelwa;

5 Kwaye usikelelwe ngakumbi ngenxa yokuba aubizelwe ndim ukushumayela ivangeli yam—

6 Ukuphakamisa ilizwi lakho njengokungathi kungesandi sexilongo, kunye kude nangokukhwaza, kwaye adanduluka inguquko kwisizukulwana esigoso nesigwenxa, ulungiselela indlela yeNkosi byokubuya kwayo okwesibini.

7 Kuba qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, aixesha lisondele lokokuba ndiya kuza bndiselifini ngamandla nobuqaqawuli obukhulu.

8 Kwaye iya kuba angumhla omkhulu ngexesha lokuza kwam, kuba zonke izizwe ziya bkungcangcazela.

9 Kodwa phambi kwaloo mhla mkhulu uya kuza, ilanga liya kuba mnyama, kwaye inyanga ijike ibe ligazi; kwaye iinkwenkwezi aziyi kuvuma nokukhanya kwazo, kwaye kwazona ziya kuwa, kwaye iintshabalalo ezinkulu zilindele abakhohlakeleyo.

10 Ngako oko, phakamisa ilizwi lakho kwaye aungoyikiseli, kuba iNkosi uThixo ithethile; ke ngoko profetha, kwaye kuya kunikwa bngamandla oMoya oyiNgcwele.

11 Kwaye ukuba unyanisekile, qaphela, ndikunye nawe ndide ndize—

12 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, ndiyeza kamsinya. Ndiyi Nkosi yakho noMkhululi wakho. Nkqu kunjalo. Amen.