Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 29


Icandelo 29

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, kukho abadala abathandathu, eFayette, eNew York, Septemba 1830. Esi sityhilelo sanikwa iintsuku ezithile phambi kwenkomfa, eqala ngoSeptemba 26, 1830.

1–8, UKrestu uyabahlanganisa abonyulwa Bakhe; 9–11, Ukuza kwakhe kuboniswa kwiMileniyam; 12–13, AbaLishumi elineSibini baya kugweba wonke uSirayeli; 14–21, Imiqondiso, izibetho, nemiqwebedu ziya kwandulela ukuBuya kweSibini; 22–28, Uvuko lokugqibela nomgwebo wokugqibela zilandela iMileniyam; 29–35, Zonke izinto zezomoya eNkosini; 36–39, Umtyholi neengelosi zakhe bakhutshelwa ngaphandle kwezulu ukuhenda abantu; 40–45, UKuwa neNtlawulelo zizisa usindiso; 46–50, Abantwana abancinane bakhululwa ngeNtlawulelo.

1 Mamelani elizwini likaYesu Krestu, uMkhululi wenu, auNdinguye oMkhulu, ongalo yakhe byenceba cihlawulele izono zenu;

2 Oya akuhlanganisa abantu bakhe nkqu njengesikhukukazi sihlanganisela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso, nkqu njengabaninzi njengoko beya kuphulaphula ilizwi lam kwaye bbazithobe phambi kwam, kwaye bacele kum ngomthandazo onamandla amakhulu.

3 Qaphela, inene, inene, ndithi kuni, okokuba ngeli xesha izono zenu azixolelwe, ke ngoko nifumana ezi zinto; kodwa khumbulani ningoni kwakhona, hleze iingozi zibe ziya kuza kuni.

4 Inene, ndithi kuni okokuba nonyulelwe ngaphandle kwehlabathi ukubhengeza ivangeli yam ngesandi sokugcoba, njengokungathi akungelizwi lexilongo.

5 Phakamisani iintliziyo zenu kwaye nivuye, kuba andiphakathi kwenu, kwaye bndingumthetheli wenu ndikunye noBawo; kwaye yintando yakhe elungileyo ukuninika cubukumkani.

6 Kwaye, njengokuba kubhaliwe—Nantoni na eniya akuyicela bngokholo, cnimanyene emthandazweni ngokunxulumene nomyalelo wam, niya kuyifumana.

7 Kwaye nibizelwe ukwenza aintlanganisela byabanyulwa bam; kuba abanyulwa bam cbayaliva ilizwi lam baze bangaziqaqadekisi diintliziyo zabo;

8 Ngako oko umiselo uthe wahambela phambili usuka kuBawo wokokuba baya akuhlanganiselwa kwindawo enye phezu kobuso beli lizwe, bukulungisa iintliziyo zabo kwaye balungiswe kuzo zonke izinto ezichasene nomhla xa cinkxwaleko nentshabalalo ziya kuthunyelwa phezu kwabakhohlakeleyo.

9 Kuba ilixa likufutshane nomhla sewufikile xa umhlaba uvuthiwe; kwaye bonke aabanekratshi nabo benza ngokukhohlakeleyo baya kuba bnjengeendiza; kwaye ndiya ckubatshisa, itsho iNkosi yemiKhosi, okokuba inkohlakalo ayisayi kuba phezu komhlaba;

10 Kuba ilixa likufutshane, kwaye oko akwathethwa ngabapostile bam kumele kuzalisekiwe; kuba njengoko bathethayo njalo kuya kuthi kwenzeke;

11 Kuba ndiya kusityhila isiqu sam ukusuka ezulwini ngamandla nobuqaqawuli obukhulu, kunye anezihlwele zawo, kwaye zihlale bebulungiseni kunye nabantu emhlabeni ciminyaka eliwaka, kwaye abakhohlakeleyo abasayi kuma.

12 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni, kwaye kuthe kwahambela phambili umiselo ongqingqwa, ngentando kaBawo, wokokuba aabapostile bam, abaLishumi elineSibini abo babekunye nam kubulungiseleli bam eYerusalem, baya kuma ngasekunene kwam ngomhla wokuza kwam ndikwintsika byomlilo, benxitywe iingubo zobulungisa, nezithsaba ezintlokweni zabo, cbesebuqaqawulini nkqu njengokuba ndinjalo mna, dkugweba indlu kaSirayeli iphelele, nkqu njengoko abaninzi bandithandayo baze bagcina imiyalelo yam, kwaye ingeyiyo enye into.

13 Kuba aixilongo liya kukhala kunye kude nangokukhwaza, nkqu njengaphezu kweNtaba iSinayi, kwaye wonke umhlaba uya kunyikima, kwaye baya bkuza ngaphambili—ewe, nkqu cabafileyo abafela kum, beze kufumana disithsaba sobulungisa, kwaye banxityiswe, enkqu njengoko ndinjalo mna, babe nam, ukuze sibe nokuba banye.

14 Kodwa, qaphelani, ndithi kuni okokuba phambi kokufika kwaloo amini nkhulu bilanga liya kuba mnyama, kwaye inyanga iya kujika ibe ligazi, kwaye iinkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, kwaye kuya kubakho cimiqondiso emikhulu ngakumbi ezulwini ngasentla nasemhlabeni ezantsi;

15 Kwaye kuya kubakho izikhalo anezijwili phakathi kwezihlwele zabantu;

16 Kwaye kuya kubakho aisichotho esikhulu esithunyelwe ngaphambili ukutshabalalisa izityalo zomhlaba.

17 Kwaye kuya kwenzeka, ngenxa yenkohlakalo yehlabathi, ngokuba ndiya kuthabatha aimpindezelo phezu bkwabakhohlakeleyo, kuba abasayi kuguquka; kuba indebe yomsindo wam izele; kuba qaphela, cigazi lam alisayi kubahlamba ukuba abandimameli.

18 Ngako oko, mna iNkosi uThixo ndiya kuthumela ngaphambili iimpukane phezu kobuso bomhlaba, eziya kuphatha abemi bawo, kwaye ziya kudla inyama yabo, kwaye ziya kwenza iimpethu zize phezu kwabo;

19 Kwaye amalwimi abo aya kuhlala ukuze angabi nako aukuthetha ngokuchasene nam; kwaye inyama yabo iya kuwa emathanjeni abo, namehlo abo kwizigongxo zawo.

20 Kwaye kuya kwenzeka okokuba aizilo zehlathi neentaka zezulu ziya kubaqwenga.

21 Kwaye ibandla elikhulu anelimasikizi, belilihenyukazi lawo wonke umhlaba, liya kuphoselwa phantsi cngomlilo otshisayo, ngokunxulumene njengoko kuthethwe ngomlomo kaHezekile umprofeti, owathetha ngezi zinto, ezingekenzeki kodwa ngokuqinisekileyo dzimele, njengokuba mna ndiphila, kuba amasikizi akasayi kuze alawule.

22 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni okokuba xa aiwaka leminyaka liphelile, baze abantu kwakhona baqalise ukuphika uThixo wabo, ngoko ke ndiya kuwusindisa umhlaba kodwa nje bokwexeshana;

23 Kwaye aisiphelo siya kufika, kwaye izulu nomhlaba ziya kutshatyalaliswa kwaye bzidlule, kwaye kuya kubakho izulu elitsha cnomhlaba omtsha.

24 Kuba zonke izinto ezindala ziya akudlula, kwaye zonke izinto ziya kuba ntsha, nkqu izulu nomhlaba, kwaye yonke inzaliseko yazo, kunye abantu nezilo, iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle;

25 Kwaye akukho anonwele olunye, namqadi, uya kulahleka, kuba kungumsebenzi wesandla sam.

26 Kodwa, qaphelani, inene ndithi kuni, phambi kokuba umhlaba uya kudlula, auMikayeli bisiphatha-zithunywa sam, uya kukhalisa cixilongo lakhe, kwaye ngoko bonke abafileyo baya dkuvuka, kuba amangcwaba abo aya kuvuleka, kwaye baya ekuza ngaphambili—ewe, nkqu bonke.

27 Kwaye aamalungisa aya kuhlanganiselwa bngasekunene kwam ebomini obungunaphakade; kwaye abakhohlakeleyo ngasekhohlo kwam ndiya kuba neentloni ukubabanga phambi koBawo;

28 Ngako oko ndiya kuthi kubo—aMkani kum, nina niqalekisiweyo, niye bkumlilo wanaphakade, olungiselelwe cumtyholi neengelosi zakhe.

29 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithi kuni, andizange nanini na ndibhengeze ukusuka emlonyeni wam ongowam okokuba baya kubuyela, kuba aapho ndikhoyo abanako ukuza, kuba abanawo amandla.

30 Kodwa khumbulani okokuba zonke izigwebo zam azinikwanga ebantwini; kwaye njengoko amazwi athe eza ngaphambili ephuma emlonyeni wam nkqu kunjalo aya kuzalisekiswa, okokuba aabokuqala baya kuba ngabokugqibela, kwaye nabokugqibela baya kuba ngabokuqala kuzo zonke izinto ezo ndizidalileyo ngelizwi lamandla am, angamandla oMoya wam.

31 Kuba ngamandla oMoya wam andabadala; ewe, zonke izinto kunye bezasemoyeni nezasenyameni—

32 Kuqala aezasemoyeni, okwesibini ezasenyameni, ezisisiqalo somsebenzi wam; kwaye kwakhona, kuqala ezasenyameni, kwaye okwesibini ezasemoyeni, ezo zingumsebenzi wam wokugqibela—

33 Ndithetha kuni ukuze nibe nokuqonda ngokusendalweni; kodwa kum imisebenzi yam ayinaso aisiphelo, nasiqalo; kodwa kunikwe kuni okokuba nibe nokuqonda, ngenxa yokuba nikucelile kum ndaze ndavuma.

34 Ngako oko, inene ndithi kuni okokuba zonke izinto kum zezomoya, kwaye kungenjalo naliphina ilixa endinike umthetho ongowasenyameni; ingenguye nawuphina umntu, nabantwana babantu; na-Adam, uyihlo wenu, endamdalayo.

35 Qaphelani, ndanikela kuye okokuba abe anokukhethela isiqu sakhe; kwaye ndamnika umyalelo, kodwa ingengomyalelo wasenyameni endimnike wona, kuba bimiyalelo yam yeyasemoyeni; asiyiyo eyasendalweni ingeyiyo neyasenyameni, ingeyiyo neyasenyameni neyemvelo.

36 Kwaye kwenzekile okokuba uAdam, ahendwe ngumtyholi—kuba, qaphelani, aumtyholi wayekho phambi koAdam, kuba bwavukela ngokuchasene nam, esithi, Nika mna cuzuko lwakho, dolungamandla am; kananjalo enesiqingatha sesithathu fsezihlwele zezulu zajikela kude kum ngenxa yegunya lazo glokuzikhethela;

37 Kwaye baphoselwa ezantsi, kwaye kungoko weza aumtyholi bneengelosi zakhe;

38 Kwaye, qaphelani, kukho indawo elungiselelwe bona ukususela kwasekuqaleni, ndawo leyo aisisihogo.

39 Kwaye kuyimfuneko okokuba umtyholi aahende abantwana babantu, okanye abanako ukuba negunya lokukhethela iziqu zabo; ke ukuba abazange bafumane bubukrakra abanako ukubazi ubumnandi—

40 Ngako oko, kwenzekile okokuba umtyholi ahende uAdam, waza watya akwisiqhamo esalelweyo waza waphula umyalelo, apho waba bphantsi kwegunya nentando yomtyholi, ngenxa yokuba wayekela ekuhendweni.

41 Ngako oko, mna, iNkosi uThixo, ndenza okokuba abakhutshelwe ngaphandle koMyezo bwe-Eden, ebusweni bam, ngenxa yokukreqa kwakhe, apho waba cnokufa komoya, oko ikukufa kokuqala, nkqu oko kufa ikwa dkukufa kokugqibela, okukokwasemoyeni, okuya kubhengezwa phezu kwabakhohlakeleyo xa ndiya kuthi: Mkani, nina eniqalekisiweyo.

42 Kodwa, qaphelani, ndithi kuni okokuba mna, iNkosi uThixo, ndanika uAdam nembewu yakhe, okokuba baya akufa njengokufa kwasenyameni, kude Mna, iNkosi uThixo, ndithumele ngaphambili biingelosi zibhengeze kubo cinguquko dnokukhululwa, ngokholo egameni eloNyana wam eKuphela koZelweyo.

43 Kwaye kungoko mna, iNkosi uThixo, ndonyulela umntu imihla ayokulingwa kwakhe—ukuze ngokufa kwasendalweni abe bnokuphakanyiselwa cekungafini dnakubomi obungunaphakade, nkqu njengoko abaninzi beya kukholelwa;

44 Kwaye abo bangakholelwayo akwisigwebo esingunaphakade; kuba abanako ukukhululwa ekuweni kwabo kwasemoyeni, ngenxa yokuba abaguquki;

45 Kuba bathanda ubumnyama kunokukhanya, kwaye aizenzo zabo zibububi, kwaye bafumana bumvuzo walowo bazimisele ukumthobela.

46 Kodwa qaphelani, ndithi kuni, ukuba aabantwana abancinane bbakhululwe kwasesisekweni sehlabathi ngoKuphela Kozelweyo wam;

47 Ngako oko, abanako ukona, kuba amandla akawanikwanga uSathana ukuba aahende abantwana abancinane, bade baqalise ukuba bnobutyala phambi kwam;

48 Kuba kunikwe kubo nkqu njengoko ndiya kwenza, ngokunxulumene novuyo olulolwam, okokuba izinto ezinkulu zibe nokufunwa esandleni asooyise.

49 Kwaye, kwakhona, ndithi kuni, okokuba lowo unolwazi, andimyalelanga na ukuba aguquke?

50 Kwaye lowo ungenako aukuqonda, kusala kum ukwenza ngokunxulumene njengoko kubhaliweyo. Kwaye ngoku andibhengezi okungakumbi kuwe ngeli xesha. Amen.