Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 20


Icandelo 20

Isityhilelo ngokusekwa nolawulo lweBandla, sanikwa ngoJoseph Smith uMprofeti, kufutshane okanye eFayette, eNew York. Iziqephu zesi sityhilelo zinokuba zazithe zanikwa ngaphambili nje kwehlobo lowe-1829. Isityhilelo esipheleleyo, esasisaziwa ngexesha elo njenge Izivumo neMinqophiso, sasinokuba sabhalwa kamsinyane emva koAprili 6, 1830 (umhla ekwasekwa ngawo iBandla). UMprofeti wabhala, “Safumana kuye [uYesu Krestu] okulandelayo, ngomoya wesiprofetho nesityhilelo; okungasinikanga kuphela lwazi lungako, kodwa kanjalo kusalathisa umhla ochanekileyo ngaso, ngokunxulumene nomyalelo nentando Yakhe, simele ukuqhubekeka sisakha iBandla Lakhe kwakhona apha phezu komhlaba.”

1–16, INcwadi kaMormoni ibonisa ngokuphandle ubunyulu bomsebenzi wemihla yokugqibela; 17–28, Iimfundiso zendalo, ukuwa, intlawulelo, nobhaptizo ziqinisekisiwe; 29–37, Imithetho elawula inguquko, ubulungisa, ukungcwaliswa, nobhaptizo ziyasekwa; 38–67, Imisebenzi yabadala, ababingeleli, ootitshala, nabadikoni iyashwankathelwa; 68–74, Imisebenzi yamalungu, ukusikelelwa kwabantwana, nendlela yobhaptizo ziyatyhilwa; 75–84, Imithandazo yomthendeleko nemithetho yokulawula ubulungu beBandla ziyanikwa.

1 aUkuphakama bkweBandla likaKrestu kule mihla yokugqibela, kuqalisa kwiminyaka eliwaka elinamakhulu asibhozo anamashumi amathathu ukususela ekuzeni kweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu enyameni, lisoloko clisakhiwa kwaye lisekwa lingqinelana nemithetho yelizwe lethu, ngentando nemiyalelo kaThixo, ngenyanga yesine, nangosuku lwesithandathu lwenyanga ebizwa ngokuba nguAprili—

2 Imiyalelo leyo yanikwa uJoseph Smith, Omnci., aowayebizwe nguThixo, kwaye emiselwe bengumpostile kaYesu Krestu, abe cngumdala wokuqala weli bandla;

3 Kwaye kuOliver Cowdery, owayebizwe nguThixo kanjalo, ongumpostile kaYesu Krestu, abe ngumdala wesibini weli bandla, kwaye amiselwe phantsi kwesandla sakhe;

4 Kwaye oku ngokunxulumene nobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu, makubekho lonke uzuko kuye, kunye ngoku nangonaphakade. Amen.

5 Emva koko kwakubonakalisiwe ngenene kulo mdala wokuqala okokuba ufumene uxolelo lwezono zakhe, awazibophelela kwakhona kumampunge ehlabathi.

6 Kodwa emva kokuguquka, nokuthoba isiqu sakhe ngokunyanisekileyo, ngokholo, uThixo wamlungiselela angengelosi engcwele, bimbonakalo yayo yaba njengombane, kwaye iingubo zayo zazimsulwa kwaye zimhlophe ngaphezu kwabo bonke obunye ubumhlophe;

7 Kwaye yamnika imiyalelo eyamphembelelayo;

8 Kwaye yamnika amandla avela phezulu, angendlela eyayilungiswe kwangaphambili, ekuguquleleni iNcwadi kaMormoni;

9 Equlathe imbali yabantu abawileyo, anevangeli bepheleleyo kaYesu Krestu eya kwabeeNtlanga kanjalo nakumaYuda;

10 Eyayinikwe ngempembelelo, kwaye iqinisekisiwe akwabanye ngolungiselelo lweengelosi, kwaye bibhengeziwe ehlabathini zizo—

11 Ibonisa ngokuphandle ehlabathini okokuba izibhalo ezingcwele aziyinyani, nokokuba uThixo buyabaphembelela abantu kwaye ababizele cemsebenzini wakhe ongcwele kweli xesha nesizukulwana, njengoko kwakunjalo kwizizukulwana zakudala;

12 Apho ngokubonisa okokuba aukwanguye uThixo izolo, namhlanje, nangonaphakade. Amen.

13 Ke ngoko, ninobungqina obukhula kangako, ngabo ihlabathi liya kugwetywa, nkqu njengokuba abaninzi beya kuza ngoku nakwixesha elizayo kulwazi lwalo msebenzi.

14 Kwaye abo babufumana ngokholo, kwaye basebenze aubulungisa, baya kufumana bisithsaba sobomi obungunaphakade;

15 Kodwa abo baqaqadekisa iintliziyo zabo aekungakholweni, kwaye bangabomkeli, oko kuya kujikelwa ekugwetyweni kwabo—

16 Kuba iNkosi uThixo ikuthethile; kwaye thina, badala bebandla, sivile kwaye sanika ubungqina emazwini ozukileyo onoBukhosi ongentla, kuye makubekho uzuko ngonaphakade kanaphakade. Amen.

17 Ngezi zinto asiyazi ukuba kukho buThixo ezulwini, ongenasiphelo nongunaphakade, esuka kunaphakade esiya kunaphakade okwa nguThixo ongaguqukiyo, umdali wezulu nomhlaba, nazo zonke izinto ezikuzo;

18 Nokokuba awadala umntu, indoda nomfazi, ngokomfuziselo bnemfano yakhe wabadala;

19 Kwaye wabanika imiyalelo yokokuba bamele aukumthanda kwaye bbamkhonze, okuphela koThixo ophilileyo noyinyani, nokokuba kumele ukuba abe kuphela kwesiqu abamele cukusinqula.

20 Kodwa ngokreqo lwale mithetho ingcwele umntu waba angowemvelo kwaye bwabumtyholirha, kwaye waba cngumntu owileyo.

21 Ngako oko, uThixo uSomandla wanika uNyana wakhe aoKuphela koZelweyo, njengokuba kubhaliwe kwezoo zibhalo ezinikiweyo ngaye.

22 Wabandezeleka azizihendo kodwa akazange anike nyameko kuzo.

23 aWabethelelwa emnqamlezweni, wafa, waza bwavuka kwakhona ngomhla wesithathu;

24 Kwaye awenyukela ezulwini, ukuya kuhlala ekunene bkukaBawo, aze alawule ngamandla onke ngokunxulumene nentando kaYise;

25 Ukuze njengokuba abaninzi beya akukholwa baze babhaptizwe egameni lakhe elingcwele, kwaye bbanyamezele elukholweni ukuya esiphelweni, babe nokusindiswa—

26 Ingengabo kuphela abo bakholwayo emva kokuba weza angexesha lobungangamsha, esenyameni, kodwa bonke abo ukususela ekuqaleni, nkqu njengabaninzi ababekho phambi kokuba eze, abakholelwayo emazwini babaprofeti abangcwele, abathethayo njengokuba babephenjelelwa csisipho soMoya oyiNgcwele, donika ubungqina bakhe ngenene ezintweni zonke, babe nobomi obungunaphakade,

27 Kwananjengabo abemele ukuza kamva, abamele ukukholelwa akwizipho nobizo lukaThixo ngoMoya oyiNgcwele, bonika ubungqina bukaBawo kwaye neyoNyana;

28 UBawo lowo, uNyana, noMoya oyiNgcwele abanguThixo omnye, ongenasiphelo kwaye wanaphakade, ongaphandle kwesiphelo. Amen.

29 Kwaye siyazi ukuba bonke abantu bamele aukuguquka nokukholwa egameni likaYesu Krestu, kwaye banqule uBawo egameni lakhe, kwaye banyamezele belukholweni egameni lakhe ukuya esiphelweni, okanye abanako cukusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

30 Kwaye siyazi ukuba aukugwetywa bngobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu kulungile kwaye kuyinyani;

31 Kwaye siyazi kanjalo, okokuba aukungcwaliswa ngobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu kulungile kwaye kuyinyani, kubo bonke abathanda nabakhonza uThixo bngamandla abo onke, iingqondo, nokomelela.

32 Kodwa kunokwenzeka okokuba umntu abe anokuwa ukusuka elubabalweni aze emke kuThixo ophilileyo;

33 Ke ngoko yenza ibandla linike inyameko kwaye lithandaze rhoqo, hleze liwele aekuhendweni;

34 Ewe, nkqu nokwenza abo bangcwalisiweyo kanjalo banike inyameko.

35 Kwaye siyazi ukuba ezi zinto ziyinyani nangokunxulumene kwizityhilelo zikaYohane, akungongezwanga kuzo, kungancitshiswanga ukusuka kwincwadi yakhe yesiprofetho, bizibhalo ezingcwele, okanye izityhilelo zikaThixo eziya kuza ngoku nakwixesha elizayo ngesipho namandla oMoya oyiNgcwele, cilizwi likaThixo, okanye ulungiselelo lweengelosi.

36 Kwaye iNkosi uThixo ikuthethile; kwaye imbeko, amandla nozuko mazenziwe egameni lakhe elingcwele, kunye ngoku nangonaphakade. Amen.

37 Kwaye kwakhona, ngendlela yomyalelo ebandleni ngokunxulumene nohlobo lobhaptizo—Bonke abo bazithobayo phambi koThixo, kwaye banqwenele aukubhaptizwa, kwaye beze ngaphambili bngeentliziyo ezaphukileyo noomoya abatyumkileyo, kwaye bangqine phambi kwebandla okokuba baguqukile ngenene kuzo zonke izono zabo, kwaye bazimisele ukuthabathela kubo cigama likaYesu Krestu, dbenomxhino wokumkhonza kude kuye esiphelweni, kwaye babonakalise ngenene engemisebenzi yabo okokuba bafumene uMoya kaKrestu fekuxolelweni kwezono zabo, baya kwamkelwa ngobhaptizo ebandleni lakhe.

38 Umsebenzi wabadala, ababingeleli, ootitshala, abadikoni, namalungu ebandla likaKrestuaUMpostile ungumdala, kwaye lubizo lwakhe bukubhaptiza;

39 aNokumisela abanye abadala, ababingeleli, ootitshala, nabadikoni;

40 aNokulungiselela isonka newayini—imiqondiso yenyama negazi likaKrestu—

41 aNokuqinisa abo babhaptizelwe ebandleni, ngokubeka bizandla kusenzelwa ubhaptizo lomlilo cneloMoya oyiNgcwele, ngokunxulumene nezibhalo;

42 Nokufundisa, ukucacisa, ukukhuthaza, ukubhaptiza, nokongamela phezu kwebandla;

43 Nokuqinisa ibandla ngokubeka izandla, nokunika uMoya oyiNgcwele;

44 Nokuthabatha ukhokelo lwazo zonke iintlanganiso.

45 Abadala abalawula iintlanganiso njengokuba bekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, ngokunxulumene nemiyalelo nezityhilelo zikaThixo.

46 Umsebenzi awombingeleli kukushumayela, bukufundisa, ukucacisa, ukukhuthaza, nokubhaptiza, nokulungiselela umthendeleko,

47 Nokutyelela indlu yelungu ngalinye, nokuwakhuthaza aathandaze bngokuthethela ngaphandle nangasese aze akhathalele yonke imisebenzi cyosapho.

48 Kwaye aukwanokumisela abanye ababingeleli, ootitshala, nabadikoni.

49 Kwaye umele ukuthabatha ukukhokela iintlanganiso xa kungekho mdala ukhoyo;

50 Kodwa xa kukho umdala, uyashumayela kuphela afundise, acacise, akhuthaze, kwaye abhaptize,

51 Nokutyelela indlu yelungu ngalinye, ewakhuthaza ekuthandazeni ngokuthethela ngaphandle nangasese kwaye akhathalele yonke imisebenzi yosapho.

52 Kuyo yonke le misebenzi umbingeleli umele aukuncedisa umdala ukuba kukho imfuneko.

53 Umsebenzi akatitshala bkukongamela phezu kwebandla rhoqo, aze abe kunye nawo aze awomeleze;

54 Kwaye ajonge okokuba akukho bugwenxa ebandleni, anabulukhuni phakathi komnye nomye, nakuxoka, intlebendwane, bnakuthetha kubi;

55 Kwaye ajonge okokuba ibandla liyahlangana kunye rhoqo, kananjalo ajonge okokuba onke amalungu ayawenza umsebenzi wawo.

56 Kwaye umele ukuthabatha ukhokelo lweentlanganiso xa engekho umdala okanye umbingeleli—

57 Kwaye umele ukuncediswa rhoqo, kuyo yonke imisebenzi yakhe ebandleni, angabadikoni, ukuba kukho imfuneko.

58 Kodwa ayingabo ootitshala nabadikoni abanegunya lokubhaptiza, ukulungiselela umthendeleko, okanye ukubeka izandla;

59 Bamele, kunjalo nje, ukulumkisa, ukucacisa, ukubongoza, nokufundisa, nokumemela bonke ekuzeni kuKrestu.

60 aMdala ngamnye, mbingeleli, titshala okanye mdikoni umele ukumiselwa ngokunxulumene nezipho bnobizo lukaThixo kuye; kwaye umele amiselwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, akulowo umisela yena.

61 Abadala abaliqela abakha eli bandla likaKrestu bamele ukuhlangana kwinkomfa kube kanye kwinyanga ezintathu, okanye kumaxesha ngamaxesha njengoko iinkomfa ezixeliweyo ziya kukhokela okanye zichonge.

62 Kwaye iinkomfa ezixeliweyo zimele ukwenza nawuphina umcimbi webandla ofanele ukwenziwa ngeloo xesha.

63 Abadala bamele ukufumana iimvume zabo ezivela kwabanye abadala, angevoti yebandla elo bakulo, okanye ezivela kwiinkomfa.

64 Mbingeleli ngamnye, titshala, okanye mdikoni, omiselwe ngumbingeleli, unokuthatha aisatifikithi kuye ngeloo xesha, satifikithi eso, xa sinikezelwa emdaleni, siya kumnika imvume, eya kumgunyazisa ukwenza imisebenzi yobizo lwakhe, okanye unokuyifumana ivela kwinkomfa.

65 Akukho mntu umele aukumiselwa nakuyiphi na iofisi kweli bandla, apho kukho ukusekwa njalo kwesebe elikwafanayo, ngaphandle bkwevoti yeloo bandla;

66 Kodwa abadala abongamelayo, oobhishophu abahamba-hambayo, abacebisi abaphezulu, ababingeleli abaphezulu, nabadala, banokuba nelungelo elilodwa lokumisela, apho kungekho sebe lebandla ekunokuthi ivoti ibizwe.

67 Mongameli ngamnye wobubingeleli obuphezulu (okanye umdala owongamelayo), aubhishophu, umcebisi ophezulu, bnombingeleli obuphezulu, umele ukumiselwa ngesikhokelo csequmrhu eliphezulu okanye inkomfa jikelele.

68 aUmsebenzi wamalungu emva kokuba amkelwe ngobhaptizo—Abadala okanye ababingeleli bamele ukuba nexesha eloneleyo lokucacisa zonke izinto ezinxulumene nebandla likaKrestu bekuqondeni kwawo, phambi kokuthabatha kwawo cumthendeleko nokuqiniswa kwawo ngokubekwa dkwezandla zabadala, ukuze zonke izinto zibe nokwenziwa ngocwangco.

69 Kwaye amalungu aya kubonakala phambi kwebandla, kananjalo phambi kwabadala, ngohambo lobuthixo nencoko, okokuba akufanele oko, okokuba kube kukho aimisebenzi nokholo zingqinelana nezibhalo ezingcwele—ehamba bebungcweleni phambi kweNkosi.

70 Lungu ngalinye lebandla likaKrestu elinabantwana limele ukubazisa ebadaleni phambi kwebandla, baze kubeka izandla zabo phezu kwabo egameni likaYesu Krestu, baze ababasikelele egameni lakhe.

71 Akukho namnye unako ukwamkelelwa ebandleni likaKrestu ngaphandle kokuba ufike kwiminyaka ayokuziphendulela phambi kukaThixo, kwaye unako bukuguquka.

72 aUbhaptizo lumele ukulungiselelwa ngolu hlobo lulandelayo kubo bonke abo baguqukayo—

73 Umntu obizwe nguThixo kwaye enegunya elivela kuYesu Krestu lokubhaptiza, uya kuya ezantsi emanzini nomntu ozinikezeleyo ukuba abhaptizwe, kwaye uya kuthi, embiza ngegama: Ngokugunyaziswa nguYesu Krestu, ndiyakubhaptiza egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele. Amen.

74 Ngoko uya akumntywilisela emanzini, baze baphume kwakhona emanzini.

75 Kulungile ukuba ibandla lihlangane kunye rhoqo ukuze alithabathe kuso isonka newayini bukukhumbula iNkosi uYesu;

76 Kwaye umdala okanye umbingeleli uya kuwulungiselela; kwaye emva kolu ahlobo baya kuwulungiselela—uya kuguqa kunye nebandla aze abize kuye uBawo ngomthandazo ondilisekileyo, esithi:

77 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi asonka kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe kuso, ukuze babe nokutya benenkumbulo yomzimba woNyana wakho, baze bbangqine kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, okokuba bazimisele cukuthabathela kubo igama loNyana wakho, baze besoloko bemkhumbula baze dbayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona; ukuze babenokusoloko benawo euMoya wakhe ukunye nabo. Amen.

78 aUhlobo lokulungiselela iwayini—uya kuthabatha bindebe kanjalo, aze athi:

79 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise le awayini kuyo imiphefumlo yabo bonke abo baselayo kuyo, ukuze babe nokukwenza benenkumbulo yegazi loNyana wakho, elaphalalela bona; baze babe nokungqina kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, baze besoloko bemkhumbula, ukuze babenawo uMoya wakhe ukuba ube kunye nabo. Amen.

80 Naliphina ilungu lebandla likaKrestu elikreqayo, okanye lifunyenwe linempazamo, kuya kwenziwa kulo njengoko izibhalo zikhokela.

81 Iya kuba ngumsebenzi wamabandla aliqela, awakha ibandla likaKrestu, ukuthumela abemnye okanye ngaphezulu wootitshala bawo ukuya kubakho kwiinkomfa eziliqela ezibanjwa ngabadala bebandla,

82 Noludwe alwamagama amalungu eliqela emanyanisa iziqu zawo kunye nebandla ukusekela kwinkomfa edlulileyo; okanye kuthunyelwe ngesandla sombingeleli othile; ukuze uludwe olusisigxina lwawo onke amagama ebandla liphelele lube nokugcinwa encwadini ngomnye wabadala, lowo ngokunjalo abanye abadala baya kumnyula kumaxesha ngamaxesha;

83 Kananjalo, ukuba abathile abebegxothiwe ebandleni, ukuze amagama abo abe nokucinywa kwimbali yamagama enkomfa jikelele.

84 Onke amalungu afudukayo kwibandla apho ebehlala khona, ukuba aya kwibandla apho angaziwayo khona, amele ukuthabatha ileta engqina okokuba angamalungu esigxina kwaye kuqinisekile oko, satifikithi eso masibe sisayiniwe ngumdala othile okanye umbingeleli ukuba ilungu elifumana ileta liqhelene bucala nomdala okanye umbingeleli, okanye ibe nokusayinwa ngootitshala okanye abadikoni bebandla.