Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 17


Icandelo 17

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOliver Cowdery, uDavid Whitmer, noMartin Harris, eFayette, eNew York, Juni 1829, phambi kokubona kwabo amacwecwe akroliweyo aqulathe imbali yeNcwadi kaMormoni. UJoseph nonobhala wakhe, uOliver Cowdery, bafunde kuguqulelo lwamacwecwe eNcwadi kaMormoni okokuba amangqina amathathu akhethekileyo aya kunyulwa (bona Etere 5:2–4; 2 Nifayi 11:3; 27:12). UOliver Cowdery, uDavid Whitmer, noMartin Harris bachukunyiswa ngumnqweno ophenjelelweyo ukuba babe ngamangqina amathathu akhethekileyo. UMprofeti wabuza eNkosini, saze esi sityhilelo sanikwa kuphendulwa ngeYurim neTumim.

1–4, Ngokholo amaNgqina amaThathu aya kuwabona amacwecwe nezinye izinto ezinyulu; 5–9, UKrestu unika ubungqina bobunyulu beNcwadi kaMormoni.

1 Qaphelani, ndithi kuni, okokuba nimele ukuthembela elizwini lam, kuthi okokuba nenza ngenjongo epheleleyo yentliziyo, niya kuba anokubona bamacwecwe, kananjalo nentsimbi eyingcina sifuba, cikrele likaLabhan, diYurim neTumim, ezazinikwe eumntakwabo Yerede phezu kwentaba, xa wathetha neNkosi fubuso ngobuso, gnezalathisi ezimangalisayo ezazinikwe uLihayi xa wayesentlango, kwimida hyoLwandle oluBomvu.

2 Kwaye kungenxa yokholo lwenu okokuba niya kufumana ukuwabona, nangalo ukholo ababenabo abaprofeti bakudala.

3 Kwaye emva kokuba nifumene ukholo, kwaye niwabonile ngamehlo enu, niya kunika aubungqina ngawo, ngamandla kaThixo;

4 Kwaye oku niya kukwenza ukuze isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., angabi nakutshatyalaliswa, ukuze ndibe nokuzisa kangangoko kulo msebenzi iinjongo zam ezilungileyo ebantwaneni babantu.

5 Kwaye niya kungqina ukuba niwabonile, nanjengesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., wawabonayo; kuba kungenxa yamandla am ethe wawabona, kwaye oko kungenxa yokuba waba nokholo.

6 Kwaye uguqulele aincwadi, nkqu nalaa bnxenye endimyalele yona, nanjengokuba iNkosi yenu noThixo wenu ephila iyinene.

7 Ngako oko, nifumene amandla afanayo, nokholo olufanayo, nesipho esifanayo njengaye;

8 Kwaye ukuba nenza le miyalelo yokugqibela eyiyeyam, endininike yona, aamasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nani; kuba bubabalo lwam lunonele, kwaye niya ckuphakanyiswa ngomhla wokugqibela.

9 Kwaye mna, Yesu Krestu, aiNkosi yenu noThixo wenu, ndikuthethile kuni, ukuze ndibenokuzisa kangako iinjongo zam ezilungileyo ebantwaneni babantu. Amen.