Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 137


Icandelo 137

Umbono onikwe uJoseph Smith uMprofeti, etempileni eKirtland, eOhio, Januwari 21, 1836. Ithuba lalilelokunikwa kwemimiselo ukulungiselela ubingelelo lwetimpile.

1–6, UMprofeti ubona umntakwabo uAlvin kubukumkani beselestiyali; 7–9, Imfundiso yosindiso lwabafileyo ityhiliwe; 10, Bonke abantwana basindisiwe kubukumkani beselestiyali.

1 aAmazulu ayevulekile phezu kwethu, kwaye ndabona ubukumkani bbeselestiyali bukaThixo, nobuqaqawuli babo, nokokuba cndandisemzimbeni okanye ngaphandle andinakutsho.

2 Ndabona ubuhle obugqithileyo abesango iindlalifa zobo bukumkani eziya kungena ngalo, elalinjengesangqa bsamadangatye omlilo;

3 Kanjalo netrone aevuthayo kaThixo, kuyo kwakuhleli buYise cnoNyana.

4 Ndabona izitrato ezihle zobo bukumkani, obabunembonakalo yokugangathwa angegolide.

5 Ndabona uBawo auAdam bnoAbraham; cnobawo dnomama wam; umntakwethu euAlvin, owayesele kukudala okoko walalayo;

6 Kwaye ndamangaliswa ukuba walizuza njani na ailifa kobo bukumkani, ndibona okokuba wayehambe kobu bomi phambi kokuba iNkosi yenze isandla sayo sihlanganise uSirayeli bixesha lesibini, kwaye cwayengabhaptizelwanga uxolelo lwezono.

7 Njalo kweza ailizwi leNkosi kum, lisithi: Bonke abo bafe bngaphandle kolwazi lwale vangeli, ababengethe bayamkela ukuba babevunyelwe ukuhlala, baya kuba cziindlalifa dzobukumkani beselestiyali bukaThixo;

8 Kanjalo bonke abaya kufa ngoku ukuya kwixesha elizayo bengenalo ulwazi lwayo, aababengebeyamkele ngeentliziyo zabo zonke, baya kuba ziindlalifa zobo bukumkani;

9 Kuba mna, iNkosi, ndiya akugweba bonke abantu bngokwemisebenzi yabo, ngokunxulumene cneminqweno yeentliziyo zabo.

10 Kwaye ndabona kanjalo okokuba bonke abantwana abafa phambi kokufika akwiminyaka yokuziphendulela bbasindisiwe kobukumkani beselestiyali bezulu.