Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 134


Icandelo 134

Isibhengezo senkolo ngokunxulumene noorhulumente nemithetho jikelele, yamkelwa ngevoti emxhelo-mnye kwintlanganiso jikelele yeBandla eyabanjwa eKirtland eOhio, Agasti 17, 1835. AbaNgcwele abaninzi bahlangana kunye ukuqwalasela iziqulatho ezazindululiwe zehlelo lokuqala leMfundiso neMinqophiso. Ngelo xesha, esi sibhengezo sasinikwe intshayelelo elandelayo: “Ukuze inkolo yethu ngokunxulumene noorhulumente nemithetho jikelele ingabi nako ukuqondwa kakubi okanye ukuqondwa kakuhle, sicinge ukuba kufanelekile ukuzisa, esiphelweni salo mqulu, imbono yethu ngokunxulumene nokufanayo.”

1–4, Oorhulumente bamele ukukhusela inkululeko yokucinga neyenkolo nokunqula; 5–8, Bonke abantu bamele ukuxhasa oorhulumente babo baze banike imbeko nentlonelo emthethweni; 9–10, Amaziko onqulo akamelanga ukusebenzisa amagunya oburhulumente; 11–12, Abantu bayalungisa ukukhusela iziqu zabo neepropati zabo.

1 Siyakholwa ukuba aoorhulumente bamiselwa nguThixo ukunceda uluntu; kwaye wenza abantu bbaziphendulele ngezenzo zabo ezinxulumene nabo, kunye ekwenzeni imithetho nokuyisebenzisela, ukulunga nokhuseleko loluntu.

2 Siyakholwa ukuba akukho rhulumente unako ukubakho eseluxolweni, ngaphandle kokuba imithetho enjalo inesakhelo kwaye igcine ngokungaphungulwanga njengoko iya kuqinisekisa komnye oyedwa ukwenza ainkululeko byokucinga neyonqulo, ilungelo nolawulo lwepropathi, cnokhuseleko lobomi.

3 Siyakholwa ukuba bonke oorhulumente ngokuyimfuneko bafuna amagosa aoburhulumente noomantyi ukunyanzelisa imithetho yabafanayo; kwaye abo banjalo njengoko beya kunika umthetho ngobulungisa kwaye ubulungisa bumele ukufunwa nokuxhasa ngelizwi labantu ukuba yiriphabliki, okanye intando yombuso ozimeleyo.

4 Siyakholwa ukuba unqulo lumiselwe nguThixo; nokokuba abantu baphendula kuye, kwaye kuye kuphela, ngokusetyenziswa kwalo, ngaphandle kokuba iimbono zabo zenkolo zibaqhubela ekungeneleleni kumalungelo neenkululeko zabanye; kodwa asikholelwa ukuba umthetho wabantu unelungelo lokungenelela ekumiseleni imithetho ayonqulo ilawule ibophelele izazela zabantu, nakunyanzela iindlela zokuyalela umthandazo osesidlangalaleni nowangasese; kuba umantyi woburhulumente uphelisa ulwaphulo-mthetho, kodwa akangeze alawule sazela; umele ukohlwaya onetyala, kodwa akangeze acinezele inkululeko yomphefumlo.

5 Siyakholwa ukuba bonke abantu babophelelekile ekugcineni nokuxhasa oorhulumente abohlukahlukeneyo apho bahlala khona, ekubeni bekhuselekile kumalungelo abo kawonke-wonke nangenako ukuhluthwa ngumthetho oorhulumente abanjalo; kwaye ukuxhokonxa imfazwe anovukelo azivumelekanga njalo ke wonke ummi ukhuselekile, kwaye umele ukohlwaywa ngokufanelekileyo; nokokuba bonke oorhulumente banelungelo lokuwisa imithetho enjalo ngokungathi zizigwebo ezizezabo babalelwa ekubeni ngabagqibeleleyo ekukhuseleni intando kawonke-wonke; ngaxesha linye, nangokunjalo bagcine inkululeko yokucinga neyonqulo inyulu.

6 Siyakholwa ukuba wonke umntu umele ukunikwa imbeko kwiofisi yakhe, abalawuli noomantyi ngokunjalo, kuba bebekelwe ukhuseleko labamsulwa nokohlwaywa kwabanetyala; nokokuba aemithethweni yabo bonke abantu batyala imbeko nentlonelo, njengokuba ngaphandle kwazo uxolo nemvisiswano ziya kuthathelwa indawo kukungabi nalawulo naloyiko; imithetho yabantu imiselwe ngokukodwa injongo yokulawula imidla yethu njengababodwa nanjengezizwe, phakathi komntu nomntu; kwaye imithetho enyulu inikwe ezulwini, imisela imithetho kwizinto ezixhalabisayo zomoya, zokholo nonqulo, kunye ziphendulwe ngumntu kuMdali wakhe.

7 Siyakholwa ukuba abalawuli, iziteyiti, noorhulumente banelungelo, kwaye babophelelekile ekuwiseni imithetho ngenxa yokhuseleko lwabo bonke abemi ekwenzeni ngokukhululekileyo kwinkolo yabo yonqulo; kodwa asikholelwa ukuba banelungelo ngokobulungisa ukuhlutha abemi eli lungelo lilodwa, okanye ukubathintela kwiimbono zabo, ngaphandle ke bakhathalela nenzolo ezibonakaliswe emithethweni kwaye iimbono ezinjalo zonqulo azithetheleli kuxhokonxwa kwemfazwe nayelenqe.

8 Siyakholwa ukuba ukwenza ulwaphulo mthetho lumele aukohlwayelwa ngokunxulumene nemo yetyala; ukuze ubugebenga, ungcatsho-mbuso, ukuphanga, ubusela, nokwaphula uxolo jikelele, kuzo zonke iindlela, zimele ukohlwayelwa ngemithetho yaloo rhulumente apho ityala belenziwe; ngokwemo yawo yolwaphulo mthetho nemikhwa yawo yobubi phakathi kwabantu, nangenxa yoxolo lukawonke-wonke nenzolo bonke abantu bamele ukuza ngaphambili baze basebenzise amandla abo ekuziseni aboni ekohlwayweni ngokuchasene nemithetho elungileyo.

9 Asikholwa ukuba kulungile ukuxuba impembelelo yonqulo kunye norhulumente woluntu, ngokuthi unqulo loluntu olunye lukhathazwe kuze olunye luthintelwe kumalungelo alo awodwa omoya, kwaye amalungelo oyedwa amalungelo awo, njengabemi, alelwe.

10 Siyakholwa ukuba lonke uluntu olunqulayo lunelungelo lokuphatha amalungu alo ngokwemithetho nemimiselo yoluntu olunjalo; ngenxa yokuziphatha okungalawulekiyo, ngaphandle kokuba ukuziphatha okunjalo kube kokobudlelwana nokuma okulungileyo; kodwa asikholelwa ukuba naluphina uluntu olunqulayo lunegunya lokugweba abantu kwilungelo lepropati okanye ubomi, ukuthatha kubo izinto zeli hlabathi, okanye ukubabeka engozini yobomi okanye ilungu, okanye ukubeka nasiphina isohlwayo somzimba phezu kwabo. Banganako kuphela aukubasika eluntwini lwabo, baze bazirhoxise kubudlelwana babo.

11 Siyakholwa ukuba abantu bamele ukubhenela kumthetho woluntu ukuqwalasela kwakhona kwezinto zonke ezingalunganga nezikhalazo apho ukuhlukunyezwa komntu kusenziwa okanye ilungelo lepropati okanye lwesimo somntu lisaphulwa, apho imithetho enjalo ibakho njengoko iya kukhusela okufanayo; kodwa sikholelwa ukuba bonke abantu banesizathu sokukhusela iziqu zabo, abahlobo babo, nepropati, norhulumente, kuhlaselo olungekho mthethweni nokugabadela kwabo bonke abantu ngamaxesha onxunguphalo, apho isibheno esikhawulezileyo singenako ukwenziwa emithethweni, nesiqabu sinikwe.

12 Siyakholwa ukuba kulungile aukushumayela ivangeli kuzo zonke izizwe zomhlaba, nokulumkisa amalungisa asindise iziqu zawo ekonakaleni kwehlabathi; kodwa asikholwa ukuba kulungile ukuphazamisana nezicaka ezingahlawulwayo, nakushumayela vangeli kuzo, nakuzibhaptiza ngokuphikisana nentando nomnqweno wabaphathi bazo, nakugxuphuleka okanye uziphembelele kokona kuncinane ekubabangeleni bangoneliseki ziimeko zabo kobu bomi, nangokwenzakalisa ubomi babantu; ukuphazamisa okunjalo sikholelwa ekubeni akukho mthethweni kwaye akulunganga, kwaye kuyingozi eluxolweni lorhulumente wonke kuvumela uluntu lubanjwe ebukhobokeni.