Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 133


Icandelo 133

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Novemba 3, 1831. Etshayelela esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza nje, “Ngeli xesha kwakukho izinto ezininzi aBadala abanqwenela ukuzazi ngokunxulumene nokushumayela iVangeli kubemi bomhlaba, nangokunxulumene nokuhlanganisela; nokokuze bahambe ngokukhanya okuyinene, baze bayalelwe ngokuvela phezulu, ngowe-3 kaNovemba, 1831, ndabuza eNkosini kwaye ndafumana isityhilelo esilandelayo esibalulekileyo.” Eli candelo kuqala lalidityaniswe kwincwadi yeMfundiso neMinqophiso njengesihlomelo kwaye kamva lanikwa inombolo yecandelo.

1–6, AbaNgcwele bayalelwe ukulungiselela ukuBuya kweSibini; 7–16, Bonke abantu bayalelwe ukuba basabe ukusuka eBhabhilon, baye eZiyon, baze balungiselele umhla omkhulu weNkosi; 17–35, Iya kuma eNtabeni yeZiyon, amazwekazi aya kuba lilizwe elinye, kwaye izizwe ezalahlekayo zikaSirayeli ziya kubuya; 36–40, Ivangeli yabuyiselwa ngoJoseph Smith ibe nokushunyayelwa kulo lonke ihlabathi; 41–51, INkosi iya kuhla phezu kwabakhohlakeleyo inempindezelo; 52–56, Iya kuba ngunyaka wabakhululekileyo Bayo; 57–74, Ivangeli imele ukuthunyelwa ngaphambili ukusindisa abaNgcwele nokutshabalalisa abakhohlakeleyo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, itsho iNkosi uThixo wenu, nize nive ilizwi leNkosi ngokunxulumene nani—

2 INkosi eya akuza ngokukhawuleza etempileni yayo; iNkosi eya kuza ezantsi phezu kwehlabathi ngesiqalekiso bemgwebeni; ewe, phezu kwazo zonke izizwe ezingahloneli Thixo, naphezu kwabo bonke abakhohlakeleyo phakathi kwenu.

3 Kuba iya akuyityhila ingalo yayo engcwele emehlweni azo zonke izizwe, kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona busindiso lukaThixo wazo.

4 Ngako oko, zilungiseleleni, zilungiseleleni, Owu bantu bam; zingcwaliseni; zihlanganiseni kunye, Owu bantu bebandla lam, phezu komhlaba weZiyon, nonke nina ningayalelwanga ukuba nihlale.

5 Phumani ngaphandle akweBhabhilon. bCocekani nina eniphethe izitya zeNkosi.

6 Bizani iintlanganiso zenu ezindilisekileyo, kwaye athethani rhoqo omnye komnye. Kwaye wonke umntu makabize phezu kwegama leNkosi.

7 Ewe, inene ndithi kuni kwakhona, ixesha lifikile xa ilizwi leNkosi likuni: Phumani ngaphandle kweBhabhilon; azihlanganiseni ngaphandle phakathi kwezizwe, niphume bkumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni sezulu kuse kwesinye.

8 aThumelani ngaphambili abadala bebandla lam ezizweni ezikude, bkwiziqithi zolwandle; thumelani ngaphambili emazweni asemzini; bizani zonke izizwe, kuqala phezu ckweeNtlanga, ngoko naphezu dkwamaYuda.

9 Kwaye qaphelani, kwaye yabonani, oku kuba kukumemeza kwabo, nelizwi leNkosi kubo bonke abantu: Yiyani ngaphambili emhlabeni weZiyon, ukuze imida yabantu bam ibe nokwandiswa, nokokuze aiziteyki zayo zibe nokomelezwa, nokokuba biZiyon ibe nokuhambela phambili ukuya kwiingingqi ezingqongileyo.

10 Ewe, ukumemeza makuhambele phambili phakathi kwabo bonke abantu: Vukani kwaye phakamani, nize nize ngaphambili nikhawulele auMyeni; qaphelani kwaye yabonani, uMyeni uyeza; phumani niye kumkhawulela. Zilungiseleleni umhla bomkhulu weNkosi.

11 aPhaphamani, ke ngoko, ngokuba bningayazi imini kwanalo ilixa.

12 Bavumeleni bona, ke ngoko, aabaphakathi kweeNtlanga, basabele beZiyon.

13 Kwaye nivumele abo aingabakaYuda basabele beYerusalem cezintabeni dzendlu yeNkosi.

14 Phumani ngaphandle phakathi kwezizwe, nkqu ukusuka eBhabhilon, nisuke esazulwini senkohlakalo, eyiBhabhilon yomoya.

15 Kodwa inene, itsho njalo iNkosi, ukusaba kwenu makungabi angobuphuthuphuthu, kodwa zonke izinto mazilungiswe phambi kwenu; kwaye lowo uhambayo, bmakangajongi ngemva hleze intshabalalo ekhawulezileyo ibe iya kuza phezu kwakhe.

16 Phulaphulani kwaye nimamele, Owu nina bemi bomhlaba. aMamelani, kunye nina badala bebandla lam, kwaye nive ilizwi leNkosi; kuba ibiza bonke abantu, kwaye iyalela bonke abantu bbaguquke endaweni zonke.

17 Kuba qaphelani, iNkosi uThixo aithumele ngaphambili ingelosi imemeza esazulwini samazulu, isithi: Yilungiseni indlela yeNkosi, kwaye bniwutyeneneze umendo wayo, kuba ilixa clokuza kwayo likufuphi—

18 Xa aiMvana iya kuma phezu bkweNtaba yeZiyon, kunye nayo cikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.

19 Ngako oko, lungiselelani aukuza bkoMyeni, phumani, phumani niye kumkhawulela.

20 Kuba qaphelani, iya akuma phezu kwentaba yemiNquma, naphezu kolwandlekazi olunamandlakazi, nkqu inzulu enkulu, naphezu kweziqithi zolwandle, naphezu komhlaba weZiyon.

21 Kwaye iya akukhupha ilizwi layo ngaphandle bkweZiyon, kwaye iya kuthetha ivela eYerusalem, kwaye ilizwi layo liya kuviwa phakathi kwabo bonke abantu;

22 Kwaye iya kuba alilizwi elinjengesandi samanzi amaninzi, nanjengesandi bsendudumo enkulu, eliya ckuqhekeza iintaba, kwaye iintlambo azisayi kufunyanwa.

23 Iya kuyalela inzulu enkulu, kwaye iya kuqhutyelwa ngasemva emazweni asemantla, aneziqithi ziya kuba lilizwe elinye;

24 Kwaye ilizwe alaseYerusalem nelizwe leZiyon iya kujikelwa emva kwindawo eyiyeyawo, kwaye umhlaba uya kuba njengoko wawunjalo kwimihla ephambi kokuba bwahlulwe.

25 Kwaye iNkosi, nkqu uMsindisi, iya kuma esazulwini sabantu bayo, kwaye iya akulawula phezu kwayo yonke inyama.

26 Kwaye abo abasemazweni asemantla baya kukhumbula phambi kweNkosi; nabaprofeti babo baya kuliva ilizwi lakhe, kwaye abasayi kuba sazinqanda; kwaye baya kuwabetha kabukhali amawa, nomkhenkce uya kuqukuqela ebusweni babo.

27 Kwaye aindlela ephezulu iya kuphoselwa esazulwini senzonzobila.

28 Iintshaba zabo ziya kuba lixhoba kubo,

29 Kwaye akwiintlango ezingumqwebedu kuya kuza ngaphambili amaqula amanzi aphilileyo; nomhlaba obharhileyo awusayi kuba saba ngumhlaba onxaniweyo.

30 Kwaye baya kuzisa ngaphambili iindyebo zabo zobutyebi ebantwaneni abakaEfrayim, izicaka zam.

31 Kwaye aimida yeenduli zanaphakade iya kungcangcazela ebusweni babo.

32 Kwaye apho baya kuwa phantsi baze bathweswe ngozuko, nkqu eZiyon, ngezandla zezicaka zeNkosi, nkqu abantwana bakaEfrayim.

33 Kwaye baya kuzaliswa angeengoma zovuyo lwanaphakade.

34 Qaphelani, le yintsikelelo kaThixo wanaphakade phezu akwezizwe zikaSirayeli, nentsikelelo etyebe ngakumbi phezu kwentloko bkaEfrayim namaqabane akhe.

35 Nabo kanjalo besizwe asikaYuda, emva kwentlungu yabo, baya kungcwaliswa bebungcweleni phambi kweNkosi, baze bahlale ebusweni bayo imini nobusuku, ngonaphakade kanaphakade.

36 Kwaye ngoku, inene itsho iNkosi, ukuze ezi zinto zibe nokwazeka phakathi kwenu, Owu bemi bomhlaba, ndithumele ngaphambili aingelosi yam ibhabha kuso isazulu samazulu, binevangeli yanaphakade, eya kubonakala kwabathile kwaye iyinika ebantwini, iya kubonakala kwabaninzi abahlala emhlabeni.

37 Kwaye le avangeli iya bkushunyaybelwa kuso cisizwe ngasinye, nesalamane, nolwimi, nabantu.

38 Kwaye izicaka zikaThixo ziya kuya ngaphambili, zisithi ngelizwi elikhulu: Moyikeni uThixo nimzukise, ngokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe;

39 Kwaye animnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi—

40 Zobiza phezu kwegama leNkosi imini nobusuku, zisithi; Owu wanga aungawakrazula amazulu, wanga ungehla, ukuze iintaba zibe nokuzamazama ebusweni bakho.

41 Kwaye kuya kuphendulelwa phezu kweentloko zazo; kuba ubuso beNkosi buya kuba njengomlilo ovuthayo, nanjengomlilo auxhaphazelisa amanzi.

42 Owu Nkosi, wanga ungehla ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, nezizwe zonke ziya kugungqa ebusweni bakho—

43 Xa usenza imisebenzi eyoyikekayo, ebesingayilindele;

44 Ewe, xa uhlayo, neentaba zizamazama ebusweni bakho, uya akumkhawulela onemihlali abe enze ubulungisa, lowo ekukhumbule ezindleleni zakho.

45 Kuba ukususela ekuqalekeni kwehlabathi abantu abevanga bengamamelanga ngendlebe, kungekho naliso libonileyo, Owu Thixo, ngaphandle kwakho, zinkulu izinto aomenzelayo lowo bulindele kuwe.

46 Kwaye kuya kuthiwa: aNgubani na lo buza evela kuThixo ezulwini zibomvu iingubo zakhe; ewe, evela kwimimandla engaziwayo, eyingangamsha kwisambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe?

47 Kwaye uya kuthi: Ndim mna uthetha ngobulungisa, mkhulu ekusindiseni.

48 Kwaye iNkosi iya kuba ayingqombela kwisambatho sayo, neengubo zayo zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini.

49 Kwaye luya kuba lukhulu njalo uzuko lobuso bayo ngokuba ailanga liya kufihla ubuso balo luneentloni, nenyanga iya kubamba ukukhanya kwayo, neenkwenkwezi ziya kuziphosa zisuke kwiindawo zazo.

50 Kwaye ilizwi layo liya kuviwa: aIsixovule ndisixovule ndedwa, kwaye ndizise umgwebo phezu kwabo bonke abantu; kuba akubangakho bani ubenam;

51 Kwaye ndizinyhashe ebushushwini, kwaye ndazixovula ndinomsindo, kwaye igazi lazo aladyobha, iingubo zam kwaye ndazidyobha zonke iimpahla zam; kuba lo yayingumhla wempindezelo obusentliziyweni yam.

52 Kwaye ngoku unyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile; kwaye buya kukhankanya ububele obuthandekayo beNkosi yabo, nako konke ekunikele phezu kwabo ngukokulunga kwayo, nangokunxulumene nobubele bayo, ngonaphakade kanaphakade.

53 aEkubandazelekeni kwabo konke wabandezeleka. Nengelosi yobuso bakhe yabasindisa; bekubathandeni kwakhe, nasekubacengeni kwakhe, cwabakhulula, kwaye wabafunqula, waza wabathwala yonke imihla yasephakadeni;

54 Ewe, auEnoki kanjalo, nabo babekunye naye; abaprofeti ababengaphambi kwakhe; bnoNowa kanjalo, nabo babengaphambi kwakhe; cnoMoses kanjalo, nabo babengaphambi kwakhe;

55 Kwaye ukusuka kuMoses kuye kuEliya, nokusuka kuEliya kuye kuYohane, ababekunye noKrestu aeluvukweni lwakhe, abapostile abangcwele, kunye noAbraham, uIsake, noYakobi, bakuba sebusweni beMvana.

56 Kwaye aamangcwaba babangcwele aya ckuvuleka; kwaye baya kuza ngaphambili baze beme dekunene kweMvana, xa iyakuma phezu ekweNtaba yeZiyon, naphezu kwesixeko esingcwele, feYerusalem eNtsha; kwaye baya kucula gingoma hyeMvana, imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.

57 Kwaye ngenxa yale njongo, ukuze abantu babe nokwenziwa abathathi nxaxheba anobuqaqawuli obuya kutyhilwa, iNkosi yathumela ngaphambili ukuzalisekiswa bkwevangeli yayo, umnqophiso wayo wanaphakade, iqiqa ngokucacileyo nangokulula—

58 Ilungiselela ababuthathaka ezo zinto zizayo emhlabeni, nomsebenzi weNkosi ngomhla xa aababuthathaka beya kubhidanisa izilumko, bnomncinane abe sisizwe esinamandla, kwaye cababini baya kugxotha amawaka alishumi.

59 Kwaye ngezinto ezibuthathaka zomhlaba iNkosi iya akubhula izizwe ngamandla oMoya wayo.

60 Kwaye ngale njongo le miyalelo yanikwa; yayinikelwe ukugcinwa ehlabathini ngomhla eyayinikwe ngayo, kodwa ngoku imele aukuya phambili kuyo byonke inyama—

61 Noku ngokunxulumene nengqondo nentando yeNkosi, elawula phezu kwayo yonke inyama.

62 Naphezu kwalowo auguqukayo bnozingcwalisayo phambi kweNkosi uya kunikwa cubomi obunganaphakade.

63 Naphezu kwabo aabangaliphulaphuliyo ilizwi leNkosi baya kuzalisekisa oko kwaku bhalwe ngumprofeti uMoses, nokuba baya bkusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu.

64 Kananjalo oko kubhalwe ngumprofeti auMalaki: Kuba, qaphelani, biyeza imini cevutha njengeziko, kwaye bonke abanekratshi, ewe nabenzi bonke bokungendawo, baya kuba ziindiza; kwaye imini ezayo iya kuba lenya, itsho iNkosi yemikhosi, okokuba ayisayi kushiya ngcambu nasebe.

65 Ngako oko, oku kuya kuba yimpendulo yeNkosi kubo:

66 Ngalo mini xa ndeza kwabangabam, akukho namnye phakathi kwenu aowandamkelayo, kwaye nanigxothelwe ngaphandle.

67 Xa ndabizayo kwakhona akuzange kubekho namnye ungowenu usabelayo; nangona aingalo yam ingemfutshane kakhulu ukuba ingakhululi, bnamandla okuhlangula.

68 Qaphelani, ngokukhalima kwam andomisa ulwandle. Imilambo ndiyenza intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ziyafa kukunxanwa.

69 Ndambesa amazulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo sawo.

70 Kwaye aoku niya kufumana esandleni sam—niya kulala phantsi ninembulaleko.

71 Qaphelani, kwaye yabonani, akukho bani oya kunihlangula; kuba anilithobelanga ilizwi lam xa ndanibizayo ndisemazulwini; anizikholelwanga izicaka zam, xa aazazithunywe kuni anizange nizamkele.

72 Ngako oko, azatywina ubungqina zaza zabopha umthetho, yaye anihlangulwanga phezu kobumnyama.

73 Aba baya kumka bakhutshelwe ebumnyameni obungaphandle, khona apho kuya kubakho aisijwili nokutshixiza kwamazinyo.

74 Qaphelani iNkosi uThixo wenu ikuthethile. Amen.