Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 11


Icandelo 11

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kumntakwabo uHyrum Smith, eHarmony, ePennysylvania, Meyi 1829. Esi sityhilelo safunyanwa ngeYurim neTumim kuphendulwa isicengo nombuzo kaJoseph. Imbali kaJoseph icebisa okokuba esi sityhilelo safunyanwa emva kobuyiselo loBubingeleli buka-Aron.

1–6, Abasebenzi esidiliyeni baya kuzuza usindiso; 7–14, Funa ubulumko, dandulukela inguquko, thembela eMoyeni; 15–22, Gcina imiyalelo, uze ufunde nzulu ilizwi leNkosi; 23–27, Ungawukhanyeli umoya wesityhilelo nowesiprofetho; 28–30, Abo bamkela uKrestu baba ngoonyana bakaThixo.

1 Umsebenzi aomkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze ngaphambili phakathi kwabantwana babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika ainyameko belizwini lam, elikhawulezayo cnelinamandla, delibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko elizwini lam.

3 Qaphela, intsimi aivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, nabani na onqwenela ukuvuna makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze bagcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso clwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, nabani na oya kuphosa airhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya akucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Ngoku, ukufuna ucelile, qaphela, ndithi kuwe, gcina imiyalelo yam, uze ufune ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo ayeZiyon.

7 Musa ukungxamela aubutyebi kodwa mayibe bbubulumko; kwaye, qaphela, iimfihlelo zikaThixo ziya kutyhilwa kuwe, kwaye ngoko uya kwenziwa isityebi. Qaphela, lowo unobomi obungunaphakade usisityebi.

8 Inene, inene, ndithi kuwe, kwanajengokuba unqwenela okwam oko kuya kuba njalo kuwe; kwaye, ukuba uyanqwenela, uya kuba yindlela yokwenza okulunge ngakumbi kwesi sizukulwana.

9 aMusa ukuthetha nto kodwa binguquko kwesi sizukulwana. Gcina imiyalelo yam, uze uncedise ekuziseni ngaphambili umsebenzi wam, cngokunxulumene nemiyalelo yam, kwaye uya kusikelelwa.

10 Qaphela, wena aunesipho, okanye wena uya kuba nesipho ukuba uya kunqwenela okwam uselukholweni, bngentliziyo enyanisekileyo, ukholelwa emandleni kaYesu Krestu, okanye emandleni wam athetha kuwe;

11 Kuba, qaphela, ndim lowo uthethayo; qaphela, andikukukhanya okukhanya ebumnyameni, kwaye bngamandla wam ndinikela la mazwi kuwe.

12 Kwaye ngoku, inene, inene, ndithi kuwe, beka aithemba lakho kuloo bMoya okhokelela ekwenzeni ukulunga—ewe, wenze ngobulungisa, cuhambe dngokuthobekileyo, eugwebe ngobulungisa; kwaye oku kunguMoya wam.

13 Inene, inene, ndithi kuwe, ndiya kunikela kuwe okoMoya wam, okuya akukhanyisela bingqondo yakho, okuya kuzalisa umphefumlo wakho cngovuyo;

14 Kwaye ngoko uya kwazi, okanye ngoku uya kwazi, zonke izinto naziphina ozinqwenelayo zam, ezinxulumene kwizinto azobulungisa, uselukholweni ukholelwa kum ezo uya kuzizuza.

15 Qaphela, ndikuyalela okokuba ufanele ukuba ungathelekeleli okokuba ubizelwe ukushumayela ude ube aubiziwe.

16 Linda kancinane nje ithuba elingelide, ude ube uya kuba nelizwi lam, aulwalwa lwam, ibandla lam, nevangeli yam, okokuba ube nokwazi okuqinisekileyo kwemfundiso yam.

17 Kwaye ngoko, qaphela, ngokunxulumene neminqweno yakho, ewe, nkqu nangokunxulumene naselukholweni lwakho kuya kwenziwa kuwe.

18 Gcina imiyalelo yam; bamba uxolo lwakho; bhenela eMoyeni wam;

19 Ewe, anamathela kum ngentliziyo yakho yonke, ukuze ube nokuncedisa ekuziseni ekukhanyeni ezo zinto ekuthethwe ngazo—ewe, uguqulelo lo msebenzi wam; yiba nomonde ube uya kuwufeza.

20 Qaphela, lo ngumsebenzi wakho, aukugcina imiyalelo yam, ewe, ngamandlakazi enu, ingqondo nokomelela.

21 Musa ukufuna ukubhengeza ilizwi lam, kodwa kuqala funa aukuzuza ilizwi lam, kwaye ngoko ulwimi lwakho luya kukhululwa; ngoko ke, ukuba uyanqwena, uya kuba noMoya wam nelizwi lam, ewe, amandla kaThixo ekuqinisekiseni kwabantu.

22 Kodwa ngoku bamba uxolo lwakho; funda nzulu ailizwi lam elithe leza ngaphambili phakathi kwabantwana babantu, kananjalo bfunda nzulu cilizwi lam eliya kuza ngaphambili phakathi kwabantwana babantu, okanye elo ngoku liguqulelwayo, ewe, ude ube uzuze konke oko ndiya dkukunika abantwana babantu kwesi sizukulwana, kwaye ngoko zonke izinto ziya kongezwa apho.

23 Qaphela wena aHyrum, nyana wam; bfuna ubukumkani bukaThixo, kwaye zonke izinto ziya kongezelwa ngokunxulumene noko kulungileyo.

24 aYakhela phezu kolwalwa lwam, boluyivangeli yam;

25 Ungawukhanyeli umoya awesityhilelo, nomoya bwesiprofetho, kuba yeha kulowo ukhanyela ezi zinto;

26 Ke ngoko, alondoloza entliziyweni yakho kude kube lixesha elisebulumkweni bam lokokuba uya kuya ngaphambili.

27 Qaphela, ndithetha kubo bonke abo baneminqweno elungileyo, kwaye bathe abaphosela iirhengqe zabo ekuvuneni.

28 Qaphela, andinguYesu Krestu, uNyana kaThixo. Ndibubomi bnokukhanya kwehlabathi.

29 Ndikwanguye owathi weza kwabangabakhe, kwaye abangabam abandamkelanga;

30 Kodwa inene, inene, ndithi kuwe, njengokuba abaninzi bandamkelayo, ndiya kubanika aamandla wokokuba babe bngoonyana bakaThixo, nkqu nakwabo bakholelwa egameni lam. Amen.