Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 101


Icandelo 101

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Disemba 16 no17, 1833. Ngeli xesha abaNgcwele ababehlanganisene eMissouri babebandezeleke yintshutshiso enkulu. Amaqela ezaphuli-mthetho abakhuphela ngaphandle kwamakhaya abo eJackson Khawunti; kwaye abanye babaNgcwele babelinge ukuzizinzisa kwiiKhawunti iVan Buren, Lafayette, neRay, kodwa intshutshiso yabalandela. Iqela eliyintloko labaNgcwele ngeloo xesha elaliseClay Khawunti, Missouri. Izoyikiso zokubulala abathile beBandla zazininzi. AbaNgcwele babelahlekelwe yifenitshala yezindlu, impahla yokunxiba, imfuyo, nenye ipropathi yabathile; nokuninzi kwezilimo zabo kwakutshatyalalisiwe.

1–8, AbaNgcwele bayohlwaywa baze babandezeleke ngenxa yezigqitho zabo; 9–15, Umsindo weNkosi uya kuwa phezu kwezizwe, kodwa abantu Bayo baya kuhlanganiswa baze bathuthuzelwe; 16–21, IZiyon neziteyki zayo ziya kumiswa; 22–31, Uhlobo lobomi ngethuba leMileniyam luyacaciswa; 32–42, AbaNgcwele ngoko baya kusikelelwa baze bavuzwe; 43–62, Umzekeliso wendoda ethile elinene nemithi yominquma ubonisa iinkathazo nenkululeko elandelayo yeZiyon; 63–75, AbaNgcwele bamele ukuqhubeka behlanganisana kunye; 76–80, INkosi yaseka iMithetho yolawulo loMdibaniso waMazwe aseAmerika; 81–101, AbaNgcwele bancekelela ukulungisa izikhalazo, ngokunxulumene nomzekeliso womfazi nomgwebi ongalungileyo.

1 Inene ndithi kuni, ngokunxulumene nabazalwana benu ababandezekileyo, anabatshutshiswayo, bnabakhutshelwe ngaphandle emhlabeni welifa labo—

2 Mna, iNkosi, ndiyekele aimbandezelo ize phezu kwabo, ababandezeleke kuyo, ngenxa byezigqitho zabo;

3 Kuba ndiya kubabanga, kwaye baya kuba angabam kuyo loo mini xa ndiya kuza kwenza amatye anqabileyo am.

4 Ke ngoko, bamele ukuba abohlwaywe baze balingwe, nkqu bnjengoAbraham, owayalelwayo anikele unyana wakhe ekuphela kwakhe.

5 Kuba bonke abo bangayi kunyamezela ukuhloywa, kodwa abandikhanyele, abanako bukungcwaliswa.

6 Qaphelani, ndithi kuni, kwakukho ukutswina, aneembambano, bnomona, nokruthakruthwano, neminqweno cyenkanuko nokunyoluka phakathi kwabo; ke ngoko ngezi zinto bangcolise amafa abo.

7 Babecothile aukuphulaphula elizwini leNkosi uThixo wabo; ke ngoko, iNkosi uThixo wabo uyacotha ukumamela imithandazo yabo, ukubaphendula ngemini yengxaki yabo.

8 Kuyo imini yoxolo lwabo bayithatha lula ingcebiso yam; kodwa, kuyo imini ayengxaki yabo, yemfuneko bbayandiphuthaphutha.

9 Inene ndithi kuni, nangona benezono zabo, izibilini zam zizaliswe ayimfesane ngakubo. Andisayi bkubaphosela nje ngaphandle; kwaye kuyo imini cyomsindo ndiya kukhumbula inceba.

10 Ndifungile, kwaye ummiselo uye ngaphambili ngomyalelo wakuqala endininike wona, okokuba ndiya kuwisa aikrele lokucaphuka kwam ngenxa yabantu bam; nkqu nanjengokuba nditshilo, kuya kwenzeka.

11 Ukucaphuka kwam kukufutshane kuthululelwe ngaphandle ngokungenamlinganiselo phezu kwazo zonke izizwe; kwaye oku ndiya kukwenza xa indebe yobugwenxa babo aizele.

12 Kwaye kuyo loo mini bonke abafunyenwe phezu akwencopho-yokulinda okanye ngamanye amazwi, wonke uSirayeli wam, uya kusindiswa.

13 Kwaye bonke ababesasaziwe baya akubuthwa.

14 Kwaye bonke aababelila baya kuthuthuzelwa.

15 Kwaye bonke ababenikele angobomi babo ngenxa yegama lam baya kuthweswa isithsaba.

16 Ke ngoko, mazithuthuzeleke iintliziyo zenu ngokunxulumene neZiyon; kuba yonke inyama aisezandleni zam; zolani nize bnazi ukuba ndinguThixo.

17 aIZiyon ayisayi kususwa endaweni yayo, nangona abantwana bayo besasazekile.

18 Abo baseleyo, kwaye behlambulukile entliziyweni, baya kubuyela, baze beze aemafeni abo, bona nabantwana babo, bngeengoma zovuyo lwanaphakade, cbakhe iindawo zeZiyon ezonakeleyo—

19 Nazo zonke ezi zinto ukuze abaprofeti babe nokuzalisekiswa.

20 Kwaye, qaphelani, akukho nanye aindawo eyenye eyanyuliweyo kunaleyo endiyanyulileyo; kungasayi kubakho nayiphina enye indawo eyanyuliweyo, ingeyiyo leyo ndiyanyulele umsebenzi wokubutha abangcwele bam—

21 Kude kube imini iyeza xa kungafumaneki gumbi labo; ndaye ngoko ndinezinye iindawo endiya kuzanyulela bona, kwaye ziya kubizwa aiziteyki, zisenzelwa ukugquma okanye ukomelela kweZiyon.

22 Qaphelani, yintando yam, okokuba bonke abo bazibiza egameni lam, kwaye benqula mna ngokunxulumene nevangeli yam yanaphakade, bamele aukuhlanganisana kunye, baze bbeme kwiindawo ezingcwele;

23 Kwaye lungiselelani isityhilelo esizayo, xa aisigqubuthelo sokugquma itempile yam, emnqubeni wam, esifihla umhlaba, siya kuthathwa, kwaye inyama yonke iya bkundibona kunye.

24 Kwaye yonke into aenokonakaliswa, kunye eyomntu, okanye eyezilo eziphilileyo zasendle, okanye eyeentaka zamazulu, okanye eyeentlanzi zaselwandle, ehlala phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba, iya bkunqanyulwa;

25 Kananjalo oko kwesiqalelo kuya akunyibilika bubushushu obushushu; kwaye zonke izinto ziya kuba bntsha, ukuze ulwazi lwam cnobuqaqawuli bube nokuhlala phezu komhlaba wonke.

26 Kwaye kuyo loo mini aubutshaba bomntu, nobutshaba bezilo, ewe, ubutshaba bayo yonke inyama, buya bkuphela phambi kobuso bam.

27 Kwaye kuyo loo mini nawuphina umntu nantonina aya kuyicela, uya kuyinikwa.

28 Kwaye kuyo loo mini auSathana akasayi kuba namandla okuhenda nawuphina umntu.

29 Kwaye akusayi kubakho alusizi ngenxa yokuba akukho kufa.

30 Kuyo loo mini ausana aluyi kufa lude lube ludala; kwaye ubomi balo buya kuba njengobudala bomthi;

31 Kwaye xa lufayo aluyi kulala, oko kukuthi emhlabeni, kodwa luya akuguqulwa ngephanyazo leliso, kwaye luya bkuxwilwa, kwaye intsalela yalo iya kuba bubuqaqawuli.

32 Ewe, inene ndithi kuni, kuyo loo amini xa iNkosi iya kuza, iya bkutyhila zonke izinto—

33 Izinto ezidlulileyo, nezinto aezifihlakeleyo ekungekho mntu wayezazi, izinto zomhlaba, owenziwa ngazo, nenjongo nesiphelo sawo—

34 Izinto ezixabiseke kakhulu, izinto ezingentla, nezinto ezingaphantsi, izinto ezisemhlabeni, neziphezu komhlaba, nezisezulwini.

35 Kwaye bonke ababulalekela aintshutshiso ngenxa yegama lam, baza banyamezela elukholweni, nangona babizelwe ukubeka phantsi ubomi babo bngenxa yam nangona kunjalo baya kuxhamla konke okobu buqaqawuli.

36 Ngako oko, ningoyiki nkqu ukuya aekufeni; kuba kweli hlabathi uvuyo lwenu aluzelanga, kodwa kum buvuyo lwenu luzele.

37 Ke ngoko, musani ukukhathalela umzimba, nabomi bomzimba; kodwa khathalelani aumphefumlo, nobomi bomphefumlo.

38 Kwaye afunani ubuso beNkosi rhoqo, ukuze kuwo bumonde nibe nokubanga imiphefumlo yenu, kwaye niya kuba nobomi obungunaphakade.

39 Xa abantu bebizelwe akwivangeli yam yanaphakade, baze banqophisa ngomnqophiso wanaphakade, babalwa bnjengetyuwa yomhlaba nesongo sabantu;

40 Babizelwe ukuba sisongo sabantu; ke ngoko, ukuba loo tyuwa yomhlaba iphelelwa yincasa yayo, qaphelani, kungoko ayisalungele nto kuphela kukulahlewa phandle ize inyathelwe phantsi kweenyawo zabantu.

41 Qaphelani, nabu ubulumko ngokunxulumene nabantwana beZiyon nkqu abaninzi, kodwa ingengabo bonke; bafunyanwa bengaboni, ke ngoko bamele ukuba abohlwaywe—

42 Lowo auzikhukhumalisayo uya kuthotywa, kwaye lowo buzithobayo uya kuphakanyiswa.

43 Kwaye ngoku, ndiya kunibonisa umzekeliso, ukuze nibe nokuyazi intando yam ngokunxulumene nenkululeko yeZiyon.

44 Indoda ethile aelinene yayinendawo yomhlaba, eyiyeyona ikhethekileyo, yaza yathi kwizicaka zayo: Yiyani besidiliyeni sam, nkqu kule ndawana eyiyeyona ikhethekileyo yomhlaba, nize nilime imithi elishumi elinesibini yeminquma;

45 Nize nimise aababoniseli bayijikeleze yonke, nize nakhe incopho, ukuze athile abe nokuvelela umhlaba ongqongileyo, abe ngumboniseli phezu kwencopho, ukuze imithi yam yeminquma ingabi nokwaphuka xa utshaba luya kuza ukuyonakalisa luze luthabathele kulo isiqhamo sesidiliya sam.

46 Ngoku, izicaka zendoda elinene zahamba zaza zenza njengoko inkosi yazo yaziyalelayo, kwaye zalima imithi yeminquma, kwaye zakha uthango olurhangqileyo, kwaye zamisa ababoniseli, zaza zaqalisa ukwakha incopho.

47 Kwaye xa zazisabeka isiseko soko, zaqalisa ukuthethana: Ikwa yifunela ntoni inkosi yam le ncopho?

48 Kwaye zacebisana ixesha elide, zisithi phakathi kweziqu zazo: Iyifunela ntoni inkosi yam le ncopho, ibona nje eli lixesha loxolo?

49 Le mali ibingamelanga ukunikwa abatshintshisi? Kuba akukho mfuneko yezi zinto.

50 Kwaye xa zazingavani esinye nesinye zaba nobuvila kakhulu, zaza azamamela kwimiyalelo yenkosi yazo.

51 Kwaye utshaba lweza ngobusuku, lwaza lwaphula authango; zaza izicaka zendoda elinene zavuka kwaye zoyika, zaza zabaleka; kwaye utshaba lwatshabalalisa umsebenzi wabo, lwaza lwaphula imithi yeminquma.

52 Ngoku, qaphelani, indoda elinene, inkosi yesidiliya, yabiza izicaka zayo, kwaye yathi kuzo, Kungani na! yintoni isizathu sale nkohlakalo inkulu?

53 Beningafanelanga na ukuba nenze kwa njengoko ndaniyalelayo, nathi—emva kokulima isidiliya, naza nakha isithintelo esirhangqileyo, naza namisa ababoniseli phezu kweendonga zaso—kanjalo nakha incopho, naza namisa umboniseli phezu kwencopho, naza nalinda isidiliya sam, nibe anilalanga, hleze utshaba lube luyeza phezu kwenu?

54 Kwaye qaphelani, umboniseli phezu kwencopho ngewayelubonile utshaba xa lwalusekude; kwaye ngoko ngenazilungiselelayo naza nalugcina utshaba kude ekwaphuleni isithintelo saso, naza nasindisa isidiliya sam ezandleni zomtshabalalisi.

55 Kwaye inkosi yesidiliya yathi kwesinye sezicaka zayo: Hamba uze ubuthele kunye intsalela yezicaka zam, uze uthabathe akonke ukomelela kwendlu yam, okungamajoni am, amadoda asematsha am, nalawo abudala buphakathi kanjalo phakathi kwezicaka zam zonke, ezikukomelela kwendlu yam, ngaphandle kwezo kuphela endizonyulele ukuhlala;

56 Kwaye hambani kwangoko niye kumhlaba wesidiliya sam, nize nikhulule isidiliya sam, kuba sesam; ndisithenge ngemali.

57 Ke ngoko, hambani kwangoko niye emhlabeni wam; yaphulani iindonga zeentshaba zam; phoselani phantsi incopho yazo, nize nichithachithe ababoniseli bazo.

58 Kwaye njengokuba ziya kuzihlanganisela kunye ngokuchasene nani, andiphindezeleni ezintshabeni zam, ukuze ethubeni ndibe ndinokuza kunye nentsalela yendlu yam ndize ndibange umhlaba.

59 Kwaye isicaka sathi enkosini yaso: Ezi zinto ziya kwenzeka nini?

60 Kwaye yathi esicakeni sayo: Xa ndithanda; hamba ngoko, uze wenze zonke izinto naziphina endikuyaleleyo;

61 Kwaye oku kuya kuba litywina lam nentsikelelo phezu kwakho—aigosa elithembekileyo nelilumkileyo phakathi endlwini yam, bumlawuli ebukumkanini bam.

62 Kwaye isicaka sayo sahamba kwangoko, kwaye senza zonke izinto naziphina inkosi yaso esiyaleleyo; kwaye aemva kweentsuku ezininzi zonke izinto zazalisekiswa.

63 Kwakhona, inene ndithi kuni, ndiya kunibonisa ubulumko obukum ngokunxulumene namabandla onke, njengokuba efuna ukukhokelelwa kwindlela elungileyo nefanele usindiso lwazo—

64 Ukuze umsebenzi wokuzihlanganisela kunye wabangcwele bam ube nokuqhubeka, ukuze ndibe nokuwakhela egameni lam phezu akweendawo ezingcwele; kuba ixesha blokuvuma lifikile, kwaye ilizwi lam limele cukuzaliseka.

65 Ke ngoko, ndimele ukuhlanganisela kunye abantu bam, ngokunxulumene nomzekeliso wengqolowa anomdiza, ukuze ingqolowa ibe nokugcinwa koovimba ukubanga ubomi obungunaphakade, nokuthweswa bngobuqaqawuli beselestiyali, xa ndiya kuza ebukumkanini bukaBawo ndivuze wonke umntu ngokunxulumene nomsebenzi wakhe njengoko uya kuba njalo;

66 Xa umdiza uya kubotshwa ube zizithungu, kwaye iintambo zazo zenziwe zomelele, ukuze zibe anokutshiswa ngomlilo ongacimiyo.

67 Ke ngoko, ndinika umyalelo kuwo onke amabandla, okokuba aya kuqhubeka ukuhlanganiselana kunye ezindaweni endizonyulileyo.

68 Nangona kunjalo, njengokuba nditshilo kuni kumyalelo wokuqala, aukuzihlanganisela kwenu makungabi ngokobuphuthuphuthu, nangokuphaphazela; kodwa zonke izinto mazilungiswe phambi kwenu.

69 Kwaye ukuze zonke izinto zilungiswe phambi kwenu, qwalaselani umyalelo endiwunikileyo ngokunxulumene nezi zinto—

70 Othi, okanye ofundisa, aukuthenga yonke imihlaba ngemali, enako ukuthengwa ngemali, kwingingqi engqonge umhlaba endiwonyulele ukuba ngumhlaba weZiyon, wokuqalisa ukuhlanganisa abangcwele bam;

71 Wonke umhlaba onako ukuthengwa eJackson khawunti, neziphaluka zelizwe ezingqongileyo, kwaye nishiyele intsalela ezandleni zam.

72 Ngoku, inene ndithi kuni, vumelani onke amabandla ahlanganisele kunye zonke iimali zawo; mazenzeke ezi zinto ngexesha lazo, kodwa ingabi angokubuphuthuphuthu; nize niqwalasele ukwenza izinto zonke zilungiswe phambi kwenu.

73 Kwaye vumelani amadoda ahloniphekileyo onyulwe, kwa amadoda alumkileyo, nize niwathume athenge le mihlaba.

74 Kwaye amabandla akumazwe asempumalanga, xa sele okhiwe, ukuba aya kumamela kweli cebiso aya kuba nokuthenga imihlaba aze ahlanganisane kunye phezu kwayo; kwaye ngale ndlela anganokuseka iZiyon.

75 Sele kukho nkqu ngoku kuvimba okwaneleyo, ewe, ukukhulula iZiyon, kwaye kusekwe iindawo zayo ezingumqwebedu, emazingabuyi ziphoselwe phantsi, bezingamabandla azibiza ngegama lam, aafunayo ukumamela ilizwi lam.

76 Kwaye kwakhona ndithi kuni, abo babesasazwe ziintshaba zabo, yintando yam ukuba baqhubekeke ukuncekelelela ukulungisa, nenkululeko, ngezandla zabo babekwe njengabalawuli kwaye basegunyeni phezu kwenu—

77 Ngokunxulumene nemithetho anemigaqo siseko yoluntu, endivumele ukuba imiswe, nokuba ibe nokuxhaselwa bamalungelo nokhuseleko lwayo yonke inyama, ngokunxulumene nemigaqo elungileyo nengcwele;

78 Ukuze wonke umntu abe nokwenza ngokwemfundiso nomgaqo ngokuphathelele kwixesha elizayo, ngokunxulumene anelungelo lokuzikhethela elilungileyo endilunike yena, ukuze wonke umntu abe bnokuziphendulela ngezono ezizezakhe ngemini cyomgwebo.

79 Ke ngoko, akulunganga okokuba nawuphina umntu abe sebukhobokeni omnye komnye.

80 Kwaye ngale njongo ndimise auMgaqo-siseko weli lizwe, ngezandla zamadoda alumkileyo endiwaphakamisele kule njongo kanye, kwaye akhulule umhlaba bngempalalo-gazi.

81 Ngoku, ndiya kubafanisa nantoni abantwana beZiyon? Ndiya kubafanisa anomzekeliso womfazi nomgwebi ongenabulungisa, kuba abantu bamele bukuthandaza rhoqo baze bangatyhafi, oko kukuthi—

82 Kwakukho esixekweni umgwebi owayengoyiki Thixo, engakhathalele mntu.

83 Kwaye kukho umhlolokazi kweso sixeko, waza weza kuye esithi: Ndikhulule kummangaleli wam.

84 Kwaye kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe: Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu, noko ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.

85 Njalo ndiya kufanisa abantwana beZiyon.

86 Mabancekelele ezinyaweni zomgwebi;

87 Kwaye ukuba akabanyamekeli, mabancekelele ezinyaweni zomlawuli;

88 Kwaye ukuba umlawuli akabanyamekeli, mabancekelele ezinyaweni zikamongameli;

89 Kwaye ukuba umongameli akabanyamekeli, ngoko ke iNkosi iya kuvuka ize ngaphambili iphume akwindawo yayo yokuzimela, ize isemsindweni wayo icaphukise isizwe;

90 Kwaye ekungonelisekini kwayo okushushu, nasemsindweni wayo owoyikekayo, ngexesha layo, iya kubasika abo bakhohlakeleyo, abangathembekanga, anamagosa angenabulungisa, ize ibonyulele isabelo phakathi kwabahanahanisi, bnabangakholelwayo;

91 Nkqu ebumnyameni obungaphandle, apho kukho aukulila, nokwenza isijwili, nokutshixiza kwamazinyo.

92 Thandazani, ke ngoko, ukuze iindlebe zabo zibe nokuvulelwa izikhalo zabo, ukuze ndibe anenceba kubo, ukuze ezi zinto zibe nokungezi phezu kwabo.

93 Oko ndikuthethileyo kuni kufanele ukuba njalo, ukuze bonke abantu babe nokushiywa ngaphandle akwesizathu sokuzigwebela;

94 Ukuze amadoda alumkileyo nabalawuli babe nokuva nokwazi oko bangazange abakugqale;

95 Ukuze ndibe nokuqhubeka ukugqithisa isenzo sam, aisenzo sam esingaqhelekanga, ndize ndenze umsebenzi wam, umsebenzi wam ongaqhelekanga, ukuze abantu babe bnokwahlula phakathi kwamalungisa nabakhohlakeleyo, utsho uThixo wenu.

96 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, kuchasene nomyalelo wam nentando yam okokuba isicaka sam uSidney Gilbert abe uya kuthengisa auvimba wam, endiwonyulele abantu bam, ezandleni zeentshaba zam.

97 Ningenzi oko ndikonyulileyo kungcoliswe ziintshaba zam, ngesivumelwano sabo abazibiza ngegama lam;

98 Kuba esi sono esibuhlungu kakhulu nesikhathaza kakhulu ngokuchasene nam, nangokuchasene nabantu bam, ngenxa yezo zinto endizimiseleyo kwaye eziya kuwela izizwe kamsinya.

99 Ke ngoko, yintando yam ukuba abantu bam babange, baze babambe ibango endilonyulele bona, nangona bemele ukungavunyelwa ukuhlala apho.

100 Nangona kunjalo, andithi abayi kuhlala apho; kuba nanjengokuba bezisa ngaphambili isiqhamo nemisebenzi elungele ubukumkani bam baya kuhlala apho.

101 Baya kwakha, kwaye abanye abayi kuwudla ailifa; baya kulima izidiliya, kwaye baya kudla isiqhamo zazo. Nkqu kunjalo. Amen.