Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 10


Icandelo 10

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, kuthekeleleka malunga noAprili we-1829, nangona iziqephu zazinokuba zafunyanwa ngaphambili nje kwehlobo lowe-1828. Apha phakathi iNkosi yazisa uJoseph ezilungelelaniswe ngabantu abakhohlakeleyo emaphepheni oqobo ali-116 asuka kuguqulelo lwencwadi kaLihayi, kwiNcwadi kaMormoni. La maphepha ombhalo-ngqangi ayelahleke elugcinweni lukaMartin Harris, obenikwe amaphepha okwethutyana. (Bona isihloko secandelo 3.) Abenzi bobubi balindela uguqulelo kwakhona olulindelekileyo lomba oqulethwe ngamaphepha alahlekileyo baze ngoko bagxeke umguquleli ngokubonisa iziphoso ezidalwe lulungelelaniso. Kuba le njongo ikhohlakeleyo yayiyilwe ngongendawo kwaye yayisazeka eNkosini kwangethuba uMormoni, umbhali wembali umNifayithi wamandulo, wayesenza isishwankathelo samacwecwe awaqokeleleyo, iboniswe kwiNcwadi kaMormoni (bona AMazwi kaMormoni 1:3–7).

1–26, USathana uvuselela abantu abakhohlakeleyo baphikise umsebenzi weNkosi; 27–33, Ufuna ukutshabalalisa imiphefumlo yabantu; 34–52, Ivangeli imele ukuya kumaLeymenayithi nakuzo zonke izizwe ngeNcwadi kaMormoni; 53–63, INkosi iya kuseka iBandla Layo nevangeli Yayo phakathi kwabantu; 64–70, Iya kuhlanganisela abaguqukayo eBandleni Layo kwaye iya kusindisa abathobekileyo.

1 Ngoku, qaphela, ndithi kuwe, ngenxa yokuba unikezele loo mibhalo onikwe amandla okuwaguqulela ngendlela ayeYurim neTumim, ezandleni zomntu bokhohlakeleyo, uyilahlile.

2 Kwaye kanjalo ulahle isipho sakho ngaxesha nye, kwaye aingqondo yakho ibe mnyama.

3 Nangona kunjalo, ngoku siphinde asabuyiselwa kuwe kwakhona; ke ngoko bona okokuba uthembekile kwaye uqhubekeke kuye ekugqibeni kwentsalela yomsebenzi woguqulelo njengoko ubuqalile.

4 Musa ukubaleka angaphezulu okanye usebenze ngaphezulu bkunamandla akho neendlela ezilungiselelwe ukukunceda ekuguquleni; kodwa yiba cnekuthalo kuye esiphelweni.

5 aThandaza rhoqo, uze uphume ungowoyisileyo; ewe, uze umoyise uSathana, kwaye uze uphuncuke ezandleni zezicaka zikaSathana ezixhasa umsebenzi wakhe.

6 Qaphela, bafune aukukutshabalalisa; ewe, nkqu bumntu obumthembile ufune ukutshabalalisa wena.

7 Kwaye ngale njongo ndithi okokuba ungumntu okhohlakeleyo, kuba ufune ukuhlutha izinto obuzinikiwe; kwaye kanjalo ufune ukutshabalalisa isipho sakho.

8 Kwaye ngenxa yokuba unikezele imibhalo ezandleni zakhe, qaphela, abantu abakhohlakeleyo bayithathile kuwe.

9 Ke ngoko, uyinikezele, ewe, oko bekunyulu, kuye enkohlakalweni.

10 Kwaye, qaphela, auSathana ubeke ezintliziyweni zabo ukuwajika amazwi othe wenza ukuba abhalwe, okanye owaguquleleyo, athe aphuma ezandleni zakho.

11 Kwaye qaphela, ndithi kuwe, kuba ngenxa yokuba bewajikile amazwi, bafunda okuphikisana kokuvela koko ukuguquleleyo waza wakwenza kwabhalwa;

12 Kwaye, ngale ndlela, umtyholi ufuna ukubeka icebo lobuqhetseba, ukuze abe nokutshabalalisa lo msebenzi;

13 Kuba ubeke ezintliziyweni zabo ukwenza oku, okokuba ngokuxoka babenokuthi abakubambile emazwini obuwenze ngathi uyawaguqulela.

14 Inene, ndithi kuwe, okokuba andisayi kuyekela abe uSathana uya kuphumelelisa injongo yakhe embi kule nto.

15 Kuba qaphela, uyibekile ezintliziyweni zabo ukufumana wena uhende iNkosi uThixo wakho, ekuceleni ukuyiguqulela kwakhona.

16 Kuba ngoko, qaphela, bathetha baze bacinge ezintliziyweni zabo—Siya kubona ukuba uThixo umnikile amandla okuguqulela; ukuba kunjalo, uya kanjalo amnike amandla kwakhona;

17 Kwaye ukuba uThixo uyamnika amandla kwakhona, okanye ukuba uyaguqulela kwakhona, okanye, ngamanye amazwi, ukuba uzisa ngaphambili amazwi afanayo, qaphela, sinawo kuthi afana nawo, kwaye siwajikile;

18 Ke ngoko awayi kungqinelana, kwaye siya kuthi uxokile emazwini akhe, nokukuba akanasipho, kwaye akanamandla;

19 Ke ngoko siya kumtshabalalisa, kananjalo nomsebenzi; kwaye siya kwenza oku ukuze singabi nazintloni ekugqibeleni, nokokuze sizuze uzuko lwehlabathi.

20 Inene, inene, ndithi kuwe, okokuba uSathana unolawulo oluthe nkqi ezintliziyweni zabo; auyabaxhokonxela bebugwenxeni ngokuchasene noko kulungileyo;

21 Kwaye iintliziyo zabo azonakele, kwaye zizaliswe byinkohlakalo namasikizi; kwaye cbathanda dubumnyama kunokukhanya, ngenxa yokuba eizenzo zabo zibi; ke ngoko abasayi kucela kum.

22 aUSathana uyabaxhokonxa, okokuba abe bnokukhokelela imiphefumlo yabo entshabalalweni.

23 Kwaye kungoko abeke icebo lobuqhetseba, ecinga ukutshabalalisa umsebenzi kaThixo; kodwa ndiya kufuna oku ezandleni zabo, kwaye kuya kujikela ezintlonini zabo nasekugwetyweni ngomhla awomgwebo.

24 Ewe, uxhokonxela iintliziyo zabo emsindweni ngokuchasene nalo msebenzi.

25 Ewe, uthi kubo: Khohlisani nize nixoke nilalele ukubamba, ukuze nitshabalalise; qaphelani, oku akuyongozi. Kwaye kungoko abakhohlisayo, aze abaxelele ukuba akusiso isono aukuxoka kuba banokubamba umntu ekuxokeni, babe banokumtshabalalisa.

26 Kwaye kungoko ebakhohlisa, kwaye aebakhokela njalo ade arhuqele imiphefumlo yabo ezantsi besihogweni; kwaye kungoko abenza babambisele iziqu zabo ckwisabatha esisesabo.

27 Kwaye kungoko ahamba phezulu naphantsi, angapha nangapha emhlabeni, efuna bukutshabalalisa imiphefumlo yabantu.

28 Inene, inene, ndithi kuwe, yeha kulowo uxokayo aze akhohlise ngenxa yokuba anga engenza okokuba omnye axoke aukukhohlisa, kuba onjalo akasindanga bebulungiseni bukaThixo.

29 Ngoku, qaphela, bawajikile la mazwi, ngenxa yokuba uSathana uthi kubo: Ukukhohlisile—kwaye kungoko ebakhohlisela kude benze ubugwenxa, ukufumana wena auhende iNkosi uThixo wakho.

30 Qaphela, ndithi kuwe, okokuba awusayi kuguqulela ngokuchasene naloo mazwi athe ahamba ngaphambili ephuma ezandleni zakho;

31 Kuba, qaphela, abayi kuphumelela kwinjongo yabo embi ekuxokeni ngokuchasene naloo mazwi. Kuba, qaphela, ukuba uya kuzisa ngaphambili amazwi afanayo baya kuthi ukuba uxokile kwaye wenze ngathi uguqulele, kodwa uphikisene nesiqu sakho.

32 Kwaye, qaphela, baya kukupapasha oku, kwaye uSathana uya kuzenza lukhuni iintliziyo zabantu ukubavuselela emsindweni ngokuchasene nawe, ekubeni bangawakholelwa amazwi am.

33 Kungoko auSathana acinga ukoyisa ubungqina bakho kwesi sizukulwana, okokuba umsebenzi ungabi nakuza ngaphambili kwesi sizukulwana.

34 Kodwa qaphela, nabu ubulumko, kwaye ngenxa yokuba ndikubonisa aubulumko, kwaye ndikunika imiyalelo ngokunxulumene nezi zinto, oko uya kukwenza, ungazibonisi ehlabathini kude kube umsebenzi wokuguqulela uwugqibile.

35 Ungamangaliswa koko ndikuthetha kuwe: Nabu ubulumko, ungazibonisi ehlabathini—kuba ndatsho, ungazibonisi ehlabathini, ukuze ube nokukhuselwa.

36 Qaphela, andithi okokuba akusayi kuzibonisa kwabo balungileyo;

37 Kodwa njengokuba ungenako ukusoloko ugweba aabalungileyo, okanye njengokuba ungenako ukusoloko usahlula abakhohlakeleyo kwabalungileyo, ke ngoko ndithi kuwe, bamba buxolo lwakho ndibe ndiya kubona kulungile ukwenza zonke izinto zaziswe kulo ihlabathi ngokunxulumene nalo nomba.

38 Kwaye ngoku, inene ndithi kuwe, okokuba ingxelo yezoo azinto ozibhalileyo, eziphumele ngaphandle ezandleni zakho, ikrolwe phezu bkwamacwecwe kaNifayi;

39 Ewe, kwaye uyayikhumbula yayixeliwe kuloo mibhalo yokokuba ingxelo engekumbi yezi zinto yanikwa phezu kwamacwecwe kaNifayi.

40 Kwaye ngoku, ngenxa yokuba ingxelo ekrolwe phezu kwamacwecwe kaNifayi ingakumbi ngokunxulumene ngezinto ezo, ebulumkweni bam, ndiya kuzizisa elwazini lwabantu kulengxelo—

41 Ke ngoko, uya kuguqulela imikrolo aesemacwecweni kaNifayi, ukuhla nokokude ufike kulawulo lukakumkani uBhenjamin, okanye ude ufike koko ukuguquleleyo, uthe wakugcuna;

42 Kwaye qaphela, uya kuyipapasha njengembali kaNifayi; kwaye kungoko ndiya kubabhidanisa abo bawajikileyo amazwi am.

43 Andiyi kuyekela ukuba babe baya kutshabalalisa umsebenzi wam; ewe, ndiya kubonisa kubo okokuba ubulumko bam bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi.

44 Qaphela, banenxenye nje kuphela, okanye isishwankathelo sengxelo kaNifayi.

45 Qaphela, kukho izinto zininzi ezikrolwe phezu kwamacwecwe kaNifayi eziphosa iimbono ezinkulu ngakumbi phezu kwevangeli yam; ke ngoko, bubulumko kum okokuba uguqulele le nxenye yokuqala yemikrolo kaNifayi, kwaye uyithumele ngaphambili kulo msebenzi.

46 Kwaye, qaphela, yonke intsalela yalo amsebenzi iqulathe zonke ezoo nxenye bzevangeli yam ezo abaprofeti bam abangcwele, ewe, kananjalo nabafundi bam, cbanqwenela emithandazweni yalo zibe ziza ngaphambili kubo aba bantu.

47 Kwaye ndathi kubo, oko kuya akunikwa kubo ngokunxulumene bnokholo lwabo emithandazweni yabo;

48 Ewe, kwaye oku kwakulukholo lwabo—lokuba ivangeli yam, endiyinike bona okokuba babe nokuyishumayela ngemihla yabo, ibe nokuza kubo abazalwana babo aamaLeymenayithi, kananjalo konke okwaba ngamaLeymenayithi ngenxa yeempikiswano zabo.

49 Ngoku, oku asikuko konke—ukholo lwabo emithandazweni yabo yayilelokuba le vangeli ibe nokwaziswa kanjalo, ukuba bekunokwenzeka okokuba ezinye izizwe zibe zibanga eli lizwe;

50 Kwaye kungoko bashiya intsikelelo phezu kweli lizwe emithandazweni yabo, yokokuba nawuphina oya kukholelwa kule vangeli kweli lizwe abe nobomi obungunaphakade;

51 Ewe, okokuba ibe nokufunyanwa ngokukhululekileyo kubo bonke balo nasiphina isizwe, isalamane, ulwimi, okanye abantu apho banokubakho khona.

52 Kwaye ngoku, qaphela, ngokunxulumene nokholo lwabo emithandazweni yabo ndiya kuzisa le nxenye yevangeli yam elwazini lwabantu bam. Qaphela, andiyiziseli ukuba itshabalalise oko sebekufumene, kodwa ukuyakha.

53 Kwaye ngale njongo endathi: Ukuba esi sizukulwana asizenzi lukhuni iintliziyo zaso, ndiya kuseka ibandla lam phakathi kwaso.

54 Ngoku andikuthethi oku ukutshabalalisa ibandla lam, kodwa ndithetha oku ukwakha ibandla lam;

55 Ke ngoko, nabani na ongowebandla lam akanayo imfuneko ayokoyika, kuba abanjalo baya bkubudla ilifa cubukumkani bezulu.

56 Kodwa ngabo abangandoyikiyo mna, nabangagcini miyalelo yam kodwa bakhele iziqu zabo bamabandla befuna cinzuzo, ewe, nabo bonke abo benza ngokukhohlakeleyo kwaye besakha ubukumkani bukamtyholi—ewe, inene, inene, ndithi kuwe, ukuba ngabo endiya kubaphithikeza, ndize ndibenze bangcangcazele ndize ndinyikimise umbindi.

57 Qaphela, ndinguYesu Krestu, auNyana kaThixo. Ndize kwabangabam, kwaye abangabam abandamkelanga.

58 aNdilukhanyiselo olwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa.

59 Ndinguye lowo wathi—aEzinye bizimvu endinazo ezingezizo ezalo mhlambi—kulo abafundi bam, nakwabaninzi kwabakho abo cbangandiqondanga noko.

60 Kwaye ndiya kubonisa kuba aba bantu okokuba ndinezinye izimvu, nokokuba zazilisebe alendlu kaYakobi;

61 Kwaye ndiya kuzisa ekukhanyeni imisebenzi yabo emangalisayo, abayenzayo egameni lam;

62 Ewe, kwaye ndiya kuzisa kanjalo ekukhanyeni ivangeli yam eyafundiswayo kubo, kwaye, qaphela, abayi kukuphika oko nikufumeneyo, kodwa baya kukwakha, eyinyani aimfundiso yam, ewe, nekuphela kwefundiso ekum.

63 Kwaye oku ndikwenza okokuba ndibe nokuseka ivangeli yam, okokuba kungabikho lukruthakruthanwo lungako; ewe, auSathana uxhokonxela iintliziyo zabantu bkukruthakruthwano olunxulumene namanqaku emfundiso yam; kwaye kwezi zinto bayaphazama, kuba cbayazigqwetha izibhalo kwaye bangaziqondi.

64 Ke ngoko, ndiya kutyhila kubo le mfihlelo inkulu;

65 Kuba, qaphela, ndiya akubahlanganisa njengesikhukukazi sihlanganisa amantshontsho phantsi kwamaphiko aso, ukuba abasayi kuzenza lukhuni iintliziyo zabo;

66 Ewe, ukuba baya kuza, babeyakuxhamla aamanzi obomi ngokukhululekileyo.

67 Qaphela, le yimfundiso yam—nabani na oguqukayo kwaye aesiza kum, onjalo bulibandla lam.

68 Nabani na aobhengeza ngokungakumbi okanye nganeno kunoku, onjalo akanguye owam, kodwa buchasene nam; ke ngoko akanguye owebandla lam.

69 Kwaye ngoku, qaphela, nabani na olibandla lam, kwaye anyamezele okwebandla lam kuye ekugqibeleni, yena uya kusekelwa phezu akolwalwa, bnamasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nabo.

70 Kwaye ngoku, khumbula amazwi akhe lowo ububomi anokukhanya kwehlabathi, uMkhululi wakho, biNkosi yakho noThixo wakho. Amen.