Izibhalo
AMazwi kaMormoni 1


AMazwi kaMormoni

Isahluko 1

UMormoni ushwankathela amacwecwe amakhulu kaNifayi—Ubeka amacwecwe amancinane kunye namanye amacwecwe—UKumkani uBhenjamin umisela uxolo elizweni. Malunga E.K. 385.

1 Kwaye ngoku mna, aMormoni, sele ndiza kunikezela imbali ebendiyenza ezandleni zonyana wam uMoronayi, qaphelani ndizibonile phantse zonke iintshabalalo zabantu bam, amaNifayithi.

2 Kwaye akungamakhulu amaninzi eminyaka emva kokuza kukaKrestu ukuba ndinikezele ezi mbali ezandleni zonyana wam; kwaye ndiyacinga okokuba uya kuyibona yonke iphelele intshabalalo yabantu bam. Kodwa inga uThixo angamnika ukuba aphile kuzo zonke, ukuze abenakho ukubhala into noko malunga noKrestu, ukuze mhlawumbi ngamhla uthile bingaluncedo kubo.

3 Kwaye ngoku, ndithetha nje noko ngokunxulumene noko ndikubhalileyo; kuba emva kokuba ndilwenzile aushwankathelo ukusuka bkumacwecwe kaNifayi, ukuhla ukuya kulawulo lwalo kumkani uBhenjamin, athe wathetha ngaye uAmalekayi, ndiye ndaphengulula phakathi ckweembali ebezinikezelwe ezandleni zam, kwaye ndafumana la macwecwe, aqulethe le ngxelo incinane yabaprofeti, ukusuka kuYakobi ukuya kulawulo lwalo kumkani duBhenjamin, kananjalo namaninzi amazwi kaNifayi.

4 Kwaye izinto eziphezu kwala macwecwe aziyandikholisa, ngenxa yeziprofetho zokuza kukaKrestu; kwaye noobawo besazi okokuba ezininzi zazo zizalisekile; ewe, kananjalo ndiyazi okokuba kangangobuninzi bazo izinto eziprofethiweyo ngokunxulumene nathi ukuhla ukuza kulo mhla ziye zazalisekiswa, nezininzi ezigqithela ngaphaya kwalo mhla kumele ngokuqinisekileyo zenzeke—

5 Ngako oko, ndikhetha aezi zinto, ukuze ndigqibezele imbali yam phezu kwazo, intsalela leyo yembali yam endiya kuyithabatha bkumacwecwe kaNifayi; kwaye andinakho ukubhala cnenye ekhulwini zezinto zabantu bam.

6 Kodwa qaphelani, ndiza kuwathabatha la macwecwe, aqulethe ezi ziprofetho nezityhilelo, ndize ndizibeke nentsalela yembali yam, kuba angakhethekileyo kum; kwaye ndiyazi ukuba aya kuba ngakhethekileyo nakubo abantakwethu.

7 Kwaye ndikwenza oku angenjongo yobulumko; kuba uMoya usebeze njalo kum, ngokwemisebenzi yoMoya weNkosi okum. Kwaye ngoku, andizazi zonke izinto; kodwa iNkosi byazi zonke izinto ezisezayo; ngako oko, usebenza kum ukuze ndenze ngokwentando yakhe.

8 Kwaye aumthandazo wam kuThixo umalunga nabazalwana bam, ukuze baphinde kwakhona beze kulwazi lukaThixo, ewe, inkululeko kaKrestu; ukuze kwakhona babe nokuba ngabantu babathandekayo.

9 Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndiyaqhubeka ukugqibezela imbali yam, endiyithatha kumacwecwe kaNifayi; kwaye ndiyenza ngokolwazi nengqiqo athe uThixo wandipha yona.

10 Ngako oko, kwenzekile okokuba emva kokuba uAmalekayi aewanikezele amacwecwe ezandleni zikakumkani uBhenjamin, wawathabatha ke waza wawabeka kunye bnamanye amacwecwe, awayequlethe iimbali ezaziziswe cngookumkani, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana kwade kwayimihla kakumkani uBhenjamin.

11 Kwaye aziswa ukusuka kukumkani uBhenjamin, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana ada awela aezandleni zam. Kwaye mna, Mormoni, ndithandaza kuThixo ukuba zibe nokulondolozwa ukusuka kweli lixa ukuya phambili. Kwaye ndiyazi okokuba ziya kulondolozwa; kuba kukho izinto ezinkulu ezibhalwe kuwo, ezimalunga nezinto zabantu bam nabazalwana babo abaya bkugwetywa ngazo ngomhla omkhulu nowokugqibela, ngokwelizwi likaThixo elibhaliweyo.

12 Kwaye ngoku, ngokunxulumene nalo kumkani uBhenjamin—waye eneembambano nje noko phakathi kwabakhe abantu.

13 Kwaye kwenzekile kanjalo okokuba imikhosi yamaLeymenayithi yehla iphuma akwilizwe likaNifayi, ukuya kulwa idabi nabantu bakhe. Kodwa qaphelani, ukumkani uBhenjamin wahlanganisa kunye imikhosi yakhe, kwaye waye waxhathisa ngokuchasene nawo; kwaye walwa ngokomelela kwengalo yakhe, bngekrele likaLabhan.

14 Kwaye emandleni eNkosi baye babambana ngokuchasene neentshaba zabo, bade babulala amaninzi amawaka amaLeymenayithi. Kwaye kwenzekile okokuba baye babambana ngokuchasene namaLeymenayithi bada bawaqhubela ngaphandle kwawo onke amazwe elifa labo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba bekukho aooKrestu bobuxoki, kwaye nemilomo yabo ivaliwe, kwaye bohlwaywa ngokunxulumene namatyala abo;

16 Kwaye emva kokuba bekukho abaprofeti bobuxoki, nabashumayeli bobuxoki nootitshala phakathi kwabantu, kwaye bonke aba bohlwayiwe ngokunxulumene nolwaphulo mthetho lwabo; kwaye emva kokuba bekukho iimbambano ezininzi neempikiswano ezininzi bawela kumaLeymenayithi, qaphelani, kwenzekile okokuba ukumkani uBhenjamin, ngokuncediswa angabaprofeti abangcwele ababekho phakathi kwabantu bakhe—

17 Kuba qaphelani, ukumkani uBhenjamin awayeyindoda engcwele, kwaye walawula phezu kwabantu bakhe ngobulungisa; kwaye kwakukho amadoda amaninzi awayengcwele elizweni, kwaye alithetha ilizwi likaThixo bngamandla nangegunya; kwaye basebenzisa cubukhali ngenxa yobuntamo lukhuni babantu—

18 Ngako oko, ngoncedo lwaba, ukumkani uBhenjamin, ngokusebenza ngawo onke amandlakazi omzimba wakhe kwaye namandla engqondo omphefumlo wakhe wonke, nabaprofeti kanjalo, waphinda kwakhona wamisela uxolo elizweni.