Izibhalo
Mozaya 3


Isahluko 3

Ukumkani uBhenjamin uyaqhubeka nentetho yakhe—INkosi enaMandla Onke iya kukhonza phakathi kwabantu ikumnquba womdongwe—Igazi liya kuphuma kuzo zonke iintunja njengokuba ehlawulela izono zehlabathi—Yena ukukuphela kwegama elinokuza ngalo usindiso—Abantu banako ukumlahla umntu wemvelo baze babe ngabangcwele ngendlela yeNtlawulelo—Intuthumbo yabakhohlakeleyo iya kuba njengedike lomlilo nesalfure. Malunga 124 P.K.

1 Kwaye kwakhona bazalwana bam, ndinga ndingamema ingqalelo yenu, kuba ndinento nje engakumbi emandiyithethe nani; kuba qaphelani, ndinezinto emandizithethe nani ezinxulumene noko kuzayo.

2 Kwaye izinto ezo endiza kuzithetha kuni zazisiwe kum ayingelosi evela kuThixo. Kwaye yathi kum: Vuka; ndaza ndavuka, kwaye ndayibona imi phambi kwam.

3 Kwaye yathi kum: Vuka, uze uve amazwi endiza kukuxelela wona; kuba qaphela, ndize ukuza kuvakalisa kuwe aiindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu.

4 Kuba iNkosi iyivile imithandazo yakho, kwaye ibugwebile ubulungisa bakho, kwaye indithumele ukuba ndivakalise kuwe ukuze ube nokugcoba; kwaye nokokuba ube nokuvakalisa kubo abantu bakho, ukuze nabo kanjalo bazale luvuyo.

5 Kuba qaphelani, ilixa liyeza, kwaye alimgama mde, kuba ngamandla, aiNkosi enaMandla Onke elawulayo, eyayikho, kwaye ekhoyo ukususela kunaphakade wonke ukuya kunaphakade wonke, uya kwehla evela ezulwini eze phakathi kwabantwana babantu, kwaye uya kuhlala bkumnquba womdongwe, kwaye uya kuya phambili phakathi kwabantu, esenza cimimangaliso emikhulu, enje ngokuphilisa imilwelwe, ukuvusa abafileyo, ukwenza iziqhwala zihambe, abazimfama bafumane ukubona, kwaye nezithulu zive, kwaye enyanga zonke iintlobo zezifo.

6 Kwaye uya kukhupha aoomtyholi, okanye oomoya abangcolileyo abahlala ezintliziyweni zabantwana babantu.

7 Kwaye yabonani, uya kunyamezela aizihendo, neentlungu zomzimba, bnendlala, nokunxanwa, nokudinwa, nangaphezulu kunokuba umntu anganako cukunyamezela, ngaphandle kokufa; kuba qaphelani, digazi liya kuphuma kuzo zonke iintunja, kuya kuba kukhulu eukudandatheka kwakhe ngenxa yenkohlakalo namasikizi abantu bakhe.

8 Kwaye uya kubizwa ngokuba anguYesu Krestu, buNyana kaThixo, cuYise wezulu nomhlaba, uMdali wazo zonke izinto ukususela ekuqalekeni; kwaye dunina uya kubizwa ngegama eelinguMariya.

9 Kwaye yabonani, uza kubo abakhe, ukuze ausindiso lufike kubo abantwana babantu kwa nangalo bukholo egameni lakhe; kwaye nasemva kwako konke oku baya kumthatha njengomntu, kwaye baya kuthi cunomtyholi, kwaye baya dkumtyakatya, kwaye baya kumbethelela eemnqamlezweni.

10 Kwaye uya akuvuka bngosuku lwesithathu kwelabafileyo; kwaye qaphelani, umele ukuba caligwebe ihlabathi; kwaye qaphelani, zonke ezi zinto zenzeka ukuze kuwiswe umgwebo wobulungisa phezu kwabantwana babantu.

11 Kuba qaphelani, anegazi lakhe kanjalo blihlawulela izono zabo bathi cbawa ngokona kuka-Adam, abathi bafa bengenalwazi ngentando kaThixo ngokunxulumene nabo, okanye dabonayo ngokungazi.

12 Kodwa yeha, yeha kuye lowo waziyo okokuba auvukela uThixo! Kuba usindiso alufiki nakomnye onjalo ngaphandle kokuba kungenguquko nokholo kuyo biNkosi uYesu Krestu.

13 Kwaye iNkosi uThixo ithumele abaprofeti bayo abangcwele phakathi kwabo bonke abantwana babantu, ukuba bazibhengeze ezi zinto kuso sonke isalamane, isizwe, nolwimi, ukuze ngabo nabanina abaya kukholelwa okokuba uKrestu uya kuza, abo banjalo ke banokufumana aukuxolelwa kwezono zabo, kwaye bagcobe ngovuyo olugqithisileyo, kangangokude bkubengathi sele efikile phakathi kwabo.

14 Kanti iNkosi uThixo yabona okokuba aba bantu babengabantu abantamo zilukhuni, yaza yabamisela umthetho, kwanawo aumthetho kaMoses.

15 Kwaye yayibonisa kubo imiqondiso emininzi, nemimangaliso, anemizekelo, kwaye nezithunzi yaye yazibonisa kubo, ngokunxulumene nokuza kwakhe; kwaye nabaprofeti abangcwele kanjalo bathetha nabo ngokunxulumene nokuza kwakhe, kanti kunjalo baziqinisa iintliziyo zabo, kwaye abazange baqonde okokuba bumthetho kaMoses awubenzeli nto ngaphandle kokuba kube kungentlawulelo yegazi lakhe.

16 Kwaye ukuba bekunokwenzeka ukuba aabantwana abancinane babenokwenza isono bebengenako ukuba bangasindiswa; kodwa ndithi kuni bbasikelelekile; kuba qaphelani, njengakuAdam, okanye ngokwemvelo, bayawa, nokuba kunganjalo igazi likaKrestu liya bahlawulela izono zabo.

17 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni, aakusayi kubakho elinye igama elinikiweyo nangayiphina indlela naluhlobo olunokuza ngalo busindiso kubantwana babantu, kuphela kukulo kwaye nangalo igama lika cKrestu, iNkosi enaMandla Onke.

18 Kuba qaphelani uyagweba, kwaye isigwebo sakhe sibubulungisa; kwaye usana alutshabalali olufele ebusaneni balo, kodwa abantu baziselela isigwebo emiphefumlweni yabo ngaphandle kokuba bayazithoba kwaye ababenjengabantwana abancinane, kwaye bakholelwe okokuba usindiso lwabakho, kwaye lukho, kwaye lusaya kuza, kulo nangalo bigazi lentlawulelo likaKrestu, iNkosi enaMandla Onke.

19 Kuba aumntu wemvelo ulutshaba kuThixo, kwaye ebelulo ukusuka bekuweni kuka-Adam, kwaye usaya kubalulo, ngonaphakade kanaphakade, ngaphandle kokuba cazinikele kwiimpembelelo dzoMoya oyiNgcwele, kwaye amkhuphe umntu wemvelo kwaye abe engongcwele ngentlawulelo kaKrestu iNkosi, kwaye abe fnjengomntwana, azinikele, abe nobulali, athobeke, abe nomonde, azale luthando, avume ukuzinikela kuzo zonke izinto iNkosi ebona kumlungele ukuba imhlungise ngazo, nanjengokuba umntwana ezithoba kuyise.

20 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni, ilixa liya kufika xa aulwazi ngoMsindisi luya kusasazeka kuso bsonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu.

21 Kwaye qaphelani, xa elo lixa lifika, akukho namnye oya kufunyanwa aengenatyala phambi koThixo, ngaphandle kwabantwana abancinane, kungenguquko kuphela nokholo kulo igama leNkosi uThixo onaMandla Onke.

22 Kwaye nangalo eli xesha, xa uya kuba ubafundisile abantu bakho ezi zinto ethe iNkosi uThixo wakho yakuyalela zona, nangoko abayi kufunyanwa bengenatyala emehlweni kaThixo, kungokwamazwi endiwathethe kuwe kuphela.

23 Kwaye ngoku ndiwathethile amazwi ethe iNkosi uThixo yandiyalela wona.

24 Kwaye itsho njalo iNkosi: Aya kuma njengobungqina obukhazimlayo ngokuchasene nabo aba bantu, ngomhla womgwebo; ngoko ke baya kugwetywa, umntu ngamnye ngokwemisebenzi yakhe, nokokuba ilungile okanye nokuba mibi.

25 Kwaye ukuba mibi banikelwa akumbono owoyikekayo wetyala namasikizi abo athi abenze barhwaqele ukusuka kubo ubuso beNkosi baye kwimo byenkxwaleko nentuthumbo engenasiphelo, apho bangenako ukuphinda babuye; ke ngoko bawusele umgwebo emiphefumlweni yabo.

26 Ke ngoko, basele kwindebe yengqumbo kaThixo, ubulungisa obo obungasakwazi ukubakhanyela kunokuba bunokukhanyela ukuba auAdam kumele awe ngenxa yokuba etyile kuso bisiqhamo esalelweyo; ke ngoko, cinceba ibingenakho ukuphinda ibe nebango kubo ngonaphakade.

27 Kwaye aintuthumbo yabo inje bngedike lomlilo nesalfure, elimalangatye walo angacimiyo, nomsi walo onyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade. Indiyalele njalo iNkosi. Amen.