Izibhalo
Mozaya 29


Isahluko 29

UMozaya ucebisa ukuba konyulwe abagwebi endaweni yokumkani—Ookumkani abangemalungisa babakhokelela esonweni abantu babo—UAlma omncinane uyonyulwa abe ngumgwebi oyintloko ngelizwi labantu—Ungumbingeleli omkhulu kanjalo phezu kwebandla—UAlma omkhulu noMozaya bayafa. Malunga 92–91 P.K.

1 Ngoku akuba uMozaya ekwenzile oku wathumela kulo lonke ilizwe, phakathi kwabo bonke abantu, enqwenela ukwazi umnqweno wabo malunga nalowo umele ukuba abe ngukumkani wabo.

2 Kwaye kwenzekile okokuba ilizwi labantu lafika, lisithi: Sinqwenela ukuba uAron unyana wakho abe ngukumkani nomlawuli wethu.

3 Ngoku uAron ebehambile wenyukela elizweni likaNifayi, ke ngoko ukumkani akabanga nako ukunikela ubukumkani phezu kwakhe; noAron akavumanga ukubuthabathela phezu kwakhe ubukumkani; bengenamnqweno nabo abanye aoonyana bakaMozaya ukuthabathela phezu kwabo ubukumkani.

4 Ke ngoko ukumkani uMozaya wathumela kwakhona phakathi kwabantu, ewe, kwanalo ilizwi elibhaliweyo walithumela phakathi kwabantu. Kwaye la ngamazwi awayebhaliwe, esithi:

5 Qaphelani, Owu nina bantu bam, okanye bazalwana bam, kuba ndinithatha ngolo hlobo, ndinqwenela ukuba nimele ukusicingisisa isizathu enibizelwe ukusicingisisa—kuba ninqwenela ukuba nibe anokumkani.

6 Ngoku ndiyanazisa okokuba lowo ubukumkani bulilungelo lakhe walile, kwaye akasayi kubuthabathela phezu kwakhe ubukumkani.

7 Kwaye ngoku ukuba kufanele konyulwe omnye endaweni yakhe, qaphelani ndinoloyiko hleze kuvuke iimbambano phakathi kwenu. Kwaye ngubani owaziyo mhlawumbi unyana wam, obulilungelo lakhe ubukumkani, angaguquka abe nomsindo kwaye arhuqele inxenye yaba bantu emva kwakhe, into leyo engabangela iimfazwe neembambano phakathi kwenu, ezingaba ngunobangela wokuphalazwa kwegazi okuninzi kwaye zigqwethe indlela yeNkosi, ewe, kwaye zitshabalalise nemiphefumlo yabantu abaninzi.

8 Ngoku ndithi kuni masilumke kwaye sizicingisise ezi zinto, kuba asinalo ilungelo lokutshabalalisa unyana wam, singakufanelanga nokubanalo ilungelo lokutshabalalisa omnye ukuba unokonyulwa endaweni yakhe.

9 Kwaye ukuba unyana wam angaguqukela kwikratshi lakhe kwakhona nezinto ezililize angazikhumbula izinto awazithethayo, aze awabange amalungelo akhe ebukumkanini, into leyo engambangela okokuba yena naba bantu kanjalo benze izono ezininzi.

10 Kwaye ngoku masibe nobulumko kwaye sihlabe-sikhangele phambili kwezi zinto, kwaye senze oko kuya kuthi kuqinisekise uxolo lwabo aba bantu.

11 Ke ngoko ndiya kuba ngukumkani wenu yonke imihla yam eseleyo; nangona kunjalo, amasonyule babagwebi, ukuba bagwebe aba bantu ngokomthetho wethu; kwaye siza kuyilungelelanisa okutsha imicimbi yaba bantu, kuba siya konyula amadoda anobulumko abe ngabagwebi, abaya kubagweba aba bantu ngokwemiyalelo kaThixo.

12 Ngoku kulungile ukuba umntu agwetywe nguThixo kunokuba agwetywe ngumntu, kuba izigwebo zikaThixo zisoloko zibubulungisa, kodwa izigwebo zomntu azisoloko zibubulungisa.

13 Ke ngoko, ukuba bekunokwenzeka ukuba nibenawo aamadoda anobulungisa abe ngookumkani benu, anokumisa imithetho kaThixo, kwaye abagwebe aba bantu ngokwemiyalelo yakhe, ewe, ukuba beninokuba namadoda abe ngookumkani benu anokwenza nanjengobawo buBhenjamin wenzela aba bantu—Ndithi kuni, ukuba oku bekunokusoloko kunjalo ke bekuya kuba yimfuneko ukuba nisoloko nisiba nookumkani ukuba balawule phezu kwenu.

14 Kwaye nam ngokwam ndisebenze ngawo onke amandla nobuchule ebendinabo, ukunifundisa imiyalelo kaThixo, nokumisela uxolo kulo lonke ilizwe, ukuze kungabikho zimfazwe nazimbambano, kungabikho busela, nakurhwaphiliza, nakubulala, nalo naluphina uhlobo lobugwenxa;

15 Kwaye nabani na owenze ubugwenxa, yena andimohlwayile ngokokwaphula umthelho akwenzileyo, ngokwasemthethweni onikiweyo kuthi ngoobawo bethu.

16 Ngoku ndithi kuni, ngenxa yokuba ingengabo bonke abantu abanobulungisa akuyomfuneko ukuba nibe nokumkani okanye ookumkani ukuba balawule phezu kwenu.

17 Kuba qaphelani, bungakanani aubugwenxa bukumkani omnye okhohlakeleyo athi abubangele ukuba benziwe, ewe, kwaye ingakanani yona ukubankulu intshabalalo ayibangelayo!

18 Ewe, khumbulani ukumkani uNowa, ainkohlakalo yakhe namasikizi akhe, kananjalo nenkohlakalo namasikizi abantu bakhe. Qaphelani engako yona intshabalalo eyathi yafika phezu kwabo; kananjalo kungenxa yobugwenxa babo ukuba baziswa bebukhobokeni.

19 Kwaye ukuba bekungekuko ukungenelela koMdali wabo onabo bonke ubulumko, kwaye oku kungenxa yenguquko yabo enyanisekileyo, ngokungenakuphetshwa ngebabehleli ebukhobokeni kude kube kaloku nje.

20 Kodwa qaphelani, waye wabahlangula ngenxa yokokuba baye abazithoba phambi kwakhe; kwaye nangenxa yokokuba bbakhala ngamandlakazi kuye waye wabahlangula baphuma ebukhobokeni; kwaye iNkosi ithi lisebenzise njalo ngamandla ayo kuzo zonke iimeko phakathi kwabantwana boluntu, isolula ingalo cyenceba kwabo babeka dithemba labo kuyo.

21 Kwaye qaphelani, ngoku ndithi kuni, aningekhe nimhluthe ubukhosi ukumkani ogwenxa ngaphandle kokuba kube kungembambano eninzi, nempalalo-gazi eninzi.

22 Kuba qaphelani, aunabahlobo bakhe kubo ubugwenxa, kwaye ugcina abalindi bakhe ngakuye; kwaye uyayikrazula imithetho yabo abo babelawula ngobulungisa phambi kwakhe; kwaye uyinyhashela phantsi kweenyawo zakhe imiyalelo kaThixo;

23 Kwaye uwisa imithetho, aze ayithumele phambili phakathi kwabantu, ewe, imithetho elandela uhlobo alwenkohlakalo yakhe; kwaye nabanina ongayithobeliyo imithetho yakhe ubabangela ukuba batshatyalaliswe; kwaye nobanina abathi bavukele ngokuchasene naye uthumela imikhosi yakhe ngokuchasene nabo ukuba balwe imfazwe, kwaye ukuba unako uya kubatshabalalisa; kananjalo ukumkani ongenabulungisa uzigqwetha iindlela zabo bonke ubulungisa.

24 Kwaye ngoku qaphelani ndithi kuni, akuyomfuneko ukuba amasikizi anjalo afike phezu kwenu.

25 Ke ngoko, yonyulani ngezwi laba bantu, abagwebi, ukuze nibe nokugwetywa ngokwemithetho enaniyinikwe ngoobawo bethu, echanekileyo, kwaye eyayinikwe bona ngesandla seNkosi.

26 Ngoku akuqhelekanga ukuba ilizwi labantu linqwenele nantonina ephikisana naloo nto ilungileyo; kodwa kuqhelekile ukuba inxalenye embalwa inqwenele loo nto ingalunganga; ke ngoko oku niya kukuqwalasela kwaye nikwenze kube ngumthetho wenu—ukwenza imicimbi yenu ngelizwi labantu.

27 Kwaye aukuba liyafika ilixa lokuba ilizwi labantu likhetha ubugwenxa, ke elo lilixa lokuba izigwebo zikaThixo ziya kufika phezu kwenu, ewe, ke elo lilixa aya kuthi anivelele ngentshabalalo enkulu nanjengokuba phambi koku walivelela eli lizwe.

28 Kwaye ngoku ukuba ninabagwebi, kwaye abanigwebi ngokwasemthethweni othe wabekwa, ningababangela ukuba babe nokugwetywa ngumgwebi oyintloko.

29 Ukuba abagwebi benu abaziintloko abagwebi ngezigwebo zobulungisa, niya kwenza okokuba iqaqobana labagwebi benu abangezantsi bahlanganisane kunye, kwaye baya kubagweba abagwebi benu abaziintloko, ngokwelizwi labantu.

30 Kwaye ndiya niyalela ukuba nizenze ezi zinto ngoloyiko lweNkosi; kwaye ndiniyalela ukuba nizenze ezi zinto, kwaye nokokuba ningabinaye ukumkani; ukuze ukuba aba bantu bathi benza izono nobugwenxa buya kubekwa phezu kweentloko zenu.

31 Kuba qaphelani ndithi kuni, izono zabantu abaninzi zabangelwa bubugwenxa bookumkani babo; ke ngoko ubugwenxa babo bubekwa phezu kweentloko zookumkani babo.

32 Kwaye ngoku ndinqwenela okokuba oku akungalingani kungabe kuphinde kubekho kulo eli lizwe, ingakumbi phakathi kwaba bantu bam; kodwa ndinqwenela ukuba eli lizwe libe lilizwe blenkululeko, kwaye cwonke umntu abe nokunambitha iimfanelo zakhe namalungelo awodwa ngokufanayo, kangangoko iNkosi ibona kufanelekile ukuba sibe nokuphila kwaye silifumane njengelifa eli lizwe, ewe, nakangangokuba nayiphina enye yenzala yethu isala phezu kobuso beli lizwe.

33 Kwaye nezinye ezininzi-ninzi izinto awathi wababhalela zona ukumkani uMozaya, ebatyhilela zonke izilingo neenkathazo zokumkani olilungisa, ewe, yonke imigudu enzima yomphefumlo yabantu babo, kananjalo konke ukumbombozela kwabantu kuye ukumkani wabo; kwaye wakuchaza konke kubo.

34 Kwaye wabaxelela okokuba ezi zinto akufanelekanga ukuba zibekhona; kodwa umthwalo umele ube phezu kwabo bonke abantu, ukuze wonke umntu athwale eyakhe indima.

35 Kananjalo wabatyhilela zonke izithintelo abasebenza phantsi kwazo, ngokuba nokumkani ongelolungisa ukuba alawule phezu kwabo;

36 Ewe, bonke ubugwenxa namasikizi, nazo zonke iimfazwe, neembambano nempalalo-gazi, nobusela, nokurhwaphiliza, nokwenziwa kohenyuzo, kwaye nalo lonke uhlobo lobugwenxa obungena kubalwa—ebaxelela ukuba ezi zinto akufanelekanga ukuba zibekhona, nokokuba zaye zinezothe ngokucacileyo kuyo imiyalelo kaThixo.

37 Kwaye ngoku kwenzekile, emva kokuba ukumkani uMozaya ezithumele phambili phakathi kwabantu baye baqinisekiswa ngobunyaniso bamazwi akhe.

38 Ke ngoko bayincama iminqweno yabo yokumkani, kwaye bakuxhalabela ngokugqithisileyo ukuba wonke umntu ufanele ukuba nethuba elilinganayo kulo lonke ilizwe; ewe, kwaye wonke umntu wabonakalisa ukukuthakazelela ukuphendula ngezono zakhe.

39 Ke ngoko, kwenzekile okokuba bahlanganisana kunye ngamaqela kulo lonke ilizwe, ukuba baphose amazwi abo malunga nokuba ngoobani abafanele ukuba ngabagwebi babo, ukuba babagwebe angokwasemthethweni abathe bawunikwa; kwaye bagcoba ngokugqithisileyo ngenxa byenkululeko ethe bayinikwa.

40 Kwaye baye baba nokomelela eluthandweni kuye uMozaya; ewe, baye bambalela ekubeni ungaphezulu kunayo nayiphina indoda; kuba babengamthathi njengomgonyameli owayefuna inzuzo, ewe, ofuna loo ngeniso ethi yonakalise umphefumlo; kuba akazange abize butyebi kubo, engazange ayivuyele impalalo-gazi; kodwa wathi wamisela auxolo kulo ilizwe, kwaye wabavumela abantu bakhe ukuba bakhululwe kulo lonke uhlobo lobukhoboka; ke ngoko baye bemnika isidima, ewe, ngokugqithisileyo, ngaphaya komlinganiselo.

41 Kwaye kwenzekile okokuba baye bonyula aabagwebi ukuba babalawule, okanye babagwebe ngokwasemthethweni; kwaye oku bakwenza kulo lonke ilizwe.

42 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma wonyulwa ukuba abe ngumgwebi wokuqala oyintloko, yena ke ekubeni ebengumbingeleli omkhulu kanjalo, uyise inguye owaye wanikela umsebenzi phezu kwakhe, kwaye emnike imfanelo malunga nayo yonke imicimbi yebandla.

43 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uAlma waye awahamba ngazo iindlela zeNkosi, waze wayigcina imiyalelo yayo, waye wagweba izigwebo zobulungisa; kwaze kwaqhubeka kukho uxolo kulo lonke ilizwe.

44 Kwaye lwaqhubeka njalo ke ulawulo lwabagwebi kulo lonke ilizwe laseZarahemla, phakathi kwabo bonke abantu ababebizwa ngokuba ngamaNifayithi; kwaye uAlma waye engowokuqala nomkhulu umgwebi.

45 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uyise afe, eminyaka ingamashumi asibhozo anambini iminyaka ubudala, ekubeni ethe waphila eyizalisekisa imiyalelo kaThixo.

46 Kwaye kwenzekile okokuba uMozaya naye wafa kanjalo, kunyaka wamashumi amathathu anesithathu wolawulo lwakhe, aeminyaka ingamashumi amathandathu anesithathu ubudala; isenza iyonke, amakhulu amahlanu anesithoba eminyaka ukususela kwilixa awathi uLihayi walishiya elaseYerusalem.

47 Lwaze lwaphela njalo ke ulawulo lookumkani phezu kwabantu bakaNifayi; kwaye yaphela njalo ke imihla ka-Alma, owaye emngummiseli webandla labo.